Isahluko 15
Kutheni Kufuneka Ubakhathalele Nje Abanye Abantu?
1. (a) Yintoni ebangele abantu abaninzi ukuba bakhathalele iziqu zabo baze bangabaxhalabeli gqitha abanye? (b) Ube yintoni umphumo?
UKUXHALABELA abanye ngokungazingci kunqabile namhlanje. Nangona wonk’ ubani ekwazi ukubonakalisa uthando, xa abanye besithi ngokungafanelekanga bafune okwabo ukulungelwa okanye xa imigudu kabani yokubonakalisa uthando iqondwa ngokuphosakeleyo, umntu usenokugqiba ngelokuba kulunge ngakumbi ukuba anyamekele isiqu sakhe. Abanye, ngokubona ukuba abathile abaxhaphaza umntu onguwabo bayaphumelela ngokwezinto eziphathekayo, basenokucinga ukuba le yindlela yokuphumelela. Umphumo ngowokuba abantu abaninzi banomoya wokungathembani ibe banabahlobo abambalwa bokwenene, ukuba banabo kwaukuba nabo. Uyintoni unobangela wale meko ingonwabisiyo?
2. (a) IBhayibhile iyichaza njani ingcambu yengxaki? (b) Kuthetha ntoni ukwazi uThixo?
2 Luthando olungekhoyo, uhlobo lothando oluzibonakalisa ngokuyixhalabela ngokwenyaniso intlalontle esisigxina yabanye. Ibe kutheni lungekho nje? Xa sisehlela engcanjini yale ngxaki, iBhayibhile ithi: “Lowo ungenaluthando akazange amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Kakade ke, abantu abaninzi abaphandela isiqu sabo bathi bayakholelwa kuThixo ibe bade baye nasecaweni. Kodwa isibakala sesokuba abamazi ngokwenene uThixo. Ukwazi uThixo kuthetha ukuqhelana kakuhle nobuntu bakhe, ukugqala igunya lakhe nokwenza ngokuvisisana nesikwaziyo ngaye. (Yeremiya 22:16; Tito 1:16) Ke ngoko, ukuze sifumane ulonwabo lokwenyaniso ebomini olufumaneka kuphela xa ubani ebonakalisa uthando aze alufumane, simele simazi kakuhle uThixo size sikusebenzise esikufundayo.
3. UThixo ulubonise njani uthando lwakhe olukhulu ngoluntu?
3 “Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi ngaye,” wabhala njalo umpostile uYohane. “Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina [kuqala], ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu. Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana.” (1 Yohane 4:9-11) UThixo akazange avumele ihambo yokungabi naluthando koluntu ithintele olwakhe uthando. Kunjengoko amaRoma 5:8 esithi: “UThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.”
4. Oko kukubangela uzive njani ngokobuqu ngoThixo?
4 Bangaphi abantu obathanda kangangokuba ubungavuma ukubancamela ubomi bakho—abantu abangazange bakwenzela nanye into? Ukuba ungumzali, ngubani obungavuma ukuba afelwe ngumntwana wakho? Olo luhlobo lothando uThixo awalubonakalisa kuthi. (Yohane 3:16) Ukwazi oku kukwenza uvakalelwe njani ngoThixo? Ukuba sikuxabisa ngokwenene oko akwenzileyo, siya kufumanisa ukuba akungomthwalo ukuthobela imithetho yakhe.—1 Yohane 5:3.
5. (a) Uyintoni “umthetho omtsha” uYesu awawunika abafundi bakhe? (b) Ukuzinikela kwethu kuThixo njengomlawuli kubandakanyeke njani koku? (c) Ngoko, ukuthobela lo ‘mthetho mtsha’ kufuna ntoni?
