Isahluko 22
Icandelo 3—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
Kwiphepha 444 ukusa kwelama-461 kunikelwa ingxelo yomhlaba wonke yokushunyayelwa kwesigidimi soBukumkani ukususela ngowe-1935 ukusa kowe-1945. Unyaka we-1935 ubaluleke ngokwenene ngenxa yokuba indimbane enkulu, okanye isihlwele esikhulu, seSityhilelo 7:9 saqondwa ngelo xesha. Ngokuphathelele ukuhlanganiswa kwelo qela, amaNgqina kaYehova aqala ukuqonda ukuba iBhayibhile yayiwamisele umsebenzi omkhulu kunawo nawuphi na owakhe wenziwa ngaphambili. Aqhubeka njani nawo xa iintlanga zathi bhakaxa kwiMfazwe Yehlabathi II aza amazwe amaninzi awuvala umsebenzi noncwadi lwawo lweBhayibhile?
NJENGOKUBA amaNgqina kaYehova ayeba nesabelo kubulungiseleli bawo ngeminyaka yee-1930, injongo yawo yayikukufikelela abantu abaninzi kangangoko kwakunokwenzeka ngesigidimi soBukumkani. Ukuba ayefumanisa ukuba kukho abanomdla ngokukhethekileyo, amanye awo ayenokuhlala ubusuku bonke ecacisa iinyaniso zeBhayibhile ephendula nemibuzo ukuze anelise abantu abalambileyo ngokomoya. Kodwa kwiimeko ezininzi, amaNgqina ayesebenzisa nje iintshumayelo ezimfutshane ezazenzelwe ukuhlokoza umdla wabaninimzi, aze ke ayekele uncwadi okanye iintetho zeBhayibhile zesidlangalala zigqibezele. Umsebenzi wawo yayikukunceda abantu bafumane ulwazi, ukuhlwayela imbewu yenyaniso yoBukumkani.
Umgudu Wokufikelela Abantu Abaninzi Kangangoko Ngeendaba Ezilungileyo
Umsebenzi wawusenziwa ngemvakalelo yongxamiseko. Ngokomzekelo, ekuqaleni kweminyaka yee-1930, xa uArmando Menazzi, eCórdoba, eArgentina, wafunda ukuchazwa ngokucacileyo kwenyaniso yeBhayibhile kwincwadana ethi Isihogo nethi Baphi Na Abafileyo?, wenza isigqibo. (INdu. 145:20; INtshu. 9:5; IZe. 24:15) Eshukunyiswe koko wakufundayo, yaye ekhuthazwe yinzondelelo eyayiboniswa nguNicolás Argyrós, wathengisa ishishini lakhe lokulungisa iinqwelo-mafutha ukuze azinikele ekushumayeleni inyaniso njengovulindlela. Kwathi, ekuqaleni kweminyaka yee-1940, ngenxa yokukhuthazwa nguye amaNgqina aseCórdoba athenga uduladula omdala, afaka iibhedi, aza asebenzisa esi sithuthi xa ekuhambo lokushumayela iveki, iiveki ezimbini kwaneenyanga ezintathu engamaqela abavakalisi abalishumi okanye abangakumbi. Ekubeni olu hambo lwalucetywa, abazalwana noodade abahlukahlukeneyo abasebandleni babenikwa ithuba lokuhamba. Ngamnye kwiqela wayenomsebenzi awayewabelwe—ukucoca, ukupheka, okanye ukuloba nokuzingela ukuze kufunyanwe ukutya. Ubuncinane kumaphondo alishumi aseArgentina, eli qela linenzondelelo lashumayela kwindlu ngendlu, ligubungela izixeko kwaneedolophana lifikelela nakwiifama eziqeleleneyo.
Kwabonakaliswa umoya ofanayo nakwintsimi yaseOstreliya. Kwanikelwa ubungqina kakhulu kwizixeko ezingaselunxwemeni ezinabemi abaninzi. Kodwa amaNgqina apho nawo afuna ukufikelela abantu abahlala kwimimandla ekwanti. Ngaloo ndlela, ngoMatshi 31, 1936, ukuze kufikelelwe abantu ababekwiifama zezimvu nezeenkomo ezazisasazeke kwimimandla ekude, uArthur Willis noBill Newlands bathabatha uhambo lweekhilomitha ezili-19 710. Ubukhulu becala kolo hambo lwabo, kwakungekho zindlela—kuphela kwakukho iindledlana zomhlaba ezazinqumla kwintlango engenamithi kwelo langa ligqats’ ubhobhoyi noqhwithela olubhudlayo. Kodwa baqhubeka. Kuzo zonke iindawo ababefumana abanomdla kuzo, babedlala iintetho zeBhayibhile baze bashiye uncwadi. Ngezinye izihlandlo, uJohn E. (Ted) Sewell wahamba nabo; waza ke wazinikela ukuya kukhonza kuMzantsi-mpuma Asia.
Ummandla owawuvelelwa lisebe loMbutho eliseOstreliya wawufikelela ngaphaya kweOstreliya. Wawuquka iTshayina neziqithi namazwe asusela eTahiti ngasempuma ukuya kutsho eBurma (ngoku eyiMyanmar) ngasentshona, umgama weekhilomitha ezili-13 700. Kuloo mmandla kwakukho iindawo ezinjengeHong Kong, i-Indochina (ngoku eyiCambodia, iLaos, neVietnam), iNetherlands East Indies (eyayiquka iziqithi ezinjengeSumatra, iJava, neBorneo) iNew Zealand, iSiam (ngoku eyiThailand) neMalaya. Kwakungento ingaqhelekanga ukuba umveleli wesebe, uAlexander MacGillivray, waseSkotlani, abizele uvulindlela oselula onenzondelelo eofisini yakhe, ambonise imaphu yommandla wentsimi yelo sebe, aze ambuze: ‘Ngaba ungathanda ukuba ngumvangeli wasemazweni?’ Andule ke, esalatha kwindawo ekungekashunyayelwa okanye ekushunyayelwe kancinane kuyo, abuze: ‘Akungethandi ukuya kuqalisa umsebenzi kulo mmandla?’
Ekuqaleni kweminyaka yee-1930, abanye baba vulindlela babesele besebenze kakhulu kwiNetherlands East Indies (ngoku eyi-Indonesia) naseSingapore. Ngowe-1935, uFrank Dewar, waseNew Zealand, wahamba neqela laba vulindlela ngeLightbearer waya kuthi xhaxhe ngeSingapore. Kwathi ke ngaphambi nje kokuba eli phenyane lidlulele kunxweme olukumntla-ntshona weMalaya, uCaptain Eric Ewins wathi: “Nantso ke, Frank, sifikile ngoku. Olwakho uhambo luyaphela apha. Ukhethe ukuya eSiam. Yehla ke!” Kodwa uFrank wayesele ebulibala ngeSiam. Wayeyinandipha inkonzo yakhe neli qela lalihamba ngephenyane. Ngoku wayesele yedwa.
Wemisa eKuala Lumpur de wakwazi ukuhlanganisa imali eyaneleyo yokuqhubeka nohambo lwakhe, kodwa, ngoxa wayelapho, wabandakanyeka kwingozi yenqwelo-mafutha—ibhayisekile yakhe yatshayiswa yilori yena wayokuwa kude. Esakuba echachile, eneedola ezintlanu kuphela epokothweni yakhe, wakhwela uloliwe osuka eSingapore usinge eBangkok. Kodwa ngokholo lokuba uYehova unako ukumlungiselela, waqhubeka nomsebenzi wakhe. UClaude Goodman wayekhe washumayela apho kancinane ngowe-1931; kodwa esakufika uFrank ngoJulayi 1936, kwakungekho maNgqina okumamkela. Noko ke, ebudeni beminyaka embalwa elandelayo, nabanye baba nenxalenye emsebenzini—uWilly Unglaube, uHans Thomas, noKurt Gruber baseJamani noTed Sewell waseOstreliya. Basasaza uncwadi oluninzi, kodwa ubukhulu becala lwalubhalwe ngesiNgesi, isiTshayina nesiJapan.
