IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 48 iphe. 116-iphe. 117 isiqe.¶ 1
  • Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Umhlolokazi WaseTsarefathi Wavuzwa Ngenxa Yokholo Lwakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ngaba Unokholo OlunjengolukaEliya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 48 iphe. 116-iphe. 117 isiqe.¶ 1
UEliya uthetha nomhlolokazi otheza iinkuni

ISIFUNDO 48

Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

Isitya somgubo neseoli

Xa kwakukho imbalela, uYehova wathi kuEliya: ‘Yiya eTsarefathi. Umhlolokazi oza kudibana naye apho uza kupha ukutya.’ Kwisango laloo dolophu, uEliya wabona umhlolokazi olihlwempu etheza iinkuni. Wacela amanzi. Wathi xa eyomkhelela amanzi, uEliya wathi: ‘Ndicela undiphe neqhekeza lesonka.’ Umhlolokazi wathi: ‘Andinakukupha isonka. Ndinomgubo neoli ezanele ukwenzela mna nonyana wam.’ UEliya wathi: ‘UYehova uthembise ukuba, ukuba ungandenzela isonka, umgubo neoli yakho aziyi kuphela de kuphinde kune imvula.’

Umhlolokazi wagoduka waya kwenzela umprofeti kaYehova isonka. Kwenzeka kanye njengokuba uYehova wayethembisile, umhlolokazi nonyana wakhe zange baphelelwe yinto yokutya ngexesha lembalela. Izitya zomgubo neoli zazisoloko zigcwele qhu.

Kwenzeka into ebuhlungu. Inkwenkwana yomhlolokazi yagula kakhulu, yafa. Wacela uEliya ukuba amncede. UEliya wamthatha waya naye kwigumbi eliphezulu. Wafika wambeka ebhedini waza wathandaza wathi: ‘Yehova, ndicela umvuse lo mntwana ekufeni.’ Uyazi ukuba kutheni yayiza kuba ngummangaliso nje lowo? Kuba, kwakuza kuqala ukuvuswa umntu ofileyo. Ungalibali ke ukuba lo mhlolokazi nonyana wakhe babengengawo namaSirayeli.

Unyana womhlolokazi wavuka ekufeni, waza waphinda waphefumla! UEliya wathi: ‘Jonga! Unyana wakho uyaphila.’ Wavuya kakhulu waza wathi: ‘Ungumntu kaThixo nyhani. Le nto ndiyitsho kuba uthetha kuphela into uYehova athe yithethe.’

UEliya unika umhlolokazi unyana wakhe ovusiweyo

“Khanikhe nicinge ngamahlungulu: Awatyali, awavuni, awaqokeleli kutya koovimba, kodwa ondliwa nguThixo. Anibalulekanga ngaphezu kweentaka na nina?”—Luka 12:24

Imibuzo: Yintoni eyenziwa ngumhlolokazi waseTsarefathi ebonisa ukuba wayemthembile uYehova? Sazi njani ukuba uEliya wayengumprofeti wokwenyaniso kaThixo?

1 Kumkani 17:8-24; Luka 4:25, 26

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share