IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 1/15 iphe. 15-20
  • Ihlabathi Lalingabafanele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ihlabathi Lalingabafanele
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukholo Lwabagwebi, Lookumkani Nolwabaprofeti
  • Abanye Ababenokholo Olungumzekelo
  • Hlala Umondele Umgqibelelisi Wokholo Lwethu
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Lomelele Kangakanani Ukholo Lwakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ngaba Ngokwenene Unokholo Kwiindaba Ezilungileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 1/15 iphe. 15-20

Ihlabathi Lalingabafanele

“Baxulutywa ngamatye, bahendwa. . . . ihlabathi lalingabafanele.”—HEBHERE 11:37, 38, NW.

1, 2. AmaNgqina kaYehova amaxesha amandulo alondoloza ingqibelelo phantsi kwaziphi iimeko, yaye izenzo zawo zibachaphazela njani abakhonzi bakaThixo namhlanje?

AMANGQINA KAYEHOVA amaxesha amandulo ayilondoloza ingqibelelo kuThixo phezu kwazo nje iimvavanyo ezininzi ezaziswa phezu kwawo libutho labantu elingenabulungisa. Ngokomzekelo, abakhonzi bakaThixo baxulutywa ngamatye baza babulawa ngekrele. Baphathwa kakubi yaye babandezelwa. Kanti abazange baxengaxenge elukholweni. Ngoko, ngokuqinisekileyo, kunjengokuba umpostile uPawulos wathi: “Ihlabathi lalingabafanele.”—Hebhere 11:37, 38, NW.

2 Izenzo eziphembelela ukholo zabantu bangaphambi konogumbe ababehlon’ uThixo, zoosolusapho nezikaMoses zishukumisela amangqina kaYehova anamhla ukuba akhonze uThixo ngokholo. Kodwa kuthekani ngabanye abakhankanywe kumaHebhere isahluko 11 - ? Sinokungenelwa njani ekuqwalaseleni iinkalo zokholo lwabo?

Ukholo Lwabagwebi, Lookumkani Nolwabaprofeti

3. Iziganeko ezibandakanya iYeriko noRahabhi zibonisa njani ukuba ukholo lumele lungqinwe ngemisebenzi?

3 Ukholo alukokukholelwa nje entweni; lumele lungqinwe yimisebenzi okanye zizenzo. (Funda amaHebhere 11:30, 31.) Emva kokufa kukaMoses, ukholo lwabangela ukuba amaSirayeli oyise oyisile eKanan, kodwa oku kwafuna ukuba enze umgudu. Ngokomzekelo, ngokholo lukaYoshuwa nolwabanye “zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe.” Kodwa “ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo [abemi baseYeriko ababengenalukholo].” Kutheni? ‘Kungenxa yokuba wazamkela iintlola [ezingamaSirayeli] ngoxolo,’ engqina ukholo lwakhe ngokuzifihla kumaKanan. Ukholo lukaRahabhi lwalunesiseko esiqinileyo kwiingxelo zokuba “uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu” phambi kwamaSirayeli yaye wawenza ukuba aboyise ookumkani bama-Amori uSihon no-Ogi. URahabhi wenza iinguqulelo ezifanelekileyo zokuziphatha waza wasikelelwa ngenxa yokholo lwakhe olunemisebenzi ngokuthi alondolozwe yena nendlu yakhe xa iYeriko yawayo nangokuba ngukhokhokazi kaYesu Kristu.—Yoshuwa 2:1-11; 6:20-23; Mateyu 1:1, 5; Yakobi 2:24-26.

4. Yintoni ebethelelwa ngamava kaGidiyon nakaBharaki ngokubhekisele ekuboniseni ukholo xa ujongene nengozi?

4 Ukholo luboniswa ngokuthembela ngokupheleleyo kuYehova xa ubani ejongene nengozi. (Funda amaHebhere 11:32.) UPawulos wavuma ukuba wayeya kuphelelwa lixesha ukuba wayengaqhubeka ebalisa “ngoGidiyon, noBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti,” abazenzo zabo zibalaseleyo zanikela ubungqina obuyintabalala bokholo nokuthembela kuThixo kwiimeko eziyingozi. Ngaloo ndlela, ngokholo yaye enamadoda angama-300 kuphela, uMgwebi uGidiyon wanikwa nguThixo amandla okuba awutshabalalise umkhosi onamandla wamaMidiyan awayecinezela. (ABagwebi 7:1-25) Ekhuthazwe ngumprofetikazi uDebhora, uMgwebi uBharaki nomkhosi wamadoda ali-10 000 owawusandu’ ukusekwa nowawungaxhobanga kakuhle bawoyisa ngokupheleleyo umkhosi omkhulu ngakumbi kaKumkani uYabhin owawuneenqwelo zokulwa ezingama-900 ezazixhotyisiwe nowawuyalelwa nguSisera.—ABagwebi 4:1-5:31.

