IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ol inxa. 8 iphe. 25-28
  • Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso
  • Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yahlukana Nonqulo Lobuxoki
  • Zilahle Izinto Ezisetyenziswa Kunqulo Lobuxoki
  • Nxulumana Nabantu BakaYehova
  • Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Khonza UYehova, Ungakhonzi USathana
    Imimoya Yabafileyo—Imimoya Yabafileyo Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?
  • Unqulo Olumkholisayo UThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Luchase Unqulo Lobuxoki!
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
Khangela Okunye
Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene?
ol inxa. 8 iphe. 25-28

ICANDELO 8

Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso

1. Ngokuphathelele unqulo, abantu bajamelene naluphi ukhetho namhlanje?

UYESU wathi: “Lowo ungekho ngakum unxamnye nam.” (Mateyu 12:30) Sima kwicala likaYehova okanye kwelikaSathana. Abantu abaninzi bacinga ukuba bakhonza uThixo ngendlela eyamkelekileyo, kodwa iBhayibhile ithi uSathana “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Izigidi zabantu zikholelwa ukuba zinqula uThixo, kodwa eneneni zikhonza uSathana uMtyholi! Abantu namhlanje bajamelene nokhetho: Bamele bakhonze uYehova, ‘uThixo oyinyaniso,’ okanye uSathana, ‘uyise wobuxoki.’​—INdumiso 31:5; Yohane 8:44.

Yahlukana Nonqulo Lobuxoki

2. Yiyiphi enye indlela uSathana azama ngayo ukuthintela abantu ekunquleni uYehova?

2 Ukwenza isigqibo sokukhonza uYehova kulukhetho lobulumko, khetho olo olumkholisayo uThixo. Kodwa uSathana akakholiswa nguye nabani na okhonza uThixo; ubafaka enkathazweni abo bamkhonzayo. Enye indlela akwenza ngayo oku kukubenza bagculelwe okanye bachaswe ngabanye, ngabahlobo kwanangamalungu entsapho. UYesu walumkisa wathi: “Eneneni, iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe.”​—Mateyu 10:36.

3. Ukuba intsapho okanye abahlobo bakho bayakuchasa ukunqula kwakho uThixo, uya kwenza ntoni?

3 Ukuba oko kwenzeka kuwe, uya kusabela njani? Abantu abaninzi bayazi ukuba indlela abanqula ngayo iphosakele, kodwa bamadolw’ anzima ukuyishiya. Bacinga ukuba oko iya kuba kukunganyaniseki kwintsapho yabo. Ngaba oko kusengqiqweni? Ukuba ufumanisa ukuba amalungu asondeleyo entsapho yakho asebenzisa iziyobisi eziyingozi, ngaba ubungayi kuwalumkisa ukuba iziyobisi ziya kuwenzakalisa? Ubungayi kuwathelela ekusebenziseni ezo ziyobisi, akunjalo?

4. Wathini uYoshuwa kumaSirayeli ngokuphathelele unqulo ngomhla wakhe?

4 UYoshuwa wakhuthaza amaSirayeli ukuba aluyeke uqheliselo oluphosakeleyo lonqulo nezithethe zookhokho bawo. Wathi: “Yoyikani uYehova nize nimkhonze ngokungenasiphoso nangenyaniso, nize nisuse oothixo ababekhonzwa ngookhokho benu ngaphesheya koMlambo naseYiputa, yaye nikhonze uYehova.” (Yoshuwa 24:14) UYoshuwa wayenyanisekile kuThixo, waza uYehova wamsikelela. Ukuba sinyanisekile kuYehova, uya kusisikelela nathi.​—2 Samuweli 22:26.

Iimfundiso Zonqulo​—Eziyinyaniso Nezibubuxoki

  • Ibhinqa nabantwana balo bafunda iBhayibhile neNgqina LikaYehova

    UBathathu Emnye: Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba uThixo nguBathathu Emnye. Zithi “uYise nguThixo, uNyana [uYesu] nguThixo, noMoya Oyingcwele ukwanguThixo, ukanti abangoThixo bathathu kodwa nguThixo mnye.”

    IBhayibhile ayilikhankanyi kwaukulikhankanya igama elithi “uBathathu Emnye,” okanye ifundise ukuba uYehova ungabantu abathathu emnye. NguYehova kuphela uThixo. Eyokuqala kwabaseKorinte 8:6 ithi: “Kuthi thina kukho uThixo omnye, uYise.” UYehova ngOyena Uphakamileyo. UYesu, akangoThixo, kodwa “unguNyana kaThixo.” (1 Yohane 4:15) Ngokufanayo, umoya oyingcwele awungoThixo. Umoya oyingcwele awungomntu. Ngamandla kaThixo asebenzayo.​—IZenzo 1:8; Efese 5:18.

