ISAHLUKO 117
Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa
MATEYU 26:21-29 MARKO 14:18-25 LUKA 22:19-23 YOHANE 13:18-30
KUYACACA UKUBA NGUYUDAS OZA KUJIKELA UYESU
UYESU UQALISA ISIDLO SESIKHUMBUZO
UYesu usandokufundisa abafundi bakhe ngokuthobeka xa ebebahlamba iinyawo. Ngoku kubonakala ukuba kusemva kokuba betye iPasika, ibe uthetha amazwi esiprofeto kaDavide. Athi: “Nendoda ebendihleli ngoxolo nayo, ebendiyithembile, ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.” Emva koko uyayicacisa le nto athi: “Omnye wenu uza kundijikela.”—INdumiso 41:9; Yohane 13:18, 21.
Abafundi bayajongana baze babuze bathi: “Nkosi, asindim, andithi?” Kubuza noYudas Skariyoti. UPetros uthi kuYohane ohleli ecaleni koYesu makabuze ukuba uthetha ngabani. Ngenxa yaloo nto uYohane usondela kuYesu aze abuze athi: “Nkosi, ngubani lowo?”—Mateyu 26:22; Yohane 13:25.
UYesu uyamphendula athi: “Ngulowo ndiza kuncinda isonka ndize ndimnike.” Uncinda isonka kwisitya esisetafileni asinike uYudas, aze athi: “UNyana womntu uza kufa, njengokuba kubhaliwe, kodwa uza kuthi shu loo mntu ujikela uNyana womntu! Ngekungcono ukuba wayengazange azalwe.” (Yohane 13:26; Mateyu 26:24) Emva koko uSathana ungena kuYudas. Le ndoda, ibisele isenza into embi kakade, izinikela ekwenzeni into efunwa nguMtyholi ize ngenxa yaloo nto ibe ‘ngunyana wentshabalalo.’—Yohane 6:64, 70; 12:4; 17:12.
UYesu uthi kuYudas: “Khawuleza uyigqibe le nto uyenzayo.” Abanye abapostile bacinga ukuba, ekubeni ibhokisi yemali igcinwa nguYudas, uYesu uthi: “‘Hamba uyokuthenga izinto eziza kufuneka ethekweni,’ okanye mhlawumbi wayesithi makubekho imali ayipha amahlwempu.” (Yohane 13:27-30) Kodwa uYudas uyahamba aze ajikele uYesu.
Emva kokuba uYudas emkile uYesu uqalisa esinye isidlo, esahlukileyo kwesi sePasika. Uthatha ilofu yesonka, abulele, ayiqhekeze aze ayinike abapostile bakhe. Uthi kubo: “Esi sonka simela umzimba wam oza kunikelwa ngenxa yenu. Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.” (Luka 22:19) Bonke abapostile bayasifumana esi sonka baze basitye.
Uthatha indebe yewayini, abulele aze abanike yona. Bonke bayasela kule ndebe uYesu athi ngayo: “Le ndebe imela isivumelwano esitsha esimelwa ligazi lam eliza kuchitheka ngenxa yenu.”—Luka 22:20.
Ngale ndlela uYesu uqala isikhumbuzo sokufa kwakhe esenziwa ngabalandeli bakhe qho ngonyaka ngoNisan 14. Siza kubanceda bahlale bekhumbula into uYesu noTata wakhe abayenzileyo, ekhulula abantu abanokholo kwisono nasekufeni. Siza kuwanceda amaYuda ukodlula iPasika, kuba sinceda abantu bacinge ngokufa kukaYesu okuza kwenza abantu abanokholo bakhululeke ngonaphakade.
UYesu uthi igazi lakhe kufuneka ‘lichitheke ukuze kuxolelwe izono zabaninzi.’ Phakathi kwabantu abaninzi abaza kuxolelwa kukho abapostile kunye nabanye abafundi bakhe abathembekileyo. Baza kuba kunye naye kuBukumkani bukaTata wakhe.—Mateyu 26:28, 29.