IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lmd isifu. 12
  • Ukuthetha Phandle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuthetha Phandle
  • Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Eyenziwa NguYesu
  • Sifunda Ntoni KuYesu?
  • Yenza NjengoYesu
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • “Hambani Niyokubenza Abafundi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Bathande Abantu—Yenza Abafundi
lmd isifu. 12

UKWENZA ABAFUNDI

UYesu uthetha ngobubele nendoda eguqe phambi kwakhe nabafundi bakhe.

Marko 10:17-22

ISIFUNDO 12

Ukuthetha Phandle

Umgaqo: “Njengokuba ioli nesiqhumiso esiqholiweyo zivuyisa intliziyo, bunjalo nobuhlobo obuqala emva kwesiluleko esisuka entliziyweni.”​—IMize. 27:9.

Into Eyenziwa NguYesu

UYesu uthetha ngobubele nendoda eguqe phambi kwakhe nabafundi bakhe.

IVIDIYO: UYesu Ucebisa Umfana Ongumlawuli Osisityebi

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uMarko 10:17-22. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1. Zeziphi iimpawu ezintle ekusenokwenzeka ukuba uYesu wazibona kumfana ongumlawuli?

  2. Kwakutheni ukuze kufuneke uYesu abe nothando nesibindi sokuthetha phandle ukuze acebise le ndoda?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Ewe kona kufuneka sithethe ngothando, kodwa kuyafuneka nokuba sithethe phandle ukuze sincede umntu esimfundisayo ahambele phambili.

Yenza NjengoYesu

3. Nceda umntu omfundisayo abe nezinto azimisele ukuzifikelela uze umncede azifikelele.

  1. Sebenzisa indawo ethi “Into Endizimisele Ukuyenza” ekwisifundo ngasinye sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!

  2. Nceda umntu omfundisayo aqonde ukuba kufuneka enze ntoni ukuze akwazi ukuzifikelela izinto azimisele ukuzenza.

  3. Mncome qho umntu omfundisayo ngokuhambela kwakhe phambili.

4. Zazi izinto ezenza umntu omfundisayo angahambeli phambili, uze umncede azoyise.

  1. Zibuze:

    • ‘Ukuba umntu endimfundisayo akade abhaptizwe, ubanjwe yintoni?’

    • ‘Yintoni endinokuyenza ukuze ndimncede?’

  2. Thandazela isibindi sokuyithetha phandle nangothando into ekufuneka eyenzile umntu omfundisayo.

5. Siphelise isifundo ukuba umntu omfundisayo akade ahambele phambili.

  1. Zama ukuqonda ukuba ukufunda kwenu iBhayibhile kuhambela phambili na ngokuzibuza ukuba:

    • ‘Ngaba lo mntu ndimfundisayo uyazenza izinto azifundayo?’

    • ‘Ngaba uyaya kwiintlanganiso zebandla futhi uyabaxelela abanye ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile?’

    • ‘Ukuba sekulithuba efunda, ngaba uyafuna ukuba liNgqina LikaYehova?’

  2. Ukuba umntu ofunda iBhayibhile akafuni ukuhambela phambili:

    • Mcele akhe acinge ukuba ubanjwe yintoni.

    • Mchazele ngobuchule ukuba kutheni usiphelisa isifundo.

    • Mazise ukuba kufuneka aphucule ntoni ukuze niphinde niqhubeke nesifundo.

JONGA NEZI VESI

INdu. 141:5; IMize. 25:12; 27:6; 1 Kor. 9:26; Kol. 4:5, 6

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share