IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bm ica. 3 iphe. 6
  • Abantu Basinda KuMkhukula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Basinda KuMkhukula
  • IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
  • Amanqaku Afanayo
  • Wasindiswa “Nabanye Abasixhenxe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • “Wahamba NoThixo OyiNyaniso”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • UMkhukula—Ngoobani Abaphulaphulayo? Ingoobani Abangazange Baphulaphule?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • “Wahamba NoThixo”
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
bm ica. 3 iphe. 6
Umkhombe udada phezu kwamanzi njengoko esiya esiba maninzi kwaye imvula isina

ICANDELO 3

Abantu Basinda KuMkhukula

UThixo utshabalalisa abangendawo aze asindise uNowa nentsapho yakhe

NJENGOKO abantu babesanda, isono nobungendawo zanda ngokukhawuleza emhlabeni. Ekuphela komprofeti owayekho ogama linguEnoki walumkisa abantu esithi ngenye imini uThixo wayeza kubatshabalalisa abangendawo. Sekunjalo, ubungendawo banwenw’ okomlilo wedobo. Ezinye iingelosi zamvukela uYehova ngokushiya ikhaya lazo lasezulwini, zazambathisa imizimba yabantu, zaza zazithabathela abafazi abangabantu. Ezo ngelosi zalala nabo bafazi baza bazala abantwana abangamabhastile—iingxilimbela ezazixhaphaza abantu ekwakusithiwa ziiNefili nezabangela ugonyamelo nophalazo-gazi olungathethekiyo emhlabeni. Yaba buhlungu gqitha intliziyo kaThixo xa ebona indalo yakhe esemhlabeni isonakaliswa.

Emva kokufa kukaEnoki, kwabakho enye indoda eyayahlukile kwabo bantu bangendawo. Igama layo nguNowa. Yena nentsapho yakhe bazama ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo. Xa uThixo wagqiba ekubeni atshabalalise abangendawo ababephila ngelo xesha, wayezimisele ukumkhusela uNowa kunye nezilwanyana. Ngoko wamxelela ukuba akhe umkhombe—inqanawa enkulu ende. UNowa, intsapho yakhe kunye neqela lezilwanyana ezahlukahlukeneyo babeza kuhlala kuyo ukuze basindiswe kumkhukula womhlaba wonke owawuza kufika. UNowa wamthobela uThixo. Kuloo mashumi eminyaka uNowa wayichitha esakha umkhumbi, ‘wayekwangumshumayeli wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Walumkisa abantu ngoMkhukula ozayo kodwa abazange banikele ingqalelo. Lada lafika ixesha lokuba yena, intsapho yakhe nezilwanyana bangene kuloo mkhumbi. Emva kokungena kwabo uThixo waluvala ucango. Yagaleleka ke imvula.

Kwanetha izandyondyo zemvula kangangeentsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40 de wonke umhlaba wagutyungelwa ngamanzi. Abangendawo batshabalala. Kwiinyanga kamva, njengoko amanzi ayewutha, umkhumbi wazinza phezu kwentaba. Ngexesha ababephuma ngalo apho, babesele begqibe unyaka kuloo mkhumbi. Ebulela, uNowa wanyusa umbingelelo kuYehova. UThixo waqinisekisa uNowa nentsapho yakhe ukuba akasayi kuphinda atshabalalise abantu ngomkhukula. UYehova wamisela umnyama njengesiqinisekiso soko.

Emva koMkhukula, uThixo wanika abantu imiyalelo emitsha. Wabanika imvume yokutya inyama yezilwanyana. Kodwa wabayalela ukuba bangalityi igazi. Kwakhona wayalela inzala kaNowa ukuba izalise umhlaba, kodwa abanye abazange bathobele. Balandela inkokeli yabo uNimrodi bazakhela inqaba enkulu kwisixeko saseBhabheli, kamva esabizwa ngokuba yiBhabhiloni. Babefuna ukuvukela umyalelo kaThixo wokuba basasazeke kuwo wonke umhlaba. Kodwa uThixo walitshitshisa elo cebo ngokudubaduba ulwimi lwabo baza bathetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. Ekubeni babengavisisani ngentetho, bayeka ukwakha loo nqaba baza bachithakala.

—Oku kusekelwe kwiGenesis isahluko 6 ukusa kwese-11; kuYude 14, 15.

  • Ubungendawo basasazeka njani emhlabeni?

  • UNowa wazingqina njani ethembekile?

  • Yintoni uThixo awayalela abantu ukuba bangayityi emva koMkhukula?

UKUHAMBA NOTHIXO

Inkoliso yenzala ka-Adam noEva yalugatya ulawulo lukaYehova. Noko ke, bakho abalwamkelayo, owokuqala yaba ngunyana wabo othembekileyo, uAbheli. Kamva, kuthiwa uEnoki noNowa bahamba noThixo, nto leyo ethetha ukuthi baphila ngendlela emkholisayo uYehova. (Genesis 5:22; 6:9) Ingxelo eninzi yeBhayibhile ithetha ngamadoda nabafazi abakhetha ukulawulwa nguThixo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share