IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 104 iphe. 242-iphe. 243 isiqe.¶ 1
  • Ngaba Aza Kubonisa Ukholo AmaYuda Xa Esiva Ilizwi LikaThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Aza Kubonisa Ukholo AmaYuda Xa Esiva Ilizwi LikaThixo?
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Ilizwi LikaThixo Liviwa Okwesihlandlo Sesithathu
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ilizwi LikaThixo Liviwa Okwesihlandlo Sesithathu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Incwadi YeBhayibhile 43—Yohane
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Iziprofeto Zinikela Ubungqina NgoKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 104 iphe. 242-iphe. 243 isiqe.¶ 1
UYesu uthi: “Tata, lizukise igama lakho,” ibe amaYuda akufutshane eva ilizwi likaThixo

ISAHLUKO 104

Ngaba Aza Kubonisa Ukholo AmaYuda Xa Esiva Ilizwi LikaThixo?

YOHANE 12:28-50

  • ABANTU ABANINZI BEVA ILIZWI LIKATHIXO

  • INTO EZA KWENZA UMNTU AGWETYWE

Etempileni ngoMvulo ngoNisan 10, uYesu uthetha ngokufa kwakhe. Unexhala yindlela eliza kungcoliswa ngayo igama likaThixo. Ngenxa yaloo nto uthi: “Tata, lizukise igama lakho.” Kuvakala ilizwi elikhulu liphuma ezulwini lisithi: “Ndilizukisile, ibe ndiza kuphinda ndilizukise.”​—Yohane 12:27, 28.

Abantu abakufutshane babhidekile ibe abayazi nokuba mabathini. Abanye bacinga ukuba bekududuma. Abanye bathi: “Ibiyingelosi, ithetha naye.” (Yohane 12:29) Kodwa, nguYehova lo bamve ethetha. Ayiqali ukwenzeka into yokuba abantu beve ilizwi likaThixo bekunye noYesu.

Kwiminyaka emithathu enehafu ngaphambili, xa uYohane umBhaptizi ebebhaptiza uYesu, weva uThixo esithi ngaye: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.” Ekuhambeni kwexesha xa bekuphela iPasika ka-32 C.E., uYesu uye watshintsha embonweni phambi kukaYakobi, uYohane noPetros. La madoda mathathu eva uThixo esithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo. Mmameleni.” (Mateyu 3:17; 17:5) Kodwa ngoku, uYehova uthetha okwesithathu ibe uthetha ngendlela yokuba aviwe ngabantu abaninzi.

UYesu uthi: “Eli lizwi livakele ukuze lincede nina, hayi mna.” (Yohane 12:30) Bubungqina obu bokuba unguye nyhani uNyana KaThixo, uMesiya ekwakuthiwe uyeza.

Enye into, uYesu akagungqi ekukhonzeni uYehova ibe loo nto ibonisa abantu indlela abamele baphile ngayo ize ibonise ukuba uSathana uMtyholi umlawuli weli hlabathi umele atshatyalaliswe. UYesu uthi: “Ngoku uThixo uyaligweba eli hlabathi; ibe umlawuli weli hlabathi uza kugxothwa.” Ukufa kukaYesu akuzokuthetha ukuba woyisiwe endaweni yoko kuza kuthetha ukuba woyisile. Njani? Uthi: “Kanti ke mna, xa ndixhonywa, ndiza kutsalela kum zonke iintlobo zabantu.” (Yohane 12:31, 32) Xa esifa esibondeni, uza kutsalela abantu kuye aze abavulele indlela eya kubomi obungunaphakade.

Abantu baphendula into ayithethileyo ‘ngokuxhonywa,’ bathi: “Seva eMthethweni ukuba uKristu uza kuphila ngonaphakade. Utsho njani ke wena ukuba uNyana womntu uza kubethelelwa? Ngubani lo Nyana womntu uthetha ngaye?” (Yohane 12:34) Nangona kukho ubungqina obuninzi nabantu bede beva ilizwi likaThixo, abaninzi abayamkeli into yokuba uYesu unguye nyhani uNyana womntu, uMesiya owayethenjisiwe.

Njengokuba uYesu ebekhe wenza ngaphambili, xa ethetha ngaye uzibiza “ukukhanya.” (Yohane 8:12; 9:5) Uthi ebantwini: “Ukukhanya akuzukuba phakathi kwenu ixesha elide. Hambani ngoku kusakhanya, ukuze ningoyiswa bubumnyama . . . Zikholelweni nize nizenze izinto ezifundiswa kukukhanya, ngoku kusekhona emhlabeni, ukuze nibe ngoonyana bokukhanya.” (Yohane 12:35, 36) Emva koko uYesu uyahamba kuba akamele afe ngoNisan 10. Umele ‘axhonywe’ aze abethelelwe esibondeni ngePasika kaNisan 14.​—Galati 3:13.

Ukuba sicinga ngendlela ebeshumayela ngayo, kucacile ukuba xa amaYuda ebengabonisi ukholo kuye bekusenzeka into eyayiprofetiwe. UIsaya wachaza kwangaphambili ukuba amehlo abantu ayeza kuvaleka, iintliziyo zabo zibe lukhuni ukuze bangaguquki baze baphiliswe. (Isaya 6:10; Yohane 12:40) Nyhani ke amaYuda awabufuni ubungqina bokuba uYesu nguMsindisi othenjisiweyo, nendlela eya ebomini.

UNikodemo, uYosefu waseArimathiya, nabanye abalawuli abaninzi ‘bayamkholelwa.’ Kodwa ngaba baza kuzenza ezi zinto bazikholelwayo, okanye baza kuzibamba kuba besoyika ukugxothwa kwizindlu ekukhonzelwa kuzo, okanye kuba ‘bekhetha ukuzukiswa’?​—Yohane 12:42, 43.

UYesu ucacisa ngokwakhe ukuba kuthetha ukuthini ukukholelwa kuye. Uthi: “Nabani na ondikholelwayo, akakholelwa mna ndodwa, kodwa ukholelwa naLowo undithumileyo; ibe nabani na ondibonayo, ubona naLowo undithumileyo.” Inyani uThixo ayinike uYesu ukuba ayifundise abantu ibalulekile, ibe uYesu ude athi: “Ikho into emgwebayo umntu ongandamkeliyo nongazihoyiyo izinto endizithethayo. Uza kugwetywa zizinto endizithethayo ngomhla wokugqibela.”​—Yohane 12:44, 45, 48.

Ugqibezela ngokuthi: “Kaloku izinto endizithetha kuni azisuki kum, kodwa nguTata ondiyalele ukuba ndithethe njani, okanye ndithini. Ndiyazi ukuba ukuthobela imiyalelo yakhe kuthetha ubomi obungunaphakade.” (Yohane 12:49, 50) UYesu uyayazi ukuba sele lisondele ixesha lokuba lichitheke igazi lakhe ngenxa yabantu abazikholelwayo izinto azifundisayo baze bazenze.​—Roma 5:8, 9.

  • Abantu balive nini ilizwi likaThixo uYesu ekhona?

  • Ngabaphi abalawuli abakholelwayo kuYesu, kodwa kutheni bengatsho?

  • Indlela abantu abaza kugwetywa ngayo “ngomhla wokugqibela” iza kuxhomekeka kwintoni?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share