IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • re isahl. 26 iphe. 171-176
  • Imfihlelo Engcwele KaThixo—Incopho Yayo Ezukileyo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfihlelo Engcwele KaThixo—Incopho Yayo Ezukileyo!
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyalawula
  • Yeha Kwabo Bonakalisayo!
  • Khangela Ityeya Yomnqophiso Wakhe!
  • Izibetho ZikaYehova KwiNgqobhoko
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Ilixa Lomgwebo KaThixo Lifikile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Izigidimi Zezithunywa Zezulu Zomhla Wethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Incwadi YeBhayibhile 66—ISityhilelo
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
re isahl. 26 iphe. 171-176

Isahluko 26

Imfihlelo Engcwele KaThixo—Incopho Yayo Ezukileyo!

1. (a) UYohane usazisa njani ngokupheleliswa kwemfihlelo engcwele? (b) Kutheni le nto imikhosi yeengelosi ithetha ngokukhwaza nje?

UYAWAKHUMBULA na amazwi okufunga awavakaliswa yingelosi enamandla abhalwe kwiSityhilelo 10:1, 6, 7? Yathi: “Akusayi kulityaziswa; kodwa iya kuthi yakufika imihla yokuba ingelosi yesixhenxe ivuthele ixilongo layo, ipheleliswe imfihlelo engcwele kaThixo ngokweendaba ezilungileyo awazivakalisayo kumakhoboka akhe abaprofeti.” Lifikile ixesha likaYehova elifanelekileyo lokukhaliswa kwelo xilongo lokugqibela! Ngoko, imfihlelo engcwele ipheleliswa njani? UYohane ukuvuyela ngokwenene ukusazisa! Ubhala la mazwi: “Neyesixhenxe ingelosi yavuthela ixilongo layo. Kwaza kwabakho amazwi amakhulu ezulwini, esithi: ‘Ubukumkani behlabathi buthe baba bubukumkani beNkosi yethu nobukaKristu wayo, yaye iya kulawula njengokumkani ngonaphakade kanaphakade.’” (ISityhilelo 11:15) Loo mikhosi yeengelosi inesizathu esivakalayo sokuthetha ngokukhwaza, nangamazwi endudumo! Kuba esi saziso singokwembali sibaluleke kwindalo iphela. Siyinto emele ixhalatyelwe kakhulu yiyo yonke indalo ephilayo.

2. Imfihlelo engcwele ipheleliswa nini ngendlela eyoyisayo yaye ngokwenzeka kwasiphi isiganeko?

2 Imfihlelo engcwele ifikelela kwincopho eyonwabisayo! Ngokuzukileyo nangokubalaseleyo ipheleliswa ngendlela eyoyisayo ngowe-1914 xa iNkosi enguYehova ibeka etroneni uKristu njengoKumkani. Esenzela uYise, uYesu Kristu ulawula ngamandla phakathi kwehlabathi loluntu olulutshaba. NjengeMbewu ethenjisiweyo, ufumana amandla oBukumkani ukuze atshabalalise iNyoka neqela layo aze abuyisele uxolo lweparadesi kulo mhlaba. (Genesis 3:15; INdumiso 72:1, 7) NjengoKumkani onguMesiya, uYesu uya kuzalisekisa iLizwi likaYehova aze athethelele uYise, “uKumkani kanaphakade,” omele alawule njengeNkosi enguMongami “ngonaphakade kanaphakade.”—1 Timoti 1:17.

