IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • dg inxa. 8 iphe. 17-19
  • Injongo KaThixo Iya Ngasekuphunyezweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Injongo KaThixo Iya Ngasekuphunyezweni
  • Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKumkani Omtsha Womhlaba
  • Abo Baya Kulawula Naye
  • Uzimele-geqe Uza Kupheliswa
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • UBukumkani BukaThixo—Ulawulo Olutsha Lomhlaba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ubukumkani BukaThixo Buyalawula
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
Khangela Okunye
Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
dg inxa. 8 iphe. 17-19

Icandelo 8

Injongo KaThixo Iya Ngasekuphunyezweni

1, 2. UThixo ebelenza njani ilungiselelo lokuphelisa ukubandezeleka?

ULAWULO lwabantu abanemvukelo needemon beluyeyelisela ngokuyeyelisela intsapho yabantu kangangeenkulungwane ezininzi. Noko ke, uThixo akakutyeshelanga ukubandezeleka kwethu. Kunoko, ebudeni bazo zonke ezi nkulungwane, ebesenza ilungiselelo lokukhulula abantu kubungendawo nasekubandezelekeni.

2 Ngexesha lemvukelo yase-Eden, uThixo waqala ukutyhila injongo yakhe yokumisela urhulumente owayeza kwenza lo mhlaba ube likhaya labantu eliyiparadisi. (Genesis 3:15) Kamva, njengesithethi esiyintloko sikaThixo, umxholo wemfundiso kaYesu wawungulo rhulumente uzayo kaThixo. Wathi wawuza kuba kuphela kwethemba loluntu.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10; 12:21.

3. UYesu wawubiza ngokuthini urhulumente ozayo womhlaba, yaye ngoba?

3 UYesu wabiza loo rhulumente uzayo kaThixo ngokuthi ‘bubukumkani bamazulu,’ ekubeni wawuza kulawula usezulwini. (Mateyu 4:17) Kwakhona wawubiza ngokuthi ‘bubukumkani bukaThixo,’ ekubeni uThixo wayeza kuba nguMyili wawo. (Luka 17:20) Ukutyhubela iinkulungwa-ne uThixo waphefumlela ababhali bakhe ukuba babhale phantsi iziprofeto ezithetha ngabo babe-za kwakha loo rhulumente noko wawuya kukufeza.

UKumkani Omtsha Womhlaba

4, 5. UThixo wabonisa njani ukuba uYesu wayenguKumkani wakhe okholekileyo?

4 Phantse kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, yayinguYesu owazalisekisa iziprofeto ezininzi ezithetha ngalowo wayeza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo. Wangqineka engulowo ukhethwe nguThixo ukuba abe nguMlawuli waloo rhulumente wasezulwini phezu koluntu. Yaye emva kokufa kwakhe, uThixo wamvusela kubomi basezulwini uYesu njengesidalwa somoya esinamandla nesingenakufa. Babebaninzi abantu abalungqinelayo uvuko lwakhe.—IZenzo 4:10; 9:1-9; Roma 1:1-4; 1 Korinte 15:3-8.

5 Wandula ke uYesu “wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo.” (Hebhere 10:12) Apho walindela ixesha lokugunyaziswa kwakhe nguThixo ukuba asebenze njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini. Oku kwazalisekisa isiprofeto esikwiNdumiso 110:1, apho uThixo amxelela oku: “Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho.”

6. UYesu wabonakalisa njani ukuba wayekufanelekela ukuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo?

6 Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wabonisa ukuba wayesifanelekele eso sikhundla. Phezu kwako nje ukutshutshiswa, wakhetha ukulondoloza ingqibelelo yakhe kuThixo. Ngokwenjenjalo, wabonisa ukuba uSathana wayexoka xa wathi akukho mntu wayengathembeka kuThixo xa evavanywa. UYesu, umntu ogqibeleleyo, ‘uAdam wesibini,’ wabonisa ukuba uThixo wayengenzanga mpazamo ekudaleni abantu abafezekileyo.—1 Korinte 15:22, 45; Mateyu 4:1-11.

7, 8. Ziziphi izinto ezintle uYesu awazenzayo ngoxa wayesemhlabeni, yaye wayebonisa ntoni?

