Isahluko 10
Uhambo Lokuya EYerusalem
INTWASAHLOBO sele ifikile. Yaye lixesha lokuba intsapho kaYosefu, kunye nezihlobo nezalamane, bathabathe uhambo lwabo lwaminyaka le lokuya eYerusalem ukuya kubhiyozela iPasika. Njengoko behamba uhambo olumalunga neekhilomitha ezili-100, ngokwesiqhelo banochulumanco. Ngeli thuba uYesu uneminyaka eli-12 ubudala, ibe ukhangele phambili ngomdla okhethekileyo kulo msitho.
KuYesu nakwintsapho yakowabo, iPasika asingomcimbi nje wosuku olunye. Bakwahlalela nomthendeleko weZonka Ezingenagwele oza kube uqhutywa iintsuku ezisixhenxe ezilandelayo, abawugqala uyinxalenye yexesha lePasika. Ngenxa yoku, lulonke uhambo lwabo ukusuka kwikhaya labo eliseNazarete, kuquka ixesha abalihlala eYerusalem, luthabatha iiveki ezimbini. Kodwa kulo nyaka, ngenxa yokuthile okubandakanya uYesu, olu hambo luba ludana.
Le ngxaki icaca xa bebuya kuhambo lwabo lwaseYerusalem. UYosefu noMariya bacinga ukuba uYesu ukwiqela lezalamane okanye izihlobo abahamba nazo. Kodwa akabonakali xa belala ebusuku, ibe bahamba bemfuna phakathi kwabo bebehamba nabo. Akabonakali ndawo. Ngoko uYosefu noMariya babuyela eYerusalem ukuya kumfuna.
Apho bamfuna imini yonke, kodwa abamfumani. Nangosuku lwesibini abamfumani. Ekugqibeleni, ngosuku lwesithathu, baya etempileni. Etempileni apho, kwenye yeeholo zayo, bambona uYesu ehleli phakathi kwabafundisi bamaYuda, ebaphulaphule yaye ebabuza imibuzo.
UMariya uyabuza, “Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.” UYesu umangalisiwe kukuba babe bebengazi apho banokumfumana khona. Uyababuza, “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndilapha endlwini kaBawo?” (NW)
UYesu akasiqondi isizathu sokuba abazali bakhe babe abakwazi oku. Ngelo xesha, uYesu ubuyela ekhaya nabazali bakhe yaye uyaqhubeka ebalulamela. Uqhubela phambili ebulumkweni nasekukhuleni yaye ethandwa nguThixo nangabantu. Ewe, ukususela ebuntwaneni ukuya phambili, uYesu umisela umzekelo omhle kungekuphela nje wokufuna izilangazelelo zokomoya kodwa kwanowokubonisa intlonelo kubazali bakhe. Luka 2:40-52; 22:7.
▪ Luluphi uhambo oluthe rhoqo lwasentwasahlobo uYesu nentsapho yakowabo abaluthabathayo, yaye lwaluthabatha ithuba elide kangakanani?
▪ Kwenzeka ntoni ebudeni bohambo lwabo abaluthabathayo xa uYesu eneminyaka eli-12 ubudala?
▪ Nguwuphi umzekelo uYesu awumisela ulutsha lwanamhlanje?