IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yi iphe. 2-6
  • Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
  • Lutsha Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufanelekela Ukuba LiNgqina LikaYehova
  • Amathuba Okukhonza UThixo Ixesha Elizeleyo
  • Khonza UYehova Ngomphefumlo Uphela
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Iindlela Zokwandisa Ubulungiseleli Bakho
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
Lutsha Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
yi iphe. 2-6

Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?

“NDIFUNA ukuzuza okona kulungileyo ebomini.” Itsho enye intombazana ekwishumi elivisayo. Ngokungathandabuzekiyo nawe ufuna oko. Kodwa unokukwenza njani “okona kulungileyo” ebomini? Amajelo osasazo noontanga bakho, mhlawumbi kwanootitshala bakho, basenokuthi okona kulungileyo kuzuzwa ngokwamkela imali eninzi nokwenza eyona misebenzi iphambili—ube nguthile ophumeleleyo!

Noko ke, iBhayibhile ilumkisa abaselula ngelithi ukusukela izinto eziphathekayo kufana nje “nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:4) Esinye isizathu kukuba, bambalwa abaselula abade babuzuze ngokwenene ubutyebi nodumo. Nabo babuzuzayo, ngokufuthi bazifumanisa sele benxunguphele gqitha. Omnye oselula waseBritani owayefuna umsebenzi wezifundiswa uthi: “Impumelelo yezinto eziphathekayo ifana nebhokisi engenanto. Uthi wakuyivula ufike kukhala ibhungane.” Yinyaniso ukuba, maxa wambi umsebenzi ungakwenza ube sisityebi futhi uhlonelwe. Kodwa awunakuyanelisa ‘intswelo yakho yokomoya.’ (Mateyu 5:3) Ngapha koko, eyoku-1 kaYohane 2:17 isilumkisa ngelithi “ihlabathi liyadlula.” Kwanokuba ubuya kuphumelela kweli hlabathi, oko ibiya kuba kokomzuzwana.

Ngenxa yoko, INtshumayeli 12:1 ibongoza abaselula isithi: “Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.” (IBhayibhile YesiXhosa) Ewe, eyona nebomini kukuba kwinkonzo kaYehova uThixo. Noko ke, umele ufanelekele inkonzo kaThixo kuqala. Ungakwenza njani oko? Ibe kubandakanya ntoni ukuba kwinkonzo kaThixo?

Ukufanelekela Ukuba LiNgqina LikaYehova

Okokuqala, ufanele uhlakulele umnqweno wokukhonza uThixo—ibe loo mnqweno awubikho ngokuzenzekelayo, kwanokuba abazali bakho ngamaKristu. Ufanele ube nolwalamano noYehova. Enye intombazana ekwishumi elivisayo ithi: “Ukuthandaza kukunceda ube nolwalamano lobuqu noYehova.”—INdumiso 62:8; Yakobi 4:8.

EyabaseRoma 12:2 ibalaselisa elinye inyathelo omele ulithabathe. Ithi: ‘Kungqineni ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ Ngaba wakha waziva sele uthandabuza ezinye zezinto owazifundiswayo? Xa kunjalo umele uphulaphule esi sibongozo seBhayibhile, uze ‘uzingqine ngokwakho’ ezo zinto ukuba ziyinyaniso! Yenza olwakho uphando. Funda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Noko ke, ukufunda ngoThixo akuyonto nje elula efuna ubukrelekrele. Chitha ixesha ucamngca ngoko ukufundayo ukuze kuzike kwintliziyo yakho yokomfuziselo. Oku kuya kukwenza umthande nangakumbi uThixo.—INdumiso 1:2, 3.

Emva koko, zama ukuncokola nabanye ofunda nabo ngezinto ozifundileyo. Inyathelo elilandelayo kukushumayela kwindlu ngendlu. Maxa wambi usenokudibana nomnye ofunda naye njengoko ushumayela, ibe loo nto isenokukwenza woyike ekuqaleni. Noko ke, iBhayibhile isibongoza ukuba singabi ‘nazintloni ngeendaba ezilungileyo.’ (Roma 1:16) Uhambisa isigidimi sobomi nethemba! Kutheni usiba neentloni nje ngaso?