3. Kutheni uYehova uThixo, nangona esoloko enguKumkani, eye wavumela ezinye iindidi zolongamo ukuba zibekho emhlabeni?

3 Kodwa kwenzeka njani ukuba ‘ubukumkani behlabathi bube bubukumkani beNkosi yethu’ uYehova? Ngaba uYehova uThixo ebengasoloko enguKumkani? Oko kuyinyaniso, kuba uAsafu ongumLevi wavuma le ngoma: “UThixo nguKumkani wam kususela kudala.” Yaye omnye umdumisi wavakalisa oku: “UYehova uthe waba ngukumkani! . . . Itrone yakho imiselwe ngokuqinileyo kwakudala; ususela kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 74:12; 93:1, 2) Noko ke, ngobulumko bakhe, uYehova uye wavumela ezinye iindidi zolongamo ukuba zibekho emhlabeni. Ngaloo ndlela imbambano eyaphakanyiswa e-Eden mayela nokuba umntu unokuzilawula na ngaphandle koThixo iye yavavanywa ngokupheleleyo. Ulawulo lomntu lusilele ngokulusizi. Ngenene, ayinyaniso amazwi omprofeti kaThixo athi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ukususela ngexesha lokutyeka kwabazali bethu bokuqala, lonke elimiweyo belilawulwa ‘yinyoka yantlandlolo’ uSathana. (ISityhilelo 12:9; Luka 4:6) Ngoku kulixesha lokuba kwenziwe inguqulelo ephawulekayo! Ukuze athethelele isigxina sakhe esifanelekileyo, uYehova uqalisa ukubonakalisa ulongamo lwakhe phezu komhlaba ngendlela entsha, ngokusebenzisa uBukumkani obumiselwe nguye nobuphantsi koMesiya.

4. Xa ukukhaliswa kwamaxilongo kwaqalisayo ngowe-1922, yintoni eyabalaseliswayo? Cacisa.

4 Xa ukukhaliswa kwamaxilongo asixhenxe kwaqalisayo ngowe-1922, kwindibano yaBafundi BeBhayibhile eyayiseCedar Piont, eOhio, uJ. F. Rutherford wabalaselisa intetho eyayisekelwe kwisibhalo esithi “Ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 4:17) Waqukumbela ngala mazwi: “Ngoko buyelani entsimini, nina boonyana boThixo Osenyangweni! Xhobani isikrweqe senu! Yibani ziingcathu, phaphani, khuthalani, yibani nenkalipho. Yibani ngamangqina eNkosi athembekileyo nawokwenyaniso. Qhubekani nisilwa de yonke inxalenye eseleyo yeBhabhiloni iphanze. Vakalisani isigidimi kuzo zonke iindawo. Ihlabathi limele lazi ukuba uYehova unguThixo nokuba uYesu Kristu unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi. Le yimini yazo zonke iimini. Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabameli bakhe abamvakalisayo. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” UBukumkani bukaThixo obulawulwa nguKristu Yesu bathi babalaseliswa, yaye oko kwabangela ukuba kuqaliswe ukushunyayelwa koBukumkani okuye kwaquka imigwebo evakaliswe ngokukhaliswa kwawo onke amaxilongo asixhenxe engelosi.

5. Ngowe-1928 kwenzeka ntoni kwindibano yaBafundi BeBhayibhile eyathi yabalaselisa ukuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe?

5 Ukuvuthelwa kwexilongo lengelosi yesixhenxe kwavakala kwiimbalasane zendibano yaBafundi BeBhayibhile eyayiseDetroit, eMichigan, ngoJulayi 30–Agasti 6, 1928. Ngelo xesha amaziko osasazo ali-107 anxityelelaniswa noko iThe New York Times yakuchaza ‘njengolona nxibelelwano lukanomathotholo lunabileyo nolufikelela kwiindawo zonke kolwakha lwenziwa ezimbalini.’ Ngehlombe abantu ababeze endibanweni bamkela ‘Isibhengezo Esinamandla Esinxamnye NoSathana Nesixhasa UYehova,’ esasibonisa ngokubhukuqwa kukaSathana nentlangano yakhe embi nokukhululwa kwabo bonke abathanda ubulungisa eArmagedon. Abalawulwa abanyanisekileyo boBukumkani bukaThixo bavuyiswa kukufumana incwadi eyakhutshwa kuloo ndibano, enamaphepha angama-368 nenomxholo othi Government. Le ncwadi yandlala obona bungqina bucacileyo “bokuba uThixo ubeke uKumkani wakhe Othanjisiweyo kwitrone yakhe ngowe-1914.”

