IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 111
  • Inkwenkwe Eyalalayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inkwenkwe Eyalalayo
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Kunini Apho Sifanele Siphaphe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Ndimsulwa Egazini Labantu Bonke”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UTimoti—Umncedisi Omtsha KaPawulos
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 111
UYutiko ufile

IBALI 111

Inkwenkwe Eyalalayo

KWOWU! Kwenzeka ntoni apha? Ngaba laa nkwenkwe ilele emhlabeni yenzakele kakhulu? Khangela! omnye wabantu abaphuma endlwini nguPawulos! Uyambona na yena uTimoti phayaa? Ngaba inkwenkwe iwe ngefestile?

Ewe, kwenzeke loo nto kanye. UPawulos wayenikela intetho kubafundi apha eTrowa. Wayesazi ukuba akanakubuya ababone kangangexesha elide kuba kwakufuneka ahambe ngenqanawa ngengomso. Ngoko waqhubeka ethetha de kwasezinzulwini zobusuku.

Le nkwenkwe igama linguYutiko yayihleli efestileni, yaza yalala. Yawela ngaphandle kwefestile, imigangatho emithathu ukuya emhlabeni ezantsi! Ngoko unokusibona isizathu sokuba abantu bekhangeleka bekhathazeke kangaka. Xa abantu bephakamisa inkwenkwe, kwenzeke kanye oko bebekoyikela. Ifile!

Xa uPawulos ebona ukuba inkwenkwe ifile, ulala phezu kwayo eyibambile. Uthi: ‘Ningakhathazeki. Iphilile!’ Yaye kunjalo! Ngummangaliso! UPawulos uyibuyisele ebomini! Kubakho uvuyo ebantwini.

Bonke baya egumbini eliphezulu kwakhona baze bafumane isidlo. UPawulos uyaqhubeka ethetha de kuse. Kodwa ngokuqinisekileyo uYutiko akaphindanga alale! Emva koko uPawulos, uTimoti nabo babehamba nabo bangena enqanaweni. Uyazi na ukuba bayaphi?

UPawulos noTimoti babona uYutiko efile

UPawulos ugqibezela uhambo lwakhe lwesithathu lokushumayela, yaye usendleleni esinge ekhaya. Kolu hambo wahlala iminyaka emithathu kwisixeko sase-Efese kuphela. Ngoko olu hambo lude ngakumbi kunolo lwesibini.

Emva kokushiya iTrowa, inqanawa imisa eMileto okwethutyana. Ekubeni iEfese iziikhilomitha ezimbalwa nje ukusuka apho, uPawulos uthi makubizwe amadoda amakhulu ebandla eze eMileto ukuze athethe nawo okokugqibela. Kamva, ngexesha lokumka kwenqanawa, hayi indlela abalusizi ngayo ukubona uPawulos ehamba!

Ekugqibeleni inqanawa ibuyela eKesareya. Ngoxa uPawulos ehlala apha endlwini yomfundi uFilipu, umprofeti uAgabho ulumkisa uPawulos. Uthi uPawulos uza kwenziwa ibanjwa ekufikeni kwakhe eYerusalem. Yaye ngokwenene, kwenzeka kanye ngolo hlobo. Ngoko ke, emva kokuvalelwa entolongweni iminyaka emibini eKesareya, uPawulos uthunyelwa eRoma ukuze kuthethwe ityala lakhe phambi komlawuli waseRoma uKesare. Masibone okwenzekayo kuhambo oluya eRoma.

IZenzo isahluko 19 ukusa kwesama-26.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share