IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yc isifu. 12 iphe. 26-27
  • Umtshana KaPawulos Wayengoyiki

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umtshana KaPawulos Wayengoyiki
  • Fundisa Abantwana Bakho
  • Amanqaku Afanayo
  • Umtshana KaPawulos—Wasindisa Ubomi Bukamalume Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • “Khanimamele Ndizithethelele”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Yibani Nesibindi​—UYehova Uza Kuninceda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Buvakalise Ngokungafihlisiyo UBukumkani BukaYehova!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
Fundisa Abantwana Bakho
yc isifu. 12 iphe. 26-27
Umtshana kaPawulos uthetha nomphathi-mkhosi

ISIFUNDO 12

Umtshana KaPawulos Wayengoyiki

Masifunde ngomfana owasindisa umalume wakhe. Loo malume yayingumpostile uPawulos. Asilazi lona igama lalo mfana, kodwa siyazi ukuba wenza into eyayibonisa ukuba wayengoyiki. Uyafuna ukwazi ukuba wenzani?—

UPawulos wayevalelwe ejele eYerusalem. Wabanjwa kuba eshumayela ngoYesu. Amanye amadoda akhohlakeleyo ayemcaphukela uPawulos, ngoko enza iqhinga elibi. Athi: ‘Masicele umphathi womkhosi axelele amajoni akhe ukuba ase uPawulos kwinkundla yamatyala. Siza kuzimela ngasendleleni ukuze xa edlula simbulale!’

Ngoxa esejele, umpostile uPawulos uva iindaba ngomtshana wakhe

Umtshana kaPawulos waxelela uPawulos nomphathi-mkhosi ngeqhinga elenziwayo

Umtshana wakhe weva ngeli qhinga. Wayeza kwenza ntoni? Waya ejele waza waxelela uPawulos into eza kwenziwa ngala madoda. UPawulos wathi makaye kuxelela umphathi-mkhosi. Ucinga ukuba kwakulula kulo mtshana kaPawulos ukuya kuthetha nomphathi?— Kwakunzima, kuba umphathi wayengumntu ohloniphekileyo. Kodwa umtshana kaPawulos akazange oyike ukuya kuthetha naye.

Loo mphathi wayazi into amakayenze. Waqokelela umkhosi wamajoni amalunga nayi-500 ukuze ukhusele uPawulos! Wawuxelela ukuba uhambe noPawulos umse eKesareya kwangobo busuku. Ngaba uPawulos wasinda?— Ewe, amadoda akhohlakeleyo akazange akwazi ukumbulala! Iqhinga lawo alizange lisebenze.

Ufunda ntoni kweli bali?— Nawe unokukwazi ukungoyiki njengomtshana kaPawulos. Kufuneka singoyiki xa sithetha nabanye ngoYehova. Ngaba uza kuba nesibindi uze uqhubeke uthetha ngoYehova?— Ukuba unjalo, unokusindisa omnye umntu.

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO

  • IZenzo 23:12-24

  • Mateyu 24:14; 28:18-20

  • 1 Timoti 4:16

IMIBUZO:

  • Amadoda akhohlakeleyo ayefuna ukumenza ntoni uPawulos?

  • Wenza ntoni umtshana kaPawulos? Kutheni loo nto yayibonisa ukuba unesibindi?

  • Wena unokuba nesibindi njani njengomtshana kaPawulos?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share