5. Kungaziphi iindlela awathi uSamson noYifeta babonisa ukholo olwanikela ubungqina bokuthembela ngokupheleleyo ngoYehova?

5 Omnye umzekelo wokholo ukususela ngemihla yabagwebi bakwaSirayeli yayinguSamson, utshaba lwamaFilisti olwalunamandla. Kuyinyaniso ukuba, ekugqibeleni waba ngumthinjwa wawo owaba yimfama. Kodwa uSamson wayibulala inkoliso yawo xa wagungxula iintsika zendlu awayebingelela kuyo umbingelelo omkhulu kuthixo wawo wobuxoki uDagon. Ewe, uSamson wafa naloo maFilisti kodwa engazibulalanga kuba wayephelelwe lithemba. Ngokholo wathembela kuYehova waza wathandaza kuye ukuba amphe amandla awayefuneka ukuze aphindezele kwezo ntshaba zikaThixo nabantu Bakhe. (ABagwebi 16:18-30) UYifeta, lowo uYehova wamenza ukuba oyise ama-Amon, naye wabonisa ukholo olwanikela ubungqina bokuthembela kwakhe ngokupheleleyo kuYehova. Kuphela kungokholo olunjalo awayengathi azalisekise isibhambathiso sakhe kuThixo ngokunikela ngentombi yakhe kwinkonzo kaYehova njengeya kuhlala ingazani nandoda.—ABagwebi 11:29-40.

6. UDavide walubonisa njani ukholo lwakhe?

6 Kwakhona omnye owayephawuleka ngokholo lwakhe yayinguDavide. Wayesengumfana xa wathi walwa nengxilimbela engumFilisti uGoliyati. UDavide wathi, ‘Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi.’ Ewe, uDavide wathembela ngoThixo, wambulala umFilisti owayesisigantsontso somfo waza waba ngukumkani ongumphumimkhosi okhaliphileyo owayesilwela abantu bakaThixo. Ibe ngenxa yokholo lukaDavide, wayeyindoda eyayamkelekile kwintliziyo kaYehova. (1 Samuweli 17:4, 45-51; IZenzo 13:22) Ubomi bonke, uSamuweli nabanye abaprofeti nabo babonisa ukholo olukhulu nokuxhomekeka ngokupheleleyo kuThixo. (1 Samuweli 1:19-28; 7:15-17) Enjani yona ukuba mihle imizekelo kubakhonzi bakaYehova banamhlanje, abancinane nabakhulu!

7. (a) Ngoobani abathi “ngokholo beyisa izikumkani”? (b) Ngoobani abathi ngokholo “basebenza ubulungisa”?

7 Ngokholo sinokuthi ngempumelelo sihlangabezane nalo naluphi na uvavanyo lwengqibelelo yaye sinokufeza nantoni na evisisana nokuthanda kukaThixo. (Funda amaHebhere 11:33, 34.) Ekukhankanyeni izenzo zokholo ezingakumbi, kuyabonakala ukuba uPawulos wayecinga ngabagwebi, ngookumkani nabaprofeti abangamaHebhere, kuba wayegqib’ ukuwabiza ngamagama loo madoda. “Ngokholo” abagwebi abanjengoGidiyon noYifeta “beyisa izikumkani.” Wenjenjalo noKumkani uDavide, owoyisa amaFilisti, amaMowabhi, ama-Aram, amaEdom nezinye izizwe. (2 Samuweli 8:1-14) Kwakhona ngokholo, abagwebi abathe tye “basebenza ubulungisa,” yaye isiluleko sobulungisa sikaSamuweli nabanye abaprofeti ubuncinane sashukumisela abathile ukuba bakuphephe okanye bakushiye ukwenza. okubi.—1 Samuweli 12:20-25; Isaya 1:10-20.

8. Liliphi idinga awalizuzayo uDavide, yaye lakhokelela entwenini?

8 UDavide waba ngomnye owathi ngokholo ‘wazuzana namadinga.’ UYehova wayemthembise oku: “Itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni.” (2 Samuweli 7:11-16) Yaye uThixo wasigcina eso sithembiso ngokumisela uBukumkani obungoMesiya ngowe-1914.—Isaya 9:6, 7; Daniyeli 7:13, 14.

