Chapter 10
“Abayi Kuba Salamba”
1. Abantu behlabathi bakuxhalabele kangakanani ukutya?
ENYE yezona ngxaki ziphambili ezijongene nehlabathi namhlanje kukuxhalatyelwa kokudla. Amaxabiso aphakamileyo abangela ubunzima kwabaninzi. Abanye bajongene nendlala yokwenene. Kutshanje kwanikelwa ingxelo yokuba nyaka ngamnye abantu abangama-40 ezigidi—kweminye iminyaka babe baninzi kangangama-50 ezigidi—bafa ngenxa yokuba abanako ukutya abakufunayo. Inani eliliphinda kalishumi elo lithwaxwa kukungondleki okuqatha. Nangona amanye amazwe evelisa okuninzi ngakumbi kunoko anokukutya, usukuzwano olwenzeka kwezobupolitika nokubawa kwabezoqoqosho kudla ngokuthintela imigudu yokwenza ukutya okushiyekileyo kufumaneke kwabo bakufuna ngokugqithiseleyo.—Thelekisa ISityhilelo 6:5, 6.
2. Kutheni abantu kwanakumazwe apho kukho intabalala yokutya benesizathu sokuxhalaba?
2 Kwanamazwe abonakala enentabalala ajongene nekamva eliphazamisayo. Kutheni? Iindlela ezikhoyo zokulima zidla ngokuxhomekeka kwipetroli, ibe ukutya kwehlabathi kulinganiselwe. Ukuxhomekeka kakhulu kwimigquba ethengwayo konakalisa amanzi abo. Ukusetyenziswa ngokugqithiseleyo kwamachiza okubulala izinambuzane ezitshabalalisa ukutya, machiza lawo angowokulondoloza ukutya, kwakhona kutshabalalisa izinto imveliso yexesha elizayo yomhlaba exhomekeke kuzo. Phantse kuwo onke amabakala emizabalazo yabantu, iingxaki ezinzulu ziyaqhubeka zisanda. UAurelio Peccei, umongameli wengqungquthela yeengcaphephe zezizwe ngezizwe, eli hlabathi walifanisa “nembumbulu ebetheka apha iphumele phayaa njengokuba lisuka kwenye intlekele lisiya kwenye.” Ngaba kuyinto yokwenene ngobani ukuba nethemba ngekamva kwihlabathi elinengxelo elolo hlobo?—Yeremiya 10:23; IMizekeliso 14:12.
3. Ngubani okwaziyo ukuqinisekisa intabalala yokutya okunokusetyenziswa luluntu lonke, yaye yintoni ekunika loo ntembelo?
3 Ngokusengqiqweni, izigidi zabantu zikuvumile ukufuna kwazo uncedo olunokunikelwa nguThixo kuphela. Ekubeni zisihlolisisile isiprofeto seBhayibhile, ziyazi ukuba uYehova uThixo sele embekile etroneni uNyana wakhe wasezulwini onguYesu Kristu yaye umnike wonke umhlaba. (INdumiso 2:7, 8) Unobulumko namandla okuqinisekisa ukuba lonke uluntu luya kuthi ngobubele lunikwe into eveliswa ngumhlaba. (INdumiso 72:7, 8, 16; Kolose 1:15-17) Xa inkqubo ekhoyo eyonakeleyo nezingcayo isusiwe, uKristu uya kuyalathisa imigudu yabasindi abangabantu ukuze wonke umhlaba ube yiParadisi echumileyo.
4. Ukuze singenelwe kuloo malungiselelo okwenyama, simele senze ntoni ngoku?
4 Noko ke, abaya kungenelwa ngonaphakade kulawulo lwakhe, ngabo baqondayo ukuba umntu akaphili ngasonka sodwa, abantu abayixabisayo imilinganiselo yokomoya nemfuneko ebalulekileyo yokuzuza amandla ngokufunda nokwenza ukuthanda kukaThixo. Ngokuphindaphindiweyo iBhayibhile ibalaselisa ukubaluleka koku. (Yohane 4:34; 6:27; Yeremiya 15:16) UYesu wakugxininisa oku xa wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” (Mateyu 4:4) Ukutya okukokomoya ngolo hlobo sikufuna ngoku, ukuba siza kusinda kwisiphelo sehlabathi elikhoyo. Indlela esinokukufumana ngayo siyicaciselwe kwingxelo yeBhayibhile engoYosefu nabazalwana bakhe.
