IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lr isahl. 38 iphe. 197-201
  • Isizathu Sokuba Simthande UYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba Simthande UYesu
  • Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Uyabulawa
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo? Indlela Yokubonisa Ukuba Siyabufuna
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • UYesu uyanikelwa aze abulawe esibondeni
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba Uya Kusabela Kuthando LukaYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
Funda Kumfundisi Omkhulu
lr isahl. 38 iphe. 197-201

ISAHLUKO 38

Isizathu Sokuba Simthande UYesu

KHAWUZITHELEKELELE ukwiphenyane elizikayo. Ngaba ubungathanda ukuhlangulwa?— Kuthekani ukuba mntu uthile uye wancama ubomi bakhe ukuze akuhlangule?— Kaloku, yiloo nto kanye eyenziwa nguYesu Kristu. Njengoko sifundile kwiSahluko 37, wanikela ubomi bakhe njengentlawulelo ukuze sisindiswe.

Kakade ke, uYesu akasihlanguli ekurhaxweni ngamanzi. Yintoni le asihlangula kuyo? Ngaba usayikhumbula?— Usihlangula esonweni nasekufeni esakufumana sonke kuAdam. Nangona abanye abantu besenza izinto ezimbi gqitha, uYesu ubafele nabo. Ngaba ubunokubeka ubomi bakho esichengeni ngelokuzama ukusindisa abantu abanjalo?—

IBhayibhile ithi: “Kungangenkankulu ukuba nabani na afele umntu olilungisa; eneneni, mhlawumbi, uthile angaba nobuganga bokumfela umntu olungileyo.” Sekunjalo, iBhayibhile ithi uYesu “wafela abantu abangenabuthixo.” Aba bantu baquka kwanabo bangamkhonziyo uThixo! Kwakhona iBhayibhile ithi: ‘Ngoxa sasisengaboni, sisenza izinto ezimbi, uKristu wasifela.’​—Roma 5:6-8.

Ngaba ukho umpostile omkhumbulayo owakha wenza izinto ezimbi gqitha?— Loo mpostile wabhala oku: “UKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni. Ndingobalaseleyo kubo.” Loo mpostile yayinguPawulos. Wathi wakha ‘akabi nangqiqo’ yaye ‘wayeqhubeka ebubini.’​—1 Timoti 1:15; Tito 3:3.

Khawucinge nje ngendlela amele ukuba unothando ngayo uThixo xa enokude athumele uNyana wakhe ukuba afele abantu abanjalo! Nceda uze neBhayibhile yakho uze ufunde ngako oku kuYohane isahluko 3, indinyana 16. Yona ithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi [oko kukuthi, abantu abaphila emhlabeni] kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”

UYesu uyabethwa, amajoni ahlekisa ngaye aze amnyanzele ukuba athwale isibonda sakhe sentuthumbo

Ziziphi iimbandezelo awatyhubela kuzo uYesu xa wanikela ngobomi bakhe ngenxa yethu?

UYesu wazingqina enothando olufana nolukaYise ngathi. Usenokukhumbula ukuba kwiSahluko 30 sale ncwadi, siye safunda ngobunzima uYesu awabuvayo ngobusuku awabanjwa ngabo. Wasiwa kwikhaya loMbingeleli Omkhulu uKayafa, apho laxoxelwa khona ityala lakhe. Kwabizwa amangqina awathetha ubuxoki ngoYesu, yaye abantu bambetha ngamanqindi. Ngelo xesha uPetros wakhanyela ukuba uyamazi uYesu. Makhe sizithelekelele silapho yaye sikubona oko kwenzekayo.

Kuyasa. UYesu ebehleli ubusuku bonke. Ngenxa yokuba eli tyala lingachotshelwanga ngendlela esemthethweni, ababingeleli bakhawuleza bahlanganise iSanhedrin, okanye inkundla ephakamileyo yamaYuda, baze baphinde balixoxe eli tyala. Kule nkundla baphinda bamtyhole uYesu ngokwaphula umthetho kaThixo.

Bandula ke aba babingeleli bambophe uYesu, baze bamse kuPilato, oyirhuluneli yaseRoma. Bathi kuPilato: ‘UYesu uvukela urhulumente. Ufanele abulawe.’ Kodwa uPilato uyabona ukuba ababingeleli bayaxoka. Ngoko uPilato uthi kubo: ‘Andifumani siphoso kulo mntu. Ndiza kumkhulula.’ Kodwa ababingeleli nabanye abantu bayakhwaza besithi: ‘Hayi! Mbulale!’

