Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi
Xa uYesu wayesemhlabeni, waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani bukaThixo: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Kwakhona wayesoloko ethetha ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 4:23) Enyanisweni, wathetha okungakumbi ngoBukumkani kunokuba wathethayo ngayo nayiphi na enye into. Ngoba? Kungenxa yokuba uBukumkani busisixhobo uThixo aya kusisebenzisa ukucombulula iingxaki ezenza ubomi bube nzima kangaka namhla. NgoBukumkani, uThixo kungekudala uya kuphelisa iimfazwe, indlala, izifo, nolwaphulo-mthetho, ibe uya kuzisa umanyano noxolo.
Ubungakuthanda na ukuphila kwihlabathi elinjengelo? Ukuba ubungathanda, ngoko umele uyifunde le ncwadana inemifanekiso. Kuyo, uya kufunda ukuba uBukumkani bungurhulumente, kodwa bulunge ngakumbi kunaye nawuphi na urhulumente owakha walawula uluntu. Kwakhona uza kubona indlela echwayitisayo awathi uThixo ngokuthe ngcembe wacacisa ngayo iinjongo zakhe kubakhonzi bakhe ngoBukumkani. Ukongezelela, uza kubona indlela uBukumkani obunokukunceda ngayo kwananamhla.
Enyanisweni, unokuba ngumlawulwa woBukumkani bukaThixo kwanangoku. Kodwa ngaphambi kokuba ukhethe ukwenza oku, kuya kufuneka wazi okungakumbi ngabo. Ngoko siyakukhuthaza ukuba uhlolisise le ncwadana inemifanekiso. Yonke into eza kukuxelela yona ngoBukumkani iphuma eBhayibhileni.
Okokuqala, masibone isizathu sokuba sibufune ngolu hlobo uBukumkani bukaThixo.
Ekuqalekeni kwembali yabantu, uThixo wenza umntu wafezeka waza wambeka eparadisi. Ngelo xesha uBukumkani babungafuneki.
Noko ke, uAdam noEva, abazali bethu bokuqala, baphulaphula uSathana, isithunywa sezulu esinemvukelo. Wabaxelela ubuxoki ngoThixo waza wababangela ukuba nabo bamvukele uThixo. Ngaloo ndlela babefanelwe kukufa, kuba “umvuzo wesono kukufa.”—Roma 6:23.
Umntu ongafezekanga nonesono akanakuba nabantwana abafezekileyo. Ngoko bonke abantwana baka-Adam bazalwa bengafezekanga, benesono, besifa.—Roma 5:12.
Ukususela ngoko ukusa phambili, abantu babufuna uBukumkani bukaThixo ukuba bubancede baphume kwisiqalekiso sesono nokufa. UBukumkani kwakhona buya kucoca igama likaThixo kubuxoki uSathana awabuthethayo ngalo.
UYehova uThixo wathembisa ukuba kwakuya kuzalwa “imbewu” (okanye inzala) ekhethekileyo eza kuhlangula uluntu esonweni. (Genesis 3:15) Le “mbewu” yayiza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo.
Yayiza kuba ngubani?
Malunga neminyaka engama-2 000 emva kokona kuka-Adam, kwakukho indoda ethembeke gqitha egama linguAbraham. UYehova waxelela uAbraham ukuba ashiye isixeko sakowabo aze ahlale ezintenteni kwilizwe lasePalestina.
UAbraham wenza konke oko uYehova wayemxelele ukuba akwenze, kuquka nenye into enzima gqitha. UYehova wamxelela ukuba anikele ngonyana wakhe uIsake esibingelelweni.
UYehova wayengalifuni ngokwenene idini elingumntu. Kodwa wayefuna ukwazi ukuba uAbraham wayemthanda kangakanani na. UAbraham wayesele eza kumbulala uIsake xa uYehova wamthintelayo.
Ngenxa yokholo luka-Abraham olukhulu, uYehova wathembisa ngokunikela ilizwe lasePalestina kwinzala yakhe waza wathi iMbewu ethenjisiweyo yayiya kufumaneka ngomnombo wakhe, nangokaIsake unyana wakhe.—Genesis 22:17, 18; 26:4, 5.
UIsake wayenoonyana abangamawele, uEsawu noYakobi. UYehova wathi iMbewu ethenjisiweyo yayiya kufumaneka ngoYakobi.—Genesis 28:13-15.