UYehova Uyalawula

6. UYohane usichaza njani isaziso sokubekwa kukaKristu etroneni kuBukumkani bukaThixo?

6 UKristu wabekwa etroneni kuBukumkani bukaThixo—olunjani lona uvuyo okwaluzisayo oku! UYohane uyachaza esithi: “Yaye abadala abangamashumi amabini anesine ababehleli phambi koThixo kwiitrone zabo bawa ngobuso babo baza bamnqula uThixo, besithi: ‘Siyakubulela, Yehova Thixo, onguSomandla, Lowo ukhoyo nowayekho, ngenxa yokuba uye wathabatha amandla akho amakhulu waza waqalisa ukulawula njengokumkani.’”—ISityhilelo 11:16, 17.

7. Imibulelo yenziwa njani kuYehova uThixo (a) yintsalela esemhlabeni yabadala abangama-24 bokomfuziselo? (b) ngabadala abangama-24 bokomfuziselo abaye bavuselwa kwizigxina zabo ezulwini?

7 Abo benza le mibulelo kuYehova uThixo ngabadala abangama-24, abafuzisela abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abakwizigxina zabo zasezulwini. Ukususela ngowe-1922 ukusa phambili intsalela esemhlabeni yaba bathanjiswa bali-144 000 yaxakeka kumsebenzi owaqaliswa kukuvuthelwa kwexilongo. Yayiqonda yonke intsingiselo yomqondiso okuMateyu 24:3–25:46. Noko ke, kwanasekuqaleni kwemini yeNkosi, amangqina adlelana nayo awayesele ‘ezingqine ethembekile kwada kwasekufeni’ ayevuselwe ukuba ahlale kwizigxina zawo ezulwini, ukuze ngoku amele lonke iqela le-144 000 ekuweni ngobuso balo ukuze linikele imbeko kuYehova. (ISityhilelo 1:10; 2:10) Hayi indlela abanombulelo ngayo bonke aba kuba iNkosi yabo enguMongami ingalibazisanga ukuyifikisa encotsheni imfihlelo yayo engcwele!

8. (a) Ukuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe kunawuphi umphumo kwiintlanga? (b) Iintlanga ziye zayibonakalisa nxamnye noobani ingqumbo yazo?

8 Kwelinye icala, ukuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe akuzivuyisi iintlanga. Lifikile ixesha lokuba zifumane ingqumbo kaYehova. Kunjengokuba uYohane esithi: “Kodwa iintlanga zaqumba, nengqumbo yakho yeza, nexesha elimisiweyo lokuba abafileyo bagwetywe, nokuwanika umvuzo wawo amakhoboka akho abaprofeti nabo bangcwele nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, nokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 11:18) Ukususela ngowe-1914 ukusa phambili iintlanga zehlabathi ngendlela eyoyikekayo ziye zabonakalisa ingqumbo yazo ezinye nxamnye nezinye, nxamnye noBukumkani bukaThixo yaye ingakumbi nxamnye namangqina kaYehova amabini.—ISityhilelo 11:3.

9. Iintlanga beziwonakalisa njani umhlaba, yaye uThixo uzimisele ukwenza ntoni ngako oku?

9 Ukutyhubela imbali iintlanga bezisonakalisa umhlaba ngemfazwe yazo eqhubekayo nangokulawula kwazo kakubi. Noko ke, ukususela ngowe-1914, oku konakalisa kuye kwathabatha unyawo kwafikelela umlinganiselo owothusayo. Ukubawa nokonakala kuye kwaphumela ekwandeni kwentlango nasekuphulukaneni kanobom nomhlaba onemveliso. Imvula eneasidi namafu abangelwa yityhefu yeathom zonakalise imimandla emikhulu. Imithombo yokutya iye yangcoliswa. Umoya esiwuphefumlayo namanzi esiwaselayo angcolile. Iityhefu eziphuma kwimizi-mveliso zibulala izinto eziphilayo emhlabeni naselwandle. Ngaxa lithile, amagunya amakhulu asongela ngokulutshabalalisa lonke uluntu ngembubhiso yenyukliya. Okuvuyisayo kukuba, uYehova ‘uya kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba’; uya kubagweba abantu abanekratshi nabangahloneli Thixo abangoonobangela bemeko yomhlaba ebangel’ usizi. (Duteronomi 32:5, 6; INdumiso 14:1-3) Ngoko ke, uYehova ulungiselela uyeha wesithathu, ukuze aba benzi bobubi baziphendulele.—ISityhilelo 11:14.

