INgoma 98
Ukulwela Ukholo
(Yuda 3)
1. Njengokutsho kwakh’ uYesu,
Umhlab’ unob’ngendawo.
Bonk’ abantu kulo mhlaba
Baphelelwe lukholo.
Ngoko ke masilumele
Ukhol’ olwafunyanwa
Lelo bandla lamaKristu
Elathi lakholelwa.
2. Singawiswa nguSathana,
Silushiye ukholo;
Ngokufunda nok’thandaza
S’bambelele nkqi kulo.
Silwe ngokuqinileyo
Singaze soyikiswe,
Thina sakomelezana
Ze sizingise sonke.
3. Masisebenzis’ inkonzo
Silulwele ukholo.
Zesinikel’ ubungqina
De iphele le nkqubo.
Ngok’thethela uYehova
Bophel’ ubungendawo,
Kodwa thina sosindela
Kulawulo lob’thixo.