Intlonelo Engokobuthixo Ngegazi
“Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke.”—IZENZO 20:26.
1. Amazwi kaPawulos akwiZenzo 20:26 ayibonisa njani imbono kaYehova ngegazi?
LOO MAZWI ompostile uPawulos njengomKristu abonisa intlonelo entle awayenayo ngegazi, ulwelo lobomi. Ngokubhekele phaya kule ngxubusho, siza kuhlolisisa oko uPawulos wayekuthetha ngaloo mazwi. Kodwa okokuqala masiqwalasele oko uMdali wemiphefumlo yezilwanyana neyabantu akuthethayo ngegazi. Sele sibonile ukuba uYehova uThixo ulijonga igazi njengelingcwele, njengoko limela ubomi. Abo bathi ngabom okanye ngokungakhathali baphalaze igazi, ibe ingakumbi igazi lomntu, baba netyala legazi phambi koThixo. Noko ke, ngaba azikho iindlela igazi elinokusetyenziswa ngazo ukuze kungeneIwe uluntu?
2. (a) Kutheni le nto kwakulityala elikhulu ngabo babesidla igazi kwaSirayeli? (b) AmaSirayeli ayengenelwa njani kukugcina loo mthetho?
2 Umthetho kaThixo kuSirayeli ngokuphathelele igazi ngendlela egxininisayo wathi: “Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo [ubomi, (King James Version; American Standard Version)] wenyama yonke ligazi layo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.” Yayisisono esikhulu ngamaSirayeli okanye abaphambukeli abaphakathi kwawo ukudla igazi, kwanokuba kwakungenxa yesondlo esifunekayo. Ngaphambi kokuba bayitye inyama, babemele baliphalaze igazi baze baligqume ngomhlaba, ngaloo ndlela ngokufuziselayo bebuyisela ubomi kuThixo. (Levitikus 17:13, 14) Lowo yayingumthetho kaThixo. Ngokuwugcina, loo maSirayeli alondoloza ulwalamano lokomoya oluhle noYehova, uMthombo wobomi. Ibe akwanandipha neengenelo ezikwindawo yesibini, ekulondolozeni impilo yokomzimba.
Igazi LikaKristu
3. (a) Kutheni le nto igazi likaYesu ‘lixabiseke’ ngokubalaseleyo? (b) IZibhalo zesiHebhere zalatha njani phambili kwidini likaYesu?
3 Phofu ke, uYehova wayecinga ngokusetyenziswa okubalaseleyo kwegazi. Oku kwakusekuhlawulelweni koluntu esonweni nasekufeni ‘ngegazi elixabisekileyo’ likaKristu Yesu. Kwanangaphambi “kokusekwa kwehlabathi” (ngokuvelisa kuka-Adam no-Eva abanesono inzala efuna ukuhlawulelwa), uYehova wayazi kwangaphambili indlela awayeya kulihlangula ngayo uluntu. (1 Petros 1:18-20; Roma 6:22, 23) ‘Ligazi likaYesu uNyana wakhe [elithi] lisihlambulule kuso sonke isono.’ (1 Yohane 1:7) Oku kusetyenziswa kwegazi kubaluleke gqitha kangangokuba uThixo wabangela ukuba kubhalwe kwiZibhalo zesiHebhere imizekelo nezithunzi ezininzi ezazisalatha phambili kwidini elifezekileyo likaYesu.—Hebhere 8:1, 4, 5; Roma 15:4.
4. Yiyiphi imizekelo eyaboniswa kwisiganeko esibhalwe kwiGenesis isahluko 22?
4 Kwiinkulungwane ngaphambi kokunikela umthetho kuSirayeli, uYehova wayalela uAbraham ukuba anikele ulsake kwiNtaba yaseMoriya. Ngaloo ndlela uThixo wazekelisa indlela awayeya kumnikela ngayo uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu. Ukuzithoba ngokuvumayo kukalsake kwesi siganeko siphawulekayo kwafanekisela ukuzithoba kukaYesu ekuthandeni kukaYise ekuphalazeni igazi lakhe lobomi njengedini.—Genesis 22:1-3, 9-14; Hebhere 11:17-19; Filipi 2:8.
