IiNgcwele
Ingcaciso: Ngokwemfundiso yamaRoma Katolika, iingcwele ngabo bantu bafayo nabanoKristu ngoku ezulwini nabaye bagqalwa yiCawa njengabangcwele nabaneempawu ezibalaseleyo. Ingxelo yeBhunga LaseTrent yokuvakaliswa kweenkolelo ithi kumelwe kukhungwe iingcwele njengabalamli kuThixo yaye izinto zeengcwele kwanemifanekiso eqingqiweyo yazo zimele zihlonelwe. Kwanezinye iinkonzo, zicela uncedo lweengcwele. Iinkonzo ezithile zifundisa ukuba onke amalungu azo aziingcwele ibe akanasono. IBhayibhile ithetha kakhulu ngeengcwele, okanye abangcwele. Ibhekisela kubalandeli bakaKristu abathanjiswe ngomoya nabali-144 000 njengabanjalo.
Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba umntu umele abe ngofumene uzuko lwasezulwini ngaphambi kokuba agqalwe njengengcwele?
Ngokuqinisekileyo iBhayibhile iyathetha ngabangcwele, okanye iingcwele, ngokuthi basezulwini. UYehova kuthethwa ngaye ‘njengoyiNgcwele [haʹgi·on, ngesiGrike].’ (1 Pet. 1:15, 16; bona iLevitikus 11:45.) UYesu Kristu uchazwa ‘njengoyiNgcwele [haʹgi·os] kaThixo’ xa wayesemhlabeni ibe uchazwa ‘njengoNgcwele [haʹgi·os]’ ezulwini. (Marko 1:24; ISityhi. 3:7) Nezithunywa zezulu ‘zingcwele.’ (Ize. 10:22) Kwaeli gama linye lisisiseko lesiGrike santlandlolo lisetyenziswa kubantu abaninzi emhlabeni.
Ize. 9:32, 36-41: “Akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele [ha·giʹous] ababemi eLida. Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita [owathi wafa], . . . waza [uPetros] eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka. Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala. Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.” (Ngokucacileyo, ezi ngcwele zazingekabikho ezulwini, ibe yayingengomntu obalaseleyo onjengoPetros kuphela owayejongwa njengengcwele.)
2 Kor. 1:1; 13:12, 13: “UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele [ha·giʹois] abakwelaseAkaya liphela.” “Bulisanani ngolwango olungcwele. Bayanibulisa bonke abangcwele aba.” (Onke la maKristu okuqala awayecocwe ngegazi likaKristu aza abekelwa bucala inkonzo kaThixo njengaza kuba ziindlalifa noKristu kwakubhekiselwa kuwo njengeengcwele, okanye abangcwele. Ukugqalwa kwawo njengangcwele ngokucacileyo akuzange kwenziwa emva kokuba efile.)
Ngaba kuvisisana neZibhalo ukuthandaza “kwiingcwele” ukuba zisebenze njengabalamli kuThixo?
UYesu Kristu wathi: “Thandazani nina ngoko nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, . . . ” Ngoko imithandazo imele ibhekiswe kuBawo. UYesu wakwathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” (Mat. 6:9; Yoh. 14:6, 14) Ngaloo ndlela uYesu wayichitha into yokuba nabani na wayenokuba kwindima yokuba ngumlamli. Umpostile uPawulos ethetha ngoKristu wongezelela oku: “Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?” “Unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” (Roma 8:34; Heb. 7:25) Ukuba ngokwenyaniso siyafuna ukuba imithandazo yethu iviwe nguThixo, ngaba bekungayi kuba bubulumko ukuthetha noThixo ngendlela iLizwi lakhe eliyalela ngayo? (Bona iphepha 188, 189, phantsi komxholo othi “UMariya.”)