“YIYANI KUYOSEFU”
5. Kwenzeka njani ukuba uYosefu abe likhoboka eYiputa?
5 UThixo wabonisa uYosefu, umzukulwana ka-Abraham, amaphupha abonisa ukuba uYosefu wayeza kuba nendima ebalulekileyo ebomini. Ngenxa yoku, kwanangenxa yesibakala sokuba wayethandwa ngokukhethekileyo nguyise, abazalwana bakaYosefu abalishumi babemthiyile. Benza iyelenqe lokumbulala kodwa ekugqibeleni bamthengisa njengekhoboka, waza wasiwa eYiputa. Injongo kaThixo engoYosefu yayiza kuphunyezwa njani ngoku?—Genesis 37:3-11, 28.
6. (a) Ingqalelo kaFaro yalathiselwa njani kuYosefu? (b) Ayesithini amaphupha aphazamisa uFaro?
6 Xa uYosefu wayekubudala beminyaka engama-30, uYehova wabangela uFaro, umlawuli waseYiputa, ukuba afumane amaphupha amabini awathi amkhathaza. Kwelokuqala wabona amathokazi asixhenxe “amahle, etyebile,” kwakhona wabona amanye asixhenxe “emabi, enqinile.” Amathokazi anqinileyo adla atyebileyo. Kwelinye iphupha uFaro wabona izikhwebu ezisixhenxe ziphuma kwisithombo esinye, “zityebile, zilungile,” kwanezinye izikhwebu ezisixhenxe “ezingcakacileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga.” Kwakhona, ezingcakacileyo zadla ezityebileyo. Kwakuthetha ntoni konke oku? Akakho kumadoda aseYiputa ayezizilumko owakwaziyo ukuwacacisa la maphupha. Kodwa umphathi wabangcamli kuFaro wakhumbula ukuba, xa wayesentolongweni, umbanjwa onguwabo, uYosefu, wayewacacise ngokuchanileyo amaphupha. Ngokukhawuleza uFaro wabiza uYosefu.—Genesis 41:1-15.
7. (a) Kwenzeka njani ukuba uYosefu abe ngumongameli wokutya eYiputa? (b) Xa indlala yathi yaba qatha, enza ntoni amaYiputa ukuze ahlale ephila?
7 Engazisi luzuko kuye, uYosefu wathi kuFaro: “Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.” (Genesis 41:16, 25) UYosefu wacacisa ukuba iphupha lesibini lalithetha into enye nelokuqala yaye lalibethelela ukuqiniseka kwalo. Iminyaka esixhenxe yentlutha eYiputa yayiza kulandelwa yesixhenxe yendlala. Wacebisa uFaro ukuba abeke indoda efanelekileyo yokugcina ukutya ebudeni beminyaka yentlutha ukuze kulungiselelwe indlala. Eqonda ukuba uThixo ngokucacileyo konke oku wayekutyhile kuYosefu, uFaro wamisela uYosefu njengomlawuli wokudla, emnika igunya eYiputa elilelesibini kuphela kwelo likaFaro ngokwakhe. Kanye njengokuba kwaprofetwayo, yafika iminyaka esixhenxe yentlutha engaqhelekanga, waza uYosefu wagcina izixa ezikhulu zokutya. Emva koko indlala eyaxelwa kwangaphambili yalintlitha ngamandla elo lizwe. Xa abantu beza kuFaro becela isonka, waphendula ngelithi: “Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze.” Ngoko uYosefu wabathengisela ukutya—okokuqala bakuhlawulela ngemali, kamva bakuhlawulela ngemfuyo yabo, kwaza ekugqibeleni bakuhlawulela ngeziqu zabo nangomhlaba wabo. Ukuze baqhubeke bephila, kwakufuneka bazinikele ngokupheleleyo emsebenzini kaFaro.—Genesis 41:26-49, 53-56; 47:13-26.
8. (a) Ukuze bafumane ukutya okwakufuneka, kwakufuneka benze ntoni abazalwana bakaYosefu? (b) Kutheni ingxelo yoku iye yalondolozwa nje?