5. Amadini oMthetho kaMoses ayenzulu njani kwintsingiselo yokomoya?
5 UMthetho kaMoses wakwanikela ‘isithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho,’ ezazisalatha phambili ekuzincameni kukaYesu ngenxa yoluntu. Kunye kuphela ukusebenzisa igazi uMthetho owawukuvumela—yayikukunyuswa kwamadini ezilwanyana kuYehova. Loo madini ayengengomthendeleko nje. Ayenzulu enentsingiselo yokomoya. Ngokwezona nkcukacha zincinane, ayefuzisela idini likaYesu nako konke okwakuya kufezwa ngalo.—Hebhere 10:1; Kolose 2:16, 17.
6. Amadini oMhla Wocamagushelo ayefuzisela ukuhlawulelwa kwawaphi amaqela amabini? Ngayiphi indlela?
6 Ngokomzekelo, ukusingatha kuka-Aron amadini ngoMhla Wocamagushelo kwakufanekisela indlela uMbingeleli Omkhulu, uYesu, asebenzisa ngayo iingenelo zelakhe igazi lobomi elinqabileyo ekunikeleni usindiso, kuqala ‘kwindlu’ yakhe yababingeleli abangamaKristu athanjisiweyo ali-144 000 ukuze anikwe ubulungisa aze azuze ilifa njengookumkani nababingeleli naye emazulwini. Ngokulandelayo, ukucanyagushelwa ‘kwabantu’ kwafanekisela ukuhlawulela kukaYesu bonke abo boluntu abaya kuzuza ilifa lobomi obungunaphakade kulo mhlaba. Kwanangoku, “isihlwele esikhulu” saba sichazwa njengesingamalungisa aza kusinda kwimbandezelo enkulu esondelayo. Oku kungenxa yokuba ‘sizihlambile iingubo zaso ezinde sazenza mhlophe egazini leMvana,’ ibe sibonakalisa ukholo lwaso ngokunikela inkonzo engcwele kuThixo.—Levitikus 16:6, 15, 18-22; Hebhere 9:11, 12; ISityhilelo 14:1, 4; 7:4, 9, 14, 15.
7. Sinokuvuya njani ekuzalisekisweni kwaloo mizekelo yamandulo?
7 ‘Ubomi busegazini.’ Igazi likaYesu lalifezekile, kangangokuba idini lakhe liphumela ekudluliseni ubomi obufezekileyo kubo bonke abaqhelisela ukholo. Hayi indlela esinokuvuyiswa ngayo kukuba loo mizekelo yamandulo iye yazaliseka kwidini likaYesu lothando!—Levitikus 17:14; Izenzo 20:28.
Igazi—Imbambano Yokuziphatha
8, 9. (a) Ziziphi ezinye zezinto ezimangalisayo ezenziwa ligazi? (b) NjengoDavide, sinokuyivakalisa njani intlonelo yethu engokobuthixo kwindlela esenziwe ngayo?
8 Ubulumko obumangalisayo bunokubonwa kwindlela elenziwe ngayo igazi. Abantu abakholelwa kwindaleko, abasaxakiweyo kukucacisa imvelaphi yobomi, bebeya kuzama ukusixelela ukuba igazi lethu lobomi lavela ngandlel’ ithile. Hayi indlela ekungakholeleki ngayo oko!
9 Eneneni igazi lethu elintsonkothileyo lenza imisebenzi emangalisayo. Lidlulisa umongomoya nezondlo zokuzimasa ubomi kuzo zonke iindawo zomzimba wethu. Lishenxisa inkcitho. Lithwala iiseli zegazi ezimhlophe ukuze zilwe nesifo neeplatelets ezingciba amanxeba amancinane namakhulu. Liyanceda ukugcina ubushushu bomzimba bulungelelene. Igazi lethu lahlukile kumntu ngamnye; izazinzulu ezifunda ngeempawu zemfuza eNgilani zide zithethe ngokusebenzisa “iimpawu zeminwe zeDNA” ezaveliswa kulingelo lwegazi ukuze kufaniswe izaphuli-mthetho. Igazi lulwelo oluphakathi kwamalungu omzimba amaninzi awabangela uKumkani uDavide ukuba adanduluke athi: “Yehova, undigocagocile, wandazi. Ndiyabulela kuwe ngenxa yokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo”!—INdumiso 139:1, 14.
10. (a) Ngubani ofanele enze isigqibo ngendlela emalisetyenziswe ngayo igazi? (b Luluphi ulwalathiso olucacileyo uThixo awalunikela kuNowa nakuSirayeli? (c) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba igazi lingcwele kwanaxa kukho ingozi?
