Isahluko 37
Ukwenza Isijwili Nokuvuyela Isiphelo SeBhabhiloni
1. “Ookumkani bomhlaba” baya kuthini xa iBhabhiloni Enkulu itshabalala ngequbuliso?
ISIPHELO seBhabhiloni siziindaba ezilungileyo kubantu bakaYehova, kodwa iintlanga zisijonga njani? UYohane uyasixelela esithi: “Yaye ookumkani bomhlaba abahenyuza nayo nabaphila kubunewunewu bokungabi nazintloni baya kulila bezimbambazela besentlungwini ngenxa yayo, xa bekhangela kumsi wokutsha kwayo, ngoxa bemi mgama ngenxa yoloyiko abanalo ngokuthuthumba kwayo baze bathi, ‘Yeha, yeha, wena sixeko sikhulu, Bhabhiloni wena sixeko someleleyo, ngenxa yokuba ufike ngelixa elinye umgwebo wakho!’”—ISityhilelo 18:9, 10.
2. (a) Ekubeni iimpondo ezilishumi zokomfuziselo zerhamncwa elimbala ungqombela zitshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, kutheni le nto “ookumkani bomhlaba” bekhalela ukuphela kwayo? (b) Kutheni le nto ookumkani ababuhlungu bemela kude nje kumzi ogwetyiweyo?
2 Indlela iintlanga ezisabela ngayo isenokubonakala imangalisa ngenxa yokuba iBhabhiloni yatshatyalaliswa ziimpondo ezilishumi zokomfuziselo zerhamncwa elimbala ungqombela. (ISityhilelo 17:16) Kodwa xa iBhabhiloni ingasekho, kuyabonakala ukuba “ookumkani bomhlaba” baya kuyiqonda indlela eyayiluncedo ngayo kubo ekugcineni abantu bezolile yaye bethobela. Abefundisi baye bavakalisa ukuba iimfazwe zingcwele, baye bangabantu abagaya umkhosi, baza baphembelela ulutsha ukuba luye edabini. Unqulo luye lwalungiselela umkhusane wobungcwele ekuthe emva kwawo abalawuli abonakeleyo bacinezela abantu nje abaqhelekileyo. (Thelekisa uYeremiya 5:30, 31; Mateyu 23:27, 28.) Noko ke, phawula ukuba aba kumkani babuhlungu ngoku bamela kude kumzi ogwetyiweyo. Abasondeli kuwo ukuze bawuncede. Babuhlungu kukuwubona utshabalala kodwa abakho buhlungu ngokokude bazichanabe ngenxa yawo.
Abarhwebi Bayalila Baze Bazile
3. Ngoobani abanye abakukhalelayo ukutshabalala kweBhabhiloni Enkulu, yaye ziziphi izizathu zoku ezinikelwa nguYohane?
3 Ookumkani bomhlaba asingabo kuphela abakukhalelayo ukutshabalala kweBhabhiloni Enkulu. “Kanjalo, abarhwebi abahambahambayo bomhlaba bayalila yaye bazilile ngenxa yayo, kuba akukho bani wokuthenga impahla yabo eninzi kwakhona, impahla eninzi yegolide nesilivere nelitye elixabisekileyo neeperile nelinen ecikizekileyo nokumfusa nesilika nokungqombela; nayo yonk’ into yomthi onevumba elimnandi nalo lonke uhlobo lwento yophondo lwendlovu nalo lonke uhlobo lwento yowona mthi uxabisekileyo neyobhedu neyentsimbi neyemabhile; kwanesinamon nesiqholo saseIndiya nesiqhumiso neoli yobulawu nentlaka yokuqhumisa newayini neoli yomnquma nomgubo ocolekileyo nengqolowa neenkomo nezimvu, namahashe neekari namakhoboka nemiphefumlo yabantu. Ewe, isiqhamo esihle umphefumlo wakho owawusinqwenela simkile kuwe [Bhabhiloni Enkulu], nazo zonke izinto ezityebileyo nezinto ezinobuqhele-qhele zitshabalele kuwe, yaye abantu abasayi kuze bazifumane kwakhona.”—ISityhilelo 18:11-14.