Yeha Kwabo Bonakalisayo!

10. (a) Uyintoni uyeha wesithathu? (b) Uyeha wesithathu uyizisa ngayiphi indlela into engaphezulu kunentuthumbo?

10 Ngoko, nanku uyeha wesithathu. Uza ngokukhawuleza! Yindlela kaYehova yokonakalisa abo bonakalisa ‘isihlalo seenyawo’ zakhe, lo mhlaba uthandekayo esiphila kuwo. (Isaya 66:1) Uqaliswa buBukumkani bukaMesiya—imfihlelo engcwele kaThixo. Iintshaba zikaThixo, ingakumbi iinkokeli zeNgqobhoko, ziye zathuthunjiswa ngooyeha bokuqala ababini—ababangelwe ngokuyintloko sisibetho seenkumbi nemikhosi yamahashe; kodwa uyeha wesithathu, ophunyezwa buBukumkani bukaYehova ngokwabo, uzisa into engaphezulu kunentuthumbo. (ISityhilelo 9:3-19) Uyabulala ngokuphelisa ibutho labantu elonakeleyo nabalawuli balo. Oku kuya kuza njengencopho yokugweba kukaYehova eArmagedon. Kunjengokuba kanye uDaniyeli waprofeta wathi: “Ngemihla yabo kumkani [abalawuli abonakalisa umhlaba] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Njengentaba eveleleyo, uBukumkani bukaThixo buya kulawula phezu komhlaba ozukisiweyo, buthethelele ulongamo lukaYehova buze buzise uvuyo olungunaphakade kuluntu.—Daniyeli 2:35, 44; Isaya 11:9; 60:13.

11. (a) Luluphi ungcelele oluqhubekayo lweziganeko ezonwabisayo oluchazwa sisiprofeto? (b) Luluphi ubabalo oluqondwayo, luqondwa njani yaye ngoobani?

11 Uyeha wesithathu uphelekwa lungcelele oluqhubekayo lweziganeko ezonwabisayo eziya kuqhubeka ngokwamabakala ukutyhubela imini yeNkosi. Kulixesha lokuba ‘abafileyo bagwetywe, aze uThixo awanike umvuzo wawo amakhoboka akhe abaprofeti nabo bangcwele nabo baloyikayo igama lakhe.’ Oko kuthetha ukuvuswa kwabafileyo! Kwabangcwele abathanjisiweyo abasele belele ekufeni, oko kwenzeka ekuqalekeni kwemini yeNkosi. (1 Tesalonika 4:15-17) Ngexesha elifanelekileyo abangcwele abasaseleyo bathelela aba ngovuko lwephanyazo. Nabanye baza kuvuzwa, kuquka abakhonzi bakaThixo abangabaprofeti bamaxesha amandulo nabo bonke abanye boluntu aboyika igama likaYehova, enoba bangabesihlwele esikhulu esisinda kwimbandezelo enkulu okanye ‘ngabafileyo, abakhulu nabancinane,’ abavuselwa ebomini ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. Ekubeni uKumkani kaThixo onguMesiya enezitshixo zokufa nezeHadesi, ulawulo lwakhe loBukumkani luvulela indlela yokuba abanike ubomi obungunaphakade bonke abazabalazela elo lungiselelo lixabisekileyo. (ISityhilelo 1:18; 7:9, 14; 20:12, 13; Roma 6:22; Yohane 5:28, 29) Enoba bubomi bokungafi emazulwini okanye bubomi obungunaphakade emhlabeni, esi sipho sobomi silubabalo oluvela kuYehova, anokuthi mntu ngamnye osifumanayo abe nombulelo ngonaphakade ngaso!—Hebhere 2:9.

Khangela Ityeya Yomnqophiso Wakhe!

12. (a) Ngokutsho kweSityhilelo 11:19, yintoni ebonwa nguYohane ezulwini? (b) Ityeya yomnqophiso yayingumfuziselo wantoni, yaye kwenzeka ntoni kuyo emva kokuba uSirayeli ethinjelwe eBhabhiloni?