UYakobi, lowo uYehova wathi kwakhona wamnika igama elinguSirayeli, wayenoonyana abali-12, bonke abathi ekugqibeleni baba nabantwana. Ngoko abantwana baka-Abraham baqalisa ukwanda.—Genesis 46:8-27.
Xa kwabakho indlala embi kuloo mmandla, uYakobi nentsapho yakhe bafudukela ezantsi eYiputa ngokumenywa nguFaro, umlawuli waseYiputa.—Genesis 45:16-20.
EYiputa kwatyhilwa ukuba iMbewu ethenjisiweyo yayiya kuza ngenzala yonyana kaYakobi onguYuda.—Genesis 49:10.
Ekugqibeleni uYakobi wafa, ibe inzala yakhe yanda de yafana nohlanga. Ngoko amaYiputa ayoyika aza ayenza amakhoboka.—Eksodus 1:7-14.
Ekugqibeleni uYehova wathumela uMoses, indoda ethembeke kunene, ukuba ayalele uFaro welo xesha akhulule abantwana bakaSirayeli.—Eksodus 6:10, 11.
UFaro wakugatya oko, ngoko uYehova wezisa izibetho ezilishumi kumaYiputa. Kwisibetho sokugqibela, wathumela isithunywa sezulu sokufa ukuba sibulale onke amazibulo aseYiputa.—Eksodus, isahluko 7 kuse kwese-12.
UThixo waxelela amaSirayeli elokuba ukuba ayenokubulala imvana kwisidlo sawo sangokuhlwa aze elinye legazi layo aliqabe emigubasini yawo, isithunywa sezulu sokufa sasiya kugqitha phezu kwezindlu zawo. Ngoko amazibulo amaSirayeli ahlangulwa.—Eksodus 12:1-35.
Ngenxa yoko, uFaro wayalela amaSirayeli ukuba aphume eYiputa. Kodwa ke waziguqula izimvo zakhe waza wawasukela ukuba awabuyise.
UYehova wavula indlela yokuba amaSirayeli asinde kuLwandle Olubomvu. Ibe xa uFaro nomkhosi wakhe bazama ukuwalandela, barhaxwa.—Eksodus 15:5-21.
UYehova oonyana bakaSirayeli wabakhokelela kwintaba ekuthiwa yiSinayi entlango. Apho, wabanika iMithetho ibe wathi ukuba babeya kuyigcina, babeya kuba bubukumkani bababingeleli nohlanga olungcwele. Ngaloo ndlela, ekuhambeni kwexesha, amaSirayeli aba nethuba lokuba yinxalenye ebalulekileyo yoBukumkani bukaThixo.—Eksodus 19:6; 24:3-8.
Emva kokuba amaSirayeli ekwiNtaba yeSinayi malunga nonyaka, uYehova wawakhokela kwindlela eya ngasePalestina, ilizwe awayelithembise uAbraham ukhokho wawo.
EPalestina, kamva uThixo wawavumela amaSirayeli ukuba alawulwe ngookumkani. Ngoko, uThixo wayenobukumkani emhlabeni.
Ukumkani wesibini wakwaSirayeli wayenguDavide, inzala kaYuda. UDavide wazoyisa zonke iintshaba zikaSirayeli, ibe wenza iYerusalem yaba sisixeko esilikomkhulu lolo hlanga.
Iziganeko ezikulawulo lukaDavide zibonisa ukuba xa uYehova exhasa ukumkani, akukho mlawuli wasemhlabeni unokumoyisa.
UYehova wathi iMbewu ethenjisiweyo yayiza kuba ngomnye umntu wenzala kaDavide.—1 Kronike 17:7, 11, 14.
USolomon, unyana kaDavide, walawula emva kwakhe. Wayengukumkani olumkileyo, ibe uSirayeli waphumelela phantsi kolawulo lwakhe.
USolomon kwakhona wakhela uYehova itempile entle eYerusalem. Iimeko ezazikwaSirayeli phantsi kolawulo lukaSolomon zisibonisa ezinye zeentsikelelo uBukumkani bukaThixo obuzayo obuya kuzizisa kuluntu.—1 Kumkani 4:24, 25.
Noko ke, uninzi lookumkani emva koSolomon lwalungathembekanga gqitha.