Xa ikomkhulu loMbutho lafumana ileta ethi aba bazalwana babefuna uncwadi lolwimi lwaseThailand kodwa bengenamguquleli, uMzalwan’ uRutherford waphendula wathi: “Andikho seThailand mna; nini abalapho. Yibani nokholo kuYehova nisebenze ngenkuthalo, ibe niya kumfumana umguquleli.” Ibe bamfumana. UChomchai Inthaphan, owayesakuba yinqununu kwiSikolo Samantombazana samaRhabe eChiang Mai, wamkela inyaniso, ibe ngowe-1941 wayeguqulela uncwadi lweBhayibhile kulwimi lwaseThailand.
Emva kweveki uFrank Dewar eqalisile ukushumayela eBangkok, uFrank Rice, owayeqalise umsebenzi woBukumkani eJava (ngoku eyinxalenye yeIndonesia), wadlula apho esendleleni eya kwisabelo esitsha kuloo ndawo ngoko eyayibizwa ngokuba yiFrench Indochina. Njengokuba wayenzile kwintsimi awayekuyo ngaphambili, washumayela kwabo babethetha isiNgesi ngoxa wayefunda ulwimi lwasekuhlaleni. Emva kokugubungela iSaigon (ngoku esisiXeko saseHo Chi Minh), wafundisa izifundo zesiNgesi ukuze athenge inqwelo-mafutha endala awayenokuyisebenzisa ukuze aye kufika kwiindawo ezisemantla zelo lizwe. Wayengaxhalabelanga ubutofotofo bezinto eziphathekayo kodwa wayexhalabele izilangazelelo zoBukumkani. (Heb. 13:5) Esebenzisa inqwelo-mafutha awayithengayo, wanikela ubungqina kwiidolophu nakwiidolophana nakumakhaya akwanti ukwenjenjeya ukuya kutsho eHanoi.
Ukuvakalisa Ngokungafihlisiyo
Ukuze avuselele umdla kwisigidimi soBukumkani nokuze akhuthaze abantu ukuba benze isigqibo, kumazwe amaninzi amaNgqina ayesebenzisa iindlela ezinomtsalane. Ukususela ngowe-1936 eGlasgow, eSkotlani, amaNgqina ayebhengeza iintetho zendibano ngokunxiba iibhodi ezibhaliweyo (placards) aze asasaze izimemo kwimimandla yeevenkile. Emva kweminyaka emibini, ngowe-1938, ngokuphathelele indibano yaseLondon, eNgilani, kongezelelwa enye inkalo enomtsalane. UNathan H. Knorr noAlbert D. Schroeder, kamva abakhonza kunye kwiQumrhu Elilawulayo, bakhokela umngcelele owawunamaNgqina amalunga newaka ukutyhutyha ummandla ophambili wamashishini eLondon. Wonk’ ubani owayenenxaxheba kuloo mngcelele wayenxibe ibhodi ebhengeza intetho yesidlangalala ethi “Ukujamelana Nezibakala,” eyayiza kunikelwa nguJ. F. Rutherford eRoyal Albert Hall. Ababephakathi babephethe imiqondiso ebhalwe ngolu hlobo “Unqulo Lusisabatha Nesirhintyelo.” (Ngelo xesha babeluqonda unqulo njengolubhekisela kulo lonke unqulo olwalungavisisani neLizwi likaThixo, iBhayibhile.) Ngasekupheleni kwaloo veki, ukuze kuthothiswe inkcaso yabantu abathile, imiqondiso eyayikhutshwe kuqala yaxutywa nethi “Khonza UThixo NoKristu UKumkani.” Lo msebenzi wawungelula kumaNgqina kaYehova amaninzi, kodwa awugqala njengenye indlela yokukhonza uYehova, enye indlela yokuvavanya ukunyaniseka kwawo kuye.
Asingabo bonke abantu abakholiswayo kukungafihlisi amaNgqina kaYehova awayesivakalisa ngako isigidimi sawo. EOstreliya naseNew Zealand abefundisi banyanzela abaphathi bamaziko osasazo kanomathotholo ukuba bakuphelise ukusasazwa kweenkqubo ezisasazwa ngamaNgqina kaYehova. NgoAprili 1938, xa uMzalwan’ uRutherford wayesendleleni esinge eOstreliya ukuya kunikela intetho eyayiza kuphuma kunomathotholo, amagosa asekuhlaleni aphembeleleka aza awarhoxisa amalungiselelo awayesele enziwe okuba asebenzise iSydney Town Hall nokuba loo ntetho isasazwe kunomathotholo. Ngokukhawuleza kwaqeshwa iSydney Sports Grounds, ibe ngenxa yokupapashwa ngokubanzi kokuchaswa kotyelelo lukaMzalwan’ uRutherford, kweza abantu abaninzi nangakumbi ukuza kuphulaphula intetho yakhe. Ngezinye izihlandlo, xa amaNgqina engazange avunyelwe ukusebenzisa amaziko kanomathotholo, asabela ngokuzibhengeza kakhulu iintlanganiso ekwakudlalwa kuzo iintetho zikaMzalwan’ uRutherford ngegramafoni.
EBelgium abefundisi bathumela abantwana ukuba bawagibisele ngamatye amaNgqina, ibe abefundisi babehamba ngokwabo baye emakhayeni abantu beqokelela uncwadi olwalusasaziwe. Kodwa abanye abantu ababehlala kwiidolophana zalapho babekuthanda oko babekufunda kumaNgqina kaYehova. Babedla ngokuthi: “Ndinikeni zibe liqela kwezi ncwadana zenu; ukuze xa umfundisi efika, ndimnike ibenye ukumanelisa ndize ezinye ndizigcine ukuze ndizifunde!”
Noko ke, iminyaka eyalandelayo yakhokelela ekuchasweni ngakumbi kwamaNgqina kaYehova nesigidimi soBukumkani awayesivakalisa.
Ukushumayela EYurophu Phezu Kwayo Nje Intshutshiso Yexesha Lemfazwe
Ngenxa yokuba ayengalulahli ukholo lwawo aze ayeke ukushumayela, amawaka amaNgqina kaYehova eBelgium, eFransi, eJamani, eNetherlands naseOstriya avalelwa entolongweni okanye athunyelwa kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Apho impatho embi yayiyinto yomhla nezolo. Lawo ayengekavalelwa entolongweni ayeqhubeka nobulungiseleli bawo ngobulumko. Ngokufuthi ayesebenzisa iBhayibhile kuphela ibe olunye uncwadi ayelunikela kuphela xa ebuyela ebantwini abanomdla. Ukuze aphephe ukubanjwa, amaNgqina ayedla ngokunkqonkqoza kumnyango omnye kwisakhiwo esinamagumbi aliqela aqeshisayo aze mhlawumbi aye kwesinye isakhiwo, okanye emva kokutyelela indlu enye ayesiya kwesinye isitrato ngaphambi kokuya kwenye indlu. Kodwa ayengenazintloni tu kwaphela ngokunikela ubungqina.
NgoDisemba 12, 1936, emva kweenyanga nje ezimbalwa amaGestapo ebambe amawaka amaNgqina nabanye abantu abanomdla kumgudu wokunqumamisa umsebenzi wawo kwelo lizwe, amaNgqina aqalisa elawo iphulo. Ngokukhawuleza okugqithiseleyo afaka amashumi amawaka emibhalo yesigqibo esishicilelweyo kwiibhokisi zeposi nangaphantsi kweminyango yabantu kulo lonke elaseJamani. Ngezi zigqibo ayekhalazela ukuphathwa kakubi kwabazalwana noodade bawo abangamaKristu. Kungaphelanga neyure kuqalisiwe ukusasazwa kwazo, amapolisa ayegqiba yonke indawo ezama ukubamba abo babesasaza ezi zigqibo, kodwa abamba malunga neshumi elinesibini kuphela kulo lonke elo lizwe.