12 UYehova uyalawula! Ngokusebenzisa uBukumkani bakhe obuphantsi kukaMesiya, ubonakalisa ulongamo lwakhe kuluntu ngendlela emangalisayo. Oku kuqinisekiswa koko kubonwa nguYohane ngokulandelayo: “Yaye ingcwele yetempile kaThixo leyo isezulwini yavulwa, yaza ityeya yomnqophiso wakhe yabonwa kuyo ingcwele yetempile yakhe. Kwaza kwabakho imibane namazwi neendudumo nenyikima yomhlaba nesichotho esikhulu.” (ISityhilelo 11:19) Le kuphela kwendawo kwiSityhilelo ekukhankanywa kuyo ityeya yomnqophiso kaThixo. ITyeya yayingumfuziselo obonakalayo wobukho bukaYehova kubantu bakhe abangamaSirayeli. Emnqubeni, yaye kamva etempileni eyayakhiwe nguSolomon, yayigcinwa kweYona Ngcwele. Kodwa xa uSirayeli wathinjelwa eBhabhiloni ngowama-607 B.C.E., iYerusalem yaphanziswa yaza ityeya yomnqophiso yathi shwaka. Oko kwenzeka xa abameli bendlu kaDavide bayekayo ‘ukuhlala etroneni kaYehova njengookumkani.’—1 Kronike 29:23.a

13. Yintoni efanekiselwa sisibakala sokuba ityeya yomnqophiso kaThixo ibonwa kwingcwele kaThixo esezulwini?

13 Ngoku, emva kweminyaka engaphezu kwama-2 600, iTyeya iyaphinda ibonwe. Kodwa embonweni kaYohane le Tyeya ayikho kwitempile yasemhlabeni. Ibonakala kwingcwele kaThixo esezulwini. Kwakhona, uYehova ulawula ngokumkani okumnombo wasebukhosini kaDavide. Noko ke, ngeli xesha, uKumkani, uKristu Yesu, ubekwe etroneni kwiYerusalem yasezulwini—kweyona ndawo iphakamileyo athi xa ekuyo aphumeze imigwebo kaYehova. (Hebhere 12:22) Izahluko ezilandelayo zeSityhilelo ziza kusichazela ngoku.

14, 15. (a) KwiYerusalem yamandulo, ngubani eyayinguye kuphela owayeyibona ityeya yomnqophiso, yaye ngoba? (b) Kwingcwele yetempile kaThixo esezulwini, ngoobani abayibonayo ityeya yomnqophiso wakhe?

14 KwiYerusalem yamandulo eyayisemhlabeni, iTyeya yayingabonwa ngamaSirayeli xa ewonke, nangababingeleli ababekhonza etempileni, kuba yayingaphakathi kweYona Ngcwele eyayisithwe ngesikhuselo esasisahlukanisa eYona Ngcwele neNdawo Engcwele. (Numeri 4:20; Hebhere 9:2, 3) Yayingumbingeleli omkhulu kuphela owayeyibona xa engene kweYona Ngcwele ngoMhla Wocamagushelo owawubakho minyaka le. Sekunjalo, xa ingcwele yetempile esemazulwini ivulwa, ityeya yokomfuziselo ibonwa kungekuphela nje nguMbingeleli Omkhulu kaYehova, uYesu Kristu, kodwa ikwabonwa nangababingeleli abangaphantsi kuye, i-144 000, kuquka uYohane.

15 Abo bokuqala bavuselwe ezulwini bayibonela kufutshane le tyeya yokomfuziselo, kuba sele bekwizikhundla zabo njengenxalenye yabadala abangama-24 abajikeleze itrone kaYehova. Yaye udidi lukaYohane olusemhlabeni luye lwakhanyiselwa ngumoya kaYehova ukuze luqonde indawo akuyo kwitempile Yakhe yokomoya. Bekukwakho nemiqondiso yokwenza uluntu lonke lusiqonde esi siganeko simangalisayo. Umbono kaYohane uthetha ngemibane, ngezandi, ngeendudumo, ngenyikima yomhlaba nangesichotho. (Thelekisa iSityhilelo 8:5.) Zifuzisela ntoni ezi zinto?