7 Nguwuphi umlawuli owakhe wenza izinto ezintle njengezo zenziwa nguYesu kwiminyaka embalwa yobulungiseleli bakhe? Enamandla awanikwe ngumoya oyingcwele kaThixo, uYesu waphilisa abagulayo, abaneziphene, iimfama, izithulu nezimumu. Wade wavusa nabafileyo! Wabonisa ngomlinganiselo omncinane oko wayeya kukwenzela uluntu ehlabathini lonke xa esiza ekumandla oBukumkani.—Mateyu 15:30, 31; Luka 7:11-16.

8 Ngoxa wayesemhlabeni uYesu wenza izinto ezininzi gqitha ezintle kangangokuba umfundi wakhe uYohane wathi: “Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo.”—Yohane 21:25.a

9. Kutheni abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo babethontelana ukuza kuYesu?

9 UYesu wayenobubele yaye enovelwano, ebathanda kakhulu abantu. Wanceda amahlwempu nabacinezelekileyo, kodwa wayengenalucalucalulo ngakwabo bazizityebi okanye abanezikhundla ezithile. Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo basabela kwisimemo sothando sikaYesu xa wathi: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” (Mateyu 11:28-30) Abantu aboyik’ uThixo bathontelana ukuza kuye yaye babekhangele phambili kulawulo lwakhe.—Yohane 12:19.

Abo Baya Kulawula Naye

10, 11. Ngoobani abaya kulawula noYesu phezu komhlaba?

10 Kanye njengoko oorhulumente babantu benabalathisi abasebenzisanayo, kunjalo ke nangoBukumkani bukaThixo. Abanye baza kulawula noYesu phezu kwalo mhlaba, kuba uYesu wathembisa abo babesondele gqitha kuye ukuba babeya kulawula naye njengookumkani phezu koluntu.—Yohane 14:2, 3; ISityhilelo 5:10; 20:6.

11 Ngenxa yoko, benoYesu, nenani elilinganiselweyo labantu livuselwa kubomi basezulwini. Libumba uBukumkani bukaThixo obuya kuzisa iingenelo ezingunaphakade kuluntu. (2 Korinte 4:14; ISityhilelo 14:1-3) Ngoko ukuhla ukutyhubela iminyaka, uYehova uye wabeka isiseko solawulo oluya kuzisa iintsikelelo zikanaphakade kwintsapho yabantu.

Uzimele-geqe Uza Kupheliswa

12, 13. UBukumkani bukaThixo bulungele ukwenza ntoni ngoku?

12 Kule nkulungwane uThixo ebebandakanyeke ngokungqalileyo kwimicimbi yomhlaba. Njengoko iCandelo 9 lale ncwadana inemifanekiso liza kuxubusha oku, isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo obulawulwa nguKristu bamiswa ngowe-1914 yaye ngoku sele bulungele ukuyiphelisa yonke inkqubo kaSathana. Obo Bukumkani bulungele ukuba “nobukhosi phakathi kweentshaba [zikaKristu].”—INdumiso 110:2.

13 Kule nkalo isiprofeto esikuDaniyeli 2:44 sithi: “Ngemihla yabo kumkani [abakhoyo ngoku], uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi [ulawulo lomntu alusoze luphinde luvunyelwe]; [uBukumkani bukaThixo] buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”

14. Ziziphi ezinye zeengenelo eziya kuza ngokupheliswa kolawulo lwabantu?

14 Lwakuba lushenxisiwe lonke ulawulo oluzimele geqe kuThixo, uBukumkani bukaThixo buya kulawula ngokupheleleyo phezu komhlaba. Yaye ekubeni uBukumkani bulawula busezulwini, abunakuze bonakaliswe ngabantu. Igunya lokulawula liya kuba kwindawo elalikuyo kwasekuqaleni, ezulwini, kuThixo. Kwaye ekubeni ulawulo lukaThixo luya kulawula wonke umhlaba, akusekho mntu uya kulahlekiswa ziinkonzo zobuxoki okanye ziintanda-bulumko zabantu ezinganelisiyo neengcamango zobupolitika. Akukho nanye kwezi eya kuvunyelwa ukuba ibekho.—Mateyu 7:15-23; ISityhilelo, isahluko 17 kuse kwese-19.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo ngobomi bukaYesu, bona incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, epapashwe ngowe-1991 yiWatchtower Society.

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ngoxa wayesemhlabeni uYesu waphilisa abagulayo yaye wavusa abafileyo ukuze abonise oko wayeya kukwenza kwihlabathi elitsha

[Umfanekiso okwiphepha 19]

UBukumkani bukaThixo basezulwini buya kuziphelisa zonke iintlobo zolawulo ezizimele geqe kuye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share