IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rs iphe. 434-iphe. 438
  • IziZwe Zoluntu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IziZwe Zoluntu
  • Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo
    Vukani!—1993
  • UAdam NoEva
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Yayingubani Umfazi KaKayin?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya Kutshitshiswa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Ukuqiqa NgeZibhalo
rs iphe. 434-iphe. 438

IziZwe Zoluntu

Ingcaciso: Njengoko lisetyenzisiwe apha, igama elithi isizwe lithetha ukwahlulwa koluntu oluthi ngomlinganiselo othile lube nentlanganisela yeempawu ezingokomzimba ezinokuzuzw’ ilifa nezinokwenza eli qela libe ngabantu abaluhlobo olwahlukileyo. Noko ke, kumele kuphawulwe ukuba isibakala sokuba izizwe zikwazi ukwendiselana nokuba zizalisane sibonisa ukuba eneneni ‘zezohlobo’ olunye, zonke zingamalungu entsapho yabantu. Ngoko izizwe ezahlukahlukeneyo zingamaqela nje aziindidi ezahlukahlukeneyo ezikhoyo kuluntu.

Zivela phi izizwe ezahlukahlukeneyo?

Gen. 5:1, 2; 1:28: “Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo. Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam [“umntu,” NW okanye, uLuntu], mhlana wabadala.” “Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise.” (Ngaloo ndlela lonke uluntu luyinzala yeso sibini sokuqala singabantu, uAdam noEva.)

Ize. 17:26: “[UThixo] wazenza ngagazi-nye [ngelika-Adam] zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba.” (Ngoko, kungakhathaliseki ukuba ziziphi na izizwe ezenza uhlanga, zonke ziyinzala ka-Adam.)

Gen. 9:18, 19: “Oonyana bakaNowa, abaphuma emkhombeni, babengoShem, noHam, noYafete; . . . Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizalisa ihlabathi lonke.” (Emva kokuba uThixo etshabalalise ihlabathi labangahloneli Thixo ngomkhukula wazwenibanzi ngomhla kaNowa, abemi abatsha bomhlaba, kuquka zonke izizwe ezaziwayo namhlanje, zaphuma kwinzala yoonyana abathathu bakaNowa nabafazi babo.)

Ngaba uAdam noEva babengabantu nje basentsomini?

IBhayibhile ayiyixhasi loo mbono; bona umxholo omkhulu othi “UAdam noEva.”

UKayin wamfumana phi umfazi ukuba kwakukho intsapho nje enye?

Gen. 3:20: “UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.” (Ngoko bonke abantu babeza kuba yinzala ka-Adam noEva.)

Gen. 5:3, 4: “UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete. Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.” (Omnye woonyana baka-Adam yayinguKayin, ibe omnye weentombi zika-Adam kumele ukuba waba ngumfazi kaKayin. Ngelo xesha kwimbali yabantu xa abantu babenempilo namandla abalaseleyo ngokomzimba, njengoko kwaboniswa bubude bobomi babo, ukubakho kweziphene ngenxa yokutshatana kwezalamane ezisondeleleneyo kwakungabalaselanga. Noko ke, emva kweminyaka enokuba ngama-2 500 yembali yabantu, xa imeko engokomzimba yoluntu yayidodobele kakhulu, uYehova wanika uSirayeli imithetho eyayisalela umbulo.)

Gen. 4:16, 17: “Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden. UKayin wamazi umkakhe [“wamazi umkakhe,” oko kukuthi, ngokwesini, KJ, RS; “walala nomkakhe,” NE], wamitha, wazala uEnoki.” (Phawula ukuba uKayin akazange ahlangane okokuqala nomkakhe ezweni awayebalekele kulo, ngokungathi wayephuma kwenye intsapho. Kunoko, kwaba lapho awathi waba neentlobano zesini naye ukuze azale unyana.)

Yintoni ecacisa ukuvela kweempawu ezahlukahlukeneyo zezizwe?

“Bonke abantu abaphilayo namhlanje ngabohlobo olunye, iiHomo sapiens, ibe baphuma kwintsapho enye. . . . Umahluko ongokwasemzimbeni phakathi kwabantu ubangelwe ngumahluko wemfuza nempembelelo yemekobume kumandla emizila yemfuza. Kwiimeko ezininzi, loo mahluko ubangelwe kukudibana kwaba nobangela babini. . . . Umahluko ophakathi kwabantu ngabanye kwisizwe esinye okanye kubemi udla ngokuba mkhulu ngakumbi kunomahluko oqhelekileyo phakathi kwezizwe okanye abemi.”—Igqiza lezizwe ngezizwe lezazinzulu ezahlanganiswa yiUNESCO, ezacatshulwa kwiStatement on Race (New York, 1972, uhl. lwesithathu), nguAshley Montagu, iphe. 149, 150.