Kamva, uPilato uphinda axelele abantu ukuba uza kumkhulula uYesu. Kodwa ababingeleli baphembelela izihlwele ukuba zikhwaze zithi: ‘Ukuba uyamkhulula, nawe uvukela urhulumente! Mbulale!’ Ezo zihlwele zixokozela ngakumbi. Ngaba uyazi ukuba uPilato wenza ntoni?—

Uyanikezela. Okokuqala uthi uYesu makatywatyushwe. Wandula ke amnikele kumajoni ukuze ambulale. Afaka isithsaba sameva entlokweni kaYesu aze ahlekise ngaye ngokumana equbuda kuye. Andula ke anike uYesu isibonda esikhulu, ukuba asithwale, aze amqhubele ngaphandle kwesixeko kwindawo ebizwa ngokuba yiNdawo YoKakayi. Apho abethelela izandla neenyawo zikaYesu kweso sibonda. Andula ke asimise ukuze uYesu ajinge kuso. Uyopha. Uqaqanjelwa gqitha.

UYesu akafi kwangoko. Ujinga kweso sibonda. Ababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye. Yaye abantu abadlulayo bathi: “Ukuba ungunyana kaThixo, yihla kwisibonda sentuthumbo!” Kodwa uYesu uyakwazi oko akuthunywe nguYise. Uyazi ukuba umele anikele ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze sikwazi ukuphila ubomi obungunaphakade. Ekugqibeleni, malunga nentsimbi yesithathu ngaloo mva kwemini, uYesu ukhala kuYise aze afe.​—Mateyu 26:36–27:50; Marko 15:1; Luka 22:39–23:46; Yohane 18:1–19:30.

Hayi indlela uYesu awayahluke ngayo kuAdam! UAdam wayengamthandi uThixo. Akazange amthobele uThixo. Nathi akazange asithande uAdam. Ngenxa yokona kwakhe, sonke sizalelwe esonweni. Kodwa uYesu wabonisa uthando ngoThixo nangathi. Wayesoloko emthobela uThixo. Yaye wancama ubomi bakhe ukuze alungise umonakalo owenziwa nguAdam kuthi.

Intombazana ibonisa umfanyana iNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Yintoni esinokuyenza ukubonisa ukuba siyamthanda uYesu?

Ngaba uyayixabisa le nto imangalisayo yenziwa nguYesu?— Xa uthandaza kuThixo, ngaba uyambulela ngokusinika uNyana wakhe?— Umpostile uPawulos wayekuxabisa oko uKristu wamenzela kona. UPawulos wabhala wathi uNyana kaThixo ‘wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’ (Galati 2:20) Nawe wafelwa nguYesu, nam ngokunjalo. Wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze sifumane ubomi obungunaphakade! Ngokuqinisekileyo eso sisizathu esivakalayo sokuba simthande uYesu.

Umpostile uPawulos wawabhalela oku amaKristu aseKorinte: “Uthando lukaKristu lusishukumisela esenzweni.” Sisiphi isenzo olufanele lusishukumisele kuso uthando lukaKristu? Ucinga ntoni?— Phawula impendulo kaPawulos: “UKristu wafela bonke abantu ukuze baphilele Yena. Abafanele baphilele ukukholisa iziqu zabo.”—Akekeliswe sithi; 2 Korinte 5:14, 15, New Life Version.

Ngaba unokucinga ngeendlela esinokubonisa ngazo ukuba siphilela ukukholisa uKristu?— Kaloku, enye indlela kungokuxelela abanye ngoko ukufundileyo ngaye. Okanye cinga ngoku: Usenokuba uwedwa, yaye umama okanye utata wakho akanakukubona oko ukwenzayo, kungekho namnye umntu onokukubona. Ngaba uya kubukela iinkqubo zikamabonwakude okanye ujonge izinto kwi-Internet ozaziyo ukuba aziyi kumkholisa uYesu?— Khumbula ukuba uYesu uyaphila, yaye uyayibona yonke into esiyenzayo!

Umfanyana ubukele imuvu ekuliwayo kuyo engabonwa mntu

Ngubani oyibonayo yonke into esiyenzayo?

Esinye isizathu sokuba simthande uYesu kukuba sifuna ukuxelisa uYehova. UYesu wathi: ‘UBawo uyandithanda.’ Ngaba uyasazi isizathu sokuba amthande uYesu nesokuba nathi simele simthande?— Kungenxa yokuba uYesu wayekulungele ukufa ukuze ukuthanda kukaThixo kwenzeke. (Yohane 10:17) Ngoko masenze oku kuthethwa yiBhayibhile: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda, nize niqhubeke nihamba eluthandweni, kanye njengokuba noKristu wanithandayo waza wazinikela ngenxa yenu.”​—Efese 5:1, 2.

Ukuze ukhulise uxabiso onalo ngoYesu nangoko asenzele kona, nceda ufunde uYohane 3:35; 15:9, 10 neyoku-1 kaYohane 5:11, 12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share