IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 102
  • UYesu Uvukile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Uvukile
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Uyamkhumbula UNyana Wakhe
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • UYesu Uyaphila!
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • UYesu Uyaphila!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • UYesu Uyaphila!
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 102
Iingelosi ezimbini ezisengcwabeni likaYesu zixelela uMariya ngokuvuka kukaYesu

IBALI 102

UYesu Uvukile

UYALAZI na eli bhinqa nala madoda mabini? Eli bhinqa nguMariya Magadala, umhlobo kaYesu. Yaye amadoda anxibe ezimhlophe ziingelosi. Eli gunjana akrobe kulo uMariya yindawo owawubekwe kuyo umzimba kaYesu emva kokufa kwakhe. Kuthiwa lingcwaba. Kodwa ngoku umzimba awukho! Uthathwe ngubani? Masibone.

Emva kokufa kukaYesu, ababingeleli bathi kuPilato: ‘Xa uYesu wayesaphila wathi uya kuvuswa emva kweentsuku ezintathu. Khupha umyalelo wokuba ingcwaba linqatyiswe. Ngoko abafundi bakhe abanakuwuba umzimba wakhe baze bathi uvusiwe kwabafileyo!’ UPilato uxelela ababingeleli ukuba bathumele amajoni ukuba aligcine linqabisekile ingcwaba.

Kodwa kwakusasa ngosuku lwesithathu emva kokufa kukaYesu ngequbuliso kufika ingelosi kaYehova. Iyaliqengqa ilitye ilisuse engcwabeni. Amajoni oyika gqitha kangangokuba awakwazi nokushukuma. Ekugqibeleni xa ekhangela engcwabeni, umzimba awukho! Amanye ala majoni aya esixekweni aze axelele ababingeleli. Ngaba uyazi ukuba benza ntoni aba babingeleli bangendawo? Bahlawula amajoni ukuba axoke. Bathi kumajoni: ‘Yithini abafundi bakhe bafike ngobusuku silele, bawuba umzimba.’

Ngeli xesha, amabhinqa athile angabahlobo bakaYesu eza engcwabeni. Othuka gqitha akulifumana lize! Ngequbuliso kubonakala iingelosi ezimbini zinxibe impahla eqaqambileyo. Zithi kula mabhinqa: ‘Kutheni nimkhangela apha nje uYesu? Uvusiwe. Khawulezani niye kuxelela abafundi bakhe.’ Hayi indlela abaleka ngayo la mabhinqa! Kodwa endleleni amiswa yindoda ethile. Ngaba uyazi ukuba ingubani? NguYesu! Uthi: ‘Hambani niye kuxelela abafundi bam.’

Xa la mabhinqa exelela abafundi ukuba uYesu uvukile, nokuba ambonile, abafundi bakufumanisa kunzima ukukukholelwa oku. UPetros noYohane babaleka baye engcwabeni ukuze bazibonele ngokwabo, kodwa ingcwaba lize! Xa uPetros noYohane behamba, uMariya Magadala ushiyeka ngasemva. Elo lixesha akroba ngalo aze abone iingelosi ezimbini.

Uyazi na ukuba kwakwenzeke ntoni kumzimba kaYesu? UThixo wawenza wathi shwaka. UThixo akazange amvuse uYesu enomzimba wenyama awayefe enawo. Wamnika umzimba omtsha womoya, ofana nalowo zinawo iingelosi zasezulwini. Kodwa ukubonisa abafundi bakhe ukuba uvukile, uYesu wambatha umzimba onokubonwa ngabantu, njengokuba siza kufunda.

Mateyu 27:62-66; 28:1-15; Luka 24:1-12; Yohane 20:1-12.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share