Kodwa ngoxa inzala kaDavide yayisalawula eYerusalem, uYehova wasebenzisa umprofeti wakhe uIsaya ukuxela ngoNyana kaDavide wexesha elizayo owayeza kulawula wonke umhlaba ngokuthembeka. Lo wayeza kuba yiMbewu ethenjisiweyo.—Isaya 9:6, 7.
Umprofeti uIsaya waluxela kwangaphambili ulawulo Lwakhe iloluzuke ngokude kwangakumbi kunolukaSolomon.—Isaya, isahluko 11 nesama-65.
Ngeli thuba, ngaphezu kunanini na, abakhonzi bakaThixo bazibuza ukuba yayiza kuba ngubani na le Mbewu.
Noko ke, ngaphambi kokufika kweMbewu, ookumkani bakwaSirayeli benza okubi kangangokuba ngowama-607 B.C.E. uYehova waluyeka uhlanga loyiswa ngamaBhabhiloni, ibe uninzi lwabantu lwathinjelwa eBhabhiloni. Kodwa uThixo wayengasilibalanga isithembiso sakhe. IMbewu yayiseza kuvela kumnombo kaDavide.—Hezekile 21:25-27.
Okwenzeka kuSirayeli kwabonisa ukuba nangona ukumkani ongumntu olumkileyo nothembekileyo wayenokuzisa iingenelo, ezi ngenelo zazilinganiselwe. Abantu abathembekileyo bayafa ibe ababalandelayo basenokungathembeki. Sasiyintoni isicombululo? YiMbewu ethenjisiweyo.
Ekugqibeleni, emva kwamawaka eminyaka, iMbewu yabonakala. Yayingubani?
Isithunywa sezulu esivela kuThixo sanikela impendulo kwintombi engatshatanga engumSirayeli negama linguMariya. Samxelela ukuba wayeza kuba nonyana ogama laliya kuba nguYesu. Naku okwathethwa sisithunywa sezulu:
“Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani.”—Luka 1:32, 33.
Ngoko uYesu wayeza kuba yiMbewu ethenjisiweyo ibe ekugqibeleni wayeza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo. Kodwa kutheni uYesu wayahlukile nje kubantu abathembekileyo ababephila ngaphambili?
UYesu wazalwa ngommangaliso. Unina wayeyintombi enyulu, ibe wayengenaye uyise ongumntu. UYesu wayekhe waphila ngaphambili ezulwini yaye umoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla asebenzayo, afudusela ubomi bukaYesu ukusuka ezulwini abusa kwisizalo sikaMariya. Ngenxa yoko, akazange asizuz’ ilifa isono sika-Adam. Kubo bonke ubomi bakhe, uYesu akazange one.—1 Petros 2:22.
Xa wayenama-30 eminyaka ubudala, uYesu wabhaptizwa.
Waxelela abantu ngoBukumkani bukaThixo waza ekugqibeleni wazazisa njengoKumkani wobo Bukumkani.—Mateyu 4:23; 21:4-11.
Kwakhona wenza nemimangaliso emininzi.
Waphilisa abagulayo.—Mateyu 9:35.
Wabondla ngokungummangaliso nabalambileyo.—Mateyu 14:14-22.
Wade wavusa nabafileyo.—Yohane 11:38-44.
Le mimangaliso ibonisa uhlobo lwezinto uYesu aya kuzenzela uluntu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo.
Uyayikhumbula na indlela uKumkani uDavide awayeyenze ngayo iYerusalem yaba sisixeko esilikomkhulu sobukumkani bakhe? UYesu wacacisa ukuba uBukumkani bukaThixo babungayi kuba semhlabeni, kodwa babuya kuba sezulwini. (Yohane 18:36) Kungeso sizathu le nto uBukumkani bubizwa ngokuthi ‘yiYerusalem yasemazulwini.’—Hebhere 12:22, 28.
UYesu wayandlala imithetho ekwakuya kufuneka ithotyelwe ngabo babeya kuba ngabalawulwa boBukumkani. Ngoku le mithetho iseBhayibhileni. Imithetho eyayiyeyona ibalulekileyo yayiyeyokuba abantu babemele bathande uThixo baze bathandane.—Mateyu 22:37-39.
UYesu kwakhona watyhila ukuba wayengayi kuba yedwa ekulawuleni kuBukumkani bakhe. Kwakuya kubakho abantu abanyulelwe ukuya ezulwini baze balawule apho kunye naye. (Luka 12:32; Yohane 14:3) Babeza kuba bangaphi abalapho? ISityhilelo 14:1 siphendula ngelithi: li-144 000.
