IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rj inxa. 5 iphe. 12-15
  • Buyela ‘Kumalusi Nomveleli Womphefumlo Wakho’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Buyela ‘Kumalusi Nomveleli Womphefumlo Wakho’
  • Buyela KuYehova
  • Amanqaku Afanayo
  • “Buyelani Kum”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Uza Kukomeleza
    ‘Culela UYehova Ngovuyo’
  • Uya Kukomeleza
    Culela UYehova
  • UYehova Ukuthanda Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
Buyela KuYehova
rj inxa. 5 iphe. 12-15

INXALENYE 5

Buyela ‘Kumalusi Nomveleli Womphefumlo Wakho’

Kule miqobo kuthethwe ngayo kule ncwadana, ngaba ukho ojongene nawo? Ukuba kunjalo, awuwedwanga. Abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaninzi—ababephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile nabaphila kule mihla—bakhe bajongana nemiqobo elolo hlobo. Njengokuba nabo bencedwe nguYehova ukuze bayoyise, nawe unokukunceda.

UYehova uya kukuxhasa xa ubuyela kuye

QINISEKA ukuba uYehova uya kukuxhasa xa ubuyela kuye. Uya kukunceda ujongane namaxhala, uphelise ukukhathazeka uze ube noxolo lwengqondo nentliziyo eyonwabileyo, zinto ezo ezibangelwa sisazela esicocekileyo. Ngoko unokuziva ufuna kwakhona ukukhonza uYehova kunye namanye amaKristu. Uya kufana namaKristu exesha labapostile, awathi umpostile uPetros ngawo: “Naninjengezimvu ezibhadulayo; kodwa ngoku nibuyele kumalusi nomveleli wemiphefumlo yenu.”—1 Petros 2:25.

Ukubuyela kuYehova yeyona nto ibalulekileyo onokuyenza. Kutheni sisitsho nje? Uya kuvuyisa intliziyo yakhe. (IMizekeliso 27:11) Njengoko nawe usazi, uYehova uyavakalelwa, ngoko nayiphi na into esiyenzayo inento eyenzayo kuye. Ewe, uYehova akasinyanzeli ukuba simthande size simkhonze. (Duteronomi 30:19, 20) Omnye umphengululi weBhayibhile wathi: “Akukho mntu unokukuvulela intliziyo yakho. Umele uyivule ngokwakho.” Ukuba sinqula uYehova kuba simthanda ngentliziyo epheleleyo, siya kuba sivula iintliziyo zethu. Xa sisenjenjalo, simpha into exabisekileyo—ingqibelelo yethu—ibe siyivuyisa ngokwenene intliziyo yakhe. Inyaniso kukuba, ayikho into enokuthelekiswa nolonwabo esilufumanayo xa sinqula uYehova ngendlela ayifunayo.—IZenzo 20:35; ISityhilelo 4:11.

Udade opholileyo wamkelwa ngezandla ezishushu ebandleni

Ngaphezu koko, xa uthathisa apho ubuyeke khona ekunquleni uYehova, uya umazi kakuhle. (Mateyu 5:3) Njani? Ehlabathini abantu bayazibuza, ‘Kutheni silapha?’ Balambele ukufumana iimpendulo zemibuzo abanayo ngenjongo yobomi. Abantu badalwe baba nomnqweno wokwazi. UYehova usidalele ukuba simkhonze ngendlela eyanelisayo. Eyona nto isanelisayo kukwazi ukuba simkhonza kuba simthanda.—INdumiso 63:1-5.

UYehova ufuna ubuyele kuye. Kutheni sisitsho? Khawuyicinge kanje le nto: Kuye kwathandazwa ukuze kwenziwe le ncwadana. Iye yaziswa kuwe, mhlawumbi ngumdala okanye omnye umKristu. Emva koko uye wafuna ukuyifunda futhi wayithanda. Yonke ke le nto ithetha ukuthi uYehova akakulibalanga. Kunoko, ukubuyisela kuye ngobubele.—Yohane 6:44.

Iyathuthuzela into yokwazi ukuba uYehova akabalibali abakhonzi bakhe abaye bamshiya. Yiloo nto kanye eyafunyaniswa ngudade ekuthiwa nguDonna. Wathi: “Ndayishiya kancinci kancinci inyaniso, kodwa ndandingayeki ukucinga ngeNdumiso 139:23, 24 ethi: ‘Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.’ Ndandizibona ukuba andinandawo ehlabathini—lalingandifanelanga tu—ibe ndandikufuna ukuba kwintlangano kaYehova. Ndade ndayibona into yokuba uYehova akandilahlanga; qha kwakufuneka ndikhangele indlela yokubuyela kuye. Ndiyavuya kuba ndayenza loo nto!”

“Ndade ndayibona into yokuba uYehova akandilahlanga; qha kwakufuneka ndikhangele indlela yokubuyela kuye”

Sithandazela ukuba uphinde ufumane “uvuyo lukaYehova.” (Nehemiya 8:10) Soze uzisole ngokubuyela kuYehova.

Iimpendulo Kwimibuzo Enokuvela Xa Umntu Ebuyela KuYehova

NDIQALE PHI?

