ISIFUNDO 31
UYoshuwa NamaGibheyon
Iindaba zaseYeriko zanwenwela nakwezinye izizwe zamaKanan. Ookumkani bezo zizwe badibana ukuze balwe namaSirayeli. Kodwa amaGibheyon eza nelinye iqhinga. Aya kuYoshuwa enxibe iimpahla ezikrazukileyo aza athi: ‘Sisuka kwilizwe elikude. Sivile ngoYehova nangazo zonke izinto azenzileyo eYiputa nakwaMowabhi. Sithembise ukuba akuzi kusihlasela, siza kuba ngabakhonzi bakho.’
UYoshuwa wawakholelwa waza wavuma ukuba akazi kuwahlasela. Kwiintsuku eziyi-3 emva koko, wafumanisa ukuba awaveli kwilizwe elikude. Ayevela kwaKanan. UYoshuwa wawabuza wathi: ‘Nindiqhathele ntoni?’ Aphendula athi: ‘Besisoyika! Siyazi ukuba uYehova uThixo wenu uyanilwela. Sicela ningasibulali.’ UYoshuwa wagcina isithembiso sakhe, akawabulala.
Zange kube kudala, ookumkani bamaKanan abayi-5 nemikhosi yabo boyikisa amaGibheyon ngokuwabulala. UYoshuwa nomkhosi wakhe bahamba ubusuku bonke besiya kuwakhusela. Umlo waqala ekuseni kakhulu ngosuku olulandelayo. AmaKanan abaleka. Naphi na apho ayebalekela khona uYehova wayewabetha ngamatye amakhulu esichotho. UYoshuwa wacela ukuba uYehova enze ilanga lime ngxi. Wayenokuyicela njani loo nto ekubeni ilanga lingazange lime ngaphambili? Wayenokuyicela kuba wayemthembile uYehova. Ilanga alizange litshone loo mini ade amaSirayeli oyisa ookumkani bamaKanan nemikhosi yabo.
“Xa uthe ‘Ewe,’ mayibe nguewe lowo; xa uthe ‘Hayi,’ ibe nguhayi, kuba nantoni na engaphezu kwale ivela kuSathana.”—Mateyu 5:37