“Isizwe siyenye nje yeengqokelela yeeseli zemfuza ezahlukileyo kwezinye ezithe iindidi zabantu zahlulelwa kuzo ebudeni nasemva kokusasazeka kwazo okokuqala ngokweendawo zelizwe. Ngokufutshane nje isizwe esinye siye sakhulela kummandla ngamnye wamazwekazi amakhulu omhlaba. . . . Eneneni umntu uye wahluka ngokweeseli zemfuza ebudeni beli thuba lembali ibe sinokuyihlolisisa size siyifundisise imiphumo yoku kwahluka kwanamhlanje kwiintsalela zezizwe ezidala ngokwendawo yelizwe. Njengoko besingalindela, umahluko ubonakala uhlobene nomlinganiselo wokuba kwindawo eyodwa. . . . Xa isizwe sathi sakheka kumazwekazi, nokudibana kwamawakawaka abemi kuhlobo olulodwa lweeseli zemfuza kulo lonke ihlabathi, kwasekwa umahluko okhoyo ngoku weeseli zemfuza nosoloko ubonakala. . . . Into engadibaniyo esijongene nayo yeyokuba qela ngalinye labantu libonakala lahlukile ngaphandle kanti ngaphantsi kulo mahluko kukho ukufana okusisiseko.” (Heredity and Human Life, New York, 1963, H. L. Carson, iphe. 151, 154, 162, 163) (Ngaloo ndlela, ekuqalekeni kwembali yabantu, xa iqela labantu lalimi lodwa kwabanye yaye litshata kwakwelo qela, kwinzala yalo kwakubalasela imizila ethile eyahlukileyo nengokweeseli zemfuza.)

Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba abantsundu baqalekisiwe?

Loo ngcamango isekelwe ekuqondweni phosakeleyo kweGenesis 9:25, apho uNowa acatshulwa njengothi: “Makaqalekiswe uKanan, abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.” Khawuyifunde ngenyameko; ayithethi nto ngebala lolusu. Esi siqalekiso sabangelwa kukuba unyana kaHam onguKanan ngokucacileyo wayenze isenzo esithile esikhwankqisayo awayefanelwe sisiqalekiso ngaso. Kodwa yayingoobani inzala kaKanan? Yayingengobantu bantsundu, kodwa yayingabantu abanolusu olukhanyayo abahlala kwimpuma yoLwandle lweMeditera. Ngenxa yoqheliselo lwabo olungcolileyo, izithethe zeedemon, ukunqula izithixo, ukubingelelwa kwabantwana, bagwetywa nguThixo, ibe uThixo walinikela kuSirayeli ilizwe elalimiwe ngamaKanan. (Gen. 10:15-19) Asingawo onke amaKanan atshatyalaliswayo; wambi anyanzeliswa ukuba asebenze, ukuzalisekisa isiqalekiso.—Yosh. 17:13.

Abantsundu baphuma kweyiphi inzala kaNowa? “Oonyana bakaKushi [omnye woonyana bakaHam] nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka.” (Gen. 10:6, 7) Kamva ukuthetha kweBhayibhile ngoKushi kudla ngokubhekisela kumTopiya. Kamva uSebha kusetyenziswe yena xa kubhekiselwa kwabanye abantu abakwindawo yasempuma yeAfrika yaye ngokucacileyo abasondeleyo eTiyopiya.—Isa. 43:3, umbhalo osemazantsi kwiNW kuhlelo oluneeMbekiselo.

Ngaba bonke abantu bangabantwana bakaThixo?

Ukuba ngabantwana bakaThixo asinto thina bantu bangafezekanga esinemfanelo yayo ngokuzalwa. Kodwa sonke siyinzala ka-Adam, owathi xa wadalwa efezekile ‘wangunyana kaThixo.’—Luka 3:38.

Ize. 10:34, 35: “UThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.”