5 Kubusuku bangaphambi kokufa kwakhe uYesu wanika abafundi omnye waloo mithetho. Wawuya kubafanisa njengabahlukileyo kwihlabathi liphela. Wathi: “Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane.” Umthetho kaYesu ‘wawumtsha’ kuba wayesithi bathande abanye, kungekuphela nje njengokuba bezithanda bona, kodwa “njengoko ndinithandileyo nina”—bakuvume ukuncamelana ubomi babo. (Yohane 13:34, 35; 1 Yohane 3:16) Olu hlobo lothando lubonisa ukuzinikela kwethu kuThixo ngokuwangqina ebubuxoki amabango kaMtyholi athi akukho mntu uya kuthobela uThixo ngokuchanaba obakhe ubomi. (Yobhi 2:1-10) Kucacile ukuba, ukuthobela “umthetho omtsha” kufuna ukuba sixhalabelane ngokunzulu.—Yakobi 1:27; 2:15, 16; 1 Tesalonika 2:8.
6. Ngoobani abanye ekumele kuboniswe kubo uthando, ibe ngoba?
6 Kodwa uKristu wafela ihlabathi loluntu, akazange afele abafundi bakhe nje kuphela. Ngaloo ndlela iZibhalo zibongoza ngelithi: “Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.” (Galati 6:10) Amathuba ‘okusebenza okulungileyo kubo bonke’ avela mihla le. Xa uthando lwethu lubanzi, kodwa ilolwesisa yaye ilolobubele, sixelisa uThixo, ‘ekubeni ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.’—Mateyu 5:43-48.
Ukuhlonela Umntu Nempahla Yabanye
7. Yintoni esenokuphembelela indlela esimphatha ngayo umntu nempahla yabanye?
7 Siphila kwihlabathi elingenaluthando. Mhlawumbi uyaqonda ukuba akubanga ngonovelwano kwabanye ngalo lonke ixesha njengokuba ubumele ukuba ube njalo. Kodwa ukuba umntu uza kukhonza uThixo, kufuneka umgudu wokunyaniseka ukuba ‘ahlaziye ingqiqo yakhe.’ (Roma 12:1, 2) Kufuneka esiguqule isimo sakhe sengqondo ngomntu nangempahla yabanye.
8. (a) Yintoni ebonisa ukungaxatyiswa okusasazekileyo kwempahla yabanye? (b) Sisiphi isiluleko esiseBhayibhileni ebesiya kuthi ukuba siyalandelwa, simthintele umntu ekwenzeni izinto ezinjalo?
8 Kweminye imimandla iimpahla zabanye abantu azixatyiswa ngendlela eyothusayo. Ngenxa nje yemincili, ulutsha lutshabalalisa iimpahla zabantu nezikawonke wonke. Okanye ngabom lutshabalalisa izinto abanye abasebenze nzima bezifuna. Bambi basenokuvakalisa umothuko ngobundlavini obunjalo, kanti bafak’ isandla kuko ngokulahla inkunkuma ezipakini, ezitratweni, okanye kwizakhiwo zikawonkewonke. Ngaba ezi zinto ziyavisisana nesiluleko sikaYesu esithi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo”? (Mateyu 7:12) Ihambo engenaluthando ngolo hlobo ibonisa ukuba ubani akavisisani ngokupheleleyo nenjongo kaThixo yokuba lo mhlaba ube yiparadisi.
9. (a) Ubusela bubuchaphazela njani ubomi babo bonke? (b) Kutheni ubusela buphosakele nje emehlweni kaThixo?
9 Kwiindawo ezininzi, ukuxhalabela ubomi bukabani nezinto zakhe kubangela kube yinto eqhelekileyo ukuba neengcango ezitshixwayo, iifestile ezivalwa ngeentsimbi nezinja zokulinda. Iivenkile zinyusa amaxabiso ukuze kuhlawulwe oko kubiweyo. Kodwa ubusela abuyi kuba nandawo kuLungelelwaniso Olutsha lukaThixo. Ngenxa yoko, nabani na onethemba lokuba lapho umele afunde ukuphila ngoku ngendlela efak’ isandla kunqabiseko lwabantu abangoowabo. IBhayibhile ibonisa ukuba “isipho sikaThixo” sesokuba umntu ‘abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke.’ Ngoko kuphosakele ukuzama ukumbandeza imiphumo yomsebenzi wakhe. (INtshumayeli 3:13; 5:18) Abantu abaninzi abebenganyanisekanga kwixa elidluleyo baye baguquka. Abaphephi nje kuphela ukuba kodwa bakwabone uvuyo lokupha abanye. (IZenzo 20:35) Benomnqweno wokukholisa uThixo, baye bakuthabathel’ entliziyweni okubhalwe kumaEfese 4:28: “Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla, ukuze abe nako ukwabela osweleyo.”
