IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 33 iphe. 82-iphe. 83 isiqe.¶ 2
  • URute NoNahomi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • URute NoNahomi
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • URute NoNahomi
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • “Apho Uya Khona Ndiya Kuya”
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Iimbalasane Zencwadi KaRute
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • “Apho Uya Khona Ndiya Kuya”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 33 iphe. 82-iphe. 83 isiqe.¶ 2
UNahomi uxelela uRute ukuba agoduke

ISIFUNDO 33

URute NoNahomi

Xa kwakukho indlala kwaSirayeli, uNahomi wafudukela kwaMowabhi kunye nomyeni wakhe noonyana babo abayi-2. Ekuhambeni kwexesha, umyeni kaNahomi wafa. Oonyana bakhe batshata uRute no-Orpa, ababengamaMowabhikazi. Okubuhlungu kukuba noonyana bakaNahomi bafa.

Xa uNahomi wevayo ukuba indlala iphelile kwaSirayeli, wagqiba ekubeni agoduke. URute no-Orpa bahamba naye. Besendleleni, uNahomi wathi kubo: ‘Beningabafazi noomolokazana abalungileyo koonyana bam nakum. Ndifuna ukuba niphinde nitshate. Buyelani kowenu kwaMowabhi.’ Aba bafazi bathi: ‘Siyakuthanda! Asifuni kukushiya.’ UNahomi waqhubeka esithi, hambani. Ekugqibeleni, uOrpa wagoduka, kodwa uRute washiyeka. UNahomi wathi kuye: ‘UOrpa uya kubantu bakowabo nakoothixo bakhe. Hamba naye, uye ekhaya kumama wakho.ʼ Kodwa uRute wathi: ‘Andiyi kukushiya. Abantu bakho baza kuba ngabantu bam, noThixo wakho abe nguThixo wam.’ Ucinga ukuba waziva njani uNahomi xa uRute ethetha la mazwi?

URute noNahomi bafika kanye xa kulixesha lokuvunwa kwerhasi kwaSirayeli. Ngenye imini, uRute waya kuqokelela irhasi eshiyekileyo kwintsimi yendoda egama linguBhohazi, eyayingunyana kaRahabhi. Weva ukuba uRute ngumMowabhikazi owayehlala noNahomi, ethembekile. Waxelela abantu ababesebenza entsimini yakhe ukuba bashiye intwana yerhasi ukuze uRute ayiqokelele.

URute uqokelela irhasi kwintsimi kaBhohazi

Ngaloo ngokuhlwa, uNahomi wabuza uRute: ‘Ubusebenza kwintsimi kabani namhlanje?’ URute wathi: ‘Bendikwintsimi kaBhohazi.’ UNahomi wathi: ‘UBhohazi uzalana nomyeni wam. Sebenza kwintsimi yakhe nabanye abafazi. Kulapho uza kukhuseleka khona.’

UNahomi noBhohazi, uRute no-Obhedi

URute waqhubeka esebenza kwintsimi kaBhohazi kwade kwayekwa ukuvunwa. UBhohazi wabona ukuba uRute uyazimisela emsebenzini futhi ukrelekrele. Ngaloo mihla, xa indoda isifa ibe ingenabo oonyana, umntu ozalana nayo wayetshata nomhlolokazi wayo. Ngoko uBhohazi watshata noRute. Bazala unyana ogama linguObhedi, owaba ngutatomkhulu kaKumkani uDavide. Abahlobo bakaNahomi babonwabile. Bathi: ‘UYehova ukunike uRute oye wakuthobela, ibe ngoku unomzukulwana. Makabulelwe uYehova.’

“Kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.”—IMizekeliso 18:24

Imibuzo: URute wabonisa njani ukuba uyamthanda uNahomi? Yintoni eyenziwa nguYehova eyabonisa ukuba umkhathalele uRute noNahomi?

Rute 1:1–4:22; Mateyu 1:5

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share