10 Ngaba uMdali woluntu onobulungisa, uMenzi wegazi lethu, akafanele abe nguLowo ugqiba ngendlela lo msinga wobomi omawusetyenziswe ngayo ngokufanelekileyo? (Yobhi 36:3) Oko uye wakwenza ngendlela ecacileyo. Kukhokho wethu uNowa wavakalisa oku: “Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.” (Genesis 9:4) Ibe ekuphindeni uMthetho wakhe kuSirayeli, ngokucacileyo wathi: “Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama. Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.” (Duteronomi 12:23, 24) Alithandabuzeki elokuba uDavide wayecinga ngalo mthetho xa abaphumi-mkhosi bakhe abathathu babeka ubomi babo engozini ukuze bamzisele amanzi kwiqula laseBhetelehem. “Wawathululela phantsi phambi koYehova” njengamela igazi lobomi bawo. (2 Samuweli 23:15-17) Kwanakwiingozi ubungcwele begazi abunakutyeshelwa.—Bona kwaneyoku-1 kaSamuweli 14:31-34.
Kwibandla LamaKristu
11, 12. (a) Liliphi iqumrhu elalikhokelwa ngumoya elandlala imibuzo efundisayo kwinkulungwane yokuqala? (b) Eli qumrhu lakufanisa nantoni ukudla igazi? (c) Kutheni le nto ukutofelwa igazi kufana nokudla igazi ngomlomo?
11 Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni wegumbi elikhulu kwiYerusalem yenkulungwane yokuqala? Apho kuhlanganisene abapostile bakaYesu nabanye abadala bebandla lamaKristu. Baxubusha ngantoni? UPawulos noBharnabhas bebevela kwa-Antiyokwe bezise phambi kwabo ingxaki eye yavela apho ngokuphathelele ulwaluko. Elo bhunga lenza isigqibo sokuba amaKristu asandul’ ukuguquka akufuneki ukuba oluswe ngokwasenyameni.—IZenzo 15:1, 2, 6, 13, 14, 19, 20.
12 Ekuchazeni esi sigqibo, iqumrhu elilawulayo emva apho lashwankathela iimfuneko ezisathe zinzi phezu kwamaKristu. Lathi: “Kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo: zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo [ukuze kugcinwe igazi], nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.” (IZenzo 15:28, 29) Ngoko ukunqula izithixo, ukudla igazi, nokuhenyuza zibotshwa ngabande linye ngokwezonqulo. AmaKristu amele azizile zonke ezi zinto ukuze alondoloze impilo entle yokomoya aze abe nesabelo ekuzalisekeni kwamadinga kaThixo. Ngokuphathelele igazi, akukhathaliseki nokuba lidliwa ngomlomo okanye litofelwa emithanjeni. Injongo iyafana—kukuzimasa nokondla umzimba. Njengokuba iqumrhu elilawulayo labonisa ngokucacileyo, ukungalizili igazi kukwaphula umthetho kaThixo.
13. (a) Ukuzila igazi kuye kwaphumela kuyiphi inkuselo eyongezelelekileyo kumaNgqina kaYehova? (b) Eminye imithetho kaThixo iye yabakhusela njani abantu bakaThixo?
13 Ukwanda okukhoyo kweAIDS, ihepatitis nezinye izifo ezibangelwa kukutofelwa kwegazi kubonisa ukuba impilo entle yasemzimbeni ngokufuthi ikwabandakanyekile ekugcineni imithetho kaThixo. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uThixo wamnika imithetho engqalileyo uSirayeli ngokutya, ngokuzahlula, ngempilo nangokucoceka eyayifaneleke kakuhle kuhambo lwawo lwasentlango. (Levitikus 11:2-8; 13:2-5; Duteronomi 23:10-13) Ngokugcina loo miyalelo, uSirayeli wayengalondolozi nje kuphela ulwalamano lokomoya nolusenyongweni noThixo wakhe kodwa wayekwakhuselwa nangokomzimba kwizifo ezazithwaxa abamelwane bakhe. Kuphela bekusebudeni benkulungwane edluleyo abathe oogqirha baqalisa ukubuxabisa ubulumko obuluncedo beminye yaloo mithetho. Nabanye abaninzi bayaqonda ukuba umthetho kaThixo ongegazi usengqiqweni.