9. Tmilomo yeengonyama yavingcwa ngokholo’ phantsi kwaziphi iimeko?

9 Umprofeti uDaniyeli wahlangabezana ngempumelelo novavanyo lwengqibelelo xa wathi waqhubeka ethandaza kuThixo ngokwesiko lakhe lemihla ngemihla phezu kwako nje ukwalelwa ngukumkani. Enokholo lomgcini wengqibelelo, ngaloo ndlela uDaniyeli ‘wayivingca imilomo yeengonyama’ ngendlela yokuba uYehova wamgcina ephilile kumhadi weengonyama awayephoselwe kuwo.—Daniyeli 6:4-23.

10. Ngoobani abathi ngokholo “bacima amandla omlilo,” yaye ukholo olufana nolo luya kusenza sikwazi ukwenza ntoni?

10 Izinxulumani zikaDaniyeli ezingamaHebhere ezazingabagcini bengqibelelo uShadraki, uMeshaki noAbhede-nego ngokungathi kunjalo ‘zacima amandla omlilo.’ Xa zasongelwa ngokubulawa kwidike lomlilo elalitshisa kanobom, zaxelela uKumkani uNebhukadenetsare ukuba, enoba uThixo wazo wayeya kuzihlangula okanye wayengayi kwenjenjalo, zazingayi kubakhonza oothixo bokumkani waseBhabhiloni okanye zinqule umfanekiso awayewumisile. UYehova akazange awucime umlilo kwelo dike, kodwa waqinisekisa ukuba wawungawenzakalisi loo maHebhere mathathu. (Daniyeli 3:1-30) Ukholo olufana nolo lusenza sikwazi ukugcina ingqibelelo kuThixo ukusa kwinqanaba lokubulawa ziintshaba ukuba kunokwenzeka.—ISityhilelo 2:10.

11. (a) Ngubani owathi ngokholo ‘wasinda kwiintlangothi zekrele’? (b) Ngoobani ‘abomelezwayo’ ngokholo? (c) Ngoobani ‘ababa ngamagorha emfazweni’ ‘nabagxotha imikhosi yabasemzini’?

11 UDavide ‘wasinda kwiintlangothi zekrele’ zamadoda kaKumkani uSawule. (1 Samuweli 19:9-17) Umprofeti uEliya noElisha nabo basinda ekubulaweni ngekrele. (1 Kumkani 19:1-3; 2 Kumkani 6:11-23) Kodwa ngubani owathi ‘ekubeni eswele amandla womelela ngokholo’? Kaloku, uGidiyon wazigqala yena namadoda akhe bebuthathaka gqitha ukuba bangahlangula amaSirayeli kumaMidiyan. Kodwa ‘womelezwa’ nguThixo, owamenza woyisa—yaye oko wakwenza enamadoda angama-300 kuphela! (ABagwebi 6:14-16; 7:2-7, 22) ‘Eswele amandla’ xa iinwele zakhe zachetywayo, uSamson ‘womelezwa’ nguYehova waza wabulala amaFilisti amaninzi. (ABagwebi 16:19-21, 28-30; thelekisa ABagwebi 15:13-19.) Kwakhona kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayecinga ngoKumkani uHezekiya njengomnye ‘owomelezwayo’ ekusweleni amandla ngokomkhosi kwanangokomzimba. (Isaya 37:1-38:22) UMgwebi uYifeta noKumkani uDavide babephakathi kwabakhonzi bakaThixo ‘ababa ngamagorha emfazweni.’ (ABagwebi 11:32, 33; 2 Samuweli 22:1, 2, 30-38) Yaye uMgwebi uBharaki wayekwabo “bagxotha imikhosi yabasemzini.” (ABagwebi 4:14-16) Zonke ezi zenzo zibalaseleyo zifanele zisenze seyiseke kukuba ngokholo sinokuhlangabezana ngempumelelo nalo naluphi na uvavanyo lwengqibelelo yethu yaye sinokufeza nantoni na evisisana nokuthanda kukaYehova.

Abanye Ababenokholo Olungumzekelo

12. (a) Ngabaphi ‘abafazi ababazuza abafileyo babo bevukile’? (b) Uvuko lwamadoda athile okholo luya kuba lolona “lululo” ngayiphi indlela?