Efe. 6:18, 19: “Niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo.” (Akekeliswe sithi.) (Apha kukhuthazwa ukuba kuthandazwe ngenxa yeengcwele kodwa kungathandazwa kuzo okanye kusetyenziswa zona. INew Catholic Encyclopedia, 1967, Umqu. XI, iphe. 670, ivuma oku: “Ngokuqhelekileyo kwiTestamente Entsha, yonke imithandazo, imithandazo yonqulo lwangasese neyasesidlangalaleni, ibhekiswa kuThixo uYise ngoKristu.”)
Roma 15:30: “Ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo.” (Umpostile uPawulos, owayeyingcwele ngokwakhe, wacela amaKristu angoowakhe awayekwaziingcwele ukuba amthandazele. Kodwa phawula ukuba uPawulos akazange abhekise imithandazo yakhe kwezo ngcwele zazikunye naye, ingazange nemithandazo yazo ezaziyibhekisa ngenxa yakhe iphelise ulwalamano lobuqu uPawulos awayelunandipha noYise ngomthandazo. Thelekisa amaEfese 3:11, 12, 14.)
Uqheliselo lokuhlonela izinto nemifanekiso eqingqiweyo “yeengcwele” lumele lujongwe njani?
INew Catholic Encyclopedia ivuma oku: “Ngaloo ndlela kulilize ukufuna ukuzithethelela kwiTestamente Endala ngokunqula izinto zeengcwele; ibe nengqalelo enkulu ayinikelwa kwezi zinto kwiTestamente Entsha. . . . [“Umseki” weCawa] uOrigen kubonakala ukuba olu qheliselo walujonga njengomqondiso wabahedeni wokuhlonela izinto eziphathekayo.”—(1967), Umqu. XII, iphe. 234, 235.
Kuyaphawuleka ukuba uThixo wamngcwaba uMoses, ibe akukho mntu wakhe wafumanisa ukuba laliphi na ingcwaba lakhe. (Dut. 34:5, 6) Kodwa uYuda 9 usixelela ukuba isiphatha-zithunywa zezulu uMikayeli wabangisana noMtyholi ngesidumbu sikaMoses. Kwakutheni? Injongo kaThixo yokusifihla ukuze abantu bangazi apho babenokusifumana khona yayichazwe ngokucacileyo. Ngaba uTshaba lwalufuna ukwalathisela abantu kuloo mzimba ukuze ubekwe kwindawo ebonakalayo uze mhlawumbi ube yinto enokuhlonelwa?
Ngokubhekisele ekuhlonelweni kwemifanekiso eqingqiweyo “yeengcwele,” bona umxholo omkhulu othi “ImiFanekiso Eqingqiweyo.”
Kutheni le nto “iingcwele” zamaKatolika zizotywa zinesangqa sokukhanya?
INew Catholic Encyclopedia ivuma ngelithi: “Into esetyenziswa ngokuqheleke gqitha, kuzo zonke iingcwele, lilifu, ukukhanya okuzotywe kwajikeleza intloko yengcwele. Oku kuvela kumaxesha angaphambi kobuKristu, ibe imizekelo yoku ifunyanwa kwimizobo yamaGrike eyayiphenjelelwa ngabahedeni; isangqa sokukhanya sasisetyenziswa, njengoko kwakunokubonwa kwimifanekiso eyayizotyiwe nakwiingqekembe zemali, koosingathixo noothixo abanjengoNeptune, uJupiter, uBacchus, ibe ngokukodwa uApollo (uthixo welanga).”—(1967), Umqu. XII, iphe. 963.
IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “KumaGrike nakwimizobo yamaRoma uthixo welanga onguHelios nabalawuli bamaRoma badla ngokubonakala benesithsaba semitha yelanga. Ngenxa yemvelaphi yako yobuhedeni, oku kwaphetshwa kwimizobo yamaKristu okuQala, kodwa ukukhanya okusisazinge kwasetyenziswa kubalawuli bamaKristu kwimizobo yabo engokwasemthethweni. Ukususela phakathi kwinkulungwane yesi-4, uKristu naye waboniswa enolu phawu olwalubonakala kubalawuli . . . ibe ngenkulungwane yesi-6 kwaba lisiko ukuba esi sazinge sokukhanya sibonakale kwiNtombi Enyulu enguMariya nakwezinye iingcwele.”—(1976), iMicropædia, Umqu. IV, iphe. 864.