Abasemagunyeni bothuswa kukubona ukuba kwakunokuqhutywa iphulo elinjalo emva kwako konke okwakwenziwe ngurhulumente wamaNazi ukuzama ukuwuphelisa loo msebenzi. Ngaphezu koko, baqalisa ukoyika abantu. Ngoba? Ngenxa yokuba xa amapolisa namanye amagosa anganxibanga yunifomu ayengena emakhayeni abantu ebabuza ukuba babengafumenanga maphetshana anjalo kusini na, abantu abaninzi babekhanyela. Eneneni, inkoliso yabo yayingawafumenanga. Imibhalo yayishiywe kwimizi emibini okanye emithathu kuphela kwisakhiwo ngasinye. Kodwa amapolisa ayengakwazi oko. Ayecinga ukuba yayishiywe kuyo yonke iminyango.
Ebudeni beenyanga ezalandelayo, amagosa amaNazi azikhanyela izityholo ezazibhalwe kweso sigqibo. Ngoko, ngoJuni 20, 1937, amaNgqina awayesakhululekile asasaza esinye isigidimi, ileta kawonke wonke eyayijoliswe kwabasemagunyeni neyayizichaza zonke iinkcukacha zentshutshiso, uxwebhu olwalubabiza ngamagama abasemagunyeni ibe lichaza imihla neendawo. Othuka ngokwenene amaGestapo kukubhencwa ngolu hlobo nasisibakala sokuba amaNgqina ayekwazi ukusasaza imibhalo emininzi ngolo hlobo.
Amava aliqela entsapho yakwaKusserow, eBad Lippspringe, eJamani, abonisa uzimiselo olufanayo lokunikela ubungqina. Umzekelo woku ubandakanya oko kwenzekayo emva kokuba uWilhelm Kusserow ebulewe ekuhleni eMünster ngurhulumente wamaNazi ngenxa yokungavumi ukulalanisa kukholo lwakhe. Ngokukhawuleza unina kaWilhelm, uHilda, waya entolongweni waza wacela isidumbu ukuze basingcwabe. Wathi kwintsapho yakhe: “Siza kunikela ubungqina kakhulu kubantu abebemazi.” Emngcwabeni uyise kaWilhelm, uFranz, wenza umthandazo owabonakalisa ukholo kumalungiselelo kaYehova othando. Engcwabeni umntakwabo Wilhelm uKarl-Heinz wathetha amazwi athuthuzelayo ngokusuka eBhayibhileni. Abazange basinde ekohlwayweni ngenxa yoku, kodwa kubo eyona nto yayibalulekile yayikukuzukisa uYehova ngokunikela ubungqina ngegama lakhe noBukumkani bakhe.
Njengokuba ingcinezelo yexesha lemfazwe yayisanda eNetherlands, amaNgqina apho ngobulumko azihlengahlengisa iintlanganiso zawo. Ngoku zaziqhutywa ngamaqela abantu abalishumi okanye ngaphantsi kumakhaya abantu. Iintlanganiso zazitshintshwa rhoqo. Ngqina ngalinye lalisiya kwindawo elihlanganisana kuyo iqela lalo kuphela, ibe kwakungekho namnye wayemele achaze idilesi yendawo yesifundo, kwanakumhlobo amthembileyo. Ngelo xesha lembali, xa abantu abaninzi babenyanzeleka ukuba bawashiye amakhaya abo ngenxa yemfazwe, amaNgqina kaYehova ayesazi ukuba abantu babesifuna ngokungxamisekileyo isigidimi esithuthuzelayo esifumaneka kuphela eLizwini likaThixo, ibe ngokungoyiki abelana nabo ngaso. Kodwa ileta eyayivela kwiofisi yesebe yabakhumbuza abazalwana ngobulumko uYesu awabubonisayo ngezihlandlo ezahlukahlukeneyo xa wayejamelene nabachasi. (Mat. 10:16; 22:15-22) Ngenxa yoko, xa babedibana nomntu obonakalisa ubutshaba, babeyibhala phantsi loo dilesi ukuze kulunyukwe ngokukhethekileyo xa kusetyenzwa loo mmandla kwixesha elilandelayo.
EGrisi abantu baba ngamaxhoba okubandezeleka okukhulu ngexesha lokuhlaselwa yiJamani. Phofu ke, eyona mpatho imbi amaNgqina kaYehova awayifumanayo, yayingumphumo wobuxoki obabusasazwa ngawo ngabefundisi beCawa yamaGrike yobuOthodoki, ababegxininisa kwelokuba amapolisa neenkundla zenze okuthile ngawo. AmaNgqina amaninzi avalelwa entolongweni okanye agxothwa kwiidolophu ezinamakhaya awo aza athunyelwa kwiidolophana ezingacacanga okanye kwiziqithi eziyinkqantosi ngaphantsi kweemeko ezingaginyisi mathe. Sekunjalo, aqhubeka enikela ubungqina. (Thelekisa IZenzo 8:1, 4.) Ngokufuthi oku kwakusenziwa ngokuthetha nabantu ezipakini nakwimiyezo kawonke wonke, ngokuhlala ezihlalweni kunye nabo nokubaxelela ngoBukumkani bukaThixo. Xa kwakufunyanwa umntu onomdla ngokwenene, wayebolekwa uncwadi lweBhayibhile oluxabisekileyo. Kamva olo ncwadi lwalubuyiswa luze lubuye lusetyenziswe kwakhona. Abantu abaninzi abathanda inyaniso ngombulelo balwamkela uncedo olwalunikelwa ngamaNgqina baza bada bawathelela ekwabelaneni nabanye ngeendaba ezilungileyo, nangona oku kwakubazisela intshutshiso ekrakra.
Uthunywashe obalulekileyo kwinkalipho nokuzingisa kwamaNgqina yayikukwakhiwa ngokudla kokomoya. Nangona izixa zoncwadi olwalusasazwa kwabanye ekugqibeleni zashokoxeka ngokwenene kwimimandla ethile yaseYurophu ebudeni bemfazwe, akwazi ukulujikelezisa phakathi kwawo olu ncwadi lomelez’ ukholo lwalulungiselelwe nguMbutho ukuze lufundisiswe ngamaNgqina kaYehova emhlabeni wonke. Bebeka ubomi babo esichengeni, uAugust Kraft, uPeter Gölles, uLudwig Cyranek, uTherese Schreiber, nabanye abaninzi baba nesabelo ekuvelisweni nasekusasazweni koncwadi lokufundisiswa olwaluthutyeleziswa ukungena eOstriya luvela eCzechoslovakia, eItali, naseSwitzerland. ENetherlands, ngumlindi wasentolongweni onobubele owanceda uArthur Winkler ukuba afumane iBhayibhile. Phezu kwawo nje amanyathelo okuthintela nantoni na awayethatyathwe lutshaba, amanzi ahlaziyayo enyaniso yeBhayibhile afumaneka kwiMboniselo ayefikelela nakwiinkampu zoxinaniso zaseJamani aze ajikeleziswe phakathi kwamaNgqina apho.
Ukuvalelwa ezintolongweni nakwiinkampu zoxinaniso akuzange kuwanqumamise amaNgqina kaYehova ekubeni ngamangqina. Xa umpostile uPawulos wayesentolongweni eRoma, wabhala: ‘Ndiva ububi kude kuse ezintanjeni, ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.’ (2 Tim. 2:9) Kwaba njalo nangamaNgqina kaYehova eYurophu ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Abalindi babeyiphawula ihambo yawo; abanye babebuza imibuzo, ibe abambalwa baba ngamakholwa nabo, nangona oku kwathetha ukuphulukana nenkululeko yabo. Amabanjwa amaninzi awayevalelwe namaNgqina ayevela kumazwe anjengeRashiya, apho zazingekashunyayelwa kangako iindaba ezilungileyo. Emva kwemfazwe abanye baba babuyela kumazwe abo okuzalwa bengamaNgqina kaYehova, belangazelela ukusasaza isigidimi soBukumkani apho.
