IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rs iphe. 99-iphe. 104
  • InDalo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • InDalo
  • Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Esinokwazi Ngayo Ukuba UThixo Ukho
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Indalo
    Vukani!—2014
  • Umoya Oyingcwele—Wasetyenziswa Xa Kudalwa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Baqala Njani Ubomi?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Ukuqiqa NgeZibhalo
rs iphe. 99-iphe. 104

InDalo

Ingcaciso: Indalo, njengokuba icacisiwe eBhayibhileni, ithetha ukuba uSomandla uThixo wayila waza wabangela kwabakho ummandla wendalo, kuquka nabanye abantu abayimimoya nazo zonke iintlobo ezisisiseko eziphilileyo emhlabeni.

Kweli hlabathi lezi mini nelenzululwazi, kusengqiqweni na ukukholelwa endalweni?

“Imithetho yemvelo yommandla wendalo iphela ithe ngqo kangangokuba asinabunzima bokwakha isiphekepheke sokuntingela enyangeni yaye ukuntinga singakumisela ixesha elithe ngqo kuse nakwiqhezu lomzuzwana. Le mithetho imele ibe yamiselwa nguthile.”—La mazwi acatshulwe kuWernher von Braun, owaba nendima enkulu awayenzayo ekuthumeleni oosomajukujuku baseMerika enyangeni.

Ummandla wendalo obonakalayo: Ukuba ubufumene iwotshi elibamba ngqo ixesha, ngaba ubunokugqiba kwelokuba yazenzekela ngamabona-ndenzile ngokuvuthelana kwamasuntswana othuli? Ngokucacileyo, nguthile okrelekrele owayenzayo. Kukho “iwotshi” ede yangummangaliso ngakumbi. Izijikelezi-langa kwiphahlothi lethu lelanga, kwaneenkwenkwezi ezikummandla wendalo uphela, zihamba ngendlela ethe ngqo ngokuchane ngaphezu kwenkoliso yeewotshi eziyilwe ngumntu. Umnyele elikuwo iphahlothi lethu lelanga uquka iinkwenkwezi ezingaphezu kwe-100 lamawaka ezigidi, yaye izazi ngeenkwenkwezi ziqikelela ukuba kukho i-100 lamawaka ezigidi leminyele enjalo kummandla wendalo. Ukuba iwotshi ibubungqina bomyili okrelekrele, kubeka phi ke ngommandla wendalo ophangalele nontsonkothe gqitha! IBhayibhile imchaza uMyili wawo ngokuthi “UThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke.”—Isa. 42:5; 40:26; INdu. 19:1.

Isijikelezi-langa Umhlaba: Xa ucanda kwintlango ebharhileyo, ukuba uthene mandla nendlu entle, efakwe zonke iintlobo zefanishala izele nakukutya, ubuya kulikholelwa na elokuba yabakho apho ngamabona-ndenzile? Hayi; ubuya kuqonda ukuba ubani onobulumko obubalaseleyo wayakha. Kaloku, izazinzulu azikahlangani nazinto ziphilileyo kuso nasiphi na isijikelezi-langa sephahlothi lethu lelanga ngaphandle komhlaba; ubungqina obukhoyo bubonisa ukuba ezinye zibharhile. Esi sijikelezi-langa, njengokuba incwadi ethi The Earth isitsho, “singummangaliso wommandla wendalo, singummandla obalaseleyo.” (New York, 1963, nguArthur Beiser, iphe. 10) Sikumgama nje ofanelekileyo ukusuka elangeni ukulungela ubomi babantu, yaye sihamba nje ngamendu afanelekileyo ukusigcina sikumjikelo waso. Ummandla womoya, oluhlobo olufumaneka kuphela ungojikeleze umhlaba jikelele, wenziwe nje ngomlinganiselo ofanelekileyo weegesi zokuzimas’ ubomi. Ngokumangalisayo, ukukhanya kwelanga, icarbon dioxide ephuma emoyeni, namanzi neeminerals eziphuma kumhlaba ochumileyo ziyahlangana ekuveliseni ukutya kwabemi bomhlaba. Ngaba konke kwabakho ngenxa yogqabhuko-dubulo olungalawulekiyo emajukujukwini? IScience News ivuma isithi: “Kubonakala ukuba iimeko ezichane ngqo ngolo hlobo bekungenakufane kwenzeke ukuba zizivelele ngamabona-ndenzile.” (Agasti 24 nowama-31, 1974, iphe. 124) Isigqibo seBhayibhile sisengqiqweni xa isithi: “Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.”—Heb. 3:4.

