IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 26 iphe. 66-iphe. 67 isiqe.¶ 7
  • “Izono Zakho Zixolelwe”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Izono Zakho Zixolelwe”
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubuyela Ekhaya EKapernahum
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ngaba UThixo Uza Kundixolela?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela’
    Sondela KuYehova
  • “Izono Zakho Zixolelwe”
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 26 iphe. 66-iphe. 67 isiqe.¶ 7
Indoda efe umzimba ingeniswa ngophahla ukuze ize kuYesu

ISAHLUKO 26

“Izono Zakho Zixolelwe”

MATEYU 9:1-8 MARKO 2:1-12 LUKA 5:17-26

  • UYESU UXOLELA IZONO ZENDODA EFE UMZIMBA AZE AYIPHILISE

Ngoku uYesu waziwa nangabantu abakwiindawo ezikude. Abantu bade baye nakwiindawo ezisecaleni ukuze bamve xa eshumayela, baze babone nemimangaliso ayenzayo. Kodwa emva kweentsuku ezithile ubuyela eKapernahum, indawo athanda ukuhlala kuyo xa eshumayela eGalili. Abantu abaninzi besi sixeko, kufutshane noLwandle LwaseGalili bakhawuleza bayazi ukuba ubuyile. Ngenxa yaloo nto abantu abaninzi beza kule ndlu akuyo. Abanye ngabaFarisi nabantu abafundisa ngoMthetho abasuka kwalapha eGalili, kwaYuda naseYerusalem.

‘Abantu baqokelelene apha, kugcwele qhu ibe uyabashumayeza.’ (Marko 2:2) Kuza kwenzeka into enkulu kakhulu. Le nto iza kusinceda sibone ukuba uYesu unamandla okuphelisa izinto ezibuhlungu ebantwini aze abaphilise abo afuna ukubaphilisa.

Xa uYesu eshumayela kubantu abalapha, kuza amadoda amane ephethe indoda efe umzimba, elele kumandlalo wayo. Afuna uYesu ayiphilise. Kodwa ngenxa yokuba kugcwele, ‘akakwazi ukusondela kuYesu.’ (Marko 2:4) Inoba aphoxeke nyhani. Akhwela phezu kwendlu, ayehlise ngomandlalo wayo le ndoda aze ayingenise endlini.

Ngaba uYesu uyacaphuka kuba emphazamisile? Akacaphuki. Uyayincoma indlela anokholo ngayo ngayo aze athi kule ndoda ife umzimba: “Izono zakho zixolelwe.” (Mateyu 9:2) Kodwa ngaba nyhani uYesu uyakwazi ukuxolela izono? Ababhali nabaFarisi abayithandi le nto ibe bacinga bathi: “Kutheni lo mntu ethetha ngolu hlobo? Udelela uThixo. Ngubani onokuxolela izono ngaphandle koThixo?”​—Marko 2:7.

UYesu uyayazi into abayicingayo aze athi kubo: “Kutheni nicinga loo nto nje ezintliziyweni zenu? Yeyiphi elula kwezi zinto: Kukuthi kumntu ofe umzimba, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye, ‘Phakama uthathe umandlalo wakho uhambe’?” (Marko 2:8, 9) Ekuhambeni kwexesha uYesu uza kuncama ubomi bakhe, ibe ngenxa yaloo nto uyakwazi ukuzixolela izono zale ndoda.

Emva koko, uYesu ubonisa bonke abantu, nabo bamgxekayo, ukuba unalo igunya lokuxolela izono zabantu emhlabeni. Uthi kule ndoda ife umzimba: “Ndithi kuwe, Phakama, uthathe umandlalo wakho ugoduke.” Le ndoda iyayenza loo nto ize iphume iphethe umandlalo wayo phambi kwakhe wonk’ umntu olapha. Abantu bayamangaliswa! Bazukisa uThixo baze bathi: “Zange sayibona into enje”!​—Marko 2:11, 12.

Ukuba siyaqaphela, xa uYesu ethetha ngezono, uzidibanisa nokugula aze ukuxolelwa kwezono akudibanise nokuphila emzimbeni. IBhayibhile isixelela ukuba umzali wethu wokuqala uAdam wona, saza sonke safumana izinto eziye zabakho ngenxa yesono ezinjengokugula nokufa. Kodwa xa kulawula uBukumkani BukaThixo, uYesu uza kuzixolela izono zabo bonke abantu abathanda nabakhonza uThixo. Ukugula kungaze kuphinde kubekhona.​—Roma 5:12, 18, 19.

  • Yintoni eyenza uYesu aphilise indoda efe umzimba eKapernahum?

  • Le ndoda ifika njani kuYesu?

  • Yintoni esiyifundayo apha ngesono nokugula, ibe leliphi ithemba esinalo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share