Ngoko, ukuba abazali bakho ngamaKristu, usenokuba sele ukunye nabo kulo msebenzi wokushumayela. Kodwa ke ngaba akunakwenza okungakumbi kunokuhamba nje nalowo ushumayelayo okanye uhambise amaphephancwadi namaphecana? Ngaba uyakwazi ukuthetha nomninimzi umfundisa iBhayibhile? Ukuba akukwazi, ufanele ucele uncedo kubazali bakho okanye elinye ilungu eliqolileyo lebandla. Kwenze usukelo lwakho ukufanelekela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga weendaba ezilungileyo!

Ethubeni, uya kushukunyiselwa ukuba uzahlulele—usenza isifungo kuThixo sokuba uya kumkhonza ngokuqhubekayo. (Roma 12:1) Noko ke, ukuzahlulela akungombandela nje ofuna wena kuphela. UThixo ufuna ukuba sonke senze “uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.” (Roma 10:10) Xa ubhaptizwa, uqala uluvume ngomlomo ukholo lwakho. Emva koko ubhaptizwa emanzini. (Mateyu 28:19, 20) Kuyavunywa ukuba, ubhaptizo linyathelo elinzulu. Kodwa musa ukuzilazila kuba ucinga ukuba usenokusilela ngandlel’ ithile. Ukuba uxhomekeke kumandla kaThixo, uya kukunika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze ume uqinile.—2 Korinte 4:7; 1 Petros 5:10.

Xa ubhaptizwa, uba ngomnye wamaNgqina kaYehova. (Isaya 43:10) Oku kumele kube negalelo elikhulu kwindlela oya kuphila ngayo. Ukuzahlulela kuquka ‘ukuzincama.’ (Mateyu 16:24) Kusenokufuneka uyeke izinto ozithandayo namabhongo athile ukuze ‘ufune kuqala ubukumkani bukaThixo.’ (Mateyu 6:33) Ngoko uzahlulelo nobhaptizo luvulela amathuba amaninzi okwenjenjalo. Makhe siqwalasele amanye awo.

Amathuba Okukhonza UThixo Ixesha Elizeleyo

● Ubuvulindlela lelinye laloo mathuba. Uvulindlela ngumKristu obhaptiziweyo ongumzekelo oosebenza iiyure ezingama-70 nyanga nganye eshumayela iindaba ezilungileyo. Ukusebenza ixesha elingakumbi entsimini kuya kukunceda ukhulise ubuchule bakho bokushumayela nokufundisa. Oovulindlela abaninzi baye bayoliswa kukunceda izifundo zabo zeBhayibhile zaba ngamaNgqina abhaptiziweyo. Nguwuphi umsebenzi wempangelo onokubangela imincili uze wanelise njengalo?

Ukuze banyamekele iindleko zabo zokuphila, inkoliso yoovulindlela yenza izingxungxo. Abaninzi bayilungiselela kusengaphambili le mbopheleleko ngokufundela umsebenzi othile esikolweni okanye kubazali babo. Ukuba wena nabazali bakho nivakalelwa kukuba kuya kuba luncedo ukufumana imfundo eyongezelelekileyo emva kokugqiba isikolo, qiniseka ukuba iintshukumisa zakho asikokufuna ukuzuza imali eninzi, kodwa kukuze uxhase ubulungiseleli bakho mhlawumbi ukwazi ukukhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo.

Noko ke, uvulindlela unikela ingqalelo kungekhona kumsebenzi wakhe wengqesho, kodwa kubulungiseleli bakhe—enceda abanye bazuze ubomi! Kutheni ungenzi ubuvulindlela bube lusukelo lwakho? Ubuvulindlela budla ngokukhokelela kwamanye amalungelo. Ngokomzekelo, abanye oovulindlela bafudukela kwimimandla ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuyo. Abanye bafunda ulwimi lwasemzini baze bakhonze kwibandla lasekuhlaleni elithetha olo lwimi okanye baye kwelinye ilizwe. Ewe, ubomi bobuvulindlela bunomvuzo!

● Inkonzo yobuvangeli basemazweni lelinye laloo mathuba. Ukususela ngowe-1943 iSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi siye salungiselela oovulindlela abafanelekayo imfundo esemagqabini yyenkonzo yobuvangeli basemazweni. Abaphumeleleyo bafumana isabelo sokuya kukhonza njengabashumayeli bexesha elizeleyo kumazwe asemzini. Kuninzi lwala mazwe, ubomi abulula, ngoko kufuneka ube uphile qete yaya uyilungele loo nkonzo yobuvangeli basemazweni. Nangona kunjalo, abavangeli basemazweni baphila ubomi obuchulumancisayo, nobanelisayo.

● ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli sasekwa ukuze kuqeqeshwe abadala nezicaka zolungiselelo ezingatshatanga ezifanelekayo. Olo thotho lwezifundo lweeveki ezisibhozo lugubungela imibandela enjengeembopheleleko zabadala nezicaka zolungiselelo, ukulungelelanisa izinto, nokuthetha esidlangalaleni. Bambi babelwa kumazwe abo. Abanye babelwa kwamanye amazwe.

● Inkonzo yaseBheteli iquka ukukhonza njengetsha-ntliziyo kwesinye sezakhiwo zesebe lamaNgqina kaYehova. Amanye amalungu entsapho yaseBheteli asebenza apho kuveliswa uncwadi lweBhayibhile. Amanye axhasa lo msebenzi wokuvelisa uncwadi ngokunyamekela izakhiwo nezixhobo zokusebenza okanye iintswelo zentsapho yaseBheteli. Zonke izabelo ngamalungelo angcwele enkonzo eya kuYehova. Ukongezelela koko, abo baseBheteli bavuyiswa kukwazi ukuba nantoni na abayenzayo, izisa iingenelo kwinkitha yabazalwana babo abasehlabathini lonke.

Maxa wambi, kuye kucelwe abazalwana abanobuchule obuthile obukhethekileyo ukuba baye kukhonza eBheteli. Noko ke, inkoliso ifumana uqeqesho yakuba ifikile apho. Abo baseBheteli abakhonzi ukuze bazuze izinto eziphathekayo, kodwa baneliswa ngamalungiselelo abawafumanayo okutya, indawo yokuhlala, nomxhesho omncinane kwiindleko zabo. Elinye ilungu eliselula lentsapho yaseBheteli liyichaza ngale ndlela inkonzo elikuyo: “Imnandi gqitha! Ayikho lula, kodwa ndizuze iintsikelelo ezininzi ngokukhonza apha.”

● Ukukhonza kwelinye ilizwe kuvulela ubani ithuba lokuba nesabelo ekwakhiweni kwamasebe neeHolo zoBukumkani. Abo bakhonza kwamanye amazwe baya kumazwe asemzini besiya kuncedisa kuloo msebenzi wokwakha. Le yinkonzo engcwele efanayo naleyo yayisenziwa ngabo babesakha itempile kaSolomon. (1 Kumkani 8:13-18) Amalungiselelo okunyamekela abo bakhonza kwamanye amazwe ayafana nalawo entsapho yaseBheteli. Elinjani ilungelo abanalo aba bazalwana noodade ngokukhonza kulo msebenzi ukuze kuzukiswe uYehova!

Khonza UYehova Ngomphefumlo Uphela

Ukukhonza yeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila. Kutheni ungacingi ngokuzibekela usukelo lokukhonza uThixo ixesha elizeleyo? Xubusha ngenkonzo yexesha elizeleyo nabazali bakho, abadala basekuhlaleni, nomveleli wesiphaluka sakho. Ukuba unomdla wokuya eBheteli, eGiliyadi, okanye kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, yiya kwiintlanganiso zabo bafaka izicelo eziqhutywa kwiindibano zesiphaluka nezesithili.

Kuyavunywa ukuba, asingabo bonke abanokufanelekela okanye bakwazi ukukhonza kwinkonzo yexesha elizeleyo. Maxa wambi iingxaki zempilo, iimeko zoqoqosho neembopheleleko zentsapho zimsikel’ umda ubani koko anokukwenza. Noko ke, onke amaKristu azahluleleyo afanele athobele umyalelo weBhayibhile othi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) UYehova ufuna wenze konke okusemandleni ngokuvuma kweemeko. Ngoko nokuba injani na imeko okuyo, ukukhonza uYehova makube yeyona nto ukhangele kuyo ebomini. Zibekele usukelo olufikelelekayo lobuthixo. Ewe, “mkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho”—ibe uya kusikelelwa ngonaphakade ngokwenjenjalo!

Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, zonke iingcaphulo zeBhayibhile zithatyathwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share