Ubuchopho bomntu: Iikhompyutha zezi mini ziyimveliso yophando oluphangaleleyo nobunjineli obunenyameko. Azisukanga nje “zazivelela.” Kuthekani ngobuchopho bomntu? Ngokungafaniyo nobuchopho baso nasiphi na isilwanyana, ubuchopho bosana olungumntu bubuphinda kathathu ubukhulu babo ngonyaka walo wokuqala. Indlela obusebenza ngayo iseyimfihlelo enkulu kwizazinzulu. Abantu, banembilini eyakhelwe ngaphakathi yokufunda iilwimi ezintsonkothileyo, yokuxabisa ubuhle, yokuqamba umculo, yokucamngca ngemvelaphi nentsingiselo yobomi. Wathi uRobert White ongugqirha otyanda ubuchopho: “Andinakwenza ngakumbi ngaphandle kokuvuma ubukho balowo uKrelekrele nowoNgamileyo, ubopheleleke ngokuyila nokuvelisa ulwalamano olungenakukholelwa lobuchopho nengqondo—into engaphaya kwamandla omntu ukuba ayiqonde.” (The Reader’s Digest, Septemba 1978, iphe. 99) Ukuyileka kwalo mmangaliso kuqala ngeseli encinane eqanduselweyo esizalweni. Ngokuqonda okukhwankqisayo, umbhali weBhayibhile uDavide wathi kuYehova: “Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho, umphefumlo wam uyazi kakuhle.”—INdu. 139:14

Iseli ephilileyo: Iseli enye ephilileyo maxa wambi kuye kubhekiselwe kuyo ngokuthi luhlobo “olungantsonkothanga” lobomi. Kodwa isilwanyana esineseli enye sinokukuxhakamfula ukutya, sikwetyise, sikhuphe umphutha, sizakhele indlu siziyolise nangesini. Iseli nganye yomzimba womntu ifaniswe nesixeko esibiyelwe ngodonga, esinorhulumente oyintloko wokugcina ucwangco, iziko lombane lokuvelisa amandla, imizi-mveliso yokuvelisa iiproteni, inkqubo entsonkothileyo yothutho nabalindi bokulawula okuvunyelwa kungene. Yaye umzimba omnye womntu wakhiwe ngezininzi kangange-100 lezigidi zezigidi zeeseli. Hayi indlela afaneleke ngayo amazwi eNdumiso 104:24: “Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobulumko.”

Ngaba iBhayibhile iyayivumela ingcamango yokuba uThixo wasebenzisa indaleko ekuveliseni iintlobo ngeentlobo zezinto eziphilileyo?

IGenesis 1:11, 12 ithi ingca nemithi zenziwa ukuba nganye ivelise “ngohlobo lwayo.” Iindinyana 21, 24, 25 zongeza zisithi uThixo wadala izidalwa zaselwandle, izidalwa eziphaphazelayo nezilwanyana zasemhlabeni, ngasinye ‘ngohlobo lwaso.’ Apha akutshiwo ukuba olunye uhlobo olusisiseko luye lwakhula lwaba lolunye okanye luguqukele kolunye.

Ngokuphathelele umntu, iGenesis 1:26 ichaza ukuba uThixo wathi: “Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi.” Ke wayeza kuba neempawu ezifana nezikaThixo, kungekhona imizila eyayivela nje kwisilwanyana. IGenesis 2:7 yongezelela ngelithi: “UYehova uThixo wambumba umntu [engambumbi ngohlobo oluthile lobomi obabukho ngaphambili kodwa] ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi.” Indaleko ayikhankanywa nakancinane apha, kodwa, kunoko, kucaciswa indalo entsha.

Ngaba uThixo wazidala zonke izigidi zeentlobo ezahlukahlukeneyo zezinto eziphilileyo ezisemhlabeni namhlanje?

