ISAHLUKO 19
Ngaba Kufanelekile Ukulwa?
NGABA kukho amakhwenkwe okanye amantombazana owaziyo athanda ukulwa?— Ngaba uyathanda ukuhlala nawo? Okanye ukhetha ukuhlala nomntu onobubele nothanda uxolo?— UMfundisi Omkhulu wathi: “Banoyolo abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’”—Mateyu 5:9.
Kodwa maxa wambi abantu bakhe basicaphukise, akunjalo?— Ngoko sisenokufuna ukuziphindezela. Oku kwakha kwenzeka kubafundi bakaYesu xa babehamba noYesu besiya eYerusalem. Makhe ndikubalisele oko kwenzekayo.
Bakuba bemgama, uYesu wathumela abambalwa babafundi bakhe ukuba bahambe phambili baye kubafunela indawo yokuphumla kwidolophana yaseSamariya. Kodwa amaSamariya ayengafuni ukuba bahlale apho, ekubeni ayenonqulo olungafaniyo nolwabo. Yaye ayengafuni nabani na ohamba aye kunqula kwisixeko saseYerusalem.
UYakobi noYohane babefuna ukuziphindezela njani kumaSamariya?
Ukuba kwakwenzeke kuwe oko, wawuya kuthini? Ngaba wawuya kucaphuka? Ngaba wawuya kufuna ukuziphindezela?— Koko kanye umfundi uYakobi noYohane babefuna ukukwenza. Bathi kuYesu: ‘Uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini uze ubatshabalalise?’ Kungenxa yoko uYesu wababiza ngokuba ngooNyana beNdudumo! Kodwa uYesu wabaxelela ukuba akufanelekanga ukubaphatha ngaloo ndlela abanye abantu.—Luka 9:51-56; Marko 3:17.
Yinyaniso ukuba abanye abantu basenokungasiphathi kakuhle ngamanye amaxesha. Abanye abantwana basenokungafuni ukudlala nathi. Banokude bathi: “Asikufuni apha.” Oko kusenokusikhathaza, andithi? Sisenokufuna indlela yokuziphindezela. Kodwa ngaba sifanele senjenjalo?—
Kutheni ungezi neBhayibhile yakho nje? Masityhile kwiMizekeliso isahluko 24, indinyana 29. Ithi: “Musa ukuthi: ‘Kanye njengoko enjenjalo kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye. Ndiya kumbuyekeza ngamnye ngokwezenzo zakhe.’”
Ucinga ukuba kuthetha ukuthini oku?— Kuthetha ukuba asifanele siziphindezele. Asifanele simphathe kakubi omnye umntu kuba nje naye esiphethe kakubi. Kodwa kuthekani ukuba ufuna ukulwa nawe? Usenokukuthuka efuna ukukucaphukisa. Usenokuhlekisa ngawe. Mhlawumbi athi uligwala. Ufanele wenze ntoni? Ngaba ufanele ulwe?—
Kwakhona, masihlole oko kuthethwa yiBhayibhile. Tyhila kuMateyu isahluko 5, indinyana 39. Kuyo uYesu uthi: ‘Musani ukumchasa lowo ungendawo; kodwa othe wakuqhwaba esidleleni sakho sasekunene, mnike nesinye.’ Ucinga ukuba uYesu wayethetha ukuthini ngala mazwi? Ngaba wayethetha ukuba xa umntu ekubetha ngenqindi ebusweni, ufanele umvumele ukuba akubethe nakwelinye icala?—
Akunjalo, uYesu wayengathethi oko konke konke. Ukuqhwaba akufani nokubetha ngenqindi. Kubhekisela ekutyhilizeni. Umntu unokukuqhwaba kuba efuna nilwe. Ufuna ucaphuke. Yaye ukuba uyacaphuka uze nawe umtyhilize, kuya kwenzeka ntoni?— Nisenokuzibona senisilwa.
Kodwa uYesu wayengafuni ukuba abalandeli bakhe balwe. Ngoko wathi ukuba omnye umntu uyasiqhwaba, asifanele siphindise. Asifanele sicaphuke size silwe. Ukuba senjenjalo, siya kubonisa ukuba asikho bhetele kunalowo uqalise umlo.
Xa kuqala inkathazo, ucinga ukuba ufanele wenze ntoni?— Ufanele uhambe. Omnye umntu usenokukutyhiliza ngokuphindaphindiweyo. Kodwa usenokuphelela nje ekukutyhilizeni. Xa umyeka uhambe, oko akuthethi ukuba ubuthathaka. Kuthetha ukuba ukumela ngokuqinileyo oko kulungileyo.
Yintoni esifanele siyenze xa kukho umntu ofuna ukulwa nathi?
Kodwa kuthekani ukuba uyalwa uze umoyise loo mntu? Kunokwenzeka ntoni emva koko?— Lowo umoyisileyo unokubuya eze nabahlobo bakhe. Basenokukwenzakalisa ngentonga okanye ngemela. Ngaba uyasibona ke ngoku isizathu sokuba uYesu angafuni silwe?—
Sifanele senze ntoni xa sibona abanye abantu besilwa? Ngaba sifanele sincedise omnye?— IBhayibhile iyasichazela oko sifanele sikwenze. Tyhila kwiMizekeliso isahluko 26, indinyana 17. Ithi: “Unjengobamba inja ngeendlebe odlulayo aze avuthe ngumsindo ngengxabano engeyoyakhe.”
Ukungenelela imilo yabanye abantu kufana njani nokubamba inja ngeendlebe? Unokwenzakala, ngoko musa ukukwenza oko!
Yintoni ebiya kwenzeka ukuba ubamba inja ngeendlebe? Oko bekuya kuba buhlungu enjeni ize ikugragramele, akunjalo? Ukuba loo nja izama ukuphuncula, uze uqinise ukuyibamba, iya kuba nomsindo ngakumbi. Apho uyiyeke khona isenokukuluma. Kodwa ngaba uya kukwazi ukuqhubeka uyibambile ungaziyeki?—
Yileyo kanye ingxaki ebesiya kuzifaka kuyo ukuba singenelela umlo wabanye abantu. Sisenokungazi ukuba ngubani oqale umlo okanye isizathu sokuba balwe. Kusenokwenzeka ukuba lo mntu ubethwayo ubile. Ukuba siyamnceda, siya kuba sinceda isela. Oku kuya kuba kuphosakele, andithi?
Ngoko, ufanele wenze ntoni xa ubona abantu besilwa?— Ukuba kusesikolweni, usenokubaleka uye kuxelela utitshala. Ukuba akukho sesikolweni, usenokubiza omnye wabazali bakho okanye ipolisa. Ngoko kwanaxa abanye abantu befuna ukulwa, sifanele sihlale sinoxolo.
Yintoni ofanele uyenze xa ubona abantu besilwa?
Abafundi bokwenene bakaYesu benza konke okusemandleni abo ukuze baphephe ukulwa. Xa sisenza oko sibonisa ukuba sikumela ngokuqinileyo oko kulungileyo. IBhayibhile ithi umfundi kaYesu ‘akufuneki alwe, kunoko kufuneka athantamise kubo bonke abantu.’—2 Timoti 2:24.
Ngoku makhe sikhangele amacebiso alungileyo angakumbi aya kusinceda sikuphephe ukulwa: EyabaseRoma 12:17-21 neyoku-1 kaPetros 3:10, 11.