Ukuba kuphela li-144 000 eliya ezulwini ukuya kulawula noYesu, olunye uluntu lunokuthembela entwenini?
IBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
Abo baya kuphila emhlabeni ngonaphakade babizwa ngokuba ‘zezinye izimvu.’—Yohane 10:16.
Ngoko kukho iindidi ezimbini zethemba. Kukho i-144 000 elimenywe nguYehova uThixo ukuya ezulwini ukuze lilawule noYesu Kristu. Kodwa izigidi zabanye zinethemba eliqinisekileyo lokuphila emhlabeni ngonaphakade njengabalawulwa boBukumkani bakhe.—ISityhilelo 5:10.
USathana wayemthiyile uYesu ibe emchasile. Emva kokuba uYesu eshumayele iminyaka emithathu enesiqingatha, uSathana wenza ukuba abanjwe aze abulawe ngokuxhonywa emthini. Kutheni uThixo wakuvumelayo nje oku?
Khumbula ukuba ngenxa yokuba siyinzala ka-Adam, sonke siyona ibe sifanelwe kukufa.—Roma 6:23.
Kwakhona, khumbula ukuba ngenxa yendlela engummangaliso uYesu awazalwa ngayo, wayefezekile ibe engafanelwanga kukufa. Noko ke, uThixo wamvumela uSathana ukuba ‘atyumze uYesu esithendeni,’ ambulale. Kodwa uThixo wamvusela ebomini kwakhona njengomoya ongenakufa. Ekubeni wayesenalo ilungelo lobomi bobuntu obufezekileyo, ngoko wayenokukusebenzisa oku ukusihlawulela thina bantu esonweni.—Genesis 3:15; Roma 5:12, 21; Mateyu 20:28.
Ukusinceda sikuqonde ngokupheleleyo okuthethwa lidini likaYesu, iBhayibhile ithetha ngalo ngokusebenzisa imizekelo yesiprofeto. Ngokomzekelo, uyayikhumbula na into uYehova awamxelela yona uAbraham yokuba anikele ngonyana wakhe, njengokuvavanya uthando lwakhe?
Lo yayingumzekelo wesiprofeto wedini likaYesu. Kwabonisa indlela ukuthanda kukaYehova uluntu okwakukukhulu gqitha ngayo kangangokuba wavumela uNyana wakhe, uYesu, ukuba asifele ukuze sifumane ubomi.—Yohane 3:16.
Uyayikhumbula na indlela uYehova awawahlangula ngayo amaSirayeli eYiputa waza wasindisa amazibulo awo ngokuthi isithunywa sezulu sokufa sigqithe phezu kwawo?—Eksodus 12:12, 13.
Lo yayingumzekelo wesiprofeto. Kanye njengokuba igazi lemvana lathetha ubomi kumazibulo akwaSirayeli, igazi likaYesu elaphalazwayo lithetha ubomi kwabo bamkholelwayo. Ibe njengoko iziganeko zobo busuku zathetha inkululeko kumaSirayeli, ukufa kukaYesu kunika uluntu inkululeko esonweni nasekufeni.
Kungoko uYesu ebizwa ngokuba ‘yiMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.’—Yohane 1:29.
Noko ke, ngoxa uYesu wayesemhlabeni wakwahlanganisa abafundi waza wabaqeqeshela ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, kwanasemva kokufa kwakhe.—Mateyu 10:5; Luka 10:1.
Aba yayingabantu bokuqala abanyulwa nguThixo ukulawula noYesu kuBukumkani bakhe.—Luka 12:32.
Uyakhumbula na ukuba uThixo wathembisa amaYuda ngelithi ukuba ayeya kuwugcina uMthetho, ayeya kuba “bubukumkani bababingeleli”? Ke ayenethuba lokuba yinxalenye yoBukumkani bukaThixo aze akhonze njengababingeleli basezulwini ukuba ayeya kumamkela uYesu. Kodwa uninzi lwawo lwamchasa uYesu.
Ngoko ukususela ngelo xesha ukubhekisa phambili, amaYuda ayengaselulo uhlanga olunyulwe nguThixo; iPalestina yayingaselilo iLizwe Ledinga.—Mateyu 21:43; 23:37, 38.