  • Umphefumlo: Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba umphefumlo yinto ethile engaphakathi emntwini engenakufa. Kakade ke, iBhayibhile ifundisa ukuba umphefumlo ngumntu, ibe umntu uyafa.​—Genesis 2:7; Hezekile 18:4.

  • Isihogo: Unqulo lobuxoki lufundisa ukuba imiphefumlo yabangendawo ithuthunjiswa ngonaphakade esihogweni. IBhayibhile ichaza ukuba abafileyo “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Kwakhona iBhayibhile ifundisa ukuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) UYehova, uThixo onothando, akanakuze athuthumbise abantu ngomlilo.

Ibhokisi: Ifundisa ntoni iBhayibhile ngoBathathu Emnye, umphefumlo nesihogo?

Zilahle Izinto Ezisetyenziswa Kunqulo Lobuxoki

Ibhinqa litshisa izinto zalo zemilingo

5. Kutheni sifanele sizilahle izinto zomlingo?

5 Ukwahlukana nonqulo lobuxoki kukwathetha nokuba sifanele sizitshabalalise naziphi na izinto zomlingo esisenokuba sinazo, ezinjengamakhubalo, imisesane nezacholo zomlingo, nezinto ezinjengezo. Oku kubalulekile kuba kubonisa ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo.

6. Enza ntoni amaKristu okuqala ngeencwadi zawo zemilingo?

6 Khawucinge nje ngoko kwenziwa ngamaKristu okuqala xa enza isigqibo sokuqhelisela unqulo lokwenyaniso. IBhayibhile ithi: “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani.”​—IZenzo 19:19.

7. Yintoni esinokuyenza xa sihlaselwa ziidemon?

7 Xa abanye ababesebenzisa ubugqwirha, ukukhafula okanye imilingo, beqalisa ukukhonza uYehova, basenokuhlaselwa ziidemon. Ukuba oko kwenzeka kuwe, thandaza ngokuvakalayo kuYehova, usebenzisa igama lakhe. Uya kukunceda.​—IMizekeliso 18:10; Yakobi 4:7.

8. AmaKristu azijonga njani izithixo nemifanekiso esetyenziswa kunqulo lobuxoki?

8 Abo banqwenela ukukhonza uYehova abamele bagcine okanye basebenzise nasiphi na isithixo, okanye umfanekiso oyinxalenye yonqulo lobuxoki. AmaKristu okwenyaniso ‘ahamba ngokholo, kungekhona ngokubona.’ (2 Korinte 5:7) Ayawuhlonela umthetho kaThixo owalela ukusetyenziswa kwawo nawuphi na umfanekiso ekunquleni.​—Eksodus 20:4, 5.

Nxulumana Nabantu BakaYehova

Umama nomntwana wakhe benza ukutya

9. Liliphi icebiso elinikelayo iBhayibhile ngokuba sisilumko?

9 IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.” (IMizekeliso 13:20) Ukuba sifuna ukuba zizilumko, sifanele sihambe, okanye sinxulumane namaNgqina kaYehova. Angabantu abahamba kwindlela ekhokelela ebomini.​—Mateyu 7:14.

10. Anokukunceda njani amaNgqina kaYehova ukuba ukhonze uThixo?

10 AmaNgqina abakhathalela ngokwenene abantu. Umsebenzi wawo kukunceda abo bantliziyo zinyanisekileyo ukuba baziqonde iinyaniso eziseBhayibhileni ezikhokelela kubomi obungunaphakade. Anokukunceda ngokukuqhubela isifundo seBhayibhile ngesisa. Aya kuyiphendula yonke imibuzo onayo aze akubonise indlela onokulusebenzisa ngayo ebomini bakho ulwazi olufumene eBhayibhileni.​—Yohane 17:3.

11. Ziya kukunceda njani iintlanganiso zamaKristu?

11 Kwiintlanganiso zawo, ngokuqhelekileyo eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani, uya kufunda ngakumbi ngeendlela zikaYehova. Uya kukhula ngakumbi umnqweno wakho wokufuna ukuqhelisela unqulo lokwenyaniso. Kwakhona uya kufumana uqeqesho lokunceda abanye bafunde iinyaniso eziseBhayibhileni.​—Hebhere 10:24, 25.

