Isikolo Esitsha Esiza Kuvulwa!
Eli nqaku linembalasane yamagqabaza okuqukumbela kasihlalo ngesihlandlo sokubhiyozelwa kwabo babephumelele kwiklasi yama-82 eGiliyadi.
UKUSUSELA ekuqaleni kwaso ngoFebruwari we-1943, iSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi siqeqeshe abalungiseleli abazahluleleyo abangamaNgqina kaYehova abangaphezu kwama-6 000 ukwenzela umsebenzi wobuvangeli basemazweni. Ebudeni beminyaka engaphezu kwama-40 yokuthunywa kwaba bavangeli basemazweni, kuye kwavuleka iindawo ezininzi ukuze zifumane ubungqina obucokisekileyo obungoBukumkani. Xa bekhangela emva koko uYehova aye wakufeza, abantu bakaThixo ngokuqinisekileyo bayachwayita kukubona inzaliseko yesiprofeto esiphawulekayo.
KuIsaya isahluko 49, indinyana 9-12, umprofeti wakuxela kwangaphambili ukukhululwa kwabantu abathanda ubulungisa ababengamabanjwa onqulo ‘kwiBhabhiloni Enkulu.’ Ngodidi lwakhe lomkhonzi othanjisiweyo olusemhlabeni, ilizwi lokuyalela likaYehova liye laphuma: “Uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani. Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, . . . abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo . . . Yabona, aba baya kuvela kude.” Ngaba kubekho intsabelo? Eneneni ibekho! Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo baye beza bengamakhulu amawaka, bevela kwiindawo zonke, bezibonakalisa belambele inyaniso, benqwenela ukondliwa nokukhanyiselwa ngeLizwi likaThixo, befuna ukukhululwa ngokomoya ‘kwiBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 17:5) Ngoku bakummandla osemhlabeni wentlangano yakhe yoBukumkani, bezondla ngentabalala yokudla kokomoya.
Ulwando Olungathethekiyo
Phakathi kwiminyaka yee-1940, amazwe aseMzantsi Merika nommandla waseKharebhiya ayephakathi kwamazwe okuqala awathi azuza iingenelo kubavangeli basemazweni baseGiliyadi. Kwakukho abavakalisi abambalwa gqitha kwezi ndawo, nto leyo eyabangela ucelomngeni lokwenene ekunikelweni kobungqina obucokisekileyo ngoBukumkani. Ngokomzekelo, ePuerto Rico kwakukho nje abavakalisi abangama-25 ngowe-1944. ECosta Rica kwakukho abali-181. EMexico kwakukho abavakalisi abangama-2 431 ngowe-1944 ekufikeni kwabavangeli basemazweni bokuqala baseGiliyadi. Kodwa njengoko abantu ababelambele inyaniso babephuma kubumnyama bonqulo baza bazibonisa bengabafuna uBukumkani bukaThixo, bashumayela, ibe bambi babhalisela inkonzo yobuvulindlela. Amadoda aba nosukelo lokuba nembopheleleko. Waba yintoni umphumo? Namhlanje, iPuerto Rico iye yanikela ingxelo yabalungiseleli abakhutheleyo abangama-21 943, abaphindwe kane kunabo babefaka ingxelo ngokukhutheleyo kumazwe ali-12 kummandla waseKharebhiya ngowe-1947. ECosta Rico kuye kwakho abavakalisi abangakumbi ngoku kunababekho kulo lonke eloMbindi Merika iminyaka engama-40 eyadlulayo. NgoJanuwari walo nyaka, iMexico inikele ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abangaphezu kwama-206 000, okuthetha ukuba bamalunga nenani labavakalisi ababeshumayela ehlabathini lonke kuma-40 eminyaka eyadlulayo.
KuMzantsi Merika kwenzeke okufanayo. Xa abavangeli basemazweni bathi okokuqala bathunyelwa eArgentina ngowe-1947, kwakukho abavakalisi abangama-790. Namhlanje kukho abalungiseleli abakhutheleyo abangama-63 613, oko kukuthi babaphindaphinda kangangama-26 ababeshumayela kumazwe ali-12 awahlukahlukeneyo kuMzantsi Merika iminyaka engama-40 eyadlulayo. Ibe kuthekani ngeBrazil? Xa abavangeli basemazweni bokuqala bathi bathunyelwa apho ngowe-1945, kuphela yayingabavakalisi abangama-394 ababeqhubeka nomsebenzi wokunikela ubungqina. Kodwa banyamezela yaye kungokunje iBrazil inabavakalisi abangaphezu kwama-200 000. Elo linani eliliphindaphinda ngama-80 elo lababekhuthele kulo lonke eloMzantsi Merika ngowe-1947. Amanye amazwe akwelo lizwekazi nawo aye abika ingxelo yolwando olungathethekiyo.