Ukususela ngomhla kaYesu ukuza kuthi ga kowethu, uYehova ebebahlanganisa aba baya kulawula ezulwini noYesu. Kusekho amawaka ambalwa abo asaphilayo emhlabeni namhla. Sibabiza ngokuthi yintsalela ethanjisiweyo.—ISityhilelo 12:17.
Ngoku, uyaqalisa ukubona oko uBukumkani bukaThixo bukuko. Bungurhulumente osezulwini, uKumkani wabo nguYesu Kristu, ibe uthelelwa ngabantu abali-144 000 abaphuma emhlabeni. Buya kulawula uluntu oluthembekileyo emhlabeni ibe buya kuba namandla okuzisa uxolo emhlabeni.
Emva kokufa kwakhe, uYesu wavuswa waza wanyukela ezulwini. Apho, walindela uThixo ukuba amxelele ixesha laxa wayeya kuqalisa ukulawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. (INdumiso 110:1) Kwakuza kwenzeka nini oko?
Maxa wambi uYehova wayethumelela abantu amaphupha ukuze abaxelele ngezinto ezingoBukumkani bakhe.
Ngomhla kaDaniyeli, uYehova wathumela iphupha elinjalo kuNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni. Yayiliphupha elingomthi omkhulu.—Daniyeli 4:10-37.
Umthi wagawulwa saza isiphunzi sawo sabotshwa iminyaka esixhenxe.
Lo mthi wawumela uNebhukadenetsare. Kanye njengokuba isiphunzi sabotshwa iminyaka esixhenxe, uNebhukadenetsare waphulukana nengqondo iminyaka esixhenxe. Emva koko wabuyiselwa ezingqondweni.
Konke oku kwakungumzekelo wesiprofeto. UNebhukadenetsare wafanekisela ulawulo lukaYehova lwazwenibanzi. Ekuqaleni, olu lawulo lwalukho ngenzala kaKumkani uDavide eYerusalem. Xa iBhabhiloni yoyisa iYerusalem ngowama-607 B.C.E., loo mnombo wookumkani waphazanyiswa. Kwakungasayi kuze kubekho omnye ukumkani kumnombo kaDavide ‘kude kufike lowo kukokwakhe ukugweba.’ (Hezekile 21:27) Lowo yayinguYesu Kristu.
Kwakuya kuba lithuba elingakanani ukususela ngowama-607 B.C.E. ukuza kutsho ekuqaliseni kukaYesu ukulawula? Kwakuza kuba yiminyaka esixhenxe yesiprofeto. Oko kukuthi, iminyaka engama-2 520. (ISityhilelo 12:6, 14) Ibe iminyaka engama-2 520 ukususela ngowama-607 B.C.E. isizisa kowe-1914 C.E.
Ngoko uYesu waqalisa ukulawula emazulwini ngowe-1914. Oko kwathetha ntoni?
IBhayibhile isixelela ngokusebenzisa umbono owabonwa ngumpostile uYohane.
Wabona umfazi ezulwini ezala umntwana oyinkwenkwe.—ISityhilelo 12:1-12.
Lo mfazi wafanekisela intlangano kaThixo yasezulwini, ebunjwe ngabo bonke abakhonzi bakaThixo abazizithunywa ezulwini. Umntwana oyinkwenkwe ufanekisela uBukumkani bukaThixo. Obu Bukumkani “bazalwa” ngowe-1914.
Emva koko kwenzeka ntoni? Into yokuqala eyenziwa nguYesu njengoKumkani yaba kukukhupha uSathana, nezo zithunywa zezulu zavukelayo, ebakhupha ngaphandle kwezulu ebazisa ezantsi emhlabeni.—ISityhilelo 12:9.
IBhayibhile isixelela umphumo woku: “Yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.”—ISityhilelo 12:12.
Ngoko xa uYesu waqalisayo ukulawula ezulwini, iintshaba zakhe zasebenza gqitha emhlabeni. Njengoko iBhayibhile yaxela kwangaphambili, waqalisa ukulawula phakathi kweentshaba zakhe.—INdumiso 110:1, 2.
Oku kwakuya kuthetha ntoni kuluntu?
UYesu wasixelela oku: iimfazwe, ukunqongophala kokutya, izifo, neenyikima zomhlaba.—Mateyu 24:7, 8; Luka 21:10, 11.
