ISIFUNDO 102
ISityhilelo SikaYohane
Xa umpostile uYohane wayelibanjwa kwisiqithi sasePatmos, uYesu wambonisa imibono eyi-16, okanye imifanekiso yezinto ezaziza kwenzeka kwixesha elizayo. Le mibono yayichaza indlela elaliza kungcwaliswa ngayo igama likaYehova, indlela obabuza kufika ngayo uBukumkani bakhe nendlela ekwakuza kwenzeka ngayo ukuthanda kwakhe emhlabeni njengasezulwini.
Komnye umbono, uYohane ubona uYehova kwitrone yakhe ezukileyo ezulwini, ejikelezwe ngabadala abayi-24 abanxibe iimpahla ezimhlophe nezithsaba zegolide kwiintloko zabo. Kwitrone kaYehova kulanyaza imibane, kuvakala neendudumo. Abadala abayi-24 baqubuda kuYehova baze bamkhonze. Kumbono olandelayo, uYohane ubona isihlwele esikhulu esikhonza uYehova sivela kuzo zonke iintlanga, abantu neelwimi. IMvana enguYesu, iyasalusa ize isikhokelele kumanzi obomi. Kwakhona, komnye umbono uYesu uqalisa ukuba nguKumkani ezulwini kunye nabadala abayi-24. Uphinda abone uYesu esilwa nenamba enguSathana needemon zakhe. UYesu uyabagxotha ezulwini aze abaphose emhlabeni.
UYohane ubona umbono omhle weMvana nabayi-144 000 beme kwiNtaba YeZiyon. Uphinda abone ingelosi ijikeleza umhlaba, ixelela abantu ukuba maboyike uThixo baze bamzukise.
Komnye umbono, kukho imfazwe yeArmagedon. Kuloo mfazwe, uYesu nomkhosi wakhe boyisa uSathana nenkqubo yakhe embi. Kumbono wokugqibela, uYohane ubona indlela ekuluxolo ngayo ezulwini nasemhlabeni. USathana nenzala yakhe batshatyalaliswa ngokupheleleyo. Wonke umntu ezulwini nasemhlabeni ukhonza uYehova aze angcwalise igama lakhe.
“Ndiza kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwenzala yakho nenzala yakhe. Yona iza kukutyumza intloko uze wena uyilume esithendeni.”—Genesis 3:15