8 Le ndlala yakwachaphazela namazwe awayengqonge iYiputa. Ekugqibeleni abazalwana bakaYosefu behla bevela kwelakwaKanan. Kwakusele kudlule iminyaka engama-20 ukususela ukuba bamthengisela ebukhobokeni, ibe babengamqondi. Baqubuda phambi kwakhe, njengokuba amaphupha kaYosefu akuxela kwakude kudala oko, baza bacela ukufumana ukutya. (Genesis 37:6, 7; 42:5-7) Ngobuchule uYosefu wababeka eluvavanyweni waza wabona ubungqina obeyisayo bokuba isimo sabo sengqondo kuye nakuyise ngokwenene sasiguqukile. Ekugqibeleni wazichaza waza wacacisa ukuba ngokwenene uThixo wayemthumele eYiputa ngaphambi kwabo ukuze ‘kusindiswe abantu.’ Ngokuyalelwa nguye, uyise nentsapho yakowabo bamfudusela eYiputa. (Genesis 45:1-11) Konke oku kwabhalelwa ukuze kungenelwe thina, ibe intsingiselo yako yesiprofeto iquka iziganeko kumhla wethu.—Roma 15:4.
UKUPHELISWA KWENDLALA YETHU NONXANO LWETHU NGOKU
9. (a) Uyintoni unobangela wendlala yokomoya ehlabathini namhlanje? (b) Kutheni oku kungomnye woonobangela abasisiseko beengxaki zoluntu?
9 Omnye woonobangela abasisiseko beengxaki zoluntu yindlala yokomoya. Ngenxa yokuba lumshiyile uYehova, akalubabali ngokwazi iLizwi lakhe, yaye, ngenxa yoko, ‘luyalamba kungekuko ukulambela isonka, kungekuko nokunxanelwa amanzi; koko kukulambela ukuva amazwi kaYehova.’ (Amos 8:11) Abantu abathwaxwa yindlala yokomoya bayaphuthaphutha befuna iimpendulo kwimibuzo ebalulekileyo enjengale: Iyintoni intsingiselo yobomi? Kutheni abantu besifa? Ngaba likho ithemba lokwenene lekamva? Bephambene yindlala yokomoya, abantu abanjalo badla ngokuzenzakalisa bona nabanye njengokuba bebandakanyeka kwihambo yokuziphatha okubi yokwaphula umthetho ukuze banelise iminqweno yabo.
10. (a) Ngokuzalisekisa uIsaya 65:13, 14, yiyiphi imeko ekhoyo phakathi kwabakhonzi bakaYehova? (b) Anini amathuba endlala yokomoya nawokutya kokomoya okuyintabalala?
10 Ngokuchasene noku, uYehova unikele ukutya kokomoya okuyintabalala kubakhonzi bakhe abanyanisekileyo, nothando lokwenyaniso lukho phakathi kwabo. Uye wababangela ukuba baqonde iinyaniso ezanelisayo zokomoya eziseLizwini eliphefumlelwe nguye yaye ubanike umsebenzi abamele bawenze njengamangqina akhe. Ngovuyo ezi nyaniso babelana ngazo nabanye abalambileyo ngokomoya nabafuna ubomi obunolwalamano noThixo. (Isaya 65:13, 14; Luka 6:21) Emva phayaa kwiYiputa yamandulo iminyaka esixhenxe yendlala yalandela esixhenxe yentlutha. Kodwa kumhla wethu indlala yokomoya nentlutha yokomoya zikho ngexesha elinye.
11. (a) Ngoobani abafanekiselwa nguFaro noYosefu, yaye kutheni kunjalo nje? (b) Ikhondo elithatyathwa ‘sisihlwele esikhulu’ lifana njani nelo lathatyathwa ngamaYiputa ayentlithwe yindlala?
11 Namhlanje asingoFaro ongukumkani. UYehova uThixo, uFaro Omkhulu, unguMongami Wendalo Iphela. Unike uYesu Kristu igunya elilelesibini kuphela kwelakhe. NjengoYosefu Omkhulu, uYesu unikwe imbopheleleko nguYehova yokwaba ukutya kokomoya okuphilisayo. Iintanda-bulumko zonqulo nezehlabathi zilushiye uluntu luthwaxwa yindlala yokomoya ethuthumbisayo. Kuphela kungokuphethukela kuYesu Kristu nangokuzuza ukutya okungokomoya ngendlela ayimiseleyo abanokuthi bancedakale ngayo. Izigidi zabantu, ezafanekiselwa ngamaYiputa awayethwaxwe yindlala, zenza oko. NgoYesu Kristu zizahlulela ngokupheleleyo kuYehova yaye zizahlulela ngonaphakade, ibe ngaloo ndlela ziqukiwe kwisihlwele esikhulu esiza kuba ngabasindi bemini ezayo yengqumbo yobuthixo.