Ezi zinto sizibone zisenzeka ukususela ngowe-1914, nto leyo esesinye isizathu sokuba sazi ukuba uBukumkani baqalisa ukulawula ngoko.
Incwadi yeSityhilelo isixelela ukuba abantu babeya ‘kuwonakalisa umhlaba.’ (Isityhilelo 11:18) Noko sikubonile, ngokukodwa ukususela ngowe-1914.
Umpostile uPawulos wongezelela elokuba abantu babeya kuba “ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangeva bazali, . . . abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa.”—2 Timoti 3:1-5.
Ngoko uyasazi isizathu sokuba ubomi bube nzima kangaka namhla. USathana ebesebenza ngamandla. Kodwa noBukumkani bukaThixo bebusebenza ngamandla.
Kungekudala emva kowe-1914, intsalela yabo bathemba ukulawula ezulwini noYesu yaqalisa ukuxela iindaba ezilungileyo zokuba uBukumkani babumiselwe. Ngoku lo msebenzi uye wasasazeka ukutyhubela umhlaba, njengoko uYesu wathi wawuya kuba njalo.—Mateyu 24:14.
Iyintoni injongo yalo msebenzi wokushumayela?
Okokuqala, kukuxelela abantu ngoBukumkani bukaThixo.
Okwesibini, kukunceda abantu bagqibe enoba baya kufuna na ukuba ngabalawulwa boBukumkani.
UYesu wathi kwimihla yethu lonke uluntu lwaluya kwahlulwa lube ngabantu ababumvu nababubhokhwe.—Mateyu 25:31-46.
“Izimvu” zaziya kuba ngabo bathanda yena nabazalwana bakhe. ‘Iibhokhwe’ zaziya kuba ngabo bangenjinjalo.
“Izimvu” ziya kufumana ubomi obungunaphakade ibe ‘iibhokhwe’ aziyi kubufumana.
Lo msebenzi wokwahlula wenziwa ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani.
Nasi isiprofeto esithethwa ngumprofeti uIsaya.
“Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.”—Isaya 2:2.
Ngoku uluntu lujongene ‘nokuphela kwemihla.’
‘Indlu’ kaYehova yonqulo “izongamele” iinkonzo zobuxoki.
“Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.”—Isaya 2:3.
Ngoko, abaninzi abavela kuzo zonke iintlanga bayeza ukuza kunqula uYehova baze bameme nabanye ukuba babathelele. Bafunda indlela yokwenza ngokwenkqubo efunwa nguYehova.
“Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.
Abo banqula uYehova bamanyene yaye baseluxolweni.
Umphumo walo msebenzi woBukumkani bukaThixo ngowokuba ngoku zwenibanzi kukho abantu abazizigidi ezininzi abangabalawulwa boBukumkani.
Bahlanganiswa bangqonge intsalela, abaseleyo babo banethemba lokuphila ezulwini nokulawula noKristu.
Bafumana ukutya kokomoya ngentlangano kaThixo.—Mateyu 24:45-47.
Babubuzalwana bezizwe ngezizwe bamaKristu athandana ngokwenyaniso.—Yohane 13:35.
Banandipha uxolo lwengqondo, ithemba lekamva.—Filipi 4:7.
Kungekudala, iindaba ezilungileyo ziya kube zishunyayelwe. “Izimvu” ziya kube zihlanganisiwe. Ngoko buya kwenza ntoni uBukumkani?
Uyakhumbula na ukuba uKumkani othembekileyo onguDavide wazoyisa zonke iintshaba zabantu bakaThixo? Kaloku, uKumkani onguYesu uya kwenza okufanayo.
UKumkani uNebhukadenetsare wakha waphupha umfanekiso oqingqiweyo omkhulu owawufuzisela zonke iindidi zobukhosi bomhlaba ukususela ngomhla wakhe ukuza kowethu.
Emva koko wabona ilitye liqengqeleka entabeni, laza lawuntlitha lo mfanekiso uqingqiweyo waziingceba. Eli litye lalimela uBukumkani bukaThixo.
Oku kuthetha ukutshatyalaliswa kwenkqubo yezinto engendawo nekhoyo.—Daniyeli 2:44.
Nazi ezinye zezinto uBukumkani obuya kuzitshabalalisa.
