IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rr iphe. 10
  • Kukuthini Ukukhonza?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kukuthini Ukukhonza?
  • Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaKristu Afumana Uyolo Ekukhonzeni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Uza Konwaba Kakhulu Xa Ukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Xelisa UYesu—Umnqule Ngendlela Eyamkelekileyo UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Lunqulo Loobani UThixo Alwamkelayo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
Khangela Okunye
Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo
rr iphe. 10
Ukufunda kunye incwadi ethi UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo

IBHOKISI YOKUFUNDISA 1A

Kukuthini Ukukhonza?

Ukukhonza kunokuchazwa “njengokubonisa intlonipho nokuthanda nokuba ngowuphi uthixo.” EBhayibhileni, igama eliguqulelwe ngokuthi “ukukhonza” linokuthetha ngomntu ohlonipha kakhulu okanye ozinikele kwinto ethile ephilayo. (Mat. 28:9) Lisenokuchaza nento eyenziwayo ebonisa ukukhonza uThixo okanye isithixo. (Yoh. 4:23, 24) Yinto ekuthethwa ngayo ngelo xesha ekwenza ubone ukuba ungaliqonda njani eli gama.

NguYehova, uMdali noMongami Wendalo Iphela qha, esimele sizinikele kuye. (ISityhi. 4:10, 11) Simkhonza ngokubonisa ukuba siyalihlonipha ilungelo lakhe lokulawula, nangokuzukisa igama lakhe. (INdu. 86:9; Mat. 6:9, 10) Ezi zinto zimbini, ilungelo likaYehova lokulawula kunye negama lakhe, kuthethwa kakhulu ngazo kwincwadi kaHezekile. Amazwi athi “iNkosi enguMongami uYehova” avela izihlandlo ezingaphezu kwe-200 kuHezekile, aze wona athi nazi okanye bazi “ukuba ndinguYehova” avele kayi-55.​—Hez. 2:4; 6:7.

Ukukhonza uThixo ayonto siyiva ngaphakathi qha, kodwa kufuneka sibonise ngemisebenzi. (Yak. 2:26) Xa sizinikela kuYehova, sithembisa ukuba kuyo yonke into esiyenzayo siza kumthobela njengoMongami wethu, size silihloniphe kakhulu igama lakhe. Ukhumbule ukuba xa wayephendula uSathana, uYesu wathi ‘simele sikhonze uYehova yedwa.’ (Mat. 4:10) Njengabakhonzi bakaYehova, sikufuna nyhani ukumkhonza.a (Dut. 10:12) Simkhonza ngokwenza izinto ezifuna sizincame. Zeziphi ezo zinto?

Zininzi iindlela zokukhonza uYehova, kwaye uzixabise zonke. Siyamkhonza xa sishumayela kwabanye, siphendula kwiHolo YoBukumkani, xa sincedisa ekwakheni nasekucoceni iindawo esizingenela kuzo iintlanganiso. Sikwamkhonza naxa siba khona kunqulo lwentsapho, sinceda abazalwana noodade abahlelwe yintlekele, sincedisa kwiindibano naxa sisebenza eBheteli. (Heb. 13:16; Yak. 1:27) Xa sikuxabisile ukukhonza uYehova, siza kwenza “umsebenzi ongcwele imini nobusuku.” Siyakuthanda ukukhonza uThixo wethu uYehova!​—ISityhi. 7:15.

Ukuphendula kwiintlanganiso; ukucoca kwindawo enendibano

Buyela kwisahluko 1, isiqendu 9

a Elinye igama lesiHebhere elithetha ukukhonza likwathetha “ukunqula.” Ngoko ukukhonza nokunqula yinto enye.​—Eks. 3:12, umbhalo osemazantsi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share