12 Ukholo luquka ukukholelwa kuvuko, olulithemba elisenza sigcine ingqibelelo kuThixo. (Funda amaHebhere 11:35.) Ngenxa yokholo, “abafazi babazuza abafileyo babo bevukile.” Ngokholo nangamandla kaThixo, uEliya wavusa unyana womhlolokazi eTsarfati, yaye uEliya wavusela ebomini inkwenkwe yomfazi waseShunem. (1 Kumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:17-37) “Abanye ke batyakatywa [ngokoqobo, “babethwa ngeentswazi”], bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.” Kuyabonakala ukuba la mangqina kaYehova angachazwanga eZibhalweni abethwa ade afa, esala ukwamkela ukhululo olwalufuna ukuba alalanise kukholo lwawo. Uvuko lwawo luya kuba lolona “lululo” ngenxa yokuba luya kuba lungenayo imfuneko engenakuphepheka yokufa kwakhona (njengokuba bafayo abo bavuswa nguEliya noElisha) yaye luya kwenzeka phantsi koBukumkani obulawulwa nguYesu Kristu, “uBawo Ongunaphakade” lowo intlawulelo yakhe ivulela ithuba lobomi obungenasiphelo emhlabeni.—Isaya 9:6, NW; Yohane 5:28, 29.

13. (a) Ngoobani abeva ‘ukwenziwa intlekisa nokutyakatywa’? (b) Ngoobani abeva “imixokelelwane nentolongo”?

13 Ukuba sinokholo, siya kukwazi ukunyamezela intshutshiso. (Funda amaHebhere 11:36-38.) Xa sitshutshiswa, kuyanceda ukukhumbula ithemba lovuko nokuqonda ukuba uThixo unokusizimasa njengokuba wabazimasayo ‘abanye abathi balingwa [okanye, kwavavanywa ukholo lwabo], benziwa intlekisa, batyakatywa bathi phezu koko, baviswa imixokelelwane nentolongo.’ AmaSirayeli ‘ayebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe.’ (2 Kronike 36:15, 16) Ngokholo, uMikaya, uElisha nabanye abakhonzi bakaThixo bakunyamezela ‘ukwenziwa intlekisa.’ (1 Kumkani 22:24; 2 Kumkani 2:23, 24; INdumiso 42:3) ‘Ukutyakatywa’ kwakuyinto eyenziwayo ngemihla yookumkani nabaprofeti bakwaSirayeli, yaye abachasi ‘bambetha’ uYeremiya, bengamqhwabi nje ukuze bamcukuceze. “Imixokelelwane nentolongo” zinokusikhumbuza amava akhe nawomprofeti uMikaya nomprofeti uHanani. (Yeremiya 20:1, 2; 37:15; 1 Kumkani 12:11; 22:26, 27; 2 Kronike 16:7, 10) Ngenxa yokuba enokholo olufana nolo, amaNgqina kaYehova anamhlanje aye akwazi ukunyamezela iimbandezelo ezifana nezo “ngenxa yobulungisa.”—1 Petros 3:14.

14. (a) Ngubani owayephakathi kwabo “baxulutywa ngamatye”? (b) Ngubani osenokuba ‘wasarhwa’?

14 UPawulos wathi, “baxulutywa ngamatye.” Enye indoda yokholo eyayinjalo yayinguZekariya, unyana wombingeleli uYehoyada. Ezaliswe ngumoya kaThixo, wababhenca abawexuki bamaYuda. Waba yintoni umphumo woko? Ngomyalelo woKumkani uYowashe, abenzi beyelenqe bamxuluba ngamatye wafa entendelezweni yendlu kaYehova. (2 Kronike 24:20-22; Mateyu 23:33-35) UPawulos wongezelela wathi: “Basarhwa; bahendwa.” Kusenokuba wayecinga ngomprofeti uMikaya njengomnye wabo ‘bahendwayo,’ yaye isithethe samaYuda esingaqinisekanga sithi uIsaya wasarhwa kubini ebudeni bokulawula kukaKumkani uManase.—1 Kumkani 22:24-28.

