IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 4/1 iphe. 8-9
  • Ukungenelwa Kwimizekeliso KaYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukungenelwa Kwimizekeliso KaYesu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufundisa Ngemizekeliso
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Imizekelo NgoBukumkani
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • “Wayengathethi Kubo Ngaphandle Kwangomzekeliso”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • “Wayengathethi Kubo Ngaphandle Kwangomzekeliso”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 4/1 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Ukungenelwa Kwimizekeliso KaYesu

XA ABAFUNDI besiza kuYesu emva kwentetho yakhe kwizihlwele eziselunxwemeni, bathi bafun’ ukwazi ngendlela yakhe entsha yokufundisa. Ewe, bebemvile ngaphambili esebenzisa imizekeliso kodwa kungekhona ngendlela ebalasele ngolu hlobo. Ngoko bafuna ukwazi oku: “Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?”

Esinye isizathu sokuba enjenjalo sikukuzalisekisa amazwi omprofeti athi: “Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.” Kodwa kukho okungakumbi koku kunoku. Ukusebenzisa kwakhe imizekeliso kusebenzela injongo yokunceda ukutyhila oko kusezintliziyweni zabantu.

Eneneni, inkoliso yabantu inomdla kuYesu njengombalisi webali nomenzi wemimangaliso oyinkunkqele, kungekhona njengalowo ufanele ukuphathwa njengeNkosi nomele alandelwe ngokungazingciyo. Abafuni kuphazanyiswa kwindlela abazijonga ngayo izinto okanye kwindlela yabo yobomi. Abafuni ukuba isigidimi sendele ukusa kuloo mkhamo. Ngoko uYesu uthi:

“Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso: ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Sizalisekile kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi” Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba.”

UYesu uhlabela mgama esithi, “Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.”

Ewe, abapostile abali-12 nabo bakunye nabo baneentliziyo ezizamkelayo izinto. Ngoko ke uYesu uthi: “Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.” Ngenxa yokunqwenela kwabo ukuqonda izinto, uYesu unikela abafundi bakhe ingcaciso engomzekeliso womhlwayeli.

“Imbewu le lilizwi likaThixo,” utsho njalo uYesu, yaye umhlaba yintliziyo. Mayela nembewu ehlwayelwe kumhlaba oqinileyo ongasendleleni, uchaza esithi: “Andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.”

Kwelinye icala, imbewu ehlwayelwe kumhlaba olulwalwa ibhekisela kwiintliziyo zabantu abalamkela ngovuyo ilizwi. Noko ke, ngenxa yokuba ilizwi lingenakwendela nzulu kwiintliziyo ezinjalo, aba bantu bathi bawe xa kufika ixesha lokuvavanywa okanye lentshutshiso.

UYesu uhlabela mgama echaza ukuba mayela nembewu eyawela kwimithana enameva, oku kusingisele kubantu abaye baliva ilizwi. Phofu ke, aba bantu bakhukuliswa ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, ke ngoko baminxwa ngokupheleleyo baze bangavelisi siqhamo.

Okokugqibela, ngokubhekisele kwimbewu eyahlwayelwa kumhlaba omhle, uYesu uthi, aba bantu ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.

Hayi indlela abasikeleleke ngayo aba bafundi baye bafuna uYesu ukuze bafumane ingcaciso engeemfundiso zakhe! UYesu unqwenela ukuba imizekeliso yakhe iqondwe, unqwenela ukuxelela abanye ngenyaniso. Ubuza athi, “Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo?” Hayi, “asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?” Ngaloo ndlela uYesu wongezelela esithi; “Lumkani ngoko ukuva eniva ngako.” Mateyu 13:10-23, 34-36; Marko 4:10-25, 33, 34; Luka 8:9-18; INdumiso 78:2; Isaya 6:9, 10.

◆ Kutheni uYesu wathetha ngemizekeliso nje?

◆ Abafundi bakaYesu bazibonakalisa njani bahlukile kwizihlwele?

◆ Yiyiphi ingcaciso uYesu ayinikelayo ngomzekeliso womhlwayeli?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share