Intshutshiso engaginyisi mathe nemiphumo yemfazwe yayingenakukuthintela ukuhlanganiselwa elunqulweni kwabantu kwindlu kaYehova enkulu yokomoya. (Isa. 2:2-4) Ukususela ngowe-1938 ukusa kowe-1945, kumazwe amaninzi aseYurophu banda ngokuphawulekayo abo babenesabelo ekuhleni kunqulo olunjalo ngokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. EBritani, eFinland, eFransi, naseSwitzerland, amaNgqina anda ngomlinganiselo omalunga ne-100 ekhulwini. EGrisi, anda phantse ngokuphindwe kasixhenxe. ENetherlands, ngokuphindwe izihlandlo ezilishumi elinesibini. Kodwa ekupheleni kowe-1945, kwakungekafumaneki zinkcukacha zivela eJamani okanye eRomania, ibe ziingxelo ezingaphelelanga ezazifumanekile nakwamanye amazwe aliqela.
Amazwe Angaphandle KweYurophu Ngaloo Minyaka Yemfazwe
Nakumazwe aseMpuma, imfazwe yehlabathi yabangela ubunzima bokwenene kumaNgqina kaYehova. EJapan naseKorea, ayebanjwa aze abethwe yaye ethuthunjiswa ngenxa yokuba ayemela uBukumkani bukaThixo ibe engayi kumnqula umlawuli waseJapan. Ekugqibeleni lwaqhawuka ngokupheleleyo unxibelelwano awayenalo namaNgqina akwamanye amazwe. Kwabaninzi kuwo, ekuphela kwamathuba okunikela ubungqina kwakuxa encinwa okanye xa kuchotshelwe ityala enkundleni. Ekupheleni kwemfazwe, ubululungiseleli basekuhleni bamaNgqina kaYehova kwezi ndawo babuphantse bema ngxi.
Xa imfazwe yafikelela kwiiPhilippines, amaNgqina aphathwa kakubi macala omabini ngenxa yokuba ayengayi kuwaxhasa amaJapan okanye imikhosi ephikisayo. Ukuze aphephe ukubanjwa, amaNgqina amaninzi awashiya amakhaya awo. Kodwa njengokuba ayesuka kwenye indawo esiya kwenye, ayeshumayela—ebolekisa ngoncwadi xa kwakukho olukhoyo, ibe kamva esebenzisa iBhayibhile kuphela. Njengokuba imfazwe yayithotha, ade alungisa namaphenyane okuthwala amaNgqina angamaqela amakhulu ukuya kwiziqithi ekwakungekanikelwa bungqina okanye obabunikelwe kancinane kuzo.
EBurma (ngoku eyiMyanmar), asikokuhlasela kwamaJapan okwakhokelela ekuvalweni koncwadi lwamaNgqina kaYehova ngoMeyi 1941, kodwa kukuphenjelelwa kwabasemagunyeni kwelo thanga ngabefundisi bamaTshetshi, bamaWesile, bamaRoma Katolika, nabecawa yamaBhaptizi aseMerika. AmaNgqina amabini awayesebenza kwiofisi yeengcingo abona ucingo olwawalumkisa ngoko kwakuza kwenzeka, ngoko ngokukhawuleza abazalwana balufudusa uncwadi olwalukwindawo yoMbutho yogcino-zincwadi ukuze baphephe ukuxuthwa kwalo. Kwangoko kwenziwa imigudu yokuthumela oluninzi lolo ncwadi eTshayina.
Ngelo xesha urhulumente waseUnited States wayethumela impahla yomkhosi eninzi ngeBurma Road ukuze axhase urhulumente waseTshayina wamaNashinali. Abazalwana bazama ukufumana indawo kwenye yezo lori kodwa akuzange kuvunywe. Imigudu yokufumana inqwelo-mafutha eSingapore nayo ayizange iphumelele. Noko ke, xa uMick Engel, ngoko owayesongamela indawo yogcino-zincwadi yoMbutho eyayiseRangoon (ngoku eyiYangon), waya kwigosa laseUnited States elingusomaqhuzu, wayifumana imvume yokuhambisa olo ncwadi ngeelori zomkhosi.
Sekunjalo, xa emva koko uFred Paton noHector Oates baya kwigosa elalilawula izinto ezingena eTshayina ukuze bacele indawo, lacaphuka gqitha! Lingxola lathi: “Intoni? Ndinokuthini ukunika nina indawo exabisekileyo kwiilori zam ukuze nikhwelise amaphecana enu angacacanga ngoxa ndingenayo nendawo yokukhwelisa izinto zomkhosi namayeza afuneka ngokungxamisekileyo abolayo apha ngenxa yokuhlaliswa phandle?” UFred wanqumama, waza wafaka isandla kwibhrifkheysi yakhe, walinika ileta eligunyazayo, waza walikhumbuza ukuba iya kuba ngumbandela onzulu gqitha ukuba linokungayithobeli imiyalelo ekhutshwe ngabasemagunyeni eRangoon. Eli gosa alizange liphelele nje ngokulungiselela ukuba zithuthwe ezo toni zimbini zeencwadi kodwa lanika aba bazalwana ilori encinane, kunye nomqhubi nezinto eziyimfuneko. Benjenjeya ukusinga ngakumntla-mpuma benyuka indlela ehamba ezintabeni eyingozi ukuya kungena eTshayina kunye nemithwalo yabo exabisekileyo. Emva kokunikela ubungqina ePao-shan, badlulela phambili baya kutsho eChungking (ePahsien). Amawaka oncwadi athetha ngoBukumkani bukaYehova asasazwa ebudeni bonyaka abawuchithela eTshayina. Phakathi kwabo banikela ubungqina ngokobuqu kubo singabala uChiang Kai-shek, umongameli worhulumente waseTshayina wamaNashinali.
Ngelo xesha, ekubeni ukugityiselwa kweebhombu eBurma kwakuthabath’ unyawo, onke amaNgqina awayelapho alishiya elo lizwe, inkoliso yawo yasinga eIndiya, kwasala amathathu kuphela. Umsebenzi owawunokwenziwa ngamaNgqina amathathu awasalayo, njengokuba besinokulindela, wawungengako. Sekunjalo aqhubeka enikela ubungqina ngokungacwangciswanga, ibe imigudu yawo yaba neziqhamo emva kwemfazwe.
NakuMntla Merika, amaNgqina kaYehova ajamelana nemiqobo eqatha ebudeni bemfazwe. Umsebenzi wokushumayela wacinezeleka gqitha ngenxa yogonyamelo lwamahlokondiba olwalusasazekile nokusetyenziswa ngokungafanelekanga kwemithetho yasekuhlaleni. Amawaka avalelwa entolongweni ngenxa yokuba engazange athabathe cala njengamaKristu. Sekunjalo oku akuzange kubuthothise ubulungiseleli bendlu ngendlu bamaNgqina. Ngaphezu koko, ukususela ngoFebruwari 1940, kwaba yinto eqhelekileyo ukuwabona esezitratweni kwimimandla yezoshishino ehambisa IMboniselo neConsolation (ngoku enguVukani!). Inzondelelo yawo yaqina ngakumbi. Nangona ayejamelana neyona ntshutshiso iqatha ekwakha kwajanyelwana nayo kuloo mmandla wehlabathi, amaNgqina aphindeka ngaphezu kwezihlandlo ezibini eUnited States naseKhanada ukususela ngowe-1938 ukusa kowe-1945, ibe ixesha awalichithela kubulungiseleli bawo basekuhleni laphindeka kathathu.
