Isahluko 6
Umntwana Wesithembiso
ENDAWENI yokuba babuyele eNazarete, uYosefu noMariya basala eBhetelehem. Yaye xa uYesu eneentsuku ezisibhozo ubudala bayamalusa, njengoko uMthetho kaThixo kuMoses uyalela. Ngokucacileyo kukwalisiko ukumthiya igama umntwana oyinkwenkwe ngosuku lwesibhozo. Ngoko umntwana wabo bamthiya igama elinguYesu, njengoko isithunywa sezulu esinguGabriyeli sasiyalele ngaphambilana.
Kudlula ixesha elingaphezu kwenyanga, ibe uYesu uneentsuku ezingama-40 ubudala. Abazali bakhe bamsa phi ke ngoku? Bamsa etempileni eYerusalem, emalunga neekhilomitha ezimbalwa kuphela ukusuka apho bahlala khona. NgokoMthetho kaThixo kuMoses, kwiintsuku ezingama-40 emva kokuzalwa konyana, kufuneka unina asondeze umnikelo wokuhlanjululwa etempileni.
Oko koko uMariya akwenzayo. Njengomnikelo wakhe, uzisa iintaka ezimbini ezincinane. Oku kutyhila okuthile ngemeko engokoqoqosho kaYosefu noMariya. UMthetho kaMoses ubonisa ukuba kufanele kunikelwe ngemvana, nto leyo enexabiso elikhulu kuneentaka. Kodwa ukuba unina akaphumeleli koku, amkelekile amagobo amabini amavukuthu okanye amahobe amabini.
Etempileni indoda esel’ ikhulile imthabathel’ ezingalweni zayo uYesu. Igama lale ndoda nguSimon. UThixo uye wamtyhilela ukuba akayi kufa engambonanga uKristu kaYehova othenjisiweyo, okanye uMesiya. Xa uSimon esiza etempileni ngalo mhla, umoya oyingcwele umalathisela kumntwana ophethwe nguYosefu noMariya.
Njengoko uSimon emfunqula uYesu ubulela uThixo, esithi: “Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke [Nkosi enguMongami, NW], ngokwelizwi lakho; ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.”
UYosefu noMariya bayamangaliswa bakuva oku. Wandula ke uSimon abasikelele aze axelele uMariya ukuba unyana wakhe “umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli” nokuba ubuhlungu obunjengobekrele elibukhali, buya kuwutyhutyha umphefumlo wakhe.
Omnye okhoyo ngeli xesha ngumprofetikazi oneminyaka engama-84 ubudala ogama linguAna. Enyanisweni, usoloko esetempileni. Ngelo lixa usondela kufuphi aze aqalise ukubulela uThixo nokuthetha ngoYesu kubo bonke abo baya kuphulaphula.
Hayi indlela ezibachwayitisa ngayo uYosefu noMariya ezi ziganeko zenzeka etempileni! Ngokuqinisekileyo, oku kubaqinisekisa ukuba umntwana unguLowo uThenjisiweyo kaThixo. Luka 2:21-38; Levitikus 12:1-8.
▪ Ngokucacileyo ngokwesiko wayelithiywa nini igama umntwana oyinkwenkwe ongumSirayeli?
▪ Yintoni eyayifuneka kumama ongumSirayeli xa unyana wakhe wayeneentsuku ezingama-40 ubudala, ibe ukuphunyezwa kwale mfuneko kuyityhila njani imeko kaMariya engokoqoqosho?
▪ Ngesi sihlandlo ngoobani abamqondayo uYesu, yaye bakubonakalisa njani oku?