10. (a) Sinokulubonakalisa njani ulwazelelo ngendlela esithetha ngayo nabanye? (b) Yintoni eya kunceda umntu afunde ukubonakalisa uthando ngale ndlela?
10 Ngokufuthi, ingakumbi xa izinto zihamba ngokuphosakeleyo, okufunwa ngabanye asinto iphathekayo, kodwa bafuna ububele. Noko ke, kuthekani kwiimeko apho iintsilelo zomntu ziye zibonakale? Ngenxa yokucaphuka usenokudubuleka, kusetyenziswe intetho ebolileyo, okanye intetho ehlabayo. Kwanabathile abavumayo ukuba eli khondo liphosakele bayasilela ukuqhobosha ulwimi lwabo. Umntu unokuwoyisa njani umkhwa onjalo? Ngokusisiseko, into engekhoyo luthando, ibe oko kubonisa imfuneko yokwazi uThixo. Xa umntu esithi awuqonde umlinganiselo wenceba kaThixo kuye, uya kukufumanisa kulula gqitha ukuxolela abanye. Usenokude aqalise ukubona iindlela zokunceda ocaphukileyo, anikele uncedo lobubele ngenjongo yokuphucula.—Mateyu 18:21-35; Efese 4:31–5:2.
11. Kutheni singafanele sinyelise entethweni yethu, kwanaxa abanye bengenabubele kuthi?
11 Kuyinyaniso ukuba abanye abantu basenokungasisebenzisi esi siluleko sihle sivela kwiLizwi likaThixo kwiinkqubano zabo nathi. Phezu kwazo nje iintshukumisa zethu ezinyanisekileyo, maxa wambi sisenokuzifumanisa sizizisulu zokuthukwa ngabo. Siya kwenza ntoni ke ngelo xesha? IBhayibhile iluleka ngelithi: “Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.” (Roma 12:17-21; 1 Petros 2:21-23) Ububele obuqhubekayo bethu ekuhambeni kwexesha busenokusithambisa isimo sengqondo sabo buze bubuyise iimpawu zabo ezilunge ngakumbi. Enoba basabela njani na, xa siqhubeka sibonakalisa ububele, sibonisa ukuba siyayiphakamisa indlela kaThixo yokulawula, esekelwe eluthandweni.
Ukoyisa Umkhethe Wobuzwe, Wobuhlanga Nowentlalo
12, 13. IBhayibhile imnceda njani umntu aphelise naziphi na iimvakalelo zomkhethe wobuzwe, ubuhlanga, okanye nentlalo?
12 Umntu onothando lokwenene akaphenjelelwa bubuzwe, libala lolusu nabubuhlanga, okanye ngumgangatho ongokwasentlalweni. Ngoba? Kungenxa yokuba uyayiqonda inyaniso yeBhayibhile yokuba “[uThixo] uzenze ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu.” (IZenzo 17:26) Ngoko ke bonke abantu bahlobene. Akukho sizwe sikuzuz’ ilifa ukongamela ezinye.
13 Akukho namnye onesizathu sokuqhayisa ngenxa yookhokho bakhe, ubuzwe, ibala, ubuhlanga, okanye isigxina ebomini. “Bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngoko ke wonk’ ubani uxhomekeke kwidini lentlawulelo likaKristu. Ibe iBhayibhile ibonisa ukuba abo baya kusindiswa “embandezelweni enkulu” ezayo, baphuma “kuzo zonke iintlanga, izizwe, nabantu neelwimi.”—ISityhilelo 7:9, 14-17.
14. Kungani amava obuqu angemyoli engesosizinzi sifanelekileyo sokuba nomkhethe ngabantu besizwe okanye uhlanga oluthile?