Unqulo lobuxoki luya kuthi pheselele, njengelitye lokusila eliphoselwa elwandle.—ISityhilelo 18:21.
Kungeso sizathu le nto bonke abathanda uThixo bekhuthazelwa ukuphuma kunqulo lobuxoki NGOKU.—ISityhilelo 18:4.
Emva koku uKumkani uYesu uya ‘kuzithi qwaka iintlanga, azaluse ngentonga yentsimbi.’—ISityhilelo 19:15.
Ngoko ke, amaNgqina kaYehova, nangona ezihlawula iirhafu zawo aze ayithobele imithetho yelizwe, akabandakanyeki kwiipolitiki.
Ekugqibeleni, uSathana ngokwakhe, “inamba” enkulu, wophoselwa enzonzobileni.—ISityhilelo 20:2, 3.
Kuphela ‘zizimvu,’ abo bazithobayo kuYesu njengoKumkani, abaya kusinda kule mbandezelo.—Mateyu 25:31-34, 41, 46.
Umpostile uYohane embonweni wabona “izimvu” ezisinda kwimbandezelo.
“Ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo.”—ISityhilelo 7:9.
“Isihlwele esikhulu” sibunjwe ngabo bonke abo basabelayo ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo.
‘Siphuma embandezelweni enkulu.’—ISityhilelo 7:14.
‘Amasebe esundu’ abonisa ukuba siyamamkela uYesu njengoKumkani waso.
Ukunxiba kwaso ‘iingubo ezimhlophe’ kufanekisela ukuba sinokholo kwidini likaYesu.
“IMvana” nguYesu Kristu.
Ngoko ziziphi iintsikelelo abazinandiphayo? Uyalukhumbula na ulonwabo kwaSirayeli xa kwakulawula uKumkani othembekileyo onguSolomon? Oku kwanikela umfanekiso omncinane wolonwabo emhlabeni phantsi koKumkani uYesu.
Ngokoqobo kuya kubakho uxolo phakathi koluntu naphakathi kwabantu nezilwanyana, kanye njengoko uIsaya waxela kwangaphambili.—INdumiso 46:9; Isaya 11:6-9.
Kanye njengokuba uYesu wabaphilisayo abagulayo ngoxa wayesemhlabeni, ngokukwanjalo uya kushenxisa ukugula kulo lonke uluntu.—Isaya 33:24.
Kanye njengokuba wazondlayo izihlwele, ngokukwanjalo uya kukuphelisa ukunqongophala kokutya kulo lonke uluntu.—INdumiso 72:16.
Kanye njengokuba wabavusayo abafileyo, ngokukwanjalo uya kubavusa abo bafileyo bangazange babe nathuba lipheleleyo lokuzithoba kuBukumkani bukaThixo.—Yohane 5:28, 29.
Ngokuthe ngcembe, uya kubuyisela uluntu kwimfezeko eyalahlwa nguAdam.
Ngaba elo asilokamva limangalisayo? Ubungethandi na ukulibona? Ukuba ubungathanda, sebenza ukuze uzithobe ngokwakho ngoku kuBukumkani bukaThixo uze ube ngomnye ‘wezimvu.’
Fundisisa iBhayibhile uze uzabalazele ukumazi uYehova uThixo noYesu Kristu.—Yohane 17:3.
Nxulumana nabanye abakwangabalawulwa boBukumkani.—Hebhere 10:25.
Funda imithetho yoBukumkani uze uyithobele.—Isaya 2:3, 4.
Yahlulela ubomi bakho ukuze ukhonze uYehova, yaye ubhaptizwe.—Mateyu 28:19, 20.
Ziphephe izinto ezimbi, ezinjengokuba, ukuxoka, ukuziphatha okubi, nobunxila, nto ezo ezingamkholisiyo uYehova uThixo.—1 Korinte 6:9-11.
Yiba nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mateyu 24:14.
Ngoko ngoncedo lukaThixo, uya kuyibona ibuyiselwa iParadisi uAdam awenza inzala yakhe yaphulukana nayo, ibe esi sithembiso uya kusibona sizaliseka: “Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4.
[Isicangca esikwiphepha 20]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
607 B.C.E. 1914 C.E.
B.C.E. C.E.
500 1 000 1 500 2 000 2 520
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
UAbraham
UIsake
UYakobi
UYuda
UDavide
[Umfanekiso okwiphepha 14]
144 000
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
UAdam
UYesu