IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 51 iphe. 124-iphe. 125 isiqe.¶ 2
  • Ijoni Nentombazana Encinane

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ijoni Nentombazana Encinane
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Wayefuna Ukunceda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Wayengaphulaphuli Kodwa Ekugqibeleni Wathobela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Intombazana Inceda Igorha
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Intombazana Eselula Eyathetha Ngenkalipho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 51 iphe. 124-iphe. 125 isiqe.¶ 2
UNahaman uye kuElisha ukuze amphilise

ISIFUNDO 51

Ijoni Nentombazana Encinane

Kwilizwe laseSiriya, kwakukho intombazanana engumSirayeli eyayihlala kude nekhaya layo. Umkhosi waseSiriya wayithatha kwintsapho yakowayo, yaya kuba sisicakakazi somfazi womphathi wamajoni, uNahaman. Le ntombazanana yayikhonza uYehova nangona yayihlala nabantu abangamkhonziyo.

UNahaman wayenesifo solusu esasiqaqamba kakhulu. Intombazana encinane yayifuna ukumnceda. Yathi kumfazi kaNahaman: ‘Kukho umntu endimaziyo onokumenza aphile umyeni wakho. KwaSirayeli kukho umprofeti kaYehova onguElisha. Unokumenza aphile umyeni wakho.’

Umfazi kaNahaman waya kuxelela umyeni wakhe. UNahaman wayenokuzama nantoni na eza kumnceda, ngoko waya endlini kaElisha kwaSirayeli. UNahaman wayelindele ukuba uElisha amamkele njengomntu obalulekileyo. Endaweni yokuba uElisha aye kuthetha naye, wathumela isicaka sakhe ukuba siye kumbulisa size sithi: ‘Hamba uye kuhlamba kuMlambo iYordan kayi-7. Uza kuphila.’

UNahaman wadana kakhulu. Wathi: ‘Bendicinga ukuba lo mprofeti uza kundiphilisa ngokubiza egameni likaThixo aze awangawangise izandla phezu kwam. Kodwa usuke wandixelela ukuba mandiye kulo mlambo wakwaSirayeli. Sinemilambo ebhetele eSiriya. Kutheni ndingasuki ndiye kuyo?’ Wacaphuka, waphuma kwindlu kaElisha.

UNahaman uhlamba kuMlambo iYordan ukuze aphile

Izicaka zikaNahaman zamnceda wacingisisa kakuhle. Zathi: ‘Andithi ungenza nantoni na ukuze uphile? Le nto lo mprofeti athe yenze ilula kakhulu. Kutheni ungavel’ uyenze?’ UNahaman wazimamela. Waya kuMlambo iYordan, wangena kuwo kayi-7. Xa ephuma okokugqibela, wayephile qete. Waya kumbulela uElisha. Wathi: ‘Ngoku ndiyazi ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso.’ Ucinga ukuba yaziva njani intombazanana yomSirayeli xa uNahaman ebuya ephilile?

“Wena wenza abantwana neentsana bakudumise.”—Mateyu 21:16

Imibuzo: Ucinga ukuba kwakulula kwintombazanana yomSirayeli ukuya kuthetha nomfazi kaNahaman? Ucinga ukuba yancedwa yintoni ukuze ibe nesibindi esingako?

2 Kumkani 5:1-19; Luka 4:27

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share