15. Ngoobani ‘abaphathwa kakubi’ ‘nababedinga koozintlango’?

15 Abanye “bafa kukubulawa ngekrele,” ngokomzekelo, abaprofeti bakaThixo ababesebenza noEliya ‘ababulawa ngekrele’ ngemihla yoKumkani ongendawo uAhabhi. (1 Kumkani 19:9, 10) UEliya noElisha babephakathi kwabo babenokholo abathi “bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi.” (1 Kumkani 19:5-8, 19; 2 Kumkani 1:8; 2:13; thelekisa uYeremiya 38:6.) Kwabo ‘babedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba’ njengamaxhoba entshutshiso kumele ukuba kwakukho kungekuphela nje uEliya noElisha kodwa kwanee-100 labaprofeti awathi uObhadiya wabazimeza ngokwamaqela angama-50 emqolombeni, ebaxhasa ngesonka nangamanzi xa uKumkanikazi ulzebhele owayenq’ izithixo waqalisa ‘ukunqamla abaprofeti bakaYehova.’ (1 Kumkani 18:4, 13; 2 Kumkani 2:13; 6:13, 30, 31) Abanjani bona abagcini bengqibelelo! Akumangalisi ukuba uPawulos abe wathi: “Elalingabafanele ihlabathi [ibutho labantu abangenabulungisa].”

16. (a) Kutheni le nto amangqina kaYehova angaphambi kobuKristu engekawafumani “amadinga”? (b) Kumangqina kaYehova amaxesha angaphambi kobuKristu, ukwenziwa kwawo ‘agqibelele’ kumele kunxulunyaniswe nantoni?

16 Ukholo lusinika inkoloseko yokuba ngexesha likaThixo elifanelekileyo bonke abamthandayo ‘baya kuzuzana nalo idinga.’ (Funda amaHebhere 11:39, 40.) Abagcini bengqibelelo bangaphambi kobuKristu “babengqinelwe ngalo ukholo” ngoku nto leyo engumbandela oseZibhalweni. Kanti babengekalifumani “idinga” likaThixo ngovuko lwasemhlabeni benethemba lokuphila ubomi obungunaphakade phantsi kolawulo loBukumkani. Ngoba? “Ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu” balandeli bakaYesu abathanjisiweyo, abo ‘uThixo wabazelelela ngeyona nto ilungileyo’—ubomi bokungafi ezulwini namalungelo okulawula noKristu Yesu. Ngovuko lwabo, olwaqalisa emva kokumiselwa koBukumkani ngowe-1914, amaKristu athanjisiweyo ‘enziwe agqibelela’ emazulwini ngaphambi kokuba amangqina kaYehova amaxesha angaphambi kobuKristu avuselwe emhlabeni. (1 Korinte 15:50-57; ISityhilelo 12:1-5) Kuloo mangqina angaphambili, ‘ukwenziwa kwawo agqibelele’ kumele kunxulumane nokuvuselwa kwawo emhlabeni, ukuthi ekugqibeleni ‘akhululwe ebukhobokeni bokonakala,’ nokufumana kwawo imfezeko yobuntu ngemisebenzi yoMbingeleli oMkhulu uYesu Kristu nababingeleli bakhe basezulwini abangaphantsi kwakhe abali-144 000 ebudeni boLawulo lwakhe lweMinyaka Eliwaka.—Roma 8:20, 21; Hebhere 7:26; ISityhilelo 14:1; 20:4-6.

Hlala Umondele Umgqibelelisi Wokholo Lwethu

17, 18. (a) Ukuze siphumelele kugqatso lwethu lobomi obungunaphakade, simele senze ntoni? (b) UYesu Kristu unguye njani “uMgqibelelisi wokholo lwethu”?

17 Emva kokuxubusha ngezenzo zamangqina kaYehova awayengaphambi kobuKristu, uPawulos wabhekisela kumzekelo oyintloko wokholo. (Funda amaHebhere 12:1-3.) Onjani wona umthombo wokhuthazo wokuba ‘nelifu elingakananana elisingqongileyo lamangqina!’ Oku kusiqhubela ukuba sishenxise nantoni na eya kuthintela inkqubela yethu yokomoya. Kusinceda ukuba sisiphephe isono sokulahlekelwa okanye ukuswela ukholo nokuba silubaleke ngomonde ugqatso lwamaKristu lobomi obungunaphakade. Noko ke, ukuze usukelo lwethu silufikelele, simele senze okungakumbi. Kuyintoni oko?