14 Ngokuzama ukuthethelela umkhethe wakhe, umntu usenokukhumbula amava angemnandi awathi waba nawo nothile wesizwe okanye wohlanga oluthile. Kodwa ngaba wonk’ ubani weso sizwe okanye uhlanga wayebandakanyekile kwisenzo esiphosakeleyo? Ibe abathanga na abantu besizwe sakowabo okanye uhlanga banetyala le nto efanayo? Ukuba sinethemba lokuphila kuLungelelwaniso Olutsha lukaThixo loxolo, kufuneka sicoce iintliziyo zethu kulo naliphi na ikratshi elithanda ukusahlula kwabanye abantu.
15. Ukuba amagqabaza omntu ngesizwe okanye ngohlanga ebengakhubekisa ikholwa elinguwabo, oku bekuya kukuchaphazela njani ukuma kwakhe phambi koThixo noKristu?
15 Okusezintliziyweni zethu kubonakala nanini na entethweni yethu. Kunjengokuba uKristu Yesu wathi: “Umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Kuthekani ukuba amagqabaza abonakalisa umkhethe ebenokukhubekisa uthile obebonakalisa umdla kwintlangano kaYehova? Lo mcimbi mbi kakhulu kangangokuba uYesu walumkisa ngelithi: “Othe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.”—Marko 9:42.
16. UYesu wakubonakalisa njani ukungabi namkhethe esifanele sikubonakalise kwabanye?
16 AmaKristu anemfanelo yokubonakalisa umdla wothando kwabanye kungakhathaliseki ukuba sisiphi na isizwe, uhlanga alulo, okanye isigxina sabo ebomini. (Yakobi 2:1-9) Kunjengokuba uYesu wabongoza wathi: “Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe.” (Luka 14:13, 14) Xa sibonisa olu hlobo lomdla wenyameko kwabanye abantu, sibonakalisa iimpawu zothando zoBawo wethu wasezulwini.
Inkxalabo Yothando Kwimpilontle Kanaphakade Yabanye
17. (a) Yintoni eyona nto ixabisekileyo esinokwabelana ngayo nabanye? (b) Kungani sifanele sizive sishukunyiselwe ukwenjenjalo?
17 Ukuxhalabela kwethu abanye akumele kupheleliselwe kwiintswelo zabo ezingokwasemzimbeni. Uthando lwethu belungayi kuba lolupheleleyo kuba nje sinobubele kuzo zonke iindidi zabantu. Ukuze ubomi bube nentsingiselo yokwenene, abantu kufuneka bazi uYehova neenjongo zakhe. Kumthandazo awayewubhekisa kuYise, uYesu wathi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Ukuba uyifundile le ncwadi ukususela ekuqaleni, uyayazi indlela yokufumana loo mvuzo. Uzibonele ngokwakho oko iZibhalo zikuxela kwangaphambili ‘ngembandezelo enkulu,’ nobungqina obubonakalayo obuqinisekisa ukusondela kwayo. Uyazi ukuba uBukumkani bukaThixo bukukuphela kwethemba loluntu. Kodwa ngaba ukuthanda uYehova nomntu onguwenu kukushukumisela ukuba wabelane nabanye ngolu lwazi lubalulekileyo?
18. (a) KuMateyu 24:14, nguwuphi umsebenzi uYesu awawuxela kwangaphambili usiya kwenziwa kumhla wethu? (b) Sifanele sikujonge njani ukuba nenxaxheba kuwo?
18 Xa wayethetha ‘ngokupheliswa kwephakade,’ uYesu waxela kwangaphambili oku: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:3, 14) Elinjani ilungelo ukumela uMlawuli onguMongami wendalo iphela, uYehova ngokwakhe, njengobani onesabelo kobu ‘bungqina’! Ithuba lokuba nenxaxheba kulo msebenzi ukhethekileyo lisavuliwe, kodwa akuyi kuba lithuba elide.
19. Kungani singafanele kuvumela nayiphi na imvakalelo yokuswel’ isiphiwo sobuqu isithintele ekubeni nesabelo kulo msebenzi?
