IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • fg isifu. 13 imibuzo 1-4
  • Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?
  • Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngokuphathelele Unqulo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iinkonzo Zobuxoki Zilingcolisa Njani Igama LikaThixo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ukukhululeka Kunqulo Lobuxoki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Zikhwebule Kunqulo Lobuxoki!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
fg isifu. 13 imibuzo 1-4

ISIFUNDO 13

Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?

1. Ngaba lonke unqulo lulungile?

Indoda efunda iBhayibhile

Ngokuqinisekileyo kuzo zonke iicawa bakho abantu abanyanisekileyo. Iindaba ezimnandi zezokuba uThixo uyababona abo bantu yaye ubakhathalele. Kodwa okubuhlungu kukuba kuye kwenziwa ukungcola okuninzi egameni lonqulo. (2 Korinte 4:3, 4; 11:13-15) Ngokutsho kweendaba, ezinye iicawa zifak’ isandla kubugrogrisi, ekubulaweni kwabantu, iimfazwe nokuxhatshazwa kwabantwana. Oku kubenza buhlungu abantu abakholelwa kuThixo ngokunyanisekileyo!​—Funda uMateyu 24:3-5, 11, 12.

Ngoxa unqulo lokwenyaniso luzukisa uThixo, lona olobuxoki alumkholisi. Luneemfundiso ezingekhoyo eBhayibhileni, eziquka ukuxoka ngoThixo kwanangabafi. Kodwa uYehova ufuna abantu bayazi inyaniso ngaye.​—Funda uHezekile 18:4; 1 Timoti 2:3-5.

2. Ziziphi iindaba ezimnandi ngonqulo?

Okuvuyisayo kukuba, uThixo akaqhathwa ziicawa ezithi ziyamthanda zibe zithanda ihlabathi likaSathana. (Yakobi 4:4) ILizwi likaThixo lichaza lonke unqulo lobuxoki ‘njengeBhabhiloni Enkulu.’ IBhabhiloni yayisisixeko samandulo olwaqala kuso unqulo lobuxoki emva koMkhukula kaNowa. Kungekudala, uThixo uza kuluphelisa luthi tu lonke unqulo oluqhatha nolucinezela abantu.​—Funda iSityhilelo 17:1, 2, 5, 16, 17; 18:8.

Zisekho nezinye iindaba ezivuyisayo. UYehova akabalibalanga abantu abanyanisekileyo abasasazeke kunqulo lobuxoki ehlabathini lonke. Umanyanisa abantu abanjalo ngokubafundisa inyaniso.​—Funda uMika 4:2, 5.

3. Yintoni abamele bayenze abantu abanyanisekileyo?

Abantu bayancokola emva kweentlanganiso zamaKristu

Unqulo lokwenyaniso lumanyanisa abantu

UYehova uyabathanda abantu abathanda inyaniso nokulunga. Ubalumkisa ukuba balunikele umva unqulo lobuxoki. Abantu abamthandayo uThixo bafuna ukwenza utshintsho olumkholisayo.​—Funda iSityhilelo 18:4.

Ngenkulungwane yokuqala, xa abantu abanyanisekileyo beva iindaba ezilungileyo kubapostile, bavuya. UYehova wabafundisa indlela entsha yokuphila, ukuphila okuvuyisayo, okunenjongo nethemba. Basimisela umzekelo omhle kuba basabela kwiindaba ezilungileyo ngokubeka uYehova kuqala ebomini babo.​—Funda eyoku-1 yabaseTesalonika 1:8, 9; 2:13.

UYehova uyabamkela kwintsapho yakhe abo baye balushiya unqulo lobuxoki. Ukuba uyasamkela isimemo sikaYehova esifudumeleyo, uya kuba ngumhlobo wakhe, ube lilungu lentsapho entsha nenothando yabantu bakaYehova, uze uzuze ubomi obungunaphakade.​—Funda uMarko 10:29, 30; 2 Korinte 6:17, 18.

4. UThixo uya kubavuyisa njani abantu abakumhlaba wonke?

Umgwebo ozayo wonqulo lobuxoki uziindaba ezilungileyo. Uya kuzisa isiqabu kuyo yonke ingcinezelo yehlabathi. Unqulo lobuxoki alusayi kuphinda lulahlekise luze lwahlukanise abantu. Bonke abantu baya kumanyana ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso.​—Funda iSityhilelo 18:20, 21; 21:3, 4.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 15 nese-16 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share