IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 53 iphe. 128
  • UYehoyada Waba Nesibindi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehoyada Waba Nesibindi
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehowashe—Wamshiya UYehova Ngenxa Yabahlobo Abangalunganga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Kutheni Sifanele Simoyike UYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • UYehova Uyazisikelela Izinto Esizenzayo Ezibonisa Isibindi
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Umfazi Ozimisele Ekwenzeni Izinto Ezimbi Uyohlwaywa
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 53 iphe. 128
Umbingeleli Omkhulu usa uKumkani uYehowashe omncinci ebantwini

ISIFUNDO 53

UYehoyada Waba Nesibindi

UIzebhele wayenentombi eyayisenza izinto ezimbi njengaye. Igama layo yayinguAtaliya. Yayitshate nokumkani wakwaYuda. Akufa umyeni wayo, kwalawula unyana wayo. Emva kokufa kwaloo nyana, kwalawula yona. Yazama ukubulala yonke inzala yasebukhosini eyayiza kungena ezihlangwini zayo, nkqu nabazukulwana bayo. Yayisoyikwa ngabantu bonke.

UMbingeleli Omkhulu uYehoyada nomfazi wakhe, uYehoshebha, babesazi ukuba le nto yayisenziwa nguAtaliya yayimbi kakhulu. Babeka ubomi babo engozini ngokufihla omnye wabazukulwana baka-Ataliya, uYehowashe. Bamkhulisela etempileni.

Xa uYehowashe wayeneminyaka eyi-7, uYehoyada waqokelela izikhulu nabaLevi waza wathi: ‘Yimani kumasango etempile, makungabikho mntu ungena kuwo.’ UYehoyada wambeka isithsaba uYehowashe, emenza ukumkani wakwaYuda. Abantu bakwaYuda bakhwaza besithi: ‘Makaphile ukumkani!’

Ukumkanikazi uAtaliya ukhwaza enomsindo

Wathi akuva loo ngxolo uKumkanikazi uAtaliya wabaleka waya etempileni. Akubona loo kumkani mtsha wakhala esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!” Izikhulu zambamba lo kumkanikazi wenza izinto ezimbi zaya kumbulala. Kodwa kwakuza kuthiwani ngempembelelo embi awayeyishiye kumaSirayeli?

UYehoyada wanceda uhlanga lwenza isivumelwano noYehova, lwaza lwamthembisa ukuba luza kukhonza yena yedwa. Walwenza lwadiliza itempile kaBhahali lwaza lwaqhekeza izithixo zaziingceba. Wamisela ababingeleli nabaLevi ukuba basebenze etempileni ukuze abantu baphinde bakhonze kuyo. Kwabakho abantu ababehlala bekumasango aloo tempile ukuze kungangeni mntu ungcolileyo. Emva koko uYehoyada nezikhulu baya kubeka uYehowashe etroneni. Abantu bakwaYuda babevuya kakhulu. Ngoku babeza kukhonza uYehova bekhululekile, engekho uAtaliya ombi nenkolo kaBhahali. Uyakubona ukuba nesibindi kukaYehoyada ukuba kwabanceda njani abantu abaninzi?

“Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengakwazi ukubulala umphefumlo; kodwa yoyikani lowo ukwaziyo ukuzitshabalalisa zombini, umphefumlo nomzimba eGehena.”—Mateyu 10:28

Imibuzo: Yintoni eyenziwa nguYehoyada eyayibonisa ukuba unesibindi? Wena, ucinga ukuba uYehova angakunceda ube nesibindi?

2 Kumkani 11:1–12:12; 2 Kronike 21:1-6; 22:10-12; 23:1–24:16

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share