IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 11 iphe. 32-iphe. 33 isiqe.¶ 2
  • Kuvavanywa Ukholo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuvavanywa Ukholo
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Obona Bungqina Bubalaseleyo Bothando LukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • UYehova Wathi ‘Ngumhlobo Wam’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Wayengubani UAbraham?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 11 iphe. 32-iphe. 33 isiqe.¶ 2
UAbraham noIsake baya eMoriya

ISIFUNDO 11

Kuvavanywa Ukholo

UAbraham wafundisa unyana wakhe uIsake ukuba athande uYehova aze azithembe zonke izinto azithethileyo. Xa uIsake wayeneminyaka eyi-25, uYehova wacela uAbraham ukuba enze into ekwakuza kuba nzima nyhani ukuyenza. Yayiyintoni leyo?

UThixo wathi kuAbraham: ‘Ndicela uthathe unyana wakho okuphela kwakhe uye kunikela ngaye kwintaba iMoriya.’ UAbraham wayengazi ukuba kutheni uYehova ecela ukuba enze loo nto. Kodwa wazixelela ukuba uza kuyenza.

Ngemini elandelayo, uAbraham wavuka ekuseni kakhulu, wahamba noIsake nabantu ababini ababemsebenzela baya eMoriya. Emva kweentsuku eziyi-3 besendleleni, bayibona besekude loo ntaba. UAbraham wathi abasebenzi bakhe mabalinde ngoxa yena noIsake beye kubingelela. Wanika uIsake iinkuni, yena waphatha imela. UIsake wabuza utata wakhe: ‘Tata, siphi isilwanyana esiza kunikela ngaso?’ UAbraham wathi: ‘UYehova uza kusinika nyana.’

Bakufika entabeni, bakha isibingelelo. UAbraham wabopha izandla neenyawo zikaIsake waza wambeka phezu kwesibingelelo.

UIsake ubotshelelwe phezu kwesibingelelo yena uAbraham uphethe imela

Wathi xa ephakamisa imela, weva ilizwi lengelosi kaYehova esezulwini lisithi: ‘Abraham! Ungamenzakalisi umfana! Ngoku ndiyazi ukuba umthembile uThixo kuba khange wale ukunikela ngonyana wakho.’ Kusenjalo, uAbraham wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Wakhawuleza wamkhulula uIsake waza wanikela ngaloo gusha.

Ukususela ngaloo mini, uYehova wathi uAbraham ngumhlobo wakhe. Uyazi ukuba kwakutheni? UAbraham wayesenza nantoni na eyayifunwa nguYehova nokuba wayengasiqondi isizathu sokuba athi makayenze.

UAbraham ukhulula uIsake

UYehova waphinda waxelela uAbraham ngento awayemthembise ngayo: ‘Ndiya kukusikelela, ndikwenze ube nabantwana abaninzi.’ Le nto yayithetha ukuba uYehova wayeza kubasikelela bonke abantu abalungileyo esebenzisa intsapho ka-Abraham.

“Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16

Imibuzo: Yintoni eyenziwa nguAbraham eyabonisa ukuba umthembile uYehova? UYehova wamthembisa ngantoni uAbraham?

Genesis 22:1-18; Hebhere 11:17-19; Yakobi 2:21-23

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share