ISIFUNDO 56
UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo
UYosiya waba ngukumkani wakwaYuda eneminyaka eyi-8. Ngaloo mihla, abantu babethe phithi yimilingo bekhonza nezithixo. Xa wayeneminyaka eyi-16, wafunda ukukhonza uYehova ngendlela efanelekileyo. Xa efika kweyi-20, watshabalalisa zonke izithixo nezibingelelo ezazikwelo lizwe. Wathi xa ena-26, walungiselela ukuba kulungiswe itempile kaYehova.
Etempileni, umbingeleli omkhulu uHilekiya wafumana umsongo onoMthetho kaYehova, mhlawumbi wawubhalwe nguMoses. Unobhala kakumkani, uShafan, wawuzisa kuYosiya waza wamfundela ngokuvakalayo. Njengoko wawufundwa, uYosiya wabona ukuba abantu kudala bengamthobeli uYehova. UKumkani uYosiya wathi kuHilekiya: ‘UYehova usiqumbele. Hamba uye kuthetha naye. UYehova uza kusixelela ukuba masenze ntoni.’ Esebenzisa umprofetikazi uHulida, uYehova wathi: ‘Abantu bakwaYuda bandishiyile. Ndiza kubohlwaya, kodwa andizukubohlwaya ngoku uYosiya esengukumkani, kuba yena uyandithobela.’
Wathi akuwuva lo myalezo, uKumkani uYosiya waya etempileni, wabiza bonke abantu bakwaYuda. Wabafundela uMthetho kaYehova. UYosiya nabo bonke abantu bathembisa ukuba baza kumthobela uYehova ngeentliziyo zabo zonke.
Kwakusele kudlule iminyaka uhlanga lwamaYuda lungayenzi iPasika. Kodwa xa uYosiya wafunda eMthethweni ukuba iPasika imele yenziwe minyaka le, wathi ebantwini: ‘Siza kwenzela uYehova iPasika.’ Emva koko walungiselela ukwenza iminikelo emininzi kwaneemvumi ezaziza kucula etempileni. Uhlanga lwenza iPasika, emva koko lwenza neTheko Lezonka Ezingenagwele, nto leyo eyenziwa iintsuku eziyi-7. Kwakuqala ukwenziwa iPasika efana naleyo ukususela ngexesha likaSamuweli. UYosiya wayewuthanda nyhani uMthetho kaThixo. Uyakuthanda wena ukufunda ngoYehova?
“Ilizwi lakho lisisibane ezinyaweni zam, nokukhanya endleleni yam.”—INdumiso 119:105