ISIFUNDO 13
UTimoti Wayefuna Ukunceda Abantu
UTimoti wayengumfana owayethanda ukunceda abantu. Waya kunceda abantu kwiindawo ezininzi. Ngenxa yoku, wayephila kamnandi. Uyafuna ukuva ngezinto awayezenza?—
Umama nomakhulu kaTimoti bamfundisa ngoYehova
UTimoti wakhulela eListra. Xa wayeselusana, umakhulu wakhe uLoyisi nomama wakhe uYunike bamfundisa ngoYehova. Wakhula efuna ukunceda abanye bafunde ngoYehova.
Xa wayesengumfana, uPawulos wamcela ukuba ahambe naye baye kushumayela kwezinye iindawo. UTimoti wathi: ‘Kulungile!’ Wayefuna ukuhamba aye kunceda abanye.
UTimoti noPawulos baya kwisixeko saseMakedoni ekuthiwa yiTesalonika. Bahamba umgama omde ngeenyawo baza bakhwela nenqanawa. Ekufikeni kwabo apho, bafundisa abantu abaninzi ngoYehova. Kodwa abanye abantu babecaphuka befuna ukubenzakalisa. Ngoko kwafuneka uPawulos noTimoti baye kushumayela kwezinye iindawo.
UTimoti wayonwabile
Kwiinyanga ezilandelayo, uPawulos wacela uTimoti ukuba abuyele eTesalonika aye kubona abazalwana. Kwakufuneka isibindi ukuphindela kweso sixeko siyingozi! Kodwa uTimoti waya kuba wayecinga ngabazalwana baseTesalonika. Wabuya ephathele uPawulos iindaba ezimnandi. Abazalwana baseTesalonika babonwabile.
UTimoti wasebenza noPawulos iminyaka emininzi. UPawulos wakha wabhala wathi oyena mntu anokumthumela emabandleni nguTimoti kuba uyamthanda uYehova futhi uthanda nabantu.
Ngaba uyabathanda abantu yaye ufuna ukubanceda bafunde ngoYehova?— Ukuba uyabathanda abantu, nawe unokonwaba kanye njengoTimoti!