IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 95
  • Ukufundisa KukaYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufundisa KukaYesu
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Isifundo Ngokuba Nobubele
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Ummelwane OngumSamariya
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Kuthetha Ukuthini Ukuba “NgumSamariya Olungileyo”?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • UmSamariya Olungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 95
UmSamariya olungileyo ubopha inxeba lomYuda obethiweyo

IBALI 95

Ukufundisa KukaYesu

NGENYE imini uYesu uxelela enye indoda ukuba ithande ummelwane wayo. Le ndoda iyambuza uYesu: ‘Ngubani na ummelwane wam?’ UYesu uyayazi into ecingwa yile ndoda. Icinga ukuba abamelwane bayo ngabantu bohlanga lwayo nonqulo lwayo kuphela. Ngoko masibone okuthethwa nguYesu kuyo.

Ngamaxesha athile uYesu ufundisa ngebali. Wenza loo nto ke ngoku. Ubalisa ibali elingomYuda nomSamariya. Sele sifundile ukuba inkoliso yamaYuda ayiwathandi amaSamariya. Lithi ibali likaYesu:

Ngenye imini kwakukho umYuda owayesihla ngendlela esentabeni esinge eYeriko. Kodwa wahlaselwa ngabaphangi. Bathabatha imali yakhe baza bambetha waphants’ ukufa.

Kamva, kwehla umbingeleli wakwaYuda ngendlela. Wayibona le ndoda yenzakeleyo. Ucinga ukuba wenza ntoni? Wacezela phayaa endleleni wemka. Kweza omnye umntu wonqulo. YayingumLevi. Ngaba wema? Hayi, naye akazange eme ukuze ancede le ndoda yenzakeleyo. Unokubabona umbingeleli kwanomLevi bemgama phayaa besehla ngendlela.

Kodwa khawujonge ukuba ngubani lo ulapha nale ndoda yenzakeleyo. NgumSamariya. Yaye unceda umYuda. Uqaba iyeza emanxebeni akhe. Kamva, usa lo mYuda kwindawo anokuphumla kuyo ade aphile.

Akugqiba ibali lakhe, uYesu uthi kwindoda ebimbuze umbuzo: ‘Ngubani kwaba bathathu ocinga ukuba ngezenzo waba ngummelwane wendoda eyenzakeleyo? Ngaba ngumbingeleli, umLevi okanye umSamariya?’

Indoda iyaphendula: ‘NgumSamariya. Ube nobubele kwindoda eyenzakeleyo.’

UYesu uthi: ‘Unyanisile. Hamba ke ubaphathe ngokunjalo abanye.’

Akuyithandi na indlela afundisa ngayo uYesu? Sinokufunda izinto ezininzi ezibalulekileyo ukuba siyakuphulaphula oko kuthethwa nguYesu eBhayibhileni, uthini wena?

Luka 10:25-37.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share