Yoh. 3:16: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” (Ukuba nokholo lokwenyaniso kuye kuyafuneka ukuze nawuphi na kuthi afumane uhlobo lolwalamano noThixo uAdam awaphulukana nalo. Elo lungelo livulelwe abantu bazo zonke izizwe.)

1 Yoh. 3:10: “Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.” (Ngoko uThixo akajongi bonke abantu njengabantwana bakhe. Ngokwembono yokomoya, abo bathi ngabom baqhelisele oko uThixo akugwebayo uyise wabo nguMtyholi. Bona uYohane 8:44. Noko ke, amaKristu okwenyaniso abonakalisa iimpawu zokuhlonel’ uThixo. Kula maKristu, uThixo ukhethe inani elilinganiselweyo ukuba lilawule njengookumkani noKristu ezulwini. Aba uThixo uthi ‘bangabantwana’ okanye ‘bangoonyana’ bakhe. Ngeenkcukacha ezibhekele phaya, bona umxholo omkhulu othi “UkuZalwa Ngokutsha.”)

Roma 8:19-21: “Ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo. . . . [indalo] iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” (Ukukhululwa koluntu kuya kufika xa “oonyana bakaThixo,” befumene ubomi basezulwini, ‘betyhiliwe’ njengabathabatha inyathelo elingqalileyo ngenxa yoluntu phantsi kolwalathiso lukaKristu. Emva kokuba abathembekileyo emhlabeni [ekubhekiselwe kubo ‘njengendalo’ kwesi sibhalo] befikelele kwimfezeko yobuntu ibe bebonakalise ukunyaniseka okungaxengaxengiyo kuYehova njengoMongami Wendalo Iphela, ngoko nabo baya kunandipha ulwalamano oluhle lwabantwana bakaThixo. Abantu bazo zonke izizwe baya kuba nesabelo koku.)

Ngaba abantu bazo zonke izizwe boze bamanyane ngokwenyaniso njengabazalwana noodade?

Kwabo babeya kuba ngabafundi bakhe bokwenyaniso, uYesu wathi: “Nina ke nonke ningabazalwana.” (Mat. 23:8) Kamva wongezelela oku: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”—Yoh. 13:35.

Phezu kwako nje ukungafezeki kwabantu, loo mvakalelo yobunye yayiyinto yokwenene phakathi kwamaKristu okuqala. Umpostile uPawulos wabhala oku: “Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.”—Gal. 3:28.

Ubuzalwana bamaKristu obungonakaliswanga yiyantlukwano yobuzwe yinto yokwenene kumaNgqina kaYehova kwinkulungwane yama-20. Umbhali uWilliam Whalen wathi kwiU.S. Catholic: “Ndikholelwa kwelokuba enye yezinto eziziimpawu ezinomtsalane ngokwenene [zentlangano yamaNgqina kaYehova] ibiyinkqubo yayo engokwesithethe yokulingana kwezizwe.” Emva kokwenza uhlolisiso olunzulu ngamaNgqina kaYehova eAfrika, uBryan Wilson oyingcaphephe yezentlalo kwiYunivesithi yaseOxford wathi: “Mhlawumbi amaNgqina aphumelela ngakumbi kunalo naliphi na elinye iqela ngesantya aphelisa ngaso ucalucalulo lwezizwe phakathi kwabantu ababaguqulayo.” Ichaza ngendibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina aphuma emazweni ali-123, iThe New York Times Magazine yathi: “AmaNgqina abachukumisile abantu baseNew York kungekuphela nje ngokuba maninzi kwawo, kodwa abachukumise ngokwahlukahlukana kwawo (kuquka abantu abavela kuzo zonke iindidi zobomi), ukungazingci kwawo ngokobuzwe (maninzi amaNgqina angabantu abaNtsundu) nangokuziphatha kwawo okuzolileyo nokunocwangco.”

Kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kutshabalalisa inkqubo yezinto ekhoyo nengahloneli Thixo, kuquka bonke abangamthandi ngokwenyaniso uYehova uThixo nomntu onguwabo. (Dan. 2:44; Luka 10:25-28) ILizwi likaThixo lithembisa ukuba abasindi baya kuba ngabantu ‘abaphuma kuzo zonke iintlanga, izizwe, nabantu, neelwimi.’ (ISityhi. 7:9) Bedityaniswe kukunqula uThixo oyinyaniso, kukuba nokholo kuYesu Kristu, nokuthandana, ngokwenyaniso baya kubumba intsapho emanyeneyo yabantu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share