Kumazwe amaninzi awayenobudlelane noManyano Lwamazwe aseBritani (kuMntla Merika, eAfrika, eAsia, nakwiziqithi zeCaribbean nezePasifiki) amaNgqina kaYehova okanye uncwadi lwawo lwavalwa ngurhulumente. Elinye laloo mazwe yayiyiOstreliya. Isaziso saseburhulumenteni esapapashwa apho ngoJanuwari 17, 1941, ngaphantsi kolwalathiso lwerhuluneli ephetheyo, senza kwaba kukwaphula umthetho ukuba amaNgqina kaYehova ahlanganisane ngenjongo yonqulo, ahambise naluphi na kuncwadi lwawo, okanye abe nalo nokuba nalo. Ngokutsho komthetho lo mqathango wokuvalwa komsebenzi wawunako ukucelwa umngeni enkundleni, ibe oku kwenziwa ngokukhawuleza. Kodwa kwadlula ngaphezu kweminyaka emibini ngaphambi kokuba uMnu. Justice Starke weNkundla Ephakamileyo awise isigqibo sokuba imithetho owawusekelwe kuyo lo mqathango wokuvalwa komsebenzi “yayingamkelekanga, ingenasizinzi yaye iyeyengcinezelo.” INkundla Ephakamileyo iphela yayisusa imiqathango yokuvalwa komsebenzi. Okwelo xesha ke ayesenza ntoni amaNgqina kaYehova?
Exelisa abapostile bakaYesu Kristu, ‘ayesiva uThixo [njengomlawuli, NW] kunokuba eve abantu.’ (IZe. 4:19, 20; 5:29) Aqhubeka eshumayela. Phezu kwayo nje imiqobo emininzi, alungiselela kwanendibano eHargrave Park, kufutshane naseSydney, ngoDisemba 25-29, 1941. Xa urhulumente engazange avume ukuba abathile bahambe ngololiwe ukuya kuloo ndibano, iqela laseNtshona Ostreliya lafaka kwiinqwelo-mafutha zalo izixhobo zokwenza amafutha ngamalahle laza lenjenjeya kuhambo olwaluza kuthabatha iintsuku ezili-14 ukunqumla elo lizwe, olwaluquka ukuchitha iveki linqumla iThafa leNullarbor elingumqwebedu. Lafika likhuselekile laza lanandipha ucwangciso kunye nabanye ababekho abangamawaka amathandathu. Kunyaka olandelayo kwaqhutywa enye indibano, kodwa ngesi sihlandlo yahlulahlulwa yangamaqela amancinane ali-150 kwizixeko ezisixhenxe eziphambili kulo lonke elo lizwe, izithethi zisuka kwenye indawo ziye kwenye.
Njengoko iimeko zazisiya zisiba mandundu eYurophu ngowe-1939, abalungiseleli abathile abangoovulindlela bamaNgqina kaYehova bazinikela ukuya kukhonza kwamanye amasimi. (Thelekisa uMateyu 10:23; IZenzo 8:4.) Oovulindlela abathathu baseJamani bathunyelwa eShanghai, eTshayina besuka eSwitzerland. Abaliqela baya eMzantsi Merika. Phakathi kwabo bathunyelwa eBrazil singabala uOtto Estelmann, owayetyelela yaye enceda amabandla eCzechoslovakia, noErich Kattner, owayekhonze kwiofisi yeWatch Tower Society esePrague. Isabelo sabo esitsha sasingelula. Bafumanisa ukuba, kwimimandla yeefama ezithile, amaNgqina ayevuka ekuseni aze ashumayele de kube yintsimbi yesi-7:00 kusasa andule ke abuyela kwinkonzo yasentsimini ngokuhlwa. UMzalwan’ uKattner ukhumbula ukuba njengoko wayesuka kwenye indawo esiya kwenye, ngokufuthi wayelala phandle, esebenzisa ingxowa yakhe yoncwadi njengomqamelo.—Thelekisa uMateyu 8:20.
UMzalwan’ uEstelmann noMzalwan’ uKattner babesukelwa ngabecuphi bamaNazi eYurophu. Ngaba ukufudukela kwabo eBrazil kwabakhulula kwintshutshiso? Nakanye, emva konyaka nje, bazifumanisa besoloko bevalelwe ezindlwini zabo nasezintolongweni ngenxa yempembelelo yabasemagunyeni ababehambisana namaNazi! Nenkcaso eyayivela kubefundisi bamaKotalika yayixhaphakile, kodwa amaNgqina aqhubeka nomsebenzi wawo awunikwe nguThixo. Ayesoloko ezama ukufikelela kwizixeko needolophu zaseBrazil apho isigidimi soBukumkani sasingekashunyayelwa.
Xa kuhlolisiswa imeko yomhlaba wonke kufunyaniswa ukuba kumazwe amaninzi ekwakukho amaNgqina kaYehova kuwo ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, urhulumente wayemisela imiqathango kwintlangano yawo okanye kuncwadi lwawo. Nangona ayeshumayela kumazwe ali-117 ngowe-1938, ebudeni beminyaka yemfazwe (1939-45) kwamiselwa imiqathango kwintlangano okanye uncwadi lwawo lwavalwa, okanye abalungiseleli bawo babuyiselwa apho babevela khona, ubuncinane kwangama-60 aloo mazwe. Kwanalapho ayengamiselwanga miqathango, ayejamelana nogonyamelo lwamahlokondiba yaye ngokufuthi ayebanjwa. Phezu kwako nje konke oku, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo akuzange kunqumame.
Isihlwele Esikhulu Siqalisa Ukubonakala KuMbindi NoMzantsi Merika
Phakathi kanye kwiminyaka yemfazwe, ngoFebruwari 1943, ilungiselela umsebenzi owawumele wenziwe ngexesha lasemva kwemfazwe, iWatch Tower Society yaseka iSikolo saseGiliyadi kwiLizwana laseNew York ukuze kuqeqeshwe abavangeli basemazweni ababeza kuya kukhonza kwamanye amazwe. Ngaphambi kokuba unyaka uphele, abali-12 kwabo bavangeli basemazweni babesele beqalisile ukukhonza eCuba. Intsimi yalapho yangqineka inemveliso ngokwenene.
Kwangowe-1910, imbewu ethile yenyaniso yeBhayibhile yayisele ifikile eCuba. UC. T. Russell wayenikele intetho apho ngowe-1913. UJ. F. Rutherford wayenikele intetho kunomathotholo eHavana ngowe-1932, ibe lo mbandela waphinda wasasazwa ngeSpanish. Kodwa ulwando lwalungakhawulezi. Ngelo xesha abantu abaninzi babengafundanga yaye kukho nentiyo eninzi yonqulo. Ekuqaleni ubukhulu becala abantu ababebonakalisa umdla ngabo babethetha isiNgesi bevela eJamaica nakwezinye iindawo. Ngowe-1936 kwakukho abavakalisi boBukumkani abangama-40 kuphela eCuba. Kodwa ukutyala nokunkcenkceshela imbewu yenyaniso yoBukumkani kwaqalisa ukuvelisa iziqhamo.
Ngowe-1934 kwabhaptizwa abemi bokuqala baseCuba; kwalandela nabanye. Ukususela ngowe-1940, iinkqubo zikanomathotholo zamihla le kunye nokunikelwa kobungqina esitratweni ngokungafihlisi kwabuqinisa ubulungiseleli bendlu ngendlu apho. Kwanangaphambi kokuba abavangeli basemazweni ababeqeqeshwe eGiliyadi bafike apho ngowe-1943, kwakukho abantu abangama-950 eCuba ababezamkele iindaba ezilungileyo ibe bezishumayela kwabanye, nangona ingengabo bonke ababeba nesabelo rhoqo. Ebudeni beminyaka emibini emva kokufika kwabavangeli basemazweni, banda ngokukhawuleza ngakumbi. Ngowe-1945, amaNgqina kaYehova eCuba ayeli-1 894. Nangona inkoliso yawo yayivela kunqulo olwalufundisa ukuba bonke abaxhasi becawa abathembekileyo babeya kuya ezulwini, inkoliso yabo baba ngamaNgqina kaYehova yalamkela ngolangazelelo ithemba lobomi obungunaphakade emhlabeni kwiparadisi ebuyiselweyo. (Gen. 1:28; 2:15; INdu. 37:9, 29; ISityhi. 21:3, 4) Kuphela sisi-1,4 ekhulwini kubo esasisithi singabazalwana bakaKristu abathanjiswe ngomoya.
