ISIFUNDO 53
UYehoyada Waba Nesibindi
UIzebhele wayenentombi eyayisenza izinto ezimbi njengaye. Igama layo yayinguAtaliya. Yayitshate nokumkani wakwaYuda. Akufa umyeni wayo, kwalawula unyana wayo. Emva kokufa kwaloo nyana, kwalawula yona. Yazama ukubulala yonke inzala yasebukhosini eyayiza kungena ezihlangwini zayo, nkqu nabazukulwana bayo. Yayisoyikwa ngabantu bonke.
UMbingeleli Omkhulu uYehoyada nomfazi wakhe, uYehoshebha, babesazi ukuba le nto yayisenziwa nguAtaliya yayimbi kakhulu. Babeka ubomi babo engozini ngokufihla omnye wabazukulwana baka-Ataliya, uYehowashe. Bamkhulisela etempileni.
Xa uYehowashe wayeneminyaka eyi-7, uYehoyada waqokelela izikhulu nabaLevi waza wathi: ‘Yimani kumasango etempile, makungabikho mntu ungena kuwo.’ UYehoyada wambeka isithsaba uYehowashe, emenza ukumkani wakwaYuda. Abantu bakwaYuda bakhwaza besithi: ‘Makaphile ukumkani!’
Wathi akuva loo ngxolo uKumkanikazi uAtaliya wabaleka waya etempileni. Akubona loo kumkani mtsha wakhala esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!” Izikhulu zambamba lo kumkanikazi wenza izinto ezimbi zaya kumbulala. Kodwa kwakuza kuthiwani ngempembelelo embi awayeyishiye kumaSirayeli?
UYehoyada wanceda uhlanga lwenza isivumelwano noYehova, lwaza lwamthembisa ukuba luza kukhonza yena yedwa. Walwenza lwadiliza itempile kaBhahali lwaza lwaqhekeza izithixo zaziingceba. Wamisela ababingeleli nabaLevi ukuba basebenze etempileni ukuze abantu baphinde bakhonze kuyo. Kwabakho abantu ababehlala bekumasango aloo tempile ukuze kungangeni mntu ungcolileyo. Emva koko uYehoyada nezikhulu baya kubeka uYehowashe etroneni. Abantu bakwaYuda babevuya kakhulu. Ngoku babeza kukhonza uYehova bekhululekile, engekho uAtaliya ombi nenkolo kaBhahali. Uyakubona ukuba nesibindi kukaYehoyada ukuba kwabanceda njani abantu abaninzi?
“Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengakwazi ukubulala umphefumlo; kodwa yoyikani lowo ukwaziyo ukuzitshabalalisa zombini, umphefumlo nomzimba eGehena.”—Mateyu 10:28