12. (a) UYesu ezulwini ukwenza njani ukutya kokomoya kufumaneke kuthi apha emhlabeni? (b) Yintoni ekweyiselayo ngokubhekisele ekufaniseni ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’?
12 Kodwa uYesu usezulwini. Ukunikela njani ukutya kokomoya ukuze singenelwe apha emhlabeni? Waxela kwangaphambili ukuba wayeza kwenjenjalo ‘ngomkhonzi wakhe othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47) Lo ‘ngumkhonzi’ oyintlanganisela, obunjwe libandla lakhe labathanjiswe ngomoya ngoxa besesemhlabeni. (Thelekisa uIsaya 43:10.) Intsalela yaba isesemhlabeni. Eli bandla lamaKristu okwenyaniso liqondakala ngokulula ngokuthelekisa iimfundiso noqheliselo lwalo neBhayibhile. Ngokwenyaniso lifundisa oko kwayalelwa nguYesu. Ngoko ke alibandakanyeki kwimicimbi yobupolitika yehlabathi, kodwa onke amalungu alo angabavakalisi basekuhleni boBukumkani bukaThixo. Akahlukananga aba ngamahlelo eNgqobhoko. Amanyene, njengokuba uYesu wathi ayeya kuba njalo—onke angamaNgqina kaYehova exelisa iNkosi yawo. (Bona uYohane 17:16, 20, 21; Mateyu 24:14; 28:19, 20; ISityhilelo 1:5.) Anandipha ukutya okuninzi kokomoya yaye akulangazelela gqitha ukwabelana ngako nabanye.
13. (a) Abantu abaninzi bazibonise ngayiphi indlela befana nabazalwana bakaYosefu abalishumi? (b) Thina sonke sinokungenelwa njani kukutya kokomoya okulungiselelwa nguKristu ngodidi ‘lomkhonzi’?
13 Abantu abaninzi bawagxekile la maKristu athanjisiweyo, besithi: ‘Nicing’ ukuba nibhetele kunathi? Nicinga ukuba nini kuphela abachanileyo?’ Kodwa ekuhambeni kwexesha bambi ngokuthobekileyo bayavuma ukuba uYehova ngokwenyaniso unawo amangqina emhlabeni nokuba ngokwenene ayalivakalisa ilizwi Lakhe. Baye baqonda ukuba iBhayibhile ibonisa ukuba kwakuya kubakho ibandla elinye kuphela lamaKristu okwenyaniso nokuba amalungu alo ayeya kumanyana. (Efese 4:5; Roma 12:5) Ukuhlolisisa izibakala ngokunyanisekileyo nangokuthobekileyo kubakhokelele kuloo ntlangano. Abazalwana bakaYosefu abalishumi bafanekisela kwangaphambili abantu abanjalo, abathi ngaphambili batshutshisa abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo okanye abathi baxhasa ngokupheleleyo abatshutshisi abanjalo kodwa ngoku bebonakalisa inguqulelo yokwenyaniso yentliziyo. (Yohane 13:20) Bakwamkela ngombulelo ukudla kokomoya okulungiselelwe nguYesu Kristu ngodidi lwakhe ‘lomkhonzi othembekileyo.’ Bafumana amandla okomoya njengokuba bezondla ngeenyaniso zeBhayibhile ezixutyushwa kwiimpapasho zeWatch Tower, ngokuthe rhoqo babakho kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova baze ngokukhutheleyo babe nesabelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngaba ungomnye waba bathobekileyo?—Hebhere 10:23-25; thelekisa uYohane 4:34.
14. Ziziphi iimeko zokomoya ezinanditshwa ngabo baphila ngokuvisisana nemigaqo abayifunde kweli bali leBhayibhile?
14 Uhlaziyeko olonwabisayo lunanditshwa ngabo bonke abathi ngaloo ndlela ngokunothando benze ubomi babo bulawulwe nguMdali wabo ngoYesu Kristu. Ngokomoya, “abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; . . . ngokuba iMvana [uYesu Kristu] esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi.”—ISityhilelo 7:16, 17; Isaya 25:6-9.