Ukanti nangenye indlela, ikomkhulu lehlabathi loMbutho lanikela uncedo kwintsimi ekuMbindi noMzantsi Merika. Ekuqaleni kowe-1944, uN. H. Knorr, uF. W. Franz, uW. E. Van Amburgh, noM. G. Henschel bachitha iintsuku ezilishumi eCuba besomeleza abazalwana babo balapho ngokomoya. Ngelo xesha kwaqhutywa indibano eHavana, ibe kwachazwa amalungiselelo okulungelelaniswa ngakumbi komsebenzi wokushumayela. Kolu hambo uMzalwan’ uKnorr noMzalwan’ uHenschel baya naseCosta Rica, eGuatemala, naseMexico ukuze bancede amaNgqina kaYehova kuloo mazwe.
Ngowe-1945 nowe-1946 uN. H. Knorr noF. W. Franz bathabatha ukhenketho olwabanceda bakwazi ukunikela iintetho baze basebenze namaNgqina akumazwe angama-24 kummandla osusela eMexico ukuya kwincam esemazantsi yoMzantsi Merika nakumazwe akwiCaribbean. Bachitha iinyanga ezintlanu kuloo mmandla wehlabathi, ngothando benikela uncedo nolwalathiso. Kwezinye iindawo babefumana ibathwana labantu abanomdla nje kuphela. Ukuze kubekho amalungiselelo eentlanganiso nawenkonzo yasentsimini rhoqo, banceda ekulungelelaniseni ibandla lokuqala eLima, ePeru, naseCaracas, eVenezuela. Kuzo zonke iindawo ezazisele ziqhutywa kuzo iintlanganiso zebandla babesiya yaye, maxa wambi, babenikela amacebiso ngendlela yokuziphucula ukuze zibe yingenelo ngakumbi kumsebenzi wokuhambisa ivangeli.
Apho babenako, kwakusenziwa amalungiselelo eentetho zeBhayibhile zesidlangalala ebudeni bolu tyelelo. Ezi ntetho zazibhengezwa ngokubanzi kusetyenziswa iibhodi ezazinxitywa ngamaNgqina nezimemo ezazisasazwa ezitratweni. Ngenxa yoku, amaNgqina angama-394 aseBrazil avuyiswa bubukho babantu abangama-765 kwindibano yawo eyayiseSão Paulo. EChile, apho kwakukho abavakalisi boBukumkani abangama-83, ngabantu abangama-340 abezayo ukuze baphulaphule intetho eyayibhengezwe ngokukhethekileyo. ECosta Rica amaNgqina asekuhlaleni angama-253 avuyela ubukho babantu abangama-849 kwiindibano zawo ezimbini. Ezi yayizizihlandlo zobudlelane obuvuyisayo phakathi kwabazalwana.
Noko ke, injongo yabo yayingekuphela nje ukuze babe neendibano ezingasokuze zilibaleke. Ebudeni bolu khenketho abameli ababevela kwikomkhulu babegxininisa ngokukodwa kwimbaluleka yokubuyela kubantu abanomdla nokubaqhubela izifundo zeBhayibhile. Ukuba abantu babeza kuba ngabafundi bokwenene, kwakufuneka bafundiswe rhoqo ngeLizwi likaThixo. Ngenxa yoko, inani lezifundo zeBhayibhile zamakhaya landa ngokuphawulekayo kulo mmandla wehlabathi.
Ngoxa uMzalwan’ uKnorr noMzalwan’ uFranz babeqhubeka nolu khenketho lwenkonzo, abavangeli basemazweni abangakumbi abaqeqeshwe eGiliyadi babefika beze kwizabelo zabo. Ekupheleni kowe-1944, abanye babekhonza eCosta Rica, eMexico, nasePuerto Rico. Ngowe-1945, abanye abavangeli basemazweni babenceda ekulungelelaniseni ngakumbi umsebenzi wokushumayela eBarbados, eBrazil, eBritish Honduras (ngoku eyiBelize), eChile, eColombia, e-El Salvador, eGuatemala, eHaiti, eJamaica, eNicaragua, ePanama, naseUruguay. Xa oovulindlela ababini bokuqala bafikayo eDominican Republic ngowe-1945, yayingabo kuphela amaNgqina kwelo lizwe. Umphumo wobulungiseleli babo bavangeli basemazweni bokuqala wabonakala ngokukhawuleza. UTrinidad Paniagua wathi ngabavangeli basemazweni bokuqala ukuthunyelwa eGuatemala: “Oku koko kanye sasikufuna—abafundisi beLizwi likaThixo ababeya kusinceda siyiqonde indlela yokwenza umsebenzi.”
Ngoko kwakubekwa isiseko solwando kulo mmandla wentsimi yehlabathi. Kwiziqithi zeCaribbean, kwakukho abavakalisi boBukumkani abangama-3 394 ekupheleni kowe-1945. EMexico, kwakukho abangama-3 276, ibe kuMbindi Merika kukho abanye abangama-404. KuMzantsi Merika, babeli-1 042. Kulo mmandla wehlabathi oko kwakuthetha ulwando lwama-386 ekhulwini kwiminyaka esixhenxe engaphambili, ixesha elalineziphithiphithi ngokwenene embalini yabantu. Kodwa oko kwakusesisiqalo nje. Kwakuseza kubakho ulwando olumangalisa ngendlela engathethekiyo! IBhayibhile yayixele kwangaphambili ukuba “isihlwele esikhulu . . . siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi” sasiya kuhlanganiswa sibe ngabanquli bakaYehova ngaphambi kwembandezelo enkulu.—ISityhi. 7:9, 10, 14.
Xa iMfazwe Yehlabathi II yaqalisayo ngowe-1939, kwakukho amaNgqina kaYehova angama-72 475 awayeshumayela kumazwe ali-115 kuphela (xa ebalwa ngokwendlela amazwe ebahlulahlulwe ngayo ekuqaleni kweminyaka yee-1990). Phezu kwayo nje intshutshiso eqatha awayejamelene nayo emhlabeni wonke, inani lawo laphindeka phantse ngaphezu kwezihlandlo ezibini ekupheleni kwemfazwe. Ngaloo ndlela, ingxelo yowe-1945 yabonisa amaNgqina ali-156 299 awayeshumayela kumazwe ali-107 ekube nokwenzeka ukuhlanganisa iingxelo zawo. Noko ke, eneneni ngelo xesha, ngamazwe ali-163 awayesele efikelelwe ngesigidimi soBukumkani.
Ubungqina obanikelwa ebudeni beminyaka esusela kowe-1936 ukusa kowe-1945 babumangalisa ngokwenene. Ebudeni baloo minyaka ilishumi yeziphithiphithi emhlabeni, la maNgqina kaYehova anenzondelelo anikela isimbuku seeyure ezingama-212 069 285 ekuvakaliseni ehlabathini ukuba uBukumkani bukaThixo bukuphela kwethemba loluntu. Kwakhona asasaza iincwadi, iincwadana namaphephancwadi angama-343 054 579 ukuze ancede abantu baqonde isiseko seZibhalo saloo ntembelo. Ukuze ancede abantu abanomdla ngokwenene, ngowe-1945 ayeqhuba, ngokwesilinganiso, izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezili-104 814 ngesisa.
[Blurb on page 455]
Nangona iimeko ezazikho ngexesha lemfazwe zabanyanzelela ukuba babaleke, baqhubeka beshumayela
[Box/Pictures on page 451-453]
Abazange Bavume Ukuyeka Ukunikela Ubungqina Nangona Babevalelwa Ezintolongweni
Apha kuboniswe abambalwa nje kuphela kumawaka awabandezelekayo ngenxa yokholo lwawo ezintolongweni nakwiinkampu zoxinaniso ebudeni beMfazwe Yehlabathi II
1. UAdrian Thompson, waseNew Zealand. Wavalelwa entolongweni ngowe-1941 eOstreliya; isicelo sakhe sokungabizelwa emkhosini asizange samkelwe xa iOstreliya yawaval’ umlomo amaNgqina kaYehova. Emva kokukhululwa kwakhe, njengomveleli ohambahambayo, womeleza amabandla kubulungiseleli bawo basekuhleni. Wakhonza njengomvangeli wasemazweni nomveleli ohambahambayo wokuqala eJapan emva kwemfazwe; waqhubeka eshumayela ngenzondelelo de kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1976.
