Ukuxhaswa Ngemali Yiminikelo Yokuzithandela
Wonke umsebenzi ochazwe ngaphambili uxhaswa ngabasebenzi bokuzithandela, ngaloo ndlela kugcinwa iindleko ziphantsi. Ubulungiseleli bendlu ngendlu nokusasazwa koncwadi kwenziwa ngokuzithandela ngamaNgqina kaYehova. Azihlawula ngokwawo iindleko zawo. Abadala abongamela amabandla, bencediswa zizicaka zolungiselelo, abafumani ntlawulo ngenkonzo yabo. Bazigubungela ngokwabo zonke iindleko zabo.
Kwanamalungu eQumrhu Elilawulayo nabo bonke abasebenza ixesha elizeleyo ekulungiseleleni nasekuveliseni iiBhayibhile noncwadi lweBhayibhile bafumana kuphela igumbi labo nezidlo nomxhesho omncinane wokugubungela READ: nezidlo nembuyiselo-ndleko encinane ukulugiselela iindleko. Kunjalo nangabaveleli abahambahambayo bexesha elizeleyo.
Iminikelo emincinane efunyanwa ngoncwadi ubukhulu becala igubungela kuphela iindleko ezisisiseko zezinto ezisetyenziswayo, ukuveliswa nokuthunyelwa kwalo. Zonke ezinye iindleko zigutyungelwa ngeminikelo yemali yokuzithandela eyenziwa ngamaNgqina kaYehova ngokwawo, ngokunikela ngemali okanye ngokwenza umnqophiso welifa.
Kuzo zonke iintlanganiso zamaNgqina kaYehova, enoba zezasekuhlaleni okanye kukwiindibano, kukho iibhokisi zomnikelo ukwenzela abo banqwenela ukunikela. Akukho nkongozelo. Akukho zintlawulo okanye zishumi zimele zikhutshwe. Njengoko kwandlalwe kwiZibhalo, mntu ngamnye unokunikela njengoko aye wagqiba ngako entliziyweni yakhe.—2 Korinte 8:12; 9:7.
• Uxhaswa njani ngokwemali wonke umsebenzi wamaNgqina kaYehova?