14. Xa uSirayeli wathobelayo, kukuphi ukuphiliswa neentsikelelo ezazifumaneka kuye?
14 Xa uSirayeli wayethobela, uThixo wazalisekisa eli dinga kuye: “Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.” Okubaluleke ngakumbi kukuba, ukuthobela kwawagcina amaSirayeli elungele ukuzuza iintsikelelo zoBukumkani obuzayo.—Eksodus 15:26; 19:5, 6.
15. Nguwuphi umzekelo wakutshanje obonisa indlela esinokusikelelwa ngayo ngokuthobela imiyalelo kaThixo?
15 AmaNgqina kaYehova ayazixabisa iingenelo ezininzi eziziswe lunyango lwanamhla. Ngokomzekelo, xa iHolo yoBukumkani ekufuphi naseSydney, eOstreliya, yatshatyalaliswa yibhombu yabagrogrisi kunyaka ophelileyo aza amaNgqina angaphezu kwama-50 enzakeleyo abalekiswa kwisibhedlele esikufuphi, aba nombulelo kuba oogqirha babehleli benolwelo oluninzi ababenokulutofela kuwo olwalungaxutywanga negazi. Bonke ababenzakele basinda. Babenokuba nombulelo ngolu Iwelo lwatofeIwayo kubo nolwaluvisisana nemiyalelo kaYehova. Ukongezelela, akukho namnye kubo owayekwingozi yokusulelwa zizifo ezinokudluliswa ngegazi.
“Ndimsulwa Egazini Labo Bonke”
16. NjengoPawulos, sisiphi isimo sengqondo esimele sisibonakalise kwinkonzo engcwele?
16 Noko ke, makhe sibuyele kwinkulungwane yokuqala. Sele kudlule iminyaka esixhenxe ukususela ukuba uPawulos noBharnabhas babeve uYakobi evakalisa ukwalelwa konqulo-zithixo, igazi nohenyuzo. Ebudeni belo xesha uPawulos uhambe kangangezihlandlo ezibini eshumayela eAsia Minor nakwiMpuma Yurophu. Ngoku, ekubuyeni kwakhe ngeMileto, uyakwazi ukuthetha nabadala base-Efese, abehlileyo ukuza kumhlangabeza apha. Uyabakhumbuza ukuba akazange azibandeze phakathi kwabo ‘ekukhonzeni iNkosi enako konke ukuthobeka kwentliziyo neenyembezi ezininzi nokulingwa.’ Ngaba thina namhlanje singabazincamayo ekunikeleni konke okwethu kwinkonzo kaYehova? Sifanele sibe njalo.—IZenzo 20:17-19.
17. NjengoPawulos, sifanele siyiphumeze njani inkonzo yethu?
17 UPawulos wayiphumeza njani loo nkonzo? Wanikela ubungqina naphi na apho wafumana khona abantu, ngokukodwa emakhayeni abo, ibe kungakhathaliseki ukuba iyintoni na imvelaphi yabo ngokonqulo. Akazange arhoxobise ekufundiseni abo badala, ibe ngokungathandabuzekiyo babempheleka njengokuba wayefundisa “ekuhleni nakwizindlu ngezindlu.” Asingabo kuphela ababengenelwa bubulungiseleli bukaPawulos benzondelelo, kuba ‘wayenikela ubungqina ngokucokisekileyo kumaYuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo nokukholwa kwiNkosi uYesu.’ Phawula elo gama “ngokucokisekileyo.” Ngaba thina namhlanje siyacokisa ekuboneni ukuba zonke iintlobo zabantu, zonke lintlanga, ziyabufumana ubungqina?—IZenzo 20:20, 21; ISityhilelo 14:6, 7.
18. (a) NjengoPawulos, sifanele siwubandakanye njani umphefumlo wethu kwinkonzo kaThixo? (b) NjengoPawulos, sifanele siqhubeke njani ekujonganeni neengcinezelo ezandayo?
18 Igama ‘obucokisekileyo’ liyavela kwakhona kumazwi kaPawulos alandelayo: “Kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, nokuqononondisa [ukunikela ubungqina obucokisekileyo, (NW)] iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.” (IZenzo 20:24) Ubomi bakhe, okanye umphefumlo, babungayi kuxabiseka ukuba wayengenakubufeza ngale ndlela ubulungiseleli bakhe. Ngaba sivakalelwa ngaloo ndlela ngobulungiseleli bethu? Njengokuba le mihia yokugqibela isiya ngasesiphelweni, ibe njengokuba iingcinezelo, iintshutshiso, ukugula, okanye iminyaka yokwaluphala isicinezela, ngaba sisabonakalisa umoya ofana nokaPawulos ekuphandeni ngokucokisekileyo abo baninimzi ‘bafanelekayo’?—Mateyu 10:12, 13; 2 Timoti 2:3, 4; 4:5, 7.
