INtlambululo-miphefumlo
Ingcaciso: “Ngokwemfundiso yeCawa [yamaRoma Katolika], yindawo, okanye yimeko kwihlabathi elilandelayo . . . apho imiphefumlo yabo bafe bekwimeko yokusikelelwa, kodwa isenesono, icela khona ukuxolelwa izono ezincinane engekaxolelwa ngazo okanye apho ifumana khona isohlwayo sokwexeshana esibangelwa zizono ezincinane nezibulalayo esele zixolelwe ibe, ngokwenjenjalo ingcwaliswa ngaphambi kokungena ezulwini.” (New Catholic Encyclopedia, 1967, Umqu. XI, iphe. 1034) Le asiyomfundiso yeBhayibhile.
Imfundiso yentlambululo-miphefumlo isekelwe entwenini?
Emva kokuhlolisisa oko ababhali bamaKatolika bakuthethileyo kwizibhalo ezinjengeyesi-2 yeeMaccabees 12:39-45, uMateyu 12:32, neyoku-1 yabaseKorinte 3:10-15, iNew Catholic Encyclopedia (1967, Umqu. XI, iphe. 1034) ivuma oku: “Ngeligqibelayo, imfundiso yamaKatolika engentlambululo-miphefumlo isekelwe kwisithethe, kungekhona eZibhalweni Ezingcwele.”
“Icawa iye yakholosa ngesithethe ukuze kuxhaswe ubukho bendawo ephakathi kwezulu nesihogo.”—U.S. Catholic, Matshi 1981, iphe. 7.
Ngokubhekisele kwimo yendawo yentlambululo-miphefumlo, zithini izithethi zamaKatolika?
“Abaninzi bacinga ukuba bonke ubuhlungu bendawo yentlambululo-miphefumlo bunxulunyaniswa nokuqonda ukuthintelwa komzuzwana kombono wezulu, nangona ukongezelela koku, imbono eqheleke ngakumbi iyeyokuba, kukho isohlwayo sokwenene . . . KwiCawa yeRoma ngokuqhelekileyo kuye kwathiwa le ntlungu iziswa ngomlilo wokwenene. Noko ke, oku akubalulekanga kwinkolelo yentlambululo-miphefumlo. Akuqinisekwanga nokuqiniseka. . . . Nokuba ubani unyula, ekunye nabefundisi baseMpuma, ukuyichasa ingcamango yobuhlungu obubangelwa ngumlilo, ubani umele alumke angakhuphel’ ecaleni bonke ubuhlungu bokwenene bendawo yentlambululo-miphefumlo. Kusekho izibetho zokwenene, intlungu, ihlazo, ubuhlungu besazela, nezinye iintlungu zokomoya ezinokuzisa intlungu yokwenyaniso kumphefumlo. . . . Nakanjani na, ubani umele akhumbule ukuba ekuveni kwayo ubunzima le miphefumlo ikwafumana uvuyo olukhulu ngenxa yokuqinisekiswa ngosindiso.”—New Catholic Encyclopedia (1967), Umqu. XI, iphe. 1036, 1037.
“Into eqhubekayo kwindawo yentlambululo-miphefumlo inguqashiqashi.”—U.S. Catholic, Matshi 1981, iphe. 9.
Ngaba umphefumlo uyasinda xa kusifa umzimba?
Hez. 18:4: “Umphefumlo [neʹphesh, ngesiHebhere; “umntu,” JB; “ubani,” NAB; “umphefumlo,” AP, Dy, Kx] owonayo, kuya kufa wona.”
Yak. 5:20: “Lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni wagubungela inkitha yezono.” (Akekeliswe sithi.) (Phawula ukuba apha kuthethwa ngokufa komphefumlo.)
Ngeenkcukacha ezingakumbi, bona umxholo othi “UkuFa” nothi “UmPhefumlo.”
Ngaba kuphunyezwa isohlwayo esingakumbi ngenxa yesono emva kokufa kukabani?
Roma 6:7: “Owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.” (TE: “Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni.”)
Ngaba abafileyo banokuvuya ngenxa yentembelo kwithemba losindiso?
INtshu. 9:5: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.”
Isa. 38:18: “Elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho.” (Ngoko kunokwenzeka njani ukuba nabani na kubo “afumane uvuyo olukhulu ngenxa yokuqiniseka ngokufumana usindiso”?)
Ngokutsho kweBhayibhile, ukuhlanjululwa kwezono kufezwa ngayiphi indlela?
1 Yoh. 1:7, 9: “Ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena [uThixo] esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi [“zonke iziphoso zethu ziyashenxiswa,” Kx].”
ISityhi. 1:5: “UYesu Kristu . . . [lowo] wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi.”