16. Ibonakale njani imibane, izandi, iindudumo, inyikima yomhlaba nesichotho esikhulu?

16 Ukususela ngowe-1914 bekukho isiphithiphithi esikhulu kummandla wonqulo. Noko ke, okuvuyisayo kukuba le ‘nyikima’ yomhlaba ibiphelekwa ngamazwi abantu abazahluleleyo abanikela isigidimi esicacileyo esingoBukumkani bukaThixo obumiselweyo. ‘Izilumkiso zenkqwithela’ ezineendudumo ezivela eBhayibhileni ziye zavakaliswa. Njengombane, ulwazi lweLizwi likaThixo lesiprofeto luye lwabonwa lwaza lwavakaliswa. ‘Isichotho’ esitsho ngamandla semigwebo kaThixo siye savulelwa ukuba siwele iNgqobhoko nonqulo lobuxoki xa lulonke. Konke oku kumele ukuba kutsale ingqalelo yabantu. Noko ke, okubuhlungu kukuba uninzi—njengabantu baseYerusalem ngexesha likaYesu—lusilele ukuqonda ukuzaliseka kwale miqondiso yeSityhilelo.—Luka 19:41-44.

17, 18. (a) Yiyiphi imbopheleleko eziswe kukukhaliswa kwamaxilongo eengelosi ezisixhenxe kumaKristu azahluleleyo? (b) AmaKristu aluphumeza njani uthumo lwawo?

17 Iingelosi ezisixhenxe ziyaqhubeka zikhalisa amaxilongo azo, ziphawula iziganeko ezingokwembali apha emhlabeni. AmaKristu azahluleleyo anembopheleleko enkulu yokuqhubeka evakalisa ezi zaziso ehlabathini. Hayi indlela aluphumeza ngovuyo ngayo olo thumo! Oku kuboniswa kukuba ebudeni beminyaka engama-20 ukususela kowe-1986 ukusa kowama-2005, aphantse aziphinda kabini iiyure azichithe minyaka le kubulungiseleli—ukususela kuma-680 837 042 ukusa kwi-1 278 235 504. Ngokwenyaniso, “imfihlelo engcwele kaThixo ngokweendaba ezilungileyo” yaziswa “kwiziphelo zomhlaba omiweyo.”—ISityhilelo 10:7; Roma 10:18.

18 Ngoku silindele eminye imibono njengoko iinjongo zoBukumkani bukaThixo ziqhubeka zityhilwa.

[Umbhalo osemazantsi]

a Umbhali-mbali ongumRoma uTacitus uthi xa iYerusalem yathinjwayo ngowama-63 B.C.E. waza uCneius Pompeius wangena engcweleni yetempile, wafumanisa ukuba kwakukhal’ ibhungane. Yayingekho ityeya yomnqophiso apho.—Tacitus History, 5.9.

[Ibhokisi ekwiphepha 173]

Iimbalasane Zezibhengezo Zomgwebo KaYehova Ezinjengokukhala Kwexilongo

1. Ngowe-1922 eCedar Point, eOhio: Kwenziwa ucelomngeni kwiinkokeli zeNgqobhoko kunqulo, kwiipolitiki nakushishino oluphambili ukuze kuboniswe ukusilela kwazo ukuzisa uxolo, impumelelo nolonwabo. UBukumkani bukaMesiya busisicombululo.

2. Ngowe-1923 eLos Angeles, eCalifornia: Intetho yesidlangalala eyayisithi, “Zonke Iintlanga Ngoku Ziya EArmagedon, Kodwa Izigidi Eziphilayo Ngoku Azinakuze Zife,” yahlab’ ikhwelo ‘kwizimvu’ ezithand’ uxolo ukuba zishiye ulwandle olululuntu olubangel’ ukufa.

3. Ngowe-1924 eColumbus, eOhio: Abefundisi babekw’ ityala ngokuziphakamisa kwabo nokungavumi ukushumayela uBukumkani bukaMesiya. AmaKristu okwenyaniso amele ashumayele ngempindezelo kaThixo aze athuthuzele abantu abalilayo.