4. Kutheni le nto “abarhwebi abahambahambayo” belila baze benze isijwili ngenxa yokuphela kweBhabhiloni Enkulu?
4 Ewe, iBhabhiloni Enkulu yayingumhlobo osenyongweni nomthengi ophambili kubarhwebi abatyebileyo. Ngokomzekelo, izindlu zeemonki, zoonongendi neecawa zeNgqobhoko kwiinkulungwane ezidluleyo ziye zazuza izixa ezikhulu zegolide, zesilivere, zamatye anqabileyo, zemithi exabisekileyo nezinye iintlobo zobutyebi bezinto eziphathekayo. Ngokungakumbi, unqulo luye lwasikelela ukuthengwa kweempahla ngendlela eyaphul’ izikeyi namatheko ekuselwa kuwo utywala ngokugqithiseleyo ahambisana nombhiyozo weKrismesi enyelisa uKristu nezinye iintsuku ekufane kuthiwe zingcwele. Abavangeli beNgqobhoko baye bafikelela kumazwe akude, bevula iindawo ezintsha zentengiso ukuze kuncedakale “abarhwebi abahambahambayo” beli hlabathi. Ngenkulungwane ye-17 eJapan, ubuKatolika, obabuze nabarhwebi, bade babandakanyeka kwimfazwe yokubangisana ngomhlaba. Ichaza ngedabi elaqhubeka phantsi kweendonga zenqaba yaseOsaka, iThe Encyclopædia Britannica ithi: “Imikhosi kaTokugawa yazifumana isilwa notshaba olwalunezindwe ezazifakwe umnqamlezo nemifanekiso eqingqiweyo yoMsindisi neNgcwele uYakobi, ingcwele ekhuselayo yaseSpeyin.” Eli qela loyisayo lawatshutshisa laza lawatshayela phantse ngokupheleleyo amaKatolika kwelo lizwe. Ukuba nenxaxheba kwecawa kwimicimbi yehlabathi namhlanje ngokukwanjalo akuyi kuyizisela ntsikelelo.
5. (a) Ilizwi eliphuma ezulwini likuchaza njani ngokungakumbi ukwenza isijwili ‘kwabarhwebi abahambahambayo’? (b) Kutheni le nto nabarhwebi ‘bemela mgama’?
5 Ilizwi eliphuma ezulwini ngokungakumbi lithi: “Abarhwebi abahambahambayo bezi zinto, ababa zizityebi ngayo, baya kumela mgama ngenxa yoloyiko abanalo ngokuthuthumba kwayo, balile bezilile, besithi, ‘Yeha, yeha—isixeko esikhulu, esambethe ilinen ecikizekileyo nokumfusa nokungqombela, nesihonjiswe kakhulu ngesihombo segolide nelitye elinqabileyo neperile, ngenxa yokuba buphanziswe ngelixa elinye ubutyebi obukhulu kangaka!’” (ISityhilelo 18:15-17a) Xa kutshatyalaliswa iBhabhiloni Enkulu, “abarhwebi” benza isijwili ngenxa yokuphulukana nelo qabane beberhweba nalo. Ngokwenyaniso, ‘nguyeha, nguyeha’ kubo. Noko ke, phawula ukuba izizathu ezenza ukuba benze isijwili zezokuzingca ngokupheleleyo yaye nabo—njengookumkani—‘bamela mgama.’ Abasondeli ukuze banikele naluphi na uncedo kwiBhabhiloni Enkulu.