Udade opholileyo ufunda iBhayibhile

Umntu obekhe wagula kusenokufuneka aphinde enze izinto ebezenza ngaphambili ngokuthe ngcembe. Nawe, unokuqalisa ukuzomeleza njengomKristu ngokuthi uqale kancinane ukufunda ngoYehova suku ngalunye. Sukucinga ukuba umele wenze yonk’ into ngexesha elinye. Mhlawumbi, unokufunda okanye umamele iBhayibhile imizuzu embalwa, ufunde ezinye zeencwadi zethu, uye nakwiwebhsayithi ethi jw.org. Kwakhona, khawuzame nokuya kwiintlanganiso ngokukhawuleza. Ngaphezu kwako konke thetha noYehova, umcele akuncede. ‘Liphose kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’—1 Petros 5:7.

“Emva kokuba ndipholile, ndaba neentloni zokuthandaza. Ndathi ndakusifumana isibindi sokuthandaza, omnye umdala osuka kwibandla elikufutshane wandityelela. Wandinceda ndabona ukuba uYehova akandincamanga. Lo mdala wacebisa ukuba mandiqale ngokufunda iBhayibhile yonk’ imihla. Xa ndayenzayo loo nto, ndaba namandla okuya kwiintlanganiso. Ekuhambeni kwexesha ndaqalisa ukuya entsimini. Ndivuya nyhani ngenxa yokuba uYehova engazange andincame.”—UEeva.

LIZA KUTHINI IBANDLA XA LINDIBONA?

Qiniseka ukuba amalungu ebandla aza kukwamkela ngezandla ezishushu. Endaweni yokuba akuyuce okanye akugwebe, aza kwenza ubone ukuba ayakuthanda aze akukhuthaze ngandlela zonke.—Hebhere 10:24, 25.

“Ndandineentloni zokuya kwiHolo yoBukumkani. Ndandingazi ukuba abahlobo baza kundiphatha njani. Omnye udade osele ekhulile nowayelapho kwiminyaka eyi-30 edluleyo wathi kum, ‘Wamkelekile ekhaya Nyana!’ Loo mazwi andichukumisa kakhulu. Ndaziva ndisekhaya nyhani.”—UJavier.

“Ndaya eHolweni yoBukumkani, ndafika ndahlala ngasemva ukuze ndingaqatshelwa mntu. Kodwa ke, abaninzi babendazi ndisengumntwana. Bandamkela baza bandanga kangangokuba ndaziva ndixolile. Kwakungathi kusekhaya.”—UMarco.

BAZA KUNDINCEDA NJANI ABADALA?

Abadala baza kukuphatha ngobubele. Baza kukuncoma ngomnqweno wakho wokuphinda uvuselele “uthando owawunalo kuqala.” (ISityhilelo 2:4) Ngenceba, baza kukunceda ulungise naziphi iimpazamo oye wazenza, yonke loo nto beyenza “ngomoya wobulali.” (Galati 6:1; IMizekeliso 28:13) Basenokucela omnye umntu ukuba akuqhubele isifundo, mhlawumbi nisebenzise incwadi ethi Sondela KuYehova okanye ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo.” Qiniseka ukuba abadala baza kukuthuthuzela baze bakuxhase ngazo zonke iindlela.—Isaya 32:1, 2.

“Kwiminyaka esibhozo ndipholile, abadala babeqhubeka besiza. Ngenye imini, omnye umdala wandibonisa iifoto esasizifote sikunye. Zandikhumbuza ngamaxesha amyoli kangangokuba ndafuna ukuba nolwa vuyo ndandinalo xa ndandikhonza uYehova. Abadala bandinceda ndaphinda ndenza izinto ezifunwa nguYehova.”—UVictor.

“Uza Kukomeleza”

Oodade ababini babambisene ngeculo njengoko becula ebandleni

Kwiculo lethu elithi, ’Culela UYehova Ngovuyo’, ziliqela iingoma ezimnandi ezinokukuthuthuzela futhi zikukhuthaze njengoko ubuyela kuYehova. Ngokomzekelo, khawuqwalasele la mazwi engoma 38, asekelwe kweyoku-1 kaPetros 5:10. Le ngoma inomxholo othi “Uza Kukomeleza.”

  1. UYehova uye wabona kukuhle

    Ukuba akutsalele kuye.

    Uye wakubona ukumthanda kwakho,

    Nokufuna kwakho inyaniso.

    Ngoko qhubeka uthembekile;

    UThixo uya kukomeleza.

  2. UYehova uye wancama uNyana

    Oye wafela izono zethu.

    Olo thando lwakhe maluluqinise

    Uthando nonyamezelo lwethu.

    Akayi kuze alulibale

    Ukholo nothando lwethu ngaye.

    (CHORUS)

    Ukuthenge ngegazi lowakhe uNyana,

    Ngoko woba nawe, akukhathalele.

    Uya kukomeleza ngothando uThixo.

    Ewe woba nawe, akukhathalele.

Culela UYehova—Amazwi

Ukuze ukwazi ukuphulaphula le ngoma nezinye iingoma zoBukumkani, skena le khowudi okanye uye ku-www.pr2711.com. Khangela phantsi komxholo othi IIMPAPASHO > UMCULO.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share