2. UAlois Moser, waseOstriya. Wavalelwa kwiintolongo neenkampu zoxinaniso ezisixhenxe. EbeseliNgqina elikhutheleyo ngowe-1992 kubudala beminyaka engama-92.
3. UFranz Wohlfahrt, waseOstriya. Ukubulawa kukayise nomntakwabo akuzange kumtyhafise uFranz. Wavalelwa kwiNkampu yaseRollwald eJamani iminyaka emihlanu. Ebesanikela ubungqina ngowe-1992 kubudala beminyaka engama-70.
4. UThomas Jones, waseKhanada. Wavalelwa entolongweni ngowe-1944, waza wavalelwa kwiinkampu zokusebenza nzima ezimbini. Emva kweminyaka engama-34 ekwinkonzo yexesha elizeleyo, wamiselwa ngowe-1977 ukuba abe lilungu leKomiti yeSebe elongamela umsebenzi wokushumayela kulo lonke elaseKhanada.
5. UMaria Hombach, waseJamani. Wabanjwa izihlandlo eziliqela; wavalelwa yedwa iminyaka emithathu enesiqingatha. Njengomthuthi woncwadi, wabeka ubomi bakhe esichengeni ukuze aphathele amanye amaNgqina uncwadi lweBhayibhile. Ngowe-1992, ebelilungu elithembekileyo lentsapho yaseBheteli eneminyaka engama-90 ubudala.
6. UMax noKonrad Franke, baseJamani. Ubawo nonyana, abavalelwa entolongweni izihlandlo eziliqela, yaye iminyaka emininzi. (Umfazi kaKonrad, uGertrud, naye wayesentolongweni.) Bonke bahlala bengabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo nabanenzondelelo, ibe uKonrad wayephambili ekumiseleni umsebenzi wokushumayela wamaNgqina ngokutsha emva kwemfazwe eJamani.
7. UA. Pryce Hughes, waseNgilani. Kabini wagwetyelwa kwintolongo iWormwood Scrubs, eLondon; wavalelwa nangenxa yokholo lwakhe ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. Wayephambili emsebenzini wokushumayela ngoBukumkani eBritani de kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1978.
8. UAdolphe noEmma Arnold nentombi yabo uSimone, baseFransi. Emva kokuvalelwa entolongweni kukaAdolphe, uEmma noSimone baqhubeka benikela ubungqina, yaye besasaza uncwadi kwamanye amaNgqina. UEmma, xa wayesentolongweni, wavalelwa yedwa ngenxa yokungayeki ukunikela ubungqina kwamanye amabanjwa. USimone wathunyelwa kwisikolo solungiso-similo. Bonke baqhubeka bengamaNgqina anenzondelelo.
9. UErnst noHildegard Seliger, baseJamani. Bebobabini, bachitha iminyaka engaphezu kwama-40 xa idityanisiwe ezintolongweni nakwiinkampu zoxinaniso ngenxa yokholo lwabo. Nasentolongweni babengayeki ukwabelana nabanye ngeenyaniso zeBhayibhile. Xa bekhululwe babenikela ngexesha labo lonke ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. UMzalwan’ uSeliger, wafa engumkhonzi onyanisekileyo kaThixo ngowe-1985; uDade Seliger, ufe ngowe-1992.
10. UCarl Johnson, waseUnited States. Emva kweminyaka emibini ebhaptiziwe, wavalelwa entolongweni kunye namakhulu amanye amaNgqina eAshland, eKentucky. Uye wakhonza njengovulindlela nomveleli wesiphaluka; ngowe-1992, ebesakhokela kubulungiseleli basentsimini njengomdala.
11. UAugust Peters, waseJamani. Ohlukanisiwe nomfazi nabantwana bakhe abane, wavalelwa entolongweni ngowe-1936-37, kwakhona ngowe-1937-45. Emva kokukhululwa kwakhe, kunokuba athobe isantya sokushumayela, wathi chatha, kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngowe-1992, eneminyaka engama-99 ubudala, ebesakhonza njengelungu lentsapho yaseBheteli ibe uye wabona inani lamaNgqina kaYehova eJamani lisanda ukuya kutsho kwi-163 095.
12. UGertrud Ott, waseJamani. Wavalelwa entolongweni eLodz, ePoland, waza ke wathunyelwa kwinkampu yoxinaniso yaseAuschwitz; emva koko waya eGross-Rosen naseBergen-Belsen eJamani. Emva kwemfazwe wakhonza ngenzondelelo njengomvangeli wasemazweni eIndonesia, eIran naseLuxembourg.
13. UKatsuo Miura, waseJapan. Emva kweminyaka esixhenxe ebanjiwe waza wavalelwa entolongweni eHiroshima, inxalenye enkulu yentolongo awayevalelwe kuyo yatshatyalaliswa yibhombu yeathom eyatshayela eso sixeko. Noko ke, oogqirha abazange bafumane bungqina bokuba wayenzakalisiwe yimitha yebhombu. Iminyaka yokugqibela yobomi bakhe wayisebenzisa njengovulindlela.
14. UMartin noGertrud Poetzinger, baseJamani. Emva kweenyanga ezimbalwa betshatile, babanjwa baza bahlukaniswa kangangeminyaka esithoba. UMartin wathunyelwa eDachau naseMauthausen; yena uGertrud, eRavensbrück. Phezu kwayo nje impatho embi, ukholo lwabo aluzange luxengaxenge. Emva kokukhululwa banikela ngamandla abo onke kwinkonzo kaYehova. Kangangeminyaka engama-29 uMartin wakhonza njengomveleli ohambahambayo kulo lonke elaseJamani; waza ke wakhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo de kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1988. Ngowe-1992, uGertrud ebeqhubeka engumhambisi wevangeli onenzondelelo.
15. UJizo noMatsue Ishii, baseJapan. Emva kokusasaza uncwadi lweBhayibhile kulo lonke elaseJapan kangangeminyaka elishumi, bavalelwa entolongweni. Nangona umsebenzi wamaNgqina kaYehova eJapan wabhangiswayo ebudeni bemfazwe, uMzalwana noDade Ishii banikela ubungqina ngenzondelelo kwakhona emva kwemfazwe. Ngowe-1992, uMatsue Ishii ebebone inani lamaNgqina akhutheleyo eJapan lisanda ukuya kutsho kwangaphezu kwe-171 000.
16. UVictor Bruch, waseLuxembourg. Wavalelwa eBuchenwald, eLublin, eAuschwitz, naseRavensbrück. Kubudala beminyaka engama-90, ebesasebenza njengomdala okhutheleyo wamaNgqina kaYehova.
17. UKarl Schurstein, waseJamani. Umveleli ohambahambayo ngaphambi kokungena kukaHitler esikhundleni. Wavalelwa iminyaka esibhozo, waza wabulawa ngamaSS eDachau ngowe-1944. Kwanasenkampini, wayeqhubeka esakha abanye ngokomoya.
18. UKim Bong-nyu, waseKorea. Wavalelwa iminyaka emithandathu. Kubudala beminyaka engama-72, ebesaxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo.
19. UPamfil Albu, waseRomania. Emva kokuphathwa ngenkohlakalo, wathunyelwa kwinkampu yokusebenza nzima eYugoslavia iminyaka emibini enesiqingatha. Emva kwemfazwe wavalelwa entolongweni ezinye izihlandlo ezibini, eminye iminyaka eli-12. Akazange ayeke ukuthetha ngenjongo kaThixo. Ngaphambi kokufa kwakhe wanceda amawaka eRomania ukuba akhonze kunye nentlangano yamaNgqina kaYehova esemhlabeni wonke.