6. Ilizwi eliphuma ezulwini likuchaza njani ukwenza isijwili kwabaqhubi-mikhombe noomatiloshe, yaye kutheni belila nje?
6 Le ngxelo ihlabela mgama isithi: “Wonke umphathi wenqanawa naye wonke umntu ohamba ngolwandle naphi na, noomatiloshe nabo bonke abo baziphilisa ngokusebenza elwandle, bema mgama baza badanduluka njengoko babekhangele kumsi wokutsha kwayo baza bathi, ‘Sisiphi na isixeko esinjengesi sixeko sikhulu?’ Baphosa uthuli phezu kweentloko zabo baza badanduluka, belila kwaye bezilile, besithi, ‘Yeha, yeha—isixeko esikhulu, abathi kuso bonke abo banezikhephe elwandle baba zizityebi ngenxa yokuxabisa kwaso kakhulu, kuba ngelixa elinye siye saphanziswa!’” (ISityhilelo 18:17b-19) IBhabhiloni yamandulo yayisisixeko sezorhwebo ibe yayineenqanawa ezininzi. Ngokufanayo, iBhabhiloni Enkulu yenza ushishino olukhulu ngokusebenzisa “amanzi amaninzi” angabantu bayo. Oku kubangela ukuba abantu bayo abaninzi ebalawula ngokonqulo baqeshwe. Okunjani kona ukubetheka ngokoqoqosho ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu okuya kuba kuko kwaba! Akunakuze kubekho omnye umthombo ophilisa njengayo.
Ukuvuya Ngenxa Yokutshatyalaliswa Kwayo
7, 8. Ilizwi eliphuma ezulwini lifikelela njani kuvuthondaba lwesigidimi salo ngeBhabhiloni Enkulu, yaye ngoobani abaya kusabela kuloo mazwi?
7 Xa iBhabhiloni yamandulo yabhukuqwa ngamaMedi namaPersi, ngokuprofetayo uYeremiya wathi: “Ngokuqinisekileyo aya kumemelela ngovuyo amazulu nomhlaba nako konke oko kukuwo ngenxa yeBhabhiloni.” (Yeremiya 51:48) Xa iBhabhiloni Enkulu itshatyalalisiwe, ilizwi eliphuma ezulwini lifikelela kuvuthondaba lwesigidimi salo, lisithi ngeBhabhiloni Enkulu: “Chulumanca ngenxa yaso, Owu zulu, nani bangcwele nani bapostile nani baprofeti, ngenxa yokuba uThixo usigwebile ngenxa yenu!” (ISityhilelo 18:20) UYehova neengelosi baya kuvuyiswa kukubona ukutshatyalaliswa kotshaba lukaThixo lwamandulo, njengokuba beya kuvuya nabapostile nabaprofeti abangamaKristu bangaphambili, ngoku abavusiweyo baza bahlala kwiindawo zabo kwilungiselelo labadala abangama-24.—Thelekisa iNdumiso 97:8-12.
8 Ngokwenene, bonke ‘abangcwele’—enoba bavuselwe ezulwini okanye basaphila emhlabeni—baya kudanduluka luvuyo, njengokuba siya kwenjenjalo nesihlwele esikhulu sezinye izimvu esinxulumene nabo. Ekuhambeni kwexesha, onke amadoda athembekileyo amandulo aya kuvuselwa kwinkqubo entsha yezinto, yaye nawo aya kuthelela eluvuyweni. Abantu bakaThixo abazamanga ukuziphindezelela kubatshutshisi babo bonqulo lobuxoki. Baye bakhumbula amazwi kaYehova athi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.” (Roma 12:19; Duteronomi 32:35, 41-43) Kaloku, ngoku uYehova sele ephindezele. Lonke igazi eliphalazwe yiBhabhiloni Enkulu liya kuba liphindezelelwe.
Ukuphoswa Kwelitye Elikhulu Lokusila
9, 10. (a) Yintoni ngoku eyenziwa nethethwa yingelosi eyomeleleyo? (b) Sisiphi isenzo esenzeka kwixesha likaYeremiya esifana neso senziwa yingelosi eyomeleleyo esichazwe kwiSityhilelo 18:21, yaye saqinisekisa ntoni? (c) Isenzo esiphunyezwa yingelosi eyomeleleyo esibonwa nguYohane siqinisekisa ntoni?