Iintlanganiso eHolweni YoBukumkani

12. Unokukunceda njani umthandazo ukuba ukhonze uThixo?

12 Njengoko ufunda ngakumbi ngokuthanda nangenjongo kaYehova, uya kuzixabisa ngakumbi iindlela zakhe zothando. Kwakhona uya kukulangazelela ngakumbi ukumkholisa nokukuphepha oko kungamkholisiyo. Khumbula ukuba unako ukuthandaza kuYehova uze umcele ukuba akuncede wenze okulungileyo uze uphephe okubi.​—1 Korinte 6:9, 10; Filipi 4:6.

Intsapho ifunda iBhayibhile

Unokwenza njani ukuze ubonakale ukuba ukunqulo lwenyaniso?

13. Unokuyivuyisa njani intliziyo kaYehova?

13 Ekuhambeni kwexesha, njengoko ukhula ngokomoya, ngokungathandabuzekiyo uya kuyibona imfuneko yokuba liNgqina likaYehova elizahluleleyo nelibhaptiziweyo. Ngokuzibandakanya nabantu bakaYehova, uya kuyivuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Uya kuba phakathi kwabantu abonwabileyo athi uThixo ngabo: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”​—2 Korinte 6:16.

Ndahlukana Needemon

UJosephine Ikezu nabanye abantwana bakhe

Ngobunye ubusuku ngoxa ndandilele ebhedini nomyeni wam, ndeva ilizwi lindikhwaza izihlandlo ezithathu. Emva koko, ndabona uphahla lusahlukana phakathi, kwaza kwawela idangatye lomlilo esiswini sam. Kodwa yena umyeni wam akazange akubone konke oko. Noko ke, ndaba nesifuthufuthu kangangeenyanga eziliqela.

Kwiinyanga ezintandathu kamva, elo lizwi landikhwaza kwakhona. Ngoko nangoko, indlu yonke yaba ngathi izele ngamanzi. Kuloo manzi kwaphuma inamba enkulu yazibhijela esandleni sam. Ndazama ukuyivuthulula kodwa zange isuke. Ndandityhwatyhwa kukoyika. Emva koko amanzi nenyoka aphel’ emehlweni, ndaza ndankaleka phantsi. Ndamkelwa ziingqondo kangangeeyure eziliqela. Ngoko eli lizwi lathi mandiye kwitempile yabaphilisi kuloo dolophana. Xa ndabuza igama laloo mphilisi, wandinika igama elibhekisela “kwisityebi esingenamntwana.” Wathembisa ukundenza isityebi ngokundinika amandla okuphilisa.

Abantu abagulayo beza bevela kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ngaphambi kokuba bafike endlwini yam, ndandibabona kwisipili sam esikhethekileyo. Xa umntu efika, ndandidla ngokumbetha nje esandleni, yaye ngokukhawuleza ndandisityhilelwa isigulo okanye ingxaki yakhe kwanendlela yokusinyanga. Kwakhona umoya wawundixelela imali abamele bayihlawule abantu.

Imali nezipho zazithululeka ukungena ngenxa yokuphumelela kolo nyango. Ndaba ‘sisityebi,’ kodwa ndakuqonda noko kuthethwa ‘kukungabi namntwana.’ Sihlandlo ngasinye ndizala umntwana, lowo ungaphambi kwakhe wayesifa. Oku kwandidandathekisa kakhulu. Ebudeni beminyaka eli-12 yokukhonza kwam loo moya, abantwana bam abathandathu bafa.

Ndaqalisa ukuthandazela uncedo lukaThixo. Ndathandaza ngokuzingisileyo. Ngenye imini kwankqonkqoza amaNgqina kaYehova ekhayeni lam. Nangona ndandidla ngokuwagxotha, ngaloo mini ndagqiba ekubeni ndiwaphulaphule. Kuloo ngxubusho yethu, ndafumanisa ukuba ndandikhonza idemon! Ndenza isigqibo sokwahlukana nokusebenzelana nemimoya.

Xa ndawuxelela ngesigqibo sama loo moya, wandigrogrisa. Noko ke, ndathi: “Kuphelile ngam nawe.”

Ndazitshisa zonke ezo zinto ndandizisebenzisa ekuvumiseni. Ndafundisisa iBhayibhile namaNgqina, ndaba ngumkhonzi kaYehova, ndaza ndabhaptizwa ngowe-1973. Ngoku ndinabantwana abahlanu abasempilweni. Nomyeni wam waba liNgqina elibhaptiziweyo.—Ngokubaliswa nguJosephine Ikezu.

Ibhokisi: Lahlukana njani needemon elinye ibhinqa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share