19. Kutheni le nto uPawulos wayenokuthi, “Ndimsulwa egazini labo bonke”?
19 UPawulos wayengenathemba lokuphinda ababone abo badala base-Efese. Noko ke, enentembelo epheleleyo wayenokuthi kubo: “Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke.” Njani njalo? UPawulos akazange aphalaze gazi emfazweni. Akazange alidle igazi. Kodwa wayenomdla ogqithiseleyo kubomi babanye, njengoko babumelwa ligazi labo. Wayengafuni ukubabona bephulukana nobomi babo ngoSuku loMgwebo kaThixo ngenxa yokusilela kwakhe ukunikela ubungqina obucokisekileyo. Akazange arhoxobise ekuxeleleni abo badala nabanye “lonke icebo likaThixo.”—IZenzo 20:26, 27.
20. (a) Ngokuvisisana nesilumkiso sikaYehova esiphindwe kuHezekile, yiyiphi imbopheleleko esifanele siyiphumeze namhlanje? (b) Uya kuba yintoni umphumo kuthi nakwabo basivayo?
20 Njengokuba “imbandezelo enkulu” isondela, imfuneko yokuvakalisa lonke icebo likaThixo iba yengxamiseke ngakumbi nangakumbi. Imeko iyafana naleyo yeminyaka enokuba ngama-2 600 eyadlulayo xa ukutshatyalaliswa kweYerusalem kwakusondela. Lafika iLizwi likaYehova kumprofeti wakhe uYeremiya, lisithi: “Nyana womntu, ndikwenze umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum. Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.” (Hezekile 3:17-21; 33:7-9) Abakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo ‘nesihlwele esikhulu’ esingamaqabane abo sinembopheleleko efanayo nanamhlanje. Ubungqina bethu bufanele bucokiseke. Ngaloo ndlela, ebudeni bomhla wempindezelo kaThixo, sinokusindiswa nabo basivayo.—Isaya 26:20, 21; 1 Timoti 4:16; ISityhilelo 7:9, 14, 15.
21. Kungaziphi iindlela esinokubonakalisa ngazo intlonelo engokobuthixo ngegazi, ibe ngawuphi umphumo?
21 Ngokuphathelele ubundilele bamaKristu, ukuzila igazi, ukunikela ubungqina obucokisekileyo nokubonakalisa ukholo kwidini elixabisekileyo likaYesu, ngamnye kuthi makazimisele ukuthobela lonke icebo likaThixo. Ngaloo ndlela sinokuba nesabelo kwinzaliseko evuyisayo yeNdumiso 33:10-12: “UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga; uzalele iingcinga zezizwe. Icebo likaYehova limi ngonaphakade . . . Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova.”
Ubungaphendula Njani?
◻ Yiyiphi indlela ekuphela kwayo yokusetyenziswa kwegazi ezisa iintsikelelo ezihlala zihleli?
◻ Singenelwa njani ngokuzila igazi?
◻ Sinokuzigcina njani ‘simsulwa egazini labo bonke’?
◻ Nguwuphi umzekelo wokucokiseka esifanele siwulandele?
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 26]
IThe Wall Street Journal kaMatshi 20, 1986, yayinenqaku elinomxholo othi: “Iindawo Zokugcina Igazi Azikhuselekanga KwiAIDS.” Isiqendu sokuqala sifundeka ngolu hiobo: “Iindawo zokugclna igazi eUnited States azikhuselekanga njengokuba iintlangano zokulondoloza igazi beziya kufuna ukuba sikholelwe oko. Kusenokwenzeka ukuba ukutofela igazi kube yindlela eyintloko yokusasaza iAcquired Immune Deficiency Syndrome ukusuka kumaqela akhoyo achanabeke kakhulu ukusa kubemi ngokubanzi. Uvavanyo lwentsholongwane elwa neAIDS olwasetyenziselwa ukuhlola abantu abaphisa ngegazi alunakuqinisekisa ukuba lonke igazi elityhefekileyo liya kufunyanwa. Eyona nto imbi ngakumbi kukuba, abalondolozi begazi abazimisele ukuthabatha imilinganiselo ebiya kuphucula ukukhuseleka kokutofela igazi.”