9 Okubonwa nguYohane ngokulandelayo kuqinisekisa ukuba umgwebo kaYehova kwiBhabhiloni Enkulu ngowokugqibela: “Yaye ingelosi eyomeleleyo yaphakamisa ilitye elinjengelitye elikhulu lokusila yaza yaliphosa elwandle, isithi: ‘Ngaloo ndlela ngokugadlela okukhawulezileyo iBhabhiloni isixeko esikhulu iya kuphoselwa phantsi, ingabi safunyanwa kwakhona.’” (ISityhilelo 18:21) Ngexesha likaYeremiya, kwenziwa isenzo esifanayo esasinentsingiselo enamandla engokwesiprofeto. UYeremiya waphefumlelwa ukuba ayibhale encwadini “yonke intlekele eyayiza kufikela iBhabhiloni.” Le ncwadi wayinika uSeraya waza wamyalela ukuba aye eBhabhiloni. Apho, elandela imiyalelo kaYeremiya, uSeraya wafunda isibhengezo esinxamnye neso sixeko: “Owu Yehova, wena uthethile nxamnye nale ndawo, ukuze uyinqumle, kungabikho mmi kuyo, nokuba yindoda okanye isilwanyana sasekhaya, kodwa ukuze ibe yinkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.” Wandula ke uSeraya wabophelela ilitye kule ncwadi waza wayiphosa kumlambo umEfrate, esithi: “Le yindlela eya kutshona ngayo iBhabhiloni, ingaze ivuke ngenxa yentlekele endiyizisela yona.”—Yeremiya 51:59-64.
10 Ukuphoswa kwencwadi edityaniswe nelitye emlanjeni kwakusisiqinisekiso sokuba iBhabhiloni yayiya kubhanga ingabikho, ingaze ibuye ibekho. Ukubona kompostile uYohane ingelosi eyomeleleyo iphumeza isenzo esifanayo ngokukwanjalo kusisiqinisekiso esinamandla sokuba injongo kaYehova kwiBhabhiloni Enkulu iya kuzaliseka. Ukubhujiswa ngokupheleleyo kweBhabhiloni yamandulo namhlanje kusisiqinisekiso esinamandla soko kuya kwehlela unqulo lobuxoki kwikamva elingekude.
11, 12. (a) Ithini ngoku ingelosi eyomeleleyo kwiBhabhiloni Enkulu? (b) UYeremiya waprofeta njani ngeYerusalem ewexukileyo, yaye yayifuzisela ntoni kumhla wethu?
11 Ngoku ingelosi eyomeleleyo ithetha ngeBhabhiloni Enkulu, isithi: “Nesandi seemvumi ezizipheleka ngohadi nesabadlali bomculo nesababethi-zimbande nesabavutheli-maxilongo asisayi kuze siviwe kwakhona kuwe, yaye akukho ngcibi yawo nawuphi na umsebenzi eya kuze ifunyanwe kwakhona kuwe, nesandi selitye lokusila asisayi kuze siviwe kwakhona kuwe, yaye akukho kukhanya kwasibane kuya kuze kukhanye kwakhona kuwe, ibe akukho lizwi lamyeni nelamtshakazi liya kuze liviwe kwakhona kuwe; ngenxa yokuba abarhwebi bakho abahambahambayo babengabantu abakuluhlu oluphezulu emhlabeni, kuba ngoqheliselo lwakho lokusebenzelana nemimoya zonke iintlanga zalahlekiswa.”—ISityhilelo 18:22, 23.