20. UWilhelm Scheider, wasePoland. Wayekwinkampu yoxinaniso yamaNazi ngowe-1939-45. Kwintolongo yamaKomanisi ngowe-1950-56, nangowe-1960-64. De kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1971, ngokungaxengaxengiyo uye wanikela ngamandla akhe ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo.
21. UHarald noElsa Abt, basePoland. Ebudeni nasemva kwemfazwe, uHarald wachithela iminyaka eli-14 entolongweni nakwiinkampu zoxinaniso ngenxa yokholo lwakhe kodwa waqhubeka eshumayela kwanalapho. UElsa wahlukaniswa nentombi yabo eyayiselusana olubomvu waza wavalelwa kwiinkampu ezintandathu ePoland, eJamani naseOstriya. Phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova iminyaka engama-40 ePoland kwanasemva kwemfazwe, bonke baqhubeka bengabakhonzi bakaYehova abanenzondelelo.
22. UÁdám Szinger, waseHungary. Ebudeni bokuchotshelwa kwetyala kathandathu, wagwetywa iminyaka engama-23, kuyo awahlala iminyaka esibhozo nesiqingatha entolongweni nakwiinkampu zoxinaniso. Akuba ekhululwe, wakhonza njengomveleli ohambahambayo iminyaka engama-30. Kubudala beminyaka engama-69, ebesengumdala webandla onyanisekileyo.
23. UJoseph Dos Santos, wakwiiPhilippines. Wayekhonze ngenzondelelo iminyaka eli-12 njengomvakalisi wesigidimi soBukumkani wexesha elizeleyo ngaphambi kokubanjwa kwakhe ngowe-1942. Wawuhlaziya umsebenzi wamaNgqina kaYehova kwiiPhilippines emva kwemfazwe waza waqhubeka kwinkonzo yobuvulindlela de kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1983.
24. URudolph Sunal, waseUnited States. Wayevalelwe entolongweni eMill Point, kwiNtshona Virginia. Emva kokukhululwa kwakhe wanikela ngexesha lakhe lonke ekusasazeni ulwazi ngoBukumkani bukaThixo—njengovulindlela, ilungu lentsapho yaseBheteli, nomveleli wesiphaluka. Ngowe-1992 ebesenguvulindlela, kubudala beminyaka engama-78.
25. UMartin Magyarosi, waseRomania. Esentolongweni, 1942-44, waqhubeka enikela ulwalathiso ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo eTransylvania. Ukukhululwa kwakhe wahamba kakhulu ekhuthaza amanye amaNgqina ekushumayeleni kwawo ibe naye wayeliNgqina elingoyikiyo. Wavalelwa entolongweni kwakhona ngowe-1950, wafela kwinkampu yokusebenza ngowe-1953, engumkhonzi kaYehova onyanisekileyo.
26. UR. Arthur Winkler, waseJamani naseNetherlands. Okokuqala wathunyelwa kwinkampu yoxinaniso e-Esterwegen; waqhubeka eshumayela kuloo nkampu. Kamva, eNetherlands, wabethwa ngamaGestapo kangangokuba kwanzima nokumqonda. Ekugqibeleni wathunyelwa eSachsenhausen. Waba liNgqina elinyanisekileyo nelinenzondelelo de kwaba sekufeni kwakhe ngowe-1972.
27. UPark Ock-hi, waseKorea. Wachithela iminyaka emithathu kwiNtolongo yaseSodaemun, eSeoul; wathuthunjiswa ngendlela emanyumnyezi. Kubudala beminyaka engama-91, ngowe-1992, ebesanikela ubungqina ngenzondelelo, njengovulindlela okhethekileyo.
[Map/Picture on page 446]
UAlexander MacGillivray, njengomveleli wesebe laseOstreliya, wanceda ukuceba ukhenketho lokushumayela oluya kumazwe neziqithi ezininzi
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
IOSTRELIYA
INEW ZEALAND
ITAHITI
ITONGA
IFIJI
INEW GUINEA
IJAVA
IBORNEO
ISUMATRA
IBURMA
IHONG KONG
IMALAYA
SINGAPORE
ISIAM
I-INDOCHINA
ITSHAYINA
ULWANDLEKAZI LWEPASIFIKI
Amagama Eendawo Ngalawo Ayesetyenziswa Ebudeni Beminyaka Yee-1930
[Map/Pictures on page 460]
Ngasekupheleni kowe-1945, abavangeli basemazweni abavela kwiSikolo saseGiliyadi babesele bekhonza kumazwe ali-18 kulo mmandla wehlabathi
UCharles noLorene Eisenhower
ECuba
UJohn noAdda Parker
EGuatemala
UEmil Van Daalen
EPuerto Rico
UOlaf Olson
EColombia
UDon Burt
ECosta Rica
UGladys Wilson
E-El Salvador
UHazel Burford
EPanama
ULouise Stubbs
EChile
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
BARBADOS
IBELIZE
IBOLIVIA
IBRAZIL
ICHILE
ICOLOMBIA
ICOSTA RICA
ICUBA
IDOMINICAN REPUBLIC
IEL SALVADOR
IGUATEMALA
IHAITI
IJAMAICA
IMEXICO
INICARAGUA
IPANAMA
IPUERTO RICO
IURUGUAY
[Picture on page 444]
Abanye oovulindlela bahambisa iibhokisi ezininzi zoncwadi; abaninimzi babefumana iintetho zeBhayibhile eziliqela kwincwadi nganye
[Picture on page 445]
UArmando Menazzi (embindini ngaphambili) neqela elonwabileyo elahamba naye kukhenketho lokushumayela “kwikhaya labo loovulindlela elihambayo”
[Picture on page 445]
UArthur Willis, uTed Sewell, noBill Newlands—abantu abathathu abasa isigidimi soBukumkani kwiindawo ezisemaphandleni zaseOstreliya
[Picture on page 447]
UFrank Dewar (oboniswe apha kunye nenkosikazi yakhe neentombi zabo ezimbini) waya eThailand njengovu-lindlela okuphela kwakhe ngowe-1936 ibe ebesenguvulindlela okhethekileyo ngowe-1992
[Picture on page 447]
UChomchai Inthaphan wasebenzisa ubuchule bakhe njengomguquleli ukuze afikelele abantu baseThailand ngeendaba ezilungileyo ezifumaneka eBhayibhileni
[Picture on page 448]
EJamani, amaNgqina kaYehoba ayisasaza ekuhleni kakhulu le leta iya kuwonke wonke ngowe-1937, nangona unqulo lwawo lwaluvaliwe ngurhulumente
[Picture on page 449]
Intsapho kaFranz noHilda Kusserow—ngamnye kuyo wayeliNgqina elithembekileyo likaYehova, nangona bonke kule ntsapho (ngaphandle konyana owayefe kwingozi) bafakwa kwiinkampu zoxinaniso, ezintolongweni, okanye kwizikolo zoguqulo-similo ngenxa yokholo lwabo
[Pictures on page 450]
Bambi eOstriya naseJamani ababeka ubomi babo esichengeni ngokukhuphela okanye ngokusasaza umbandela oxabisekileyo wokufundisisa iBhayibhile, onjengalowo ubonisiweyo ngasemva
UTherese Schreiber
UPeter Gölles
UElfriede Löhr
UAlbert Wandres
UAugust Kraft
UIlse Unterdörfer
[Picture on page 454]
AmaNgqina kwindibano eyayiseShanghai, eTshayina, ngowe-1936; abasithoba kweli qela babhaptizwa ngeso sihlandlo
[Picture on page 456]
Phezu kwako nje ukuvalwa konqulo lwawo, la maNgqina aqhuba indibano eHargrave Park, kufutshane naseSydney, eOstreliya, ngowe-1941
[Picture on page 458]
AmaNgqina aseCuba kwindibano eyayiseCienfuegos ngowe-1939
[Picture on page 459]
UN. H. Knorr (ngasekhohlo) kwindibano eyayiseSão Paulo ngowe-1945, kunye noErich Kattner owayeyitoliki