19 Xa sicinga ngethemba lokuba nenxaxheba kobu ‘bungqina kuzo zonke iintlanga,’ kuhle ukuqonda ukuba obangela ukuba esi sigidimi sivelise imiphumo, asibobuchule bukabani buqu kodwa nguThixo. (IZenzo 16:14; 1 Korinte 3:6) Ukuba ushukunyiswa yintliziyo evumayo, uYehova unokukusebenzisa ufeze ukuthanda kwakhe. Kunjengokuba umpostile uPawulos wathi: “Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu. Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo.”—2 Korinte 3:4-6.
20. (a) Ngaba wonk’ ubani uya kusabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo? (b) Yiyiphi into entle efezwa kukushumayela ebantwini abangakhathaliyo okanye abanokude bachase?
20 Kakade ke, asifanele silindele ukuba wonke umntu uya kusabela kakuhle. Abaninzi abayi kukhathala. Bambi baza kuchasa. Kanti banokuguquka. USawule waseTarso, owayekade engumtshutshisi wamaKristu, waba ngumpostile onenzondelelo kaYesu. (1 Timoti 1:12, 13) Enoba abanye bayasazi okanye akunjalo, bayasifuna isigidimi soBukumkani. Ngoko kufuneka sibaxhalabele, size sikuvume ukuzibhokoxa ukuze sihambisele phambili impilontle yabo ehlala ihleli. (1 Tesalonika 2:7, 8) Nokuba abasifuni isigidimi soBukumkani, sekunjalo soba siphumeze okuhle. Ubungqina bunikelwe, igama likaYehova liyabalaseliswa, ‘ukwahlulwa’ kwabantu kuyaqhutywa, ibe thina sibonakalisa ukunyaniseka kwethu kuYehova.—Mateyu 25:31-33.
Ukukhathalela Okwenzeka Kweyakho Intsapho
21. Yiyiphi imbopheleleko intloko yentsapho enayo ngokubhekisele kwimpilontle yokomoya yendlu yayo?
21 Imigudu yakho yokunceda abanye bangenelwe kumalungiselelo kaYehova othando nayo imele yalathiselwe kweyakho intsapho. Ngokomzekelo, intloko yentsapho ibophelelekile ngokukhula kwentsapho yayo ngokomoya. Ngokungqalileyo oku kuphenjelelwa kukuthi rhoqo kwamalungiselelo ayo okuxubusha kwentsapho iLizwi likaThixo. Ibe xa imithandazo kabawo ngenxa yentsapho ibonakalisa ubunzulu bokuzinikela nombulelo, oku kunokuxonxa isimo sengqondo sentsapho iphela.
22. Kungani kubalulekile ngotata ukuba aqeqeshe abantwana bakhe, ibe yintoni emele imshukumise?
22 Imbopheleleko yayo ikwaquka ukuphumeza uqeqesho. Xa kuvela iingxaki, kusenokubonakala kulula ngakumbi ukuzityeshela. Kodwa ukuba uqeqesho luphunyezwa kuphela xa ubawo ecaphuka, okanye ukuba iingxaki zisingathwa kuphela xa zisiba zezinzulu, kukho into esilelayo. IMizekeliso 13:24 ithi: ‘Uyise omthandayo unyana wakhe uyamqeqesha.’ Kungoko ubawo onothando ephumeza uqeqesho ngokuzingisileyo. Ngomonde ucacisa izinto ebantwaneni bakhe aze aqwalasele imida engokwengqondo, engokweemvakalelo nengokomzimba kabani ngamnye. (Efese 6:4; Kolose 3:21) Ukuba ungubawo, ngaba unalo olo hlobo lothando kubantwana bakho? Ngaba uyakuvuma ukuthwala le mbopheleleko, ungajongi nje kuphela impilo yangoku yentsapho yakho kodwa ukhangele kwaneyexa elizayo?—IMizekeliso 23:13, 14; 29:17.