12 Ngendlela efanayo, uYeremiya waprofeta ngeYerusalem ewexukileyo: “Ndiza kusitshabalalisa kubo isandi sokugcoba nesandi sokuba nemihlali, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi, isandi selitye lokuguba nokukhanya kwesibane. Neli lizwe lonke limele libe yindawo ephanzileyo, into yokukhwankqiswa.” (Yeremiya 25:10, 11) Njengenxalenye ephambili yeBhabhiloni Enkulu, iNgqobhoko iya kubhujiswa kungabikho nto iphilayo kuyo, njengoko oku kwaboniswa ngokucacileyo yimeko yokuphanziswa kweYerusalem emva kowama-607 B.C.E. INgqobhoko eyayikade ivuya ngokugqithiseleyo neyayikade izele yintswahla imihla ngemihla iya kuzifumana yoyisiwe yaye ishiyiwe.
13. Yiyiphi inguqulelo yequbuliso eyehlela iBhabhiloni Enkulu, yaye uyintoni umphumo ‘kubarhwebi bayo abahambahambayo’?
13 Ngokwenene, njengoko ingelosi ixelela uYohane, yonke iBhabhiloni Enkulu ayisayi kuba saba bubukhosi obunamandla bezizwe ngezizwe kodwa iya kuba yinkangala ebharhileyo enjengentlango. ‘Abarhwebi bayo abahambahambayo,’ kuquka oosozigidi abaphambili, baye basebenzisa unqulo lwayo ukuze balungelwe ngokobuqu okanye njengento ebafihlayo kwimizamo yabo, yaye abefundisi bakufumanise kunenzuzo ukuba kwiindawo eziphambili kunye nabo. Kodwa abo barhwebi abasayi kuba nayo iBhabhiloni Enkulu njengeqabane labo. Ayisayi kuphinda ikhohlise iintlanga zomhlaba ngoqheliselo lwayo lonqulo oluyimfihlelo.
Ityala Legazi Eloyikekayo
14. Sisiphi isizathu esinikelwa yingelosi eyomeleleyo ngokuba qatha komgwebo kaYehova, yaye yintoni eyathethwa nguYesu ngokufanayo xa wayesemhlabeni?
14 Ekuqukumbeleni, ingelosi eyomeleleyo ichaza isizathu sokuba uYehova agwebe iBhabhiloni Enkulu ngokuqatha kangaka. Ithi: “Ewe, kuso kwafunyanwa igazi labaprofeti nelabo bangcwele nelabo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.” (ISityhilelo 18:24) Xa wayesemhlabeni, uYesu waxelela iinkokeli zonqulo zaseYerusalem ukuba zaziza kuphendula ngalo “lonke igazi elinobulungisa elaphalazwa emhlabeni, ukususela kwigazi lika-Abheli olilungisa” ukusa phambili. Ngokuvisisana noko, eso sizukulwana sigoso satshatyalaliswa ngowama-70 C.E. (Mateyu 23:35-38) Namhlanje, esinye isizukulwana sabantu abathanda unqulo sinetyala legazi ngenxa yokutshutshisa kwaso abakhonzi bakaThixo.
15. ICawa yamaKatolika kwiJamani yamaNazi yaba netyala legazi ngaziphi iindlela ezimbini?
15 Kwincwadi yakhe ethi The Catholic Church and Nazi Germany, uGuenter Lewy ubhala oku: “Xa amaNgqina kaYehova acinezelwayo eBavaria ngoAprili 13 [1933] iCawa yade yamkela nesabelo eyasinikwa ngumPhathiswa Wezemfundo Nonqulo sokuchaza naliphi na ilungu lehlelo elalisaqhelisela unqulo olwalelweyo.” Ngaloo ndlela iCawa yamaKatolika ifak’ isandla ekuvalelweni kwamawakawaka amaNgqina kwiinkampu zoxinaniso; izandla zayo zizele ligazi lobomi lamakhulukhulu amaNgqina awabulawayo. Xa amaNgqina aselula, anjengoWilhelm Kusserow, abonisa ukuba ayenokufa ngenkalipho ngokubulawa liqela lomkhosi odubulayo, uHitler wagqiba kwelokuba iqela lomkhosi lalibathantamisa gqitha abantu ababengafuni ukungenela umkhosi ngenxa yesazela sonqulo; ngoko umntakobo Wilhelm uWolfgang, kubudala beminyaka engama-20, wabulawa ngokunqunyulwa intloko. Kwangaxeshanye, iCawa yamaKatolika yayikhuthaza amaKatolika aseJamani aselula ukuba afele emkhosini welizwe looyise. Ityala legazi lecawa liyabonakala!