Xa siphethukela kwiMpuma Ekude, nalapho sibona ubungqina obumangalisayo bentsikelelo kaYehova njengoko isigidimi esikhululayo senyaniso yoBukumkani sibangela ukuba amawaka abantu aphume ebumnyameni. Xa abavangeli basemazweni bokuqala bathi babelwa ukusebenza eJapan ngowe-1949, libathwana nje labavakalisi abasibhozo ababenikela ingxelo. Kwakukho isimbuku sabalungiseleli abakhutheleyo abangama-475 kumazwe asibhozo aseAsia ababenikela ingxelo yomsebenzi kwiminyaka engama-40 eyadlulayo. Namhlanje, kukho i-116 272 eJapan kuphela.
KuMzantsi Pasifiki kwakukho amasebe amabini kuphela ukuya kuthi ga ngowe-1959. Ngoncedo lwabavakalisi ababevela eOstreliya abathi bafuduka ukuya kukhonza apho imfuneko inkulu khona, nangemigudu yabavakalisi bamanye amabandla nabavangeli basemazweni abambalwa, amawaka abantu aye afikelelwa ngeendaba ezilungileyo kwimimandla eyahlukahlukeneyo yeziqithi. Ngoku kweli lizwe kukho amasebe awongezelelekileyo amathandathu.
Imbali yenkqubela yaseAfrika nayo iyachwayitisa. Amazwe ali-17 awayebika ngowe-1947 ayenesimbuku sama-24 896 sabavakalisi. Kodwa ngenxa yokuba kukho abavangeli basemazweni abancedisa ekuzisasazeni ngamandla iindaba ezilungileyo, abantu abangamakhulu amawaka ngokukhawuleza bazibonakalisa bengabafuna uYehova nobulungisa bakhe. Namhlanje, eNigeria kuphela, amaNgqina amalunga ne-130 000 avakalisa isigidimi soBukumkani ngenzondelelo.
Ayinakuthandatyuzwa into yokuba iLizwi lenyaniso elikhululayo likaYehova liphumeza oko ayoliswayo kuko. Likuphumelelisile oko alithumele kuko. (Isaya 55:10, 11) Ngoku ekubeni isivuno esikhulu kangaka sihlanganiswa, elo Lizwi linye lisiqinisekisa ngelokuba uYehova uya kuvelisa abalusi abangakumbi abaqeqeshekileyo. (Thelekisa uYeremiya 23:4.) IQumrhu Elilawulayo liyiphaphele ngomdla intswelo ekhulayo yamadoda afanelekayo okunyamekela iimbopheleleko entsimini kwanakumasebe awahlukahlukeneyo oMbutho. Kuye kwathatyathwa amanyathelo ukuze kuhlangatyezwane nale ntswelo.
ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli
Nina baphumeleleyo kwiklasi yama-82 eGiliyadi, nani nonke abebekho ngesi sihlandlo sisesona sakhayo, niya kuvuyiswa kukwazi ukuba ngentlakohlaza (yomhla weikhweyita) yowe-1987 kuya kuvulwa isikolo esitsha. Esi Sikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, njengoko siya kubizwa njalo, siya kuba yinxalenye yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, ngaloo ndlela sisenza abazalwana abakwamanye amazwe bakwazi ukuza kuso. Iklasi yaso yokuqala kulindeleke ukuba iqalise kwisithuba sikaOktobha 1 walo nyaka kwisixeko sasePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States, indawo owaqalisela kuyo uMbutho. Emva kweklasi yokuqala, ezinye iiklasi ziya kuqhutywa rhoqo ngamathuba athile kwiindawo ezahlukeneyo zelaseUnited States.
Abo baza kubhalisa bafanele babe neemfaneleko ezithile ezingokweZibhalo. Okokuqala olu qeqesho luya kunikelwa kubadala abangatshatanga nakwizicaka zolungiselelo ezingatshatanga ezisempilweni entle. Ukuba abathile bangoovulindlela, kokona kuhle oko. Abo bamenyelwa kwesi sikolo, emva kokuqeqeshwa kwabo, bamele bakulungele ukukhonza naphi na apho kukho imfuneko kwintsimi esehlabathini lonke. Oku kuya kufuna umoya kalsaya, owathi wazinikela ngokuzithandela, esithi: “Ndikho, thuma mna.” (Isaya 6:8) Nina baye baphumelela kule klasi yama-82, kunye nabavangeli basemazweni abasele bekhonza kumazwe angaphezu kwekhulu, ningakhangela phambili kwixesha elifanelekileyo lokufumana abanye abazalwana abaqeqeshiweyo abaya kusebenza ngaxhatha linye kunye nani.