23. Umama unokufak’ isandla njani kwimpilontle yokomoya yentsapho yakhe?
23 Nomfazi unokufak’ isandla kanobom entsatsheni. Intsebenziswano yakhe nendoda yakhe nokusebenzisa kwakhe ngobulumko ixesha ekuxonxeni ubomi babantwana babo ngendlela yokuhlonela uThixo idla ngokubonakaliswa kwihambo nakwisimo sengqondo sabantwana. (IMizekeliso 29:15) Kwanakwikhaya ubawo angekhoyo kulo, ukufundisa ngenyameko iBhayibhile kuhlanganisa nomzekelo omhle kuvelisa imiphumo elungileyo.
24. (a) Ukuba lijongene nenkcaso evela kwiqabane lomtshato, ikholwa limele licinge ngayiphi imbambano? (b) Phantsi kweemeko ezinjalo, uthando beluya kubonakaliswa njani kwiqabane elingakholwayo?
24 Kodwa kuthekani ukuba utata osekhayeni akalamkeli iLizwi likaThixo, okanye ude atshutshise nomfazi? Umele enze ntoni umfazi? Ukuba uyamthanda uYehova, ngokuqinisekileyo akayi kumnikela umva Yena. NguSathana owathi abantu babeya kumshiya uThixo ukuba bayacinezelwa. Ngokuqinisekileyo akafun’ ukwenza umyalelo kaSathana. (Yobhi 2:1-5; IMizekeliso 27:11) Kwangaxeshanye, iBhayibhile imbongoza ukuba afune impilontle ehlal’ ihleli yendoda yakhe. Ukutyeshela oko akwazi kuyinyaniso bekuya kuthetha ukuphulukana nobomi obungunaphakade kwabo bobabini. Kodwa ukuba uhlala eqinile elukholweni lwakhe, usenokuyinceda izuze usindiso. (1 Korinte 7:10-16; 1 Petros 3:1, 2) Ngokungakumbi, ngokuqhubeka ezukisa izifungo zomtshato wakhe, kwanaphantsi kobunzima, ubonakalisa intlonelo yakhe enzulu ngoMyili womtshato, uYehova uThixo.
25. Isigqibo somzali silichaphazela njani ithemba lobomi labantwana?
25 Esinye isizathu esinamandla sokuba umzali okholwayo anyaniseke kuThixo xa ejongene nenkcaso ngabantwana. UThixo unikela isiqinisekiso sokuba abantwana abancinane babakhonzi bakhe abazinikeleyo baya kulondolozwa ukutyhubela ‘imbandezelo enkulu.’ Nokuba ngumzali omnye kuphela ongumkhonzi kaYehova, Ubala abantwana abancinane ngolo hlobo ‘njengabangcwele.’ (1 Korinte 7:14) Kodwa kuthiweni ke ngoko ukuba umzali ‘ebenokwala’ ukwenza ukuthanda kukaThixo? Umzali onjalo ebengayi kuba ulahla ukuma okukholekileyo kwakhe siqu phambi koThixo kodwa kwakhona ubeya kuba ulahla nokwabantwana. (Hebhere 12:25) Enjani ilahleko ukuba yintlekele oko ebekuya kuba kuko!
26. Ukuze senze ngendlela eyingenelo yokwenene kuthi nakwabanye, yintoni ekufuneka siyenze?
26 Ngoko, kungakhathaliseki ukuba yiyiphi na inkalo yobomi esiyijongayo, kucacile ukuba kufuneka siqwalasele kungekuphela nje iziqu zethu kodwa kwanabanye. Siya kufumana uthando ukuba siyakuqhelisela ukubonakalisa uthando kwabanye. (Luka 6:38) Kodwa ukuze sibonakalise uthando lokwenyaniso size singalahlekiswa kukuqiqa kwabantu okufutshane, kufuneka sazi uYehova size sinandiphe ulwalamano olulungileyo naye. Noko ke, ukwenjenjalo kwethu kubandakanya ukhetho esimele silwenze ngokobuqu.
[Umfanekiso okwiphepha 171]
Uhlobo lothando abakhonzi bakaYehova abamele babe nalo lubanyanzelisa ukuba babonakalise ulwazelelelo lokwenyaniso kwabanye kungakhathaliseki isizwe, ubuhlanga, okanye isigxina ebomini