Isifundo 12
Ukubonakalisa Intlonelo Ngobomi Negazi
Sifanele sibujonge njani ubomi? (1) ukuqhomfa? (1)
AmaKristu abonisa njani ukuba akuphaphele ukukhuseleka? (2)
Ngaba kuphosakele ukubulala izilwanyana? (3)
Ziziphi ezinye izenzo zokungabonakalisi intlonelo ngobomi? (4)
Uthini umthetho kaThixo ngegazi? (5)
Ngaba oku kuquka ukutofelwa igazi? (6)
1. UYehova nguMthombo wobomi. Zonke izinto eziphilayo zibufumana kuThixo ubomi bazo. (INdumiso 36:9) Ubomi bungcwele kuThixo. Kwanobomi bomntwana ongekazalwa ngaphakathi kunina bubalulekile kuYehova. Ukubulala umntwana onjalo osakhulayo ngabom kuphosakele emehlweni kaThixo.—Eksodus 21:22, 23; INdumiso 127:3.
2. AmaKristu okwenyaniso ayiphaphele ingozi. Ayaqiniseka ukuba iinqwelo-mafutha namakhaya awo akhuselekile. (Duteronomi 22:8) Abakhonzi bakaThixo ababeki ubomi babo esichengeni ngenxa yolonwabo okanye uyolo. Ngoko akananxaxheba kwimidlalo yogonyamelo ekwenzakaliswana ngabom kuyo. Ayakuphepha ukuzihlaziya okukhuthaza ugonyamelo.—INdumiso 11:5; Yohane 13:35.
3. Kwanobomi bezilwanyana bungcwele kuMdali. UmKristu usenokubulala izilwanyana ukuze afumane ukutya nempahla okanye azikhusele kwisigulo nengozi. (Genesis 3:21; 9:3; Eksodus 21:28) Kodwa akulunganga ukuphatha kakubi izilwanyana okanye ukuzibulala emdlalweni okanye ngenjongo yokuzonwabisa.—IMizekeliso 12:10.
4. Ukutshaya, ukuhlafuna ibetel nut nokusebenzisa iziyobisi ngenjongo yokuzonwabisa akuwafanelanga amaKristu. Ukwenza ezi zinto kuphosakele ngenxa yokuba (1) ziyasikhobokisa, (2) zenzakalisa imizimba yethu, yaye (3) azicocekanga. (Roma 6:19; 12:1; 2 Korinte 7:1) Kunokuba nzima gqitha ukwahlukana nale mikhwa. Kodwa simele senjenjalo ukuze sikholise uYehova.
5. Igazi lingcwele emehlweni kaThixo. UThixo uthi umphefumlo, okanye ubomi, busegazini. Ngoko ke kuphosakele ukutya igazi. Kwakhona kuphosakele ukutya inyama yesilwanyana esingophiswanga kakuhle. Ukuba isilwanyana esithile sikrwitshiwe okanye sibulewe sisigu, asifanele sityiwe. Ukuba sibinzwe ngomkhonto okanye sidutyulwe, sifanele sophiswe ngokukhawuleza ukuba siza kutyiwa.—Genesis 9:3, 4; Levitikus 17:13, 14; IZenzo 15:28, 29.
6. Ngaba kuphosakele ukutofelwa igazi? Khumbula ukuba, uYehova ufuna sikhwebuke kwigazi. Oku kuthetha ukuba asimele sifake emizimbeni yethu ngayo nangayiphi na indlela igazi lomnye umntu okanye kwanelethu eligciniweyo. (IZenzo 21:25) Ngoko amaKristu okwenyaniso akasayi kutofelwa igazi. Aya kuzamkela ezinye iindlela zonyango lwezamayeza, ezinjengokutofelwa izinto ezingenalo igazi. Ayakufuna ukuphila, kodwa akasayi kuzama ukusindisa ubomi bawo ngokutyeshela imithetho kaThixo.—Mateyu 16:25.
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Ukuze sikholise uThixo, simele singalitofeli igazi, siyiphephe imikhwa emibi, nokuzibeka esichengeni ngokungeyomfuneko