Kuye kwalungiselelwa ucwangciso olutsha ngokupheleleyo kwesi Sikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Esi sikolo siye samiselwa ngenjongo yokuqeqesha abazalwana abafanelekileyo abaye banamava athile ngentlangano njengabadala okanye izicaka zolungiselelo ebandleni.
Imfuneko Yenkqubela
Emva komhla womsitho wePentekoste ngowama-33 C.E., ibandla lamaKristu lalikhuthele gqitha ekusasazeni iindaba ezilungileyo eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, laza kamva, lazisasaza kwimimandla ekude yomhlaba. (IZenzo 1:8) Malunga nonyaka wama-60 C.E. umpostile uPawulos, owathi wahlahl’ indlela yomsebenzi wobuvangeli ezintlangeni, wabhalela ibandla laseKolose, esithi: “Ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo izwi lenyaniso leendaba ezilungileyo; zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi.” Emva koko, wongezelela kwanento yokuba abo babengamakholwa kunye naye ‘bangashukunyiswa bemke ethembeni leendaba ezilungileyo abazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’—Kolose 1:5, 6, 23.
Kwixeshana nje elifutshane, amaKristu okuqala ayesasaze iindaba ezilungileyo ngokubanzi. UYehova wabangela ulwando, inani labafundi liphindaphindeka gqitha. Oku kwafunisa ukuba kubekho amadoda angakumbi afanelekileyo okufundisa ebandleni nokuba aluse umhlambi. Omnye wabaveleli abaselula owanikwa imbopheleleko enjalo yaba nguTimoti. Umpostile uPawulos wabongoza uTimoti ukuba enze ntoni? Kwakungafuneki ukuba ayekelele kuqeqesho lwakhe: “Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo . . . Ziqhelise ukuhlonela uThixo.” (1 Timoti 4:6-8) Oku bekuya kuba kokubaluleke ngakumbi kunokubalaselisa kukabani izinto yena anomdla kuzo okanye anosukelo lwazo ngokobuqu, kuquka kwanokwenza umthambo nokuqeqesha umzimba. Ukuze afeze ubulungiseleli bakhe, uTimoti kwakufuneka ezinyamekele yena nemfundiso yakhe.
Nina baye bagqiba apha eGiliyadi niye nafumana uqeqesho kumsebenzi wenu wobuvangeli basemazweni. Izipho ezihle zokomoya ziye zadluliseIwa kuni ngabaveleli abakufanelekeleyo ukufundisa. Ngoku kukho inkqubo entle yokufundisa ethe chatha egcinelwe amadoda afanelekileyo nanamava athile okunyamekela iimbopheleleko zebandla. Aya kuqeqeshwa kucingwa ngophawu lokuhlonela uThixo, phawu olo oluya kuwanceda alondoloze imbono efanelekileyo yaye luwaxhobisele ukuba anikele ingqalelo koko uPawulos wathi wahlabela mgama ekubhalela uTimoti: “Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.”—1 Timoti 4:12, 13, 15.
Njengakwimeko kaTimoti, abo bazalwana bakwizikhundla zembopheleleko ebandleni namhlanje, kuquka nabafana, bafanele baqonde ukuba eli lixesha elifanelekileyo nelingxamisekileyo lokuba benze ukuhambela phambili kwabo kubonakale. Ngokwenjenjalo, baya kunikela ubungqina ngendlela esuk’ entliziyweni yokufikelela kwabo imilinganiselo yobuthixo neyokuba nesimo sengqondo esinyanisekileyo sokunyamekela izilangazelelo zokomoya, ngaloo ndlela bekufanelekela ukufumana amalungelo athe chatha enkonzo.—Filipi 2:20, 21.
Ngenxa yentswelo ekhoyo ngeli thuba ekuphumezeni injongo kaThixo, kulilungelo ukusetyenziswa nguYehova naphi na kwintlangano yakhe. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuye uMalusi wethu Omkhulu nakuye uMalusi Olungileyo, uYesu Kristu, ngeli lungiselelo lentlangano litsha nelisexesheni, lokumiselwa kweSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli!