IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 56 iphe. 134-iphe. 135 isiqe.¶ 1
  • UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UYosiya Wayeneetshomi Ezilungileyo
    Fundisa Abantwana Bakho
  • UYosiya Othobekileyo Wafumana Inkoliseko KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UYosiya Wakhetha Ukwenza Okulungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 56 iphe. 134-iphe. 135 isiqe.¶ 1
UShafan ufundela uKumkani uYosiya umsongo

ISIFUNDO 56

UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo

UYosiya waba ngukumkani wakwaYuda eneminyaka eyi-8. Ngaloo mihla, abantu babethe phithi yimilingo bekhonza nezithixo. Xa wayeneminyaka eyi-16, wafunda ukukhonza uYehova ngendlela efanelekileyo. Xa efika kweyi-20, watshabalalisa zonke izithixo nezibingelelo ezazikwelo lizwe. Wathi xa ena-26, walungiselela ukuba kulungiswe itempile kaYehova.

Etempileni, umbingeleli omkhulu uHilekiya wafumana umsongo onoMthetho kaYehova, mhlawumbi wawubhalwe nguMoses. Unobhala kakumkani, uShafan, wawuzisa kuYosiya waza wamfundela ngokuvakalayo. Njengoko wawufundwa, uYosiya wabona ukuba abantu kudala bengamthobeli uYehova. UKumkani uYosiya wathi kuHilekiya: ‘UYehova usiqumbele. Hamba uye kuthetha naye. UYehova uza kusixelela ukuba masenze ntoni.’ Esebenzisa umprofetikazi uHulida, uYehova wathi: ‘Abantu bakwaYuda bandishiyile. Ndiza kubohlwaya, kodwa andizukubohlwaya ngoku uYosiya esengukumkani, kuba yena uyandithobela.’

UHilekiya ufumana umsongo onoMthetho kaYehova

Wathi akuwuva lo myalezo, uKumkani uYosiya waya etempileni, wabiza bonke abantu bakwaYuda. Wabafundela uMthetho kaYehova. UYosiya nabo bonke abantu bathembisa ukuba baza kumthobela uYehova ngeentliziyo zabo zonke.

Kwakusele kudlule iminyaka uhlanga lwamaYuda lungayenzi iPasika. Kodwa xa uYosiya wafunda eMthethweni ukuba iPasika imele yenziwe minyaka le, wathi ebantwini: ‘Siza kwenzela uYehova iPasika.’ Emva koko walungiselela ukwenza iminikelo emininzi kwaneemvumi ezaziza kucula etempileni. Uhlanga lwenza iPasika, emva koko lwenza neTheko Lezonka Ezingenagwele, nto leyo eyenziwa iintsuku eziyi-7. Kwakuqala ukwenziwa iPasika efana naleyo ukususela ngexesha likaSamuweli. UYosiya wayewuthanda nyhani uMthetho kaThixo. Uyakuthanda wena ukufunda ngoYehova?

“Ilizwi lakho lisisibane ezinyaweni zam, nokukhanya endleleni yam.”—INdumiso 119:105

Imibuzo: Wenza ntoni uKumkani uYosiya akuva uMthetho kaThixo? UYehova wayemjonga njani uYosiya?

2 Kumkani 21:26; 22:1–23:30; 2 Kronike 34:1–35:25

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share