Ukholo Lunokuzisusa Iintaba!
ISIHLWELE sasithe xhonkxosholo sikhangele ngomdla. Ubawo othile wayesandul’ ukuzisa unyana wakhe owayenesifo sokuwa kumadoda ekwakukholelwa ukuba ayenako ukumphilisa. Ngolangazelelo, isihlwele sasilindele ukumbona ephiliswa. Kodwa akuzange kwenzeke nto! Edanile, lo bawo wasuka wahamba.
Kusenjalo kwafika amanye amadoda amane yaye phakathi kwawo kukho inkokeli yawo, uYesu waseNazarete. Ebaleka esiya kumhlangabeza, lo bawo wambongoza esithi: “Menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi. Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.”
“Mziseni kum apha,” watsho uYesu. Waba yintoni umphumo? “Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.” Ewe, yayikwangomnye ummangaliso! Kodwa kwakutheni ze boyisakale abafundi bakaYesu?
UYesu uchaza isizathu soko, esithi: “Bekungenxa yokungakholwa kwenu.” Wandula ke wahlabela mgama wathi: “Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.”—Mateyu 17:14-20.
Ngokwala mava okuphiliswa okwenzeka ngokoqobo, licacile elokuba ukholo lunamandla. Kodwa kanye luyintoni ukholo? Ngaba lunokwakhiwa luze lomelezwe? Ngaba ngokwenene lunako ukuzisusa iintaba?
Luyintoni Ukholo?
Umpostile uPawulos waluchaza ukholo ‘njengokukholosa ngezinto ezithenjiweyo; ukweyiseka bubukho [okanye, ubungqina obungenakukhanyelwa] bezinto ezingabonwayo.’ (Hebhere 11:1) Ngamany’ amazwi, ukholo lububungqina obungenakukhanyelwa bobukho bento engabonwayo. Alusekelwanga nje kukuva ngondiva kodwa lunesiseko esiqinileyo. Ngenxa yoko, ukholo lwahlukile ekubeni nguvumazonke. Esinye isichazi-magama sikuchaza ukuba nguvumazonke ‘njengokukholelwa okanye ukukholelwa msinya, ingakumbi xa ubungqina bungacacanga okanye bungenasihlahla.’ Ngokwahlukileyo koko, umntu onokholo lokwenene unobungqina obubambekayo boko akholelwa kuko. Ngoko, unako ukukuxelela isizathu sokuba aqiniseke kukuba intw’ ethile iya kuthi yenzeke. Ubawo okhankanywe ekuqaleni wayenobungqina obubambekayo bokuba uYesu wayenako ukumphilisa unyana wakhe. Bubuphi obo bungqina? Kaloku, uYesu wayesenza imimangaliso ithuba elingaphezu kweminyaka emibini, yaye wayedume phantse kulo lonke elasePalestina.—Luka 7:17; Yohane 10:25.
Ukholo lukwachazwe ‘njengesiqinisekiso sezinto esinethemba lazo.’ Indoda ethenga umhlaba othe qelele nenephepha lesiqinisekiso soko inobungqina obungenakukhanyelwa bokuba lo mhlaba ukho nokuba ngokwenene ngowayo, nangona isenokuba ayizange iwubone. Ngoko, umntu onokholo naye unokuvelisa ubungqina obubambekayo ngoko akukholelwayo. Ngokomzekelo, masithi ukholelwa ukuba uYehova uThixo uya kuzisa uxolo lokwenyaniso kulo mhlaba ngoBukumkani Bakhe. Ngoko loo mntu umele abe nobungqina obubambekayo bokuba uThixo ukho yaye unamandla, igunya nobulumko obufunekayo bokuzisa uxolo nokuba ubumisele uBukumkani ukuze aphumeze loo njongo. Ubungqina obunjalo bumele bube nesihlahla ngokwaneleyo ukuze banelise kungekuphela nje umntu okholwayo kodwa kwanakwabanye ‘abasenokumbuza ilizwi, ngalo ithemba lakhe’ loxolo.—1 Petros 3:15.
Ukholo Lunokuzisusa Iintaba!
Noko ke, uthile usenokubuza athi, ‘Ngaba uYesu wayetheth’ ukuthi ukholo olunjalo lwalunokuzishenxisa ngokoqobo iintaba?’ UYesu usenokuba wayesingisele kwanakuko oko, kodwa wayedla ngokusebenzisa imizekeliso. (Mateyu 13:34) Ngoko kusenokuba wayecinga ngemiqobo enokuba njengeentaba kumntu okholwayo. Enyanisweni, igama elithi “intaba” lisetyenziswa ngokufuthi xa kusingiselwa kwisixa esikhulu, njengokuba ngesiNgesi kusithiwa: “a mountain of debts” (intaba yamatyala). Into yokuba ukholo lokwenene lunokushenxisa okanye lususe imiqobo enjengeentaba ubukhulu ingqinelwa ngamava amaninzi omhla wethu.
Ngokomzekelo, ubungayi kuvuma na ukuba ukufa umzimba ukusuka entanyeni ukuhla bekuya kuba yintaba elolo hlobo? Kanti umIwelwe ofe iingalo nemilenze ohlala eVancouver, B.C., eKhanada, akanelanga nje kukuba afunde ukuzoba, ngebrashi okanye ngesitshetshe sokuxuba nokuqaba ipeyinti ayibamba ngomlomo, kodwa ukwazixhasa ngokuthengisa izinto azizobileyo. Ukongezelela, ukholo lwakhe lumshukumisela ukuba athethe nabanye ngoko akufunde eBhayibhileni, esenjenjalo ekwisitulo sakhe esinamavili okanye ngokubhala iileta. Iileta zakhe uzichwetheza ngokuxhola amazinyo omatshini wokuchwetheza ngokhunana alubamba ngomlomo. Kwakhona uya ngokuthe rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu aze anikele iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esiqhutywa ngamaNgqina kaYehova. Umzekelo wakhe wokholo, kunye nokusebenza nzima nokuzimisela, ulukhuthazo kwabo bamngqongileyo.
Ukukholelwa eLizwini likaThixo nakumadinga akhe ngokufanayo kuye kwabanceda abanye. Ngokomzekelo, kuye kwabanceda abaninzi ukuba boyise uqheliselo namasiko angengowabuKristu, njengomkhwa wokuqhuba ishishini ngondlela-mnyama, ukuba, ukutshaya, ukungcakaza, ukunxila, ukukhafula, ukuziphatha okubi ngokwesini noqheliselo lonqulo lobuxoki. Unobangela oyintloko wawo onke amava alolo hlobo waba kukuzuza ubungqina obungenakukhanyelwa bokuba uYehova uThixo ukho, nokuba iBhayibhile iliLizwi lakhe elibhaliweyo, nokuba amadinga akhe andlalwe eZibhalweni athembekile yaye aza kuzalisekiswa. Ukholo olunjalo lunako ukuzisusa iintaba.