16, 17. (a) Liliphi ityala legazi elimele libizwe kwiBhabhiloni Enkulu, yaye iVatican yaba nalo njani ityala legazi kumaYuda awafa xa kwakubulawa abantu abaninzi ngamaNazi? (b) Yiyiphi enye indlela unqulo lobuxoki olumele lubekw’ ityala ngayo ngokubulawa kwezigidi zabantu kumakhulukhulu eemfazwe eziye zaliwa kwixesha lethu?
16 Noko ke, esi siprofeto sithi igazi ‘labo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni’ limele libizwe kwiBhabhiloni Enkulu. Ngokuqinisekileyo oko kwenzekile kumaxesha anamhla. Ngokomzekelo, ekubeni ubuqhophololo bamaKatolika banceda ekubeni okaHitler alawule iJamani, iVatican inetyala legazi eloyikekayo kumaYuda azizigidi ezithandathu awafa xa kwakubulawa abantu abaninzi ngamaNazi. Ngokungakumbi kweli xesha lethu, abantu abangaphezulu kuhle kwikhulu lesigidi baye babulawa kumakhulu eemfazwe. Ngaba unqulo lobuxoki lumele lubekw’ ityala ngako oku? Ewe, lumele lubekw’ ityala ngeendlela ezimbini.
17 Enye indlela yeyokuba iimfazwe ezininzi zihlobene nokungavisisani kwabantu bonqulo. Ngokomzekelo, ugonyamelo olwaluseIndiya phakathi kwamaSilamsi namaHindu ngowe-1946-48 lwalubangelwe lunqulo. Itshoba lalal’ umbethe kumakhulu amawaka abantu. Imfazwe ephakathi kweIraq neIran kwiminyaka yee-1980 yayihlobene nokungavisisani kwabantu bamahlelo, ekuthe kuyo kwabulawa abantu abangamakhulu amawaka. Ugonyamelo obeluphakathi kwamaKatolika namaProtestanti kuMntla Ireland lusube imiphefumlo engamawakawaka. Ehlolisisa le nkalo, umbhali wemihlathi yamaphephandaba uC. L. Sulzberger wathi ngowe-1976: “Yinyaniso eyothusayo into yokuba mhlawumbi isiqingatha seemfazwe okanye ezingaphezu koko eziliwayo ngoku ehlabathini jikelele ziimfazwe ezizezonqulo ngokuphandle okanye ezibandakanya iimpikiswano zonqulo.” Ngokwenene, oko bekunjalo ukutyhubela imbali eneziphithiphithi yeBhabhiloni Enkulu.