18 Ukuba sifuna ukuphumelela kugqatso Iwethu lobomi obungunaphakade kwinkqubo entsha kaThixo, kufuneka “sise amehlo kuyo iMbangi [okanye, iNkokeli eyintloko] noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.” Ukholo luka-Abraham nolwabanye abagcini bengqibelelo ababephila ngaphambi kwexesha lobulungiseleli bukaYesu Kristu emhlabeni lwalungafezekanga, lungaphelelanga, ngendlela yokuba abazange baziqonde iziprofeto ezingoMesiya ezazingekazalisekiswa ngelo xesha. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 1:10-12.) Kodwa ngokuzalwa kukaYesu, ngobulungiseleli, ngokufa nangovuko, iziprofeto ezininzi ezingoMesiya zazalisekiswa. Ngaloo ndlela ngokwengqiqo efezekisiweyo ukholo ‘lwabakho’ ngoYesu Kristu. (Galati 3:24, 25) Ngaphezu koko, ekwisikhundla sakhe emazulwini uYesu waqhubeka enguMgqibelelisi wokholo lwabalandeli bakhe, njengaxa wathulula umoya oyingcwele phezu kwabo ngePentekoste yowama-33 C.E. nangezityhilelo ezathi zakhulisa ngakumbi nangakumbi ukholo lwabo. (IZenzo 2:32, 33; Roma 10:17; ISityhilelo 1:1, 2; 22:16) Hayi indlela esinombulelo ngayo ngeli “Ngqina elithembekileyo,” lo “Mkhokeli” wamaNgqina kaYehova!—ISityhilelo 1:5; Mateyu 23:10.

19. Kutheni le nto uYesu efanele ‘aqondwe’?

19 Ekubeni kungelula ukunyamezela ukungcikivwa ngabangenalukholo, uPawulos wabongoza wathi: “Mqondeni lowo [uYesu] ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.” Ngenene, ukuba amehlo ethu siwagcina ethe nzo ‘kwiNgqina elithembekileyo,’ uYesu Kristu, asisayi kuze sityhafe ekwenzeni ukuthanda kukaThixo.—Yohane 4:34.

20. Ziziphi ezinye izinto ozifundileyo ngokholo ngokuqwalasela amaHebhere 11:1-12:3?

20 ‘Kwilifu elikhulu lamangqina’ sifunda okuninzi ngeenkalo zokholo. Ngokomzekelo, ukholo olunjengoluka-Abheli lwandisa ukulixabisa kwethu idini likaYesu. Ukholo lokwenyaniso lusenza sibe ngamangqina anenkalipho, kwananjengokuba uEnoki wasithetha ngenkalipho isigidimi sikaYehova. Ngokubhekisele kuNowa, ukholo lwethu lusishukumisela ukuba siyilandele ngenyameko imiyalelo kaThixo size sikhonze njengabavakalisi bobulungisa. Ukholo luka-Abraham lubethelela kuthi imfuneko yokuthobela uThixo nokuthembela kumadinga Akhe nakubeni wambi awo engekazalisekiswa. Umzekelo kaMoses ubonisa ukuba ukholo lusenza sihlale singenabala kweli hlabathi size sime ngokunyanisekileyo ngakubantu bakaYehova. Izenzo ezibalulekileyo zabagwebi, zookumkani nezabaprofeti bakwaSirayeli zingqina ukuba ukholo kuThixo lunokusizimasa phakathi kwentshutshiso nezilingo. Yaye hayi indlela esinombulelo ngayo kukuba umzekelo obalaseleyo kaYesu Kristu wenza ukuba ukholo lwethu luqine yaye lungaxengaxengi! Ngoko ke, sinoYesu njengeNkokeli yethu yaye sinamandla kaThixo wethu, masiqhubeke sibonakalisa ukholo olunyamezelayo njengamaNgqina kaYehova.

Unokuphendula Uthini?

◻ Ziziphi izenzo zamangqina kaYehova angaphambi kobuKristu ezingqina ukuba ukholo luboniswa ngokuthembela ngokupheleleyo kuThixo xa ujongene nengozi?

◻ Kutheni kunokuthiwa ngokholo sinokuhlangabezana ngempumelelo nalo lonke uvavanyo lwengqibelelo yethu?

◻ Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba ngokholo sinokuyinyamezela intshutshiso?

◻ Kutheni le nto kusithiwa uYesu ‘nguMgqibelelisi wokholo lwethu’?

◻ Ziziphi ezinye zeenkalo ezininzi zokholo?

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

UDavide wabonisa ukholo ngokuthembela kuYehova. Onjani ukuba mhle umzekelo kubantu baka Yehova namhlanje!

[Umfanekiso okwiphepha 18]

“Abafazi babazuza abafifeyo babo bevukile.” Ukholo kuvuko lusinceda sigcine ingqibelelo kuYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share