Ngaba kufanelekile ukuxuba ubuKristu nemifuziselo yabahedeni?
“Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali [uSathana]? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.”—2 Kor. 6:14-18.
Ngaba onke amalungu eqela lonqulo amele abe ziingcwele aze ngaloo ndlela angabi nasono?
Ngokuqinisekileyo kuyinyaniso ukuba bonke ababebumba ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala babeziingcwele. (1 Kor. 14:33, 34; 2 Kor. 1:1; 13:13, BX, RS, KJ) Bachazwa njengabo bathe ‘baxolelwa izono’ baza ‘bangcwaliswa’ nguThixo. (Ize. 26:18; 1 Kor. 1:2, BX, RS, KJ) Sekunjalo, abazange bathi abanazo zonke izono. Bazalwa beyinzala ka-Adam onesono. Eli lifa lalidla ngokwenza kube ngumzabalazo kubo ukwenza okufanelekileyo, njengoko umpostile uPawulos wavuma ngokuthobekileyo. (Roma 7:21-25) Ibe umpostile uYohane ngokungqalileyo wathi: “Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.” (1 Yoh. 1:8, BX, RS) Ngoko, ukuba yingcwele ngokwendlela eli gama elisetyenziswe ngayo kubalandeli bokwenyaniso bakaKristu akuthethi ukuba ngokwenyama abanazo zonke izono.
Ngokubhekisele kwinto yokuba onke amaKristu okwenyaniso namhlanje aziingcwele ezinethemba lobomi basezulwini, bona iphepha 429-433.
Ukuba Ubani Uthi—
‘Ngaba uyakholelwa kwiingcwele?’
Usenokuphendula uthi: ‘Ziziphi ocinga ngazo?’ Ukuba umntu ukhankanya uMariya okanye/abapostile, mhlawumbi usenokongezelela uthi: (1) ‘Ewe ndiyakholelwa, kuyathethwa ngabo kwiZibhalo Ezingcwele, ibe ndiyakukholelwa okubhalwe apho. Kodwa ngokukhethekileyo ndinomdla koko bakwenzayo namhlanje nendlela oko okusichaphazela ngayo, andibi kunjalo nakuwe? . . . Ndifumanise into ebangel’ umdla gqitha ngazo apha kwiZibhalo Ezingcwele, ibe ndingathanda ukuba ndikuchazele yona. (ISityhi. 5:9, 10)’ [Phawula, oku kumele kusetyenziswe ukuba kuphakanyiswe umbuzo ngamazwi akwesi sibhalo: IJB ithi “baya kulawula ihlabathi.” ICC ifundeka ngokuthi “balawule phezu komhlaba.” IKx ithi “babe ngookumkani phezu komhlaba.” Kodwa iNAB neDy zifundeka ngokuthi “balawule emhlabeni.” Ukuze ufumane amagqabaza ngegrama yesiGrike, bona iphepha 433, phantsi kothi “IZulu.”] (2) ‘Buya kuba njani ubomi phantsi korhulumente ololo hlobo? (ISityhi. 21:2-4)’
Okanye unokuthi (ukuba wakha waba ngumKatolika): ‘Kangangeminyaka emininzi bendibakho kwimigidi yeengcwele ibe ndithandaza ngokuthe rhoqo kuzo. Kodwa ke ndafunda into ethile kwiZibhalo Ezingcwele eyandibangela ukuba ndikuqwalasele kwakhona endandikwenza. Ndicela ukuba ndikubonise oko. (Bona iphepha 223.)’