ICANDELO 1
“Womelele Ngamandla”
Kweli candelo siza kuhlolisisa iingxelo zeBhayibhile ezinikela ubungqina bamandla kaYehova okudala, okutshabalalisa, okukhusela nawokubuyisela. Ukuqonda indlela uYehova uThixo, ‘owomeleleyo ngamandla,’ awasebenzisa ngayo ‘amandla akhe amakhulu’ kuya kusenza sikhwankqiswe.—Isaya 40:26.