IGenesis isahluko 1 ithi nje uThixo wadala nganye “ngohlobo lwayo.” (Gen. 1:12, 21, 24, 25) Ekulungiseleleni uMkhukula womhlaba ngomhla kaNowa, uThixo wayalela ukuba izilwanyana ezimela “uhlobo” ngalunye lwesilwanyana somhlaba nesidalwa esiphaphazelayo zingeniswe emkhombeni. (Gen. 7:2, 3, 14) “Uhlobo” ngalunye ngokwemfuza lunokuba neentlobo ezininzi. Ngaloo ndlela kubikwa ukuba kukho iintlobo ezingaphezu kwama-400 ezahlukeneyo zezinja neentlobo ezingaphezu kwama-250 zamahashe. Zonke iintlobo ezahlukahlukeneyo ezidibanayo ngokuvelisa inzala yaso nasiphi na isilwanyana ‘ziluhlobo’ nje olunye oluchazwe kwiGenesis. Ngokufanayo, zonke iintlobo ngeentlobo zabantu—abaseMpuma, abaNtsundu, abeLungu, abo bade ngaphezu kweemitha ezimbini bangamaDinka aseSudan nabafutshane abangaphezulwana kuhle kwimitha abaziiPygmy—baphuma kwisibini esinye santlondlolo, uAdam noEva.—Gen. 1:27, 28; 3:20.

Yintoni engunobangela weemfano ezisisiseko ekuyilweni kwezinto eziphilileyo?

“UThixo owazidalayo zonke izinto.” (Efe. 3:9) Ngaloo ndlela yonke into inoMyili omnye Omkhulu.

“Izinto zonke zabakho ngaye [uNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo, owaba nguYesu Kristu xa wayesemhlabeni]; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.” (Yoh. 1:3) Ngaloo ndlela kwabakho yanye iNgcibi Yomsebenzi uYehova awayenza ngayo yonke imisebenzi yakhe yendalo.—IMize. 8:22, 30, 31.

Iyintoni imvelaphi yamandla angawemvelo nowenziwa ngawo ummandla wendalo?

Izazinzulu zifunde ukuba ulutho luhlobo oludibeneyo lwamandla. Oku kuboniswa kukudubula kwezixhobo zenyukliya. Isazi seenkwenkwezi nokuma kwazo uJosip Kleczek sichaza sisithi: “Uninzi yaye mhlawumbi onke amasuntswana asisiqalelo asenokuyilwa ngokuhlanganiswa kwamandla.”—The Universe (Boston, 1976), Umqu. 11, iphe. 17.

Amandla anjalo ebenokuvela phi? Ngemva kokubuza oku, “Ngubani na owadala ezi zinto [iinkwenkwezi nezijikelezi-langa]?”, iBhayibhile ichaza isithi ngoYehova uThixo, “Ngenxa yobukhulu bokomelela [amandla amakhulu NW], ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” (Isa. 40:26) Ke nguThixo ngokwakhe uMthombo ‘wamandla amakhulu’ awayeyimfuneko ekudaleni ummandla wendalo.

Ngaba yonke indalo ebonakalayo yenziwa nje ngeentsuku ezintandathu ngathuba lithile eminyakeni ephakathi kwama-6 000 kuse kwi-10 000 eyadlulayo?

Izibakala azingqinelani nesigqibo esinjalo: (1) Ukukhanya kweAndromeda nebula kunokubonwa ngobusuku obungenamafu kumntla ikhweyitha. Kuthabatha iminyaka ezizi-2 000-000 ukuba oko kukhanya kufikelele umhlaba, nto leyo ebonisa ukuba indalo iphela inokuba nezigidi zeminyaka ubudala. (2) Imiphumo yokugqibela yokuguquka kwamasuntswna enza iathom ematyeni asemhlabeni ingqina ukuba ukwakheka kwamanye amatye bekungaphazanyiswa kangangamawaka ezigidi zeminyaka.

IGenesis 1:3-31 ayixubushi ngakudalwa kokuqala kwezinto okanye kweziqu zasezulwini. Ichaza ngokulungiswa komhlaba obusel’ ukho ukuba umiwe ngabantu. Oku kwaquka ukudalwa kweentlobo ezisisiseko zohlaza, izinto eziphila emanzini, izidalwa eziphaphazelayo, izilwanyana zasemhlabeni nesibini sokuqala esingabantu. Konke oku kuthiwa kwenziwa ngethuba ‘lemihla’ emithandathu. Phofu ke, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “umhla” lineentsingiselo ezahlukahlukeneyo, eziquka ‘ixesha elide; ixesha eligubungela isiganeko esingaqhelekanga.’ (Old Testament Word Studies, Grand Rapids, Mich.; 1978, nguW. Wilson, iphe. 109) Igama elisetyenzisiweyo livumela ingcinga yokuba “umhla” ngamnye wawunokuba ngamawaka eminyaka ubude.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share