18. Yiyiphi indlela yesibini iinkonzo zehlabathi ezinetyala legazi ngayo?
18 Yiyiphi indlela yesibini? Ngokwembono kaYehova, iinkonzo zehlabathi zinetyala legazi ngenxa yokuba azibafundisanga ngendlela yokubenza beyiseke abalandeli bazo inyaniso engezinto ezifunwa nguYehova kubakhonzi bakhe. Azibafundisanga ngendlela yokubenza beyiseke abantu ukuba abanquli bakaThixo bokwenyaniso bamele baxelise uYesu Kristu baze babonise uthando kwabanye kungakhathaliseki imvelaphi yabo engokobuhlanga. (Mika 4:3, 5; Yohane 13:34, 35; IZenzo 10:34, 35; 1 Yohane 3:10-12) Ngenxa yokuba iinkonzo ezibumba iBhabhiloni Enkulu zingazifundisanga ezi zinto, abalandeli bazo baye batsalelwa kwisiphithiphithi seemfazwe eziqhubeka kwizizwe ngezizwe. Hayi indlela oku okwabonakala ngayo kwiimfazwe ezimbini zehlabathi ezabakho kwisiqingatha sokuqala senkulungwane yama-20, ezathi zombini zaqalisa kwiNgqobhoko zaza zaphumela ekubeni abantu bonqulo abangamadlelane babulalane! Ukuba bonke ababesithi bangamaKristu babenamathele kwimigaqo yeBhayibhile, ezo mfazwe ngezazingazange zibekho.
19. Liliphi ityala legazi eloyikekayo iBhabhiloni Enkulu enalo?
19 Kulo lonke olu phalazo-gazi uYehova ulibeka ityala kwiBhabhiloni Enkulu. Ukuba iinkokeli zonqulo, ingakumbi ezo zeNgqobhoko, zazibafundisile abantu bazo inyaniso yeBhayibhile, ukuphalazwa kwegazi okugqithisele ngolo hlobo ngekwakungazange kwenzeke. Ngoko, ngokwenyaniso, ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga, iBhabhiloni Enkulu—ihenyukazi elikhulu nobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki—imele iphendule kuYehova kungekuphela nje ngenxa ‘yegazi labaprofeti nelabo bangcwele’ ethe yabatshutshisa yaza yababulala kodwa nangenxa yegazi ‘labo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.’ Ngenene iBhabhiloni Enkulu inetyala legazi eloyikekayo. Kotsho kuthi qabu xa intshabalalo yayo yokugqibela ifika!
[Ibhokisi ekwiphepha 270]
Umvuzo Wokulalanisa
UGuenter Lewy ubhala oku kwincwadi yakhe ethi The Catholic Church and Nazi Germany: “Ukuba nje amaKatolika aseJamani ayenamathele kwinkqubo yokuluchasa ngokupheleleyo ulawulo lwamaNazi, imbali yehlabathi ngeyayiphumele kwinto eyahlukileyo. Nokuba lo mzamo ekugqibeleni ngewawusilele ukoyisa uHitler nasekuthinteleni lonke ulwaphulo-mthetho lwakhe oluninzi, ngewawubangele ukuba iCawa ixatyiswe ngokugqithiseleyo. Ngokungathandabuzekiyo baninzi abantu ababeya kufa ngenxa yokuxhathisa okunjalo, kodwa oku kuzincama ngekwakwenziwe ngenxa yoonobangela ababalulekileyo. Ukuba wayengaxhaswa ngokupheleleyo kwilizwe lakhe, uHitler ngewayengazamanga kuya emfazweni yaye izigidi zokoqobo zabantu ngezazisindisiwe. . . . Xa amawakawaka amaJamani awayechase amaNazi athuthunjiswayo aze afa kwiinkampu zoxinaniso zikaHitler, xa kwabulawa amagosa athile akrelekrele asePoland, xa amakhulu amawaka amaRashiya afayo ngenxa yokuphathwa njengamaUntermenschen [abantu abangaphantsi] angamaSlav, naxa abantu abazizi-6 000 000 babulawayo ngenxa yokuba ‘bengengobantu baseYurophu,’ amagosa eCawa yamaKatolika eJamani alombelela ulawulo olwalusenza olo lwaphulo-mthetho. Inkuku yasikw’ umlomo kuPopu waseRoma, kwinkokeli yezakwalizwi nakumfundisi ophakamileyo weCawa yamaRoma Katolika.”—Iphepha 320, 341.
[Umfanekiso okwiphepha 268]
“Yeha, yeha,” batsho njalo abalawuli
[Umfanekiso okwiphepha 268]
“Yeha, yeha,” batsho njalo abarhwebi