IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ll inxa. 4 iphe. 10-11
  • Baphulaphula USathana—Waba Yintoni Umphumo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baphulaphula USathana—Waba Yintoni Umphumo?
  • Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Amanqaku Afanayo
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Icandelo 4
    Mamela UThixo
  • Baphi Abafileyo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Kutheni Sisaluphala Size Sife?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
Khangela Okunye
Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
ll inxa. 4 iphe. 10-11

ICANDELO 4

Baphulaphula USathana​—Waba Yintoni Umphumo?

UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngenxa yoko bafa. Genesis 3:6, 23

UEva utya isiqhamo somthi ekuthiwe mabangatyi kuwo, emva koko unika uAdam

UEva waphulaphula inyoka waza watya isiqhamo. Emva koko wanika uAdam, naye watya.

UAdam noEva bashiya ikhaya labo eliyiParadesi

Loo nto bayenzayo yayiphosakele—yayisisono. UThixo wabagxotha kwikhaya labo eliyiParadesi.

UAdam noEva bayaluphala baze bafe

Bona nabantwana babo baphila nzima. Baluphala baza bafa. Abazange baye kwelemimoya; bafa.

Abafileyo bafana nje nothuli. Genesis 3:19

Abantu beendawo ezahlukahlukeneyo ngamaxesha angafaniyo

Siyafa kuba siyinzala ka-Adam noEva. Abafileyo abakwazi kubona, ukuva okanye ukwenza nantoni na.​—INtshumayeli 9:5, 10.

Inombazana iyasweleka, abantu bakowayo babuhlungu

Yayingeyonjongo kaYehova ukuba abantu bafe. Kungekudala uza kubavusa abo bafileyo. Ukuba bayamphulaphula, baza kuphila ngonaphakade.

  • Kutheni sisifa nje?​—Roma 5:12.

  • Ukufa kuza kuphela.​—1 Korinte 15:26.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share