INGOMA 116
Amandla Obubele
Printed Edition
1. Siyakudumisa Thixo wethu,
Kuba kwiZibhalo
Bukhulu ubulumko onabo,
Sekunjal’ unobubele.
2. UYesu uyabanceda abo
Bathwaxwa ziingxaki.
Unobubele nothando kuthi,
Uhlala esikhuthaza.
3. Sifunda kuYehova noYesu,
Ukuba nobubele.
Masibathande bonke abantu,
Sibaphathe ngobubele.
(Funda nezi: Mika 6:8; Mat. 11:28-30; Kol. 3:12; 1 Pet. 2:3.)