4. Ngowe-1925 eIndianapolis, eIndiana: Isigidimi sethemba esibonisa umahluko phakathi kobumnyama bokomoya obukwiNgqobhoko nesithembiso esiqaqambileyo soBukumkani soxolo, impumelelo, impilo, ubomi, inkululeko nolonwabo olungunaphakade.

5. Ngowe-1926 eLondon, eNgilani: Isibetho esifana neseenkumbi esasisiya kwiNgqobhoko nakubefundisi bayo, esibhenca ukugatya kwabo uBukumkani bukaThixo nokungavumi ukuzukisa ukuzalwa kwalo rhulumente wasezulwini.

6. Ngowe-1927 eToronto, eKhanada: Isimemo esasiphunyezwa ngokungathi kungemikhosi yamahashe, sihlab’ ikhwelo ebantwini ukuba bashiye ‘ubuKristu obulungelelanisiweyo’ baze banyaniseke ngokusuka entliziyweni kuYehova uThixo nakuKumkani wakhe noBukumkani bakhe.

7. Ngowe-1928 eDetroit, eMichigan: Isibhengezo esenziwa nxamnye noSathana nesixhasa uYehova, sicacisa ukuba uKumkani othanjisiweyo kaThixo, owabekwa etroneni ngowe-1914, uza kutshabalalisa intlangano embi kaSathana aze akhulule uluntu.

[Ibhokisi ekwiphepha 175]

Ukonakaliswa Komhlaba

“Kwimizuzwana ngaminye emithathu ummandla ochumileyo wehlathi lendalo elinobukhulu obulingana nebala lebhola uthi shwaka. . . . Ukuphela kwamahlathi amakhulu kutshabalalisa amawakawaka eentlobo zezityalo nezilwanyana.”—Illustrated Atlas of the World (Rand McNally).

“Kwiinkulungwane ezimbini zokwenza isicombululo, [amaChibi Amakhulu] nawo aye aba ngowona mjelo mkhulu ehlabathini wokulahla amanzi amdaka.”—The Globe and Mail (eKhanada).

NgoAprili we-1986 ugqabhuko-dubulo nomlilo owaphuma kwiziko lenyukliya eChernobyl, eRashiya, “zaba sesona siganeko sikhulu senyukliya . . . ukususela ekuphosweni kwebhombu eHiroshima naseNagasaki,” zikhuphela “kumoya wehlabathi, kumhlaba ongaphezulu nasemanzini ityhefu ekhutshwa yiathom ehlala ithuba elide ukudlula naziphi na iimvavanyo zenyukliya nezebhombu kwezakha zadutyulwa.”—JAMA; The New York Times.

EMinamata, eJapan, umzi-mveliso wemichiza wakhuphela elwandle imethylmercury. Ukudla iintlanzi neembaza ezinale tyhefu kwabangela isifo saseMinamata (iMD) “isifo semithambo-luvo esihlala sikho. . . . Ukuza kuthi ga ngoku [ngowe-1985], abantu abangama-2578 kulo lonke elaseJapan ngokusemthethweni baye bangqinwa beneMD.”—International Journal of Epidemiology.

[Ibhokisi ekwiphepha 176]

Izibhengezo ezinamandla ezikwiSityhilelo 11:15-19 zitshayelela imibono eza kulandela. ISityhilelo isahluko 12 sibonisa okwenzeke ngaphambilana okucacisa ngokweenkcukacha izibhengezo ezizukileyo ezikwiSityhilelo 11:15, 17. Isahluko 13 sinikela imvelaphi yese-11:18, njengoko sichaza ngemvelaphi nangokuqhubeka kwentlangano kaSathana yobupolitika eyonakalise umhlaba. Isahluko 14 nese-15 sichaza ngokweenkcukacha imigwebo yoBukumkani engakumbi enxityelelaniswa nokukhaliswa kwexilongo lesixhenxe noyeha wesithathu.

[Imifanekiso ekwiphepha 174]

UYehova uza ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share