IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 47 iphe. 114-iphe. 115 isiqe.¶ 3
  • UYehova Womeleza UEliya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Womeleza UEliya
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Ukhe Uzive Uwedwa Kwaye Usoyika?
    Fundisa Abantwana Bakho
  • Ngaba Uya Kuthembeka NjengoEliya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 47 iphe. 114-iphe. 115 isiqe.¶ 3
UEliya umi ngaphandle komqolomba kwiNtaba YeHorebhe, umamele ingelosi kaThixo

ISIFUNDO 47

UYehova Womeleza UEliya

UIzebhele wacaphuka kakhulu akuva into eyenzeke kubaprofeti bakaBhahali. Wathumela lo myalezo kuEliya: ‘Ngomso, uza kube ufile njengabaprofeti bakaBhahali.’ UEliya woyika kakhulu waza wabaleka waya entlango. Wathandaza wathi: ‘Yehova, andisakwazi kunyamezela. Kubhetele ndife.’ Ediniwe, wahlala phantsi komthi walala.

Wavuswa yingelosi yaza izolile yathi: ‘Vuka utye.’ Wabona isonka esipheleleyo phezu kwamatye ashushu kunye nejagi yamanzi. Watya, wasela waza waphinda walala. Kwakhona ingelosi yamvusa yathi: ‘Yitya. Indlela oza kuyihamba ifuna ube namandla.’ Ngoko uEliya waphinda watya. Emva koko wahamba iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo, de waya kufika kwiNtaba YeHorebhe. Waya kungena emqolombeni, walala. UYehova wathetha naye wathi: ‘Eliya, ufunani apha?’ Wathi: ‘AmaSirayeli akayenzanga into ebekuthembise yona. Adilize izibingelelo, abulala nabaprofeti bakho. Ngoku afuna ukundibulala nam.’

UYehova wathi kuye: ‘Nyuka uye kuma entabeni.’ Okokuqala, kwadlula umoya ovuthuzayo. Kwalandela inyikima, emva kwayo yangumlilo. Ekugqibeleni, uEliya weva ilizwi eliphantsi nelizolileyo. Wazigquma ubuso ngento awayeyinxibile, waphuma emqolombeni. UYehova wambuza ukuba ubalekele ntoni. Wathi: ‘Sendishiyeke ndodwa.’ UYehova wathi kuye: ‘Awushiyekanga wedwa. Kusekho abantu abayi-7 000 abandikhonzayo kwaSirayeli. Hamba uye kumisela uElisha ukuba abe ngumprofeti.’ Ngoko nangoko, uEliya waya kumisela uElisha. Ucinga ukuba uYehova uza kukunceda wena xa usenza into afuna uyenze? Ewe. Makhe sive into eyenzekayo xa kwakukho imbalela.

“Sanukuba naxhala lanto, kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela.”—Filipi 4:6

Imibuzo: Kwakutheni ukuze uEliya abaleke? Wathini uYehova kuye